Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
ILizwi LikaThixo Linamandla
“ILIZWI likaThixo liphilile yaye linamandla.” (Hebhere 4:12, NW) La mazwi angqineke eyinyaniso amaxesha amaninzi xa abantu ababelahlekiswe lunqulo lobuxoki befumana iinyaniso zeBhayibhile. Njengoko kuboniswa ngala mava alandelayo avela kwiDominican Republic, amandla eBhayibhile anokubuguqula ubomi babantu aze abanike ithemba.
AmaNgqina kaYehova atyelela ibhinqa elibalaseleyo elingumKatolika elalisandula ukufelwa ngabantwana balo ababini abancinane. Umhla nezolo lalisentlungwini yaye likhala ngenxa yale ntlungu elehleleyo. AmaNgqina alibonisa oko kuthethwa yiBhayibhile kuYohane 5:28, 29 ngethemba lovuko. Emva kweengxubusho ezibhekele phaya namaNgqina, alizange lifumane intuthuzelo kwithemba lovuko nje kuphela kodwa laqonda ukuba iinkokeli zalo zamaKatolika zazililahlekisa.
Alizange liphozise maseko ekuqhawuleni amakhonkco neCawa yamaKatolika, yaye lamkela isifundo seBhayibhile esithe rhoqo namaNgqina kaYehova. Noko ke, indoda yalo ayizange ivumelane neembono zalo. Ekubeni nayo yayingumKatolika obalasele gqitha, yenza ilungiselelo lokuba abahlobo bayo abaziwayo bezobupolitika nabezonqulo batyelele umfazi wayo ngelinge lokumdimaza kwikhondo lakhe baze bambuyisele kubuKatolika. Kamva yalisongela ngelokuba iza kuqhawula umtshato, ngaxa lithile yade yazisa izizalwana zayo namalungu ecawa yayo ukuba babeqhawula umtshato.
Kodwa alizange lisebenze icebo layo. Ngokwahlukileyo koko, lazimisela ngakumbi nangakumbi ukuqhubeka nezifundo zalo zeBhayibhile. Ngenxa yokukhula kwalo ngokomoya nokuvelisa kwalo iimpawu ezintle zobuKristu, le ndoda yagqiba kwelokuba ihlale nalo kunokuba ifune uqhawulo-mtshato. Ngaminazana ithile nayo yavuma ukuhlolisisa uncwadi lweBhayibhile elalilufundisisa—kodwa ngaphantsi komqathango othile. Yayifuna ukusebenzisa inguqulelo yayo yeBhayibhile yamaKatolika.
Okwayimangalisayo kukuba, ngoncedo loncwadi lwamaNgqina kaYehova, yaqalisa ukufunda izinto ezintsha ngokuphuma ngqo kwiBhayibhile yayo. Yaqonda ukuba umfazi wayo wayekhethe ikhondo elichanileyo, yaye kungekudala yayikulungele ukulandela umzekelo wakhe. Eneneni, yabona imfuneko yokwenza iinguqulelo ebomini bayo. Olunye ucelomngeni olwalunzima yayikukuyeka umkhwa wayo wokutshaya. Emva kokufunda inkupho kaVukani! kaJulayi 8, 1989, iphephancwadi ngaphandle elinomxholo othi “Ukuthengiswa Kwento Ebulalayo—Iindlela Ezilishumi Zokuyeka Ukutshaya,” yazimisela ukuwuyeka lo mkhwa uchasene nezibhalo. Kunokuba ifake isingxobo semidiza esasisoloko sifunyanwa epokothweni yayo, yaqalisa ukuphatha le nkupho kaVukani! Sihlandlo ngasinye inqanqathekela ukutshaya, yayifunda la manqaku angokutshaya. Le ndlela yasebenza! Emva kokufunda la manqaku izihlandlo ezininzi, yakwazi ukuyeka ukutshaya.
Namhlanje bobabini indoda nomfazi bakhonza uYehova njengabalungiseleli ababhaptiziweyo. Xa iimeko zivuma, ikhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo, inikela ixesha layo elininzi ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, yaye ikhonza njengesicaka solungiselelo kwibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova. Yona nomfazi wayo bakhangele phambili kuvuko xa beya kwamkela abantwana babo ebomini kwihlabathi elitsha. Ewe, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, liphilile yaye linamandla!