Ngaba Unokonwaba Ngokwenene?
UGEORGE wayebulisa wonke ubani ngoncumo. Kuye, ubomi babusisipho esixabisekileyo nesimele sinanditshwe. Wayesoloko onwabile yaye enethemba—wayenjalo nangakumbi xa wayeqalisa ukwaluphala. De kwaba lusuku awafa ngalo, uGeorge wayesaziwa njengomntu owonwabileyo. Ngaba wonwabile njengoGeorge? Ngaba suku ngalunye ulujonga njengesipho esifanele sinanditshwe? Okanye ngaba ukucinga nje ngosuku olutsha kukwenza ungabi namdla okanye uxhalabe? Ngaba ikho into ekwenza ungonwabi?
Ulonwabo luye lwachazwa njengemeko yentlalo-ntle enokuhlal’ ihleli. Lubonakala ngokwaneliseka ngenxa yovuyo olunzulu nokunqwenela ukuhlala unjalo. Ngaba ulonwabo olunjalo lukho ngokwenene?
Namhlanje, ibutho likhuthaza ingcamango yokuba abantu bebeya konwaba kuphela nje ukuba bebezizityebi ngokwaneleyo. Izigidi zihlala zixakekile ngenxa yokwenza imigudu yokuba zibe zizityebi. Ekwenzeni njalo, abaninzi bancama ulwalamano lobuqu nezinye izinto ezibalulekileyo ebomini. Njengeembovane kwinduli yazo, basoloko bephithizela, yaye abanaxesha lakucinga ngoko bakwenzayo okanye ngabanye abantu. Siyaqondakala isizathu sokuba, “inani labantu abafunyaniswa bedandathekile liqhubeke lisanda,” itsho ingxelo kwiLos Angeles Times, “yaye abantu baqala [ukudandatheka] besebancinane. . . . Iipilisi zokuphelisa ukudandatheka zezona zithengwa kakhulu kwiinkampani zeziyobisi.” Izigidi zisebenzisa iziyobisi ezingavumelekanga okanye zizintyintye ngotywala ngenjongo yokuphepha iingxaki zazo. Abanye bayazifica xa bedandathekile. Kolunye uhlolisiso, “amabhinqa abonakala ngotyekelo lokuya kuthenga ukuze aphelise udandatheko,” litsho iphephandaba iThe Guardian. “Ayeliphinda kathathu inani lamadoda athengayo xa edandathekile.”
Noko ke, ulonwabo lokwenene alufunyanwa evenkileni, etywaleni, kwipilisi, kwisirinji okanye kwiakhawunti yebhanki. Ulonwabo aluthengiswa; lufumaneka ngesisa. Sinokusifumana phi isipho esixabiseke ngolo hlobo? Siza kukuxubusha oko kwinqaku elilandelayo.