Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
UThixo Uyahlumisa EAlaska
NGAPHANTSI kwesigqubuthelo sekhephu nomkhenkce, imbewu encinane ilinde ithuba lokuba ikhule ize ivuthwe. Kwisithuba seenyanga ezintathu ezimfutshane ezenza ihlobo laseAlaska, imbewu yekhaphetshu eziimilimitha ezintathu inokukhula isondele kuma-40 eekhilogram! Ewe, lo mhlaba owawukhe wacingelwa ngabaninzi njengomqwebedu, obandayo noyintlango, unokuvelisa intabalala yeziqhamo.
Oku kuyinyaniso ngokukhethekileyo kwintsimi yokomoya yaseAlaska. Apho, kwelo lizwe linobusika obude, amaNgqina kaYehova ayaqhubeka etyala imbewu yoBukumkani. Njengakweminye imimandla yomhlaba, uThixo uyayihlumisa imbewu kwiintliziyo ezilungileyo.—1 Korinte 3:6, 7.
● Ngoxa lalikuduladula wabafundi, iNgqina eliselula elinguVanessa laphawula umfundi elalifunda kunye naye, uAnn, owayesoloko ehleli yedwa. UAnn wayebonakala elusizi, waza uVanessa wamcela uAnn ukuba aze kuhlala ngakuye. Akumangalisi ukuba uAnn abe wayelusizi! Unina wayebulewe sisifo sentliziyo, ngemva kwexesha elingephi, uyise wabulawa ngumhlaza. Kungenxa yaloo nto uAnn wayehlala nezalamane eAlaska.
Ngomnye uMgqibelo xa uVanessa wayekubulungiseleli basenstimini wangena kwikhaya lomhlobo wakhe omtsha waza wamshiyela incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? NgoMvulo olandelayo esikolweni, uAnn wafuna eli Ngqina liselula. UAnn wayenentaphane yemibuzo yeBhayibhile, awakwaziyo uVanessa ukuyiphendula. Wabuza oku: “Ibaphi inkonzo yenu?” Ngolo rhatya uAnn okwesihlandlo sokuqala waya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani.
Akuzange kube thuba lide ngaphambi kokuba le nkedama ineminyaka eli-17 ubudala izifumanele ‘oobawo’ kunye ‘noomama’ abaninzi, kanye njengokuba uYesu wathembisayo. (Mateyu 19:29) Esinjani sona isihlandlo sovuyo ukubona uAnn owonwabileyo noncumileyo efuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova ngobhaptizo lwasemanzini kwiNdibano YeSithili “Yabathunywa Boxolo Lobuthixo”!
● Kwimimandla esemagqagaleni yephondo elikhulu leArctic yaseAlaska—apho idolophana ziqelelene ngamakhulu eekhilomitha—inqwelo-moya eneenjini ezimbini yeWatch Tower Society ibisetyenziswa ukutyala imbewu yoBukumkani kwiindawo ezingaphezu kwe-150. Kodwa ukukhula ngokomoya ngesifundo seBhayibhile esithe rhoqo kwakuxhomekeke kwimbalelwano. Ekubeni ukubhala ileta kulucelomngeni kwabaninzi, umfundisi weBhayibhile ufanele enze amacebo athile ukuze agcine umdla wesifundo sakhe uphila. Kunokuphunyezwa njani oku?
UKathy wayeqhuba isifundo seBhayibhile esinenkqubela noEdna, nakubeni babeqelelene ngama-600 eekhilomitha! Kunokuba akhuphele imibuzo kwincwadi efundisiswayo, uKathy wayezenzela iphepha lemibuzo aze alungiselele indawo yokubhala iimpendulo. Ngemva kokuba uEdna efake iimpendulo, uKathy wayephendula aze ahlomele amagqabaza engcaciso xa eyimfuneko ukuze acacise ingongoma. UKathy uthi: “Ndibekela bucala urhatya lwangoLwesithathu ukwenzela ‘isifundo’ sethu yaye ndiye ndizame ukubambelela koko njengoko bendiya kwenza kuso nasiphi na isifundo seBhayibhile esimiselweyo. UEdna ndiye ndimthumelele kwanemvulophu enesitampu nekhelingi yam. Ekubeni yayithabatha ixesha elingangeeveki ezimbini ukuze ifike, isifundo sembalelwano ngandlel’ ithile sasibonakala sicotha.”
Khawube nomfanekiso-ngqondweni wemincili uKathy noEdna ababa nayo xa babonana ubuso ngobuso kwindibano yesithili eyayiseAnchorage emva kweenyanga ezilishumi zokuqhutywa kwesifundo ngeposi! AmaNgqina avuyiswa bubukho bezifundo zeBhayibhile nabanomdla ababesuka kwiidolophana eziliqela ezikwanti zaseAlaska.
Nangona ngamanye amaxesha ukukhula kunokubonakala kucotha, ezinye “izithole” zihluma ngokukhawuleza xa zifumana ukukhanya kwenyaniso. Ngokomlinganiselo, bangaphezu kwekhulu ngonyaka abadumisi bakaYehova ababhaptizwayo eAlaska! Sithi, “Enkosi, Yehova,” ngokuhlumisa!