“Sondelani KuThixo, Naye Uya Kusondela Kuni”
Ngaphambili Nangasemva Kokufundisisa IBhayibhile—ILizwi LikaThixo Liyasebenza
UKUBA wawudibene noTony ngoxa wayeselula, ngewawubone umguvela nenkwenkwe enobundlobongela eyayidla ngokuya kwiindawo ezidume kakubi zaseSydney, eOstreliya. Abanye babahlobo bakhe yayiyimigulukudu eyaziwayo. Babesoloko beqhekeza, besilwa neminye imigulukudu yaye bedubulana ezitratweni.
UTony waqalisa ukutshaya xa wayeneminyaka esithoba ubudala. Xa wayeneminyaka eli-14 ubudala, wayeyingedle yomya yaye wayephila ubomi bokuziphatha okubi. Xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, wayelikhoboka leheroin, yaye oko kwamkhokelela ekubeni asebenzise icocaine, iLSD—“enyanisweni, nantoni na eyayinokundinxilisa,” ngokutsho kukaTony. Wandula ke waqalisa ishishini leziyobisi esebenza namaqela amabini emiguvela eyaziwayo. Kungekudala uTony wayesaziwa njengomnye woosomashishini abaphambili beziyobisi kunxweme olusempuma yeOstreliya.
UTony wayechitha imali ephakathi kweedola ezili-160 nezili-320 (U.S.) ngosuku kwiheroin nakumya. Kodwa wayeyifak’ engxakini engakumbi intsapho yakhe. Uthi: “Mna nomfazi wam sasikhonjwa ngemipu nangeemela izihlandlo eziliqela yimigulukudu eyayifuna iziyobisi nemali eyayikho apho sasihlala khona.” Emva kokuvalelwa entolongweni izihlandlo ezithathu, uTony waziva enyanzelekile ukuba acingisise nzulu ngendlela aphila ngayo.
Nangona wayeqhele ukuya ecaweni, uTony wayengenalwalamano noThixo ekwakusithiwa wohlwaya aboni ngokubatshisa ngonaphakade esihogweni. Noko ke, xa watyelelwa ngamaNgqina kaYehova amabini, uTony wamangaliswa kukuva ukuba uThixo akanjalo. Yaye uTony wavuyiswa kukwazi ukuba wayenokuzilungisa iindlela zakhe aze azuze iintsikelo ezivela kuThixo. UTony wachukunyiswa ngamazwi kaYesu Kristu athi: “Zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.” (Marko 10:27) Yaye wavuyiswa ngokukhethekileyo ngamazwi akhuthazayo athi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.
Ngoku uTony wayejamelene nocelomngeni lokuvisisanisa ubomi bakhe nemigaqo yeBhayibhile. Uthi: “Into yokuqala endayiyekayo yaba kukutshaya, into endandingazange ndikwazi ukuyenza ngaphambili, nangona ndandisele ndizame izihlandlo eziliqela. Ngenxa yamandla avela kuYehova, ndakwazi ukuyeka ukusebenzisa iheroin nomya, iziyobisi endandilikhoboka lazo kangangeminyaka eli-15 edluleyo. Andizange ndicinge ukuba ndandinako ukwahlukana nale mikhwa.”
Kunokuba oyike uThixo othuthumbisa abantu esihogweni ngonaphakade—imfundiso engekhoyo eBhayibhileni—uTony nomfazi wakhe bamkela ithemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. (INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:21) UTony uyavuma esithi: “Kuye kwafuneka ndenze umgudu kangangexesha elide ukuze ndiphile ngokuvisisana nemigaqo kaThixo, kodwa ngenxa yokusikelelwa nguYehova ndiye ndaphumelela.”
Ewe, lo wayesakuba likhoboka leziyobisi waba ngumKristu. Benikela ngexesha nangezinto zabo eziphathekayo, yena nomfazi wakhe baye bachitha iiyure ezininzi besenza umsebenzi wokufundisa iBhayibhile. Kwakhona baxakekile bekhulisa abantwana babo ababini abahlonel’ uThixo. Le nguqulelo inkulu kangaka yenzeke ngenxa yamandla angenakoyiswa nto eLizwi likaThixo, iBhayibhile. Eneneni, njengoko umpostile uPawulos esitsho, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—Hebhere 4:12.
Naphezu kwayo imizekelo emihle enjalo, bambi baphikisa ngelithi umsebenzi wokufundisa ngeBhayibhile owenziwa ngamaNgqina kaYehova wahlukanisa iintsapho uze uphelise imigaqo yokuziphatha okuhle yabantu abaselula. Imeko kaTony ayingqinelani noku.
NjengoTony, abaninzi baye bafunda ukuba kunokoyiswa ukuba likhoboka lento ethile eyingozi. Njani? Ngokuba nokholo kuThixo nangokuthembela kuye nakwiLizwi lakhe, nangokuxhaswa ngamaKristu anenkathalo nanothando. Evuya uTony ukuqumbela esithi: “Ndiye ndayibona indlela imigaqo yeBhayibhile eye yabakhusela ngayo abantwana bam. Iimfundiso zeBhayibhile ziye zawusindisa umtshato wam. Yaye abamelwane bam ngoku balala obentlombe kuba abasandoyiki.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
‘Ngamandla avela kuYehova, ndiye ndakwazi ukuyeka ukusebenzisa iziyobisi endandilikhoboka lazo kangangeminyaka eli-15’
[Ibhokisi ekwiphepha 9]
Imigaqo YeBhayibhile Iyasebenza
Imigaqo eyahlukahlukeneyo yeBhayibhile iye yanceda amakhoboka eziyobisi amaninzi ukuba awuyeke lo mkhwa uyingozi. Phakathi kwale migaqo kukho le ilandelayo:
“Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.” (2 Korinte 7:1) Ukusebenzisa iziyobisi kuchasene nomthetho kaThixo.
“Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko, nokwaziwa kwaLowo Ungoyena Ungcwele kukuqonda.” (IMizekeliso 9:10) Ukoyika uYehova okusekelwe kulwazi oluchanileyo ngaye nangeendlela zakhe kuye kwanceda abantu abaninzi ukuba bahlukane nempembelelo embi yeziyobisi.
“Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Imikhwa emibi inokoyiswa ngokukholosa ngoThixo nokuthembela kuye ngokupheleleyo.