Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
UYesu Uthuma Abanye Abangama-70 Ukuya Kushumayela
KUSEKUPHELENI kowama-32 C.E., iminyaka emithathu ezeleyo ukususela ekubhaptizweni kukaYesu. Yena ekunye nabafundi bakhe babesandul’ ukuya kuMthendeleko weMinquba eYerusalem, yaye kuyabonakala ukuba abakude kangako. Enyanisweni, uYesu ixesha elininzi kwiinyanga ezintandathu eziseleyo zobulungiseleli bakhe ulichithela kwelakwaYuda okanye nje ngaphaya koMlambo iYordan kwisithili sasePereya. Nawo lo mmandla ufuna ukugutyungelwa.
Kuyinyaniso ukuba, emva kwepasika yowama-30 C.E., uYesu wachitha malunga neenyanga ezisibhozo eshumayela kwelakwaYuda. Kodwa emva kokuba amaYuda ayezame ukumbulala ngepasika yowama-31 C.E., wachitha unyaka olandelayo onesiqingatha efundisa phantse kwelaseGaliii kuphela. Ebudeni belo xesha, wayila intlangano enkulu neqeqeshwe kakuhle yabashumayeli, into awayengenayo ngaphambili. Ngoko, ngoku uqalisa iphulo lokugqibela lokunikela ubungqina ngokubanzi kwelakwaYuda.
UYesu uqalisa eli phula ngokukhetha abafundi abangama-70 ebathuma ngababini. Ngaloo ndlela, xa bebonke benza amaqela angama-35 abavakalisi boBukumkani asebenza lo mmandla. Aba baya kusengaphambili kuyo yonke imizi neendawo ekubonakala ukuba uYesu, ephelekwe ngabapostile bakhe, uceba ukuya kuzo.
Endaweni yokwalathisela abangama-70 ukuya kwizindlu zesikhungu, uYesu ubaxelela ukuba bangene emakhayeni, echaza esithi: “Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe.” Siza kuba yintoni isigidimi sabo? UYesu uthi, “Nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.” Ngokuphathelele umsebenzi wabangama-70, iMatthew Henry’s Commentary ibika oku: “NjengeNkosi yabo, naphi na apho babetyelela khona, babeshumayela kwindlu ngendlu.”
Imiyalelo uYesu awayinika abangama-70 iyafana naleyo wayinika abali-12 xa wayebathuma kwiphulo lokushumayela eGalili malunga nonyaka ngaphambilana. Aba bangama-70 akabalumkisi nje kuphela ngenkcaso abaza kujamelana nayo, ebalungiselela ukuba badlulisele isigidimi kubaninimzi, kodwa ubanika namandla okuba baphilise abagulayo. Ngaloo ndlela, xa uYesu efika kamsinya emva koko, abaninzi baya kuba nomnqweno wokudibana neNkosi ebafundi baya bakwaziyo ukwenza izinto ezingummangaliso ngolu hlobo.
Ukushumayela kwabangama-70 nomsebenzi kaYesu wokulandela abanomdia kokwexeshana nje ngentelekiso. Ngokukhawuleza amaqela angama-35 abashumayeli boBukumkani aqalisa ukubuyela kuYesu. Bathetha bevuyile besithi: “Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.” Ingxelo yenkonzo entle kangako ngokuqinisekileyo iyamvuyisa uYesu, kuba uphendula athi: “Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane.”
UYesu uyazi ukuba emva kokuzalwa koBukumkani bukaThixo ngexesha lesiphelo, uSathana needemon zakhe babeya kukhutshelwa ngaphandle kwamazulu. Kodwa ngoku oku kukhutshelwa ngaphandle kweedemon ezingabonakaliyo kubantu nje kusebenza njengesiqinisekis? esongezelelekileyo seso siganeko sizayo. Ngoko ke, uYesu uthetha ngokuwa okuzayo kukaSathana njengento eqinisekileyo. Ngenxa yoko, kungokufuziselayo ukuba abangama-70 banikwe igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane. Kanti, uYesu uthi: “Maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.”
UYesu unovuyo olungakumbi yaye umdumisa ekuhleni uBawo wakhe ngokusebenzisa aba bakhonzi bakhe bathobekileyo ngendlela enamandla kangako. Ephethukela kubafundi bakhe, uthi: “Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, abazibona; nokuva izinto enizivayo, abaziva.” Luka 10:1-24; Mateyu 10:1-42; ISityhilelo 12:7-12.
◆ Washumayela phi uYesu ebudeni beminyaka emithathu yokuqala yobulungiseleli bakhe, yaye nguwuphi ummandla awugubungelayo kwiinyanca ezintandathu zokuaaibela?
◆ UYesu ubalathisela phi abangama-70 ukuya kufumana abantu?
◆ Kwakutheni ukuze uYesu athi wambona uSathana sele ewile emazulwini?
◆ Kungayiphi ingqiqo abathi ngayo abangama-70 banyathela phezu kweenyoka noonomadudwane?