“UYehova Ebesoloko Elungile Kakhulu Kum!”
NGENGOKUHLWA ezolileyo ngoMatshi 1985, amadoda namabhinqa eSebe Lokubhala kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eNew York, eUnited States, abhiyozela isiganeko esibalulekileyo. UKarl F. Klein wayesele eneminyaka engama-60 ekubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ngehlombe, uMzalwan’ uKlein wathi: “UYehova ebesoloko elungile kakhulu kum!” Wongezelela wathi INdumiso 37:4 yayiyeyona ndinyana ayithandayo eBhayibhileni. Kamva, wawonwabisa ngokuwadlalela icello.
Kwiminyaka eli-15 eyalandelayo, uMzalwan’ uKlein uqhubeke esebenza njengelungu lesebe lokubhala ekwakhonza kwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Kuthe ngoJanuwari 3, 2001, eneminyaka engama-95 ubudala, uKarl Klein ngokuthembeka waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni.
UKarl wazalelwa eJamani. Intsapho yakowabo yafudukela eUnited States, waza uKarl wakhulela kwihlomela-dolophu laseChicago, eIllinois. Ngoxa wayeselula, uKarl kunye nomntakwabo uTed baba nomdla onzulu eBhayibhileni. UKarl wabhaptizwa ngowe-1918, yaye izinto ezichulumancisayo aziva kwindibano yaBafundi beBhayibhile ngowe-1922 zamshukumisela ukuba athande inkonzo yasentsimini ubomi bakhe bonke. Wayengafuni ukuba iveki iphele engakhange abe nesabelo kumsebenzi wokushumayela, ukwenze oko nakwiiveki zokugqibela zobomi bakhe.
UKarl waba lilungu lekomkhulu ngowe-1925, waqala wasebenza kwicandelo lokushicilela. Wayewuthanda kakhulu umculo, yaye kangangeminyaka wayedlala icello kwiqela leokhestra elalidlala kwiinkqubo zikanomathotholo wamaKristu. Emva koko, wasebenza kwiSebe Lenkonzo, apho ngokukhethekileyo wayenandipha ubuhlobo nomveleli walo, uT. J. Sullivan. Ebudeni belo thuba, uTed watshata waza yena nomfazi wakhe uDoris, baba ngabavangeli basemazweni ePuerto Rico.
Kangangesiqingatha senkulungwane, uKarl Klein wasebenza kwiSebe Lokubhala, apho waba negalelo elikhulu kuba wayekuthanda ukwenza uphando yaye wayenolwazi oluphangaleleyo ngeBhayibhile. Ngowe-1963 uKarl wazimanya ngeqhina lomtshato noMargareta, umvangeli wasemazweni waseJamani owayekhonza eBolivia. Ngenkxaso yakhe efudumeleyo, ingakumbi njengoko wayenengxaki yempilo, waba nemveliso kakhulu nakubeni wayesele edlule kwiminyaka yabaninzi yokuthabatha umhlala-phantsi. Ubuntu bukaKarl bokuthetha ngokuphandle, kunye nokuthanda kwakhe umculo, kufake isandla kwiintetho ezikhumbulekayo azinikele emabandleni nakwiindibano. Kungekudala ngaphambi kokuba afe, wayengusihlalo kwingxubusho yakusasa yentsapho enkulu yaseBheteli eNew York, yaye bonke ababekho bonwaba baza bangenelwa.
Uninzi lwabo bayifunda rhoqo IMboniselo luya kukhumbula ibali elibangel’ umdla lamava obomi bukaMzalwan’ uKlein, elapapashwa kwinkupho kaOktobha 1, 1984. Uya kukunandipha ukulifunda okokuqala okanye ukuphinda ulifunde eli bali, ukhumbula ukuba umbhali walo uphinde wachitha elinye ishumi elinesihlanu leminyaka njengomKristu othembekileyo nozinikeleyo.
Njengomnye wabathanjiswa beNkosi, uMzalwan’ uKlein ebekulangazelela ngentliziyo yakhe yonke ukulawula noKristu ezulwini. Sinezizathu zokukholelwa ukuba uYehova uwuzalisekisile loo mnqweno.—Luka 22:28-30.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ngowe-1943 uKarl kunye noT. J. Sullivan noTed kunye noDoris
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UKarl kunye noMargareta, ngo-Oktobha 2000