Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isityebi NoLazaro Baba Namava Enguqulelo
UYESU ubalisa umzekeliso ongesityebi nehlwempu elingqibayo elibizwa ngokuba nguLazaro. Isityebi simela iinkokeli zonqulo ezinamathuba namalungelo amahle okomoya, kwaye uLazaro ufanekisela abantu abaqhelekileyo abalambele ukudla kokomoya. UYesu uyaqhubeka nebali lakhe, echaza inguqulelo enkulu kwimeko yala madoda.
UYesu uthi, “Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sikaAbraham; safa ke nesityebi; sangcwatywa. Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, uLazaro esesifubeni sakhe.”
Ekubeni isityebi noLazaro bengengabo abantu bokoqobo kodwa befanekisela iindidi zabantu, ngokusengqiqweni ukufa kwabo nako kuyafuzisela. Yintoni efuziselwa okanye emelwa kukufa kwabo?
UYesu ubesandul’ ukugqiba ukwalatha inguqulelo kwiimeko ngokuthi ‘yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane uMbhaptizi; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa.’ Ngenxa yoko, kungokushumayela kukaYohane noYesu Kristu ekuthi bobabini isityebi noLazaro bafe ngokubhekisele kwiimeko zabo zangaphambili.
Abo bathobekileyo, nabaguqukayo bodidi lukaLazaro bayafa ngokubhekisele kwimeko yabo yangaphambili yokubandezelwa ngokomoya baze babe kwimeko yokuba ngabamkelekileyo kuThixo. Nakuba ngaphambili babekhangele kwiinkokeli zonqulo ukufumana iimvuthuluka eziwa kwitafile yokomoya, ngoku iinyaniso zeZibhalo ezanikelwa nguYesu zizalisa iintswelo zabo. Ngaloo ndlela baziswa esifubeni, okanye kwimeko yokuba ngabakholekileyo, kuAbraham Omkhulu, uYehova uThixo.
Kwelinye icala, abo babumba udidi lwesityebi baba kwimeko yokuba ngabangamkelekanga kuThixo ngenxa yokuba besala ngokuzingisileyo ukwamkela isigidimi soBukumkani esafundiswa nguYesu. Ngaloo ndlela bathi bafe ngokubhekisele kwimeko yabo yangaphambili ebonakala iyileyo yokwamkelwa. Enyanisweni, kuthethwa ngabo njengabakwintuthumbo yokomfuziselo. Phulaphula njengokuba isityebi sithetha:
“Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.” Izigidimi zomgwebo ezibumlilorha zikaThixo ezavakaliswa ngabafundi bakaYesu zizo ezithuthumbisa abathile bodidi lwesityebi. Bafuna ukuba abafundi bayeke ukuvakalisa ezi zigidimi, ngaloo ndlela bebanika umlinganiselo othile wesiqabu kwintuthumbo abakuyo.
“Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.”
Hayi indlela ekulunge nekufaneleke ngayo ukuba inguqulelo enjalo ukuba nkulu yenzeke phakathi kodidi lukaLazaro nolwesityebi! Inguqulelo kwiimeko yenziwa kwiinyanga nje ezimbalwa kamva ngePentekoste yowama-33 C.E., xa umnqophiso omdala woMthetho uthatyathelwa indawo ngumnqophiso omtsha. Ngoko kuthi kucace ngokungathandabuzekiyo ukuba ngabafundi abamkelwa nguThixo, kungekhona abaFarisi nezinye iinkokeli zonqulo. Ngoko ke, “umsantsa omkhulu” owahlula isityebi kubafundi bakaYesu umela umgwebo kaThixo wobulungisa ongenakuguqulwa.
Ngokulandelayo isityebi sibongoza ‘ubawo uAbraham’ ukuba athume uLazaro “endlwini kabawo kuba ndinabazalwana abahlanu.” Ngaloo ndlela isityebi siyavuma ukuba sinolwalamano olusondeleyo nomnye ubawo, onguSathana uMtyholi ngokwenene. Isityebi sibongoza uLazaro ukuba azingxengelele izigidimi zomgwebo kaThixo ukuze ‘abazalwana bakhe abahlanu,’ abazizihlobo zakhe zonqulo, bangezi “kule ndawo yentuthumbo.”
“Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.” Ewe, ukuba ‘abazalwana abahlanu’ bebeya kuyisaba intuthumbo, konke abafanele bakwenze kukuthobela imibhalo kaMoses neyabaProfeti efanisa uYesu njengoMesiya baze ke babe ngabafundi bakhe. Kodwa isityebi siyachasa sisithi: “Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.” UThixo akayi kulungiselela imiqondiso okanye imimangaliso ekhethekileyo ukuze abanjalo abenze beyiseke. Abantu bafanele bafunde baze basebenzise iZibhalo ukuba baza kwamkelwa nguye. Luka 16:16, 22-31; Yohane 8:44.
◆ Kutheni le nto ukufa kwesityebi nokukaLazaro kufanele kube kokufuziselayo, kwaye yintoni efanekiselwa kukufa kwabo?
◆ Kukuphi ukuthuthunjelwa okuviwa sisityebi, kwaye kungaziphi iindlela esithi sicele ukukhululwa ngazo kuko?
◆ “Umsantsa omkhulu” umela ntoni?
◆ Ngubani ubawo wokwenene wesityebi; kwaye bangoobani abazalwana baso abahlanu?