Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ukuluboniswa Kwangaphambili Uzuko LoBukumkani BukaKristu
UYESU umise endleleni eya eKesareya yakwaFilipu, yaye ufundisa isihlwele nabapostile bakhe. Wenza esi saziso sikhwankqisayo kubo: “Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.”
Abafundi bamele ukuba bayazibuza bathi, ‘UYesu unokuba usingisele entwenini ngala mazwi?’ Malunga neveki kamva, uYesu uhamba no Petros, uYakobi noYohane baze benyuke intaba ephakamileyo. Kunokwenzeka ukuba kusebusuku, ekubeni abafundi besozela. Ngoxa uYesu ethandaza, wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Ubuso bakhe buqalisa ukuqaqamba njengelanga, nezambatho zakhe zibengezela njengokukhanya.
Emva koko, kuvela amadoda amabini achazwa ‘enguMoses noEliya’ yaye aqalisa ukuthetha noYesu malunga ‘nophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.’ Ngokucacileyo oku kuphuma kubhekisela ekufeni kukaYesu nasekuvukeni kwakhe ekugqibeleni. Ngaloo ndlela, le ncoko ingqina ukuba ukufa kwakhe okulihlazo asiyonto enokuphetshwa, njengokuba uPetros wayenqwenela njalo.
Ngoku bevukile ngokupheleleyo, abafundi bayabukela baze baphulaphule bemangalisiwe. Nangona lo ingumbono, ubonakala uyinyaniso kangangokuba uPetros uqalisa ukuba nenxaxheba embonweni, esithi: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.”
Ngoxa uPetros athethayo, bagutyungelwa lilifu eliqaqambileyo, kuze kuphume nelizwi efini lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.” Bakuba belivile eli lizwi, abafundi bawa ngobuso. Kodwa uYesu uthi: “Vukani ningoyiki.” Xa bevuka, ababoni mntu ngaphandle koYesu.
Xa besihla entabeni ngemini elandelayo, uYesu uyabayalela esithi: “Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.” Ukuvela kukaEliya embonweni kuphakamisa umbuzo ezingqondweni zabafundi. Bayabuza besithi: “Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?”
UYesu uphendula ngokuthi: “UEliya uselefikile. Abamazanga.” Phofu ke, uYesu uthetha ngoYohane uMbhaptizi owaphumeza indima efana nekaEliya. UYohane walungiselela indlela yokuza kukaKristu njengokuba uEliya wenzayo kuElisha.
Hayi indlela ongqineka usomeleza ngayo lo mbono, kuYesu nakubafundi bakhe! Ngokungathi kunjalo, lo mbono ukukuboniswa kwangaphambili kozuko loBukumkani bukaKristu. Ngokungathi kunjalo, abafundi babona “uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe,” kanye njengokuba uYesu wayethembisile kwiveki ngaphambilana. Emva kokufa kukaYesu, uPetros wabhala ngokuba ‘ngamangqina okuzibonela ubungangamsha bukaKristu ngexesha sasinaye entabeni engcwele.’
AbaFarisi babefune kuYesu umqondiso ongqina ukuba yayinguye owathenjiswa eZibhalweni ukuba unguKumkani onyulwe nguThixo. Abazange bawunikwe umqondiso onjalo. Kwelinye icala, abafundi bakaYesu abasondeleyo kuye bavunyelwe ukubona ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu njengokuqinisekiswa kweziprofeto zoBukumkani. Ngaloo ndlela, kamva uPetros wabhala wathi: “Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti.” Mateyu 16:28–17:13; Marko 9:1-13; Luka 9:27-37; 2 Petros 1:16-19.
◆ Abanye bakubona njani ukuza kukaKristu eseBukumkanini ngaphambi kokuba bafe?
◆ Embonweni, uMoses noEliya babethetha ngantoni noYesu?
◆ Kungani lo mbono waba luncedo ekomelezeni abafundi?
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 9]