Ukholo Lwamshukumisela Kwisenzo
XA UYEHOVA wathuma uMoses ukuba akhulule uhlanga lakwaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, ekuqaleni uMoses wacela ukurhoxa, esithi: “Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.” (Eksodus 4:10) Ewe, uMoses waziva engasifanelanga isabelo esinzima kangako.
Ngokufanayo namhlanje, abaninzi kubakhonzi bakaYehova maxa wambi baye bazive bengakulungelanga ukuphumeza imisebenzi ethile abayinikiweyo. Ngokomzekelo, omnye umveleli ongumKristu ogama linguTheodore ubalisa oku: “Kuzo zonke izinto afuna ndizenze uYehova, eyona inzima kuzo bubulungiseleli basentsimini. Xa ndandiselula, ndandidla ngokuya endlwini ngokukhawuleza, ndenze ngathi ndiyankqonkqoza, ndize ndihambe ndingenzanga nencinane ingxolo, ndinethemba lokuba akukho mntu uya kundiva okanye andibone. Njengoko ndandikhula, ndaziyeka ezo zinto, kodwa ingcingane yokuya kwindlu ngendlu yayindenza ndigule. Nanamhlanje kusenjalo, ndiye ndigule ngaphambi kokuba ndiye entsimini, kodwa ndiyaya nakuba kunjalo.”
Yintoni eyanceda uMoses namaNgqina anamhlanje afana noTheodore ukuba ahlangabezane nolo loyiko? IBhayibhile iyaphendula: “Ngokholo [uMoses] wayishiya iYiputa, . . . kuba waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—Hebhere 11:27.
Ngenene, ngokuba nokholo kuYehova, uMoses wakwazi ukuzoyisa iimvakalelo zakhe zokungafaneleki waza wayenza imisebenzi awayeyinikiwe njengomgwebi, umprofeti inkokeli yohlanga, umlamleli womnqophiso woMthetho, umniki-mthetho, umbhali-mbali nombhali weBhayibhile.
Ngokufanayo, xa sinokholo olufana nolukaMoses, siya kuhamba ngokungathi ‘siyambona Lowo ungabonakaliyo.’ Ukholo olunjalo lubangela inkalipho, lusenza sikwazi ukuzithwala iimbopheleleko zethu zamaKristu—kwanaxa sisenokuziva singakulungelanga ukwenjenjalo.