Imibuzo Evela Kubafundi
UYesu wayethetha ukuthini xa wathi kubafundi bakhe: “Ndiqalise ukumbona uSathana sele ewile ezulwini njengombane”?
UYesu wayesandul’ ukukhetha abafundi abangama-70, waza ‘wabathumela ngababini phambi kwakhe kwizixeko neendawo zonke ezo yena ngokwakhe awayeza kuya kuzo.’ Xa abangama-70 bebuya, babevuya ngenxa yokuphumelela kwabo kumsebenzi wokushumayela. Bathi: “Nkosi, kwaneedemon zisithobele egameni lakho.” Ngelo xesha, uYesu wathi: “Ndiqalise ukumbona uSathana sele ewile ezulwini njengombane.”—Luka 10:1, 17, 18.
Ekuqaleni, kusenokuvakala ngathi uYesu wayethetha ngesiganeko esele senzekile. Kodwa, kwiminyaka engama-60 emva kokuba uYesu ethethe la mazwi angasentla, umpostile uYohane osele ekhulile ngeminyaka wasebenzisa ulwimi olufanayo, xa wabhala esithi: “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”—ISityhilelo 12:9.
Xa uYohane wayebhala la mazwi, uSathana wayesahlala ezulwini. Sazi njani? Kuba ISityhilelo yincwadi yesiprofeto, kungekhona eyembali. (ISityhilelo 1:1) Ngenxa yoko, ngexesha likaYohane, uSathana wayengekaphoselwa emhlabeni. Eneneni, ubungqina bubonisa ukuba oku akuzange kwenzeke de kwaba semva nje kancinane kokuba uYesu ebekwe etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo ngowe-1914.a—ISityhilelo 12:1-10.
Ngoko ke, kwakutheni ukuze uYesu athethe ngokugxothwa kukaSathana ezulwini ngokungathi loo nto sele yenzekile? Abanye abaphengululi bathi uYesu wayekhalimela abafundi bakhe ngenxa yokuzigwagwisa okungafanelekanga. Eneneni, bakholelwa ukuba wayesithi: ‘Nizoyisile iidemon, kodwa musani ukuqhayisa. USathana wazigwagwisa, yaye oko kwakhokelela ekuthotyweni kwakhe ngokukhawuleza.’
Asinakuzigatya ezinye iimbono ngokuphathelele lo mbandela. Noko ke, kubonakala ukuba uYesu wayevuyisana nabafundi bakhe yaye ethetha ngokugxothwa kukaSathana kwixesha elizayo. Ngokungafaniyo nabafundi bakhe, uYesu wayeyazi indlela uMtyholi awayenentiyo ngayo. Unokuyithelekelela indlela uYesu awavuya ngayo xa esiva ukuba iidemon ezinamandla zenziwa zabathobela abafundi bakhe abangabantu nabangafezekanga! Ukoyiswa kwezi demon kwakubonisa oko kuza kwenzeka kwixesha elizayo xa uYesu, njengengelosi enkulu uMikayeli, eya kulwa noSathana aze amgxothe ezulwini emphosela emhlabeni.
Xa uYesu wayesithi wayebone uSathana “sele ewile,” kubonakala ukuba wayegxininisa ukuba wayeqinisekile ngokuwa kukaSathana. Oku kuyafana nezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngeziganeko eziza kwenzeka ngokungathi sele zenzekile. Ngokomzekelo, phawula indlela elisetyenziswa ngalo ixesha elidlulileyo nelizayo kwiziprofeto eziphathelelene noMesiya kuIsaya 52:13–53:12. Kuyabonakala ukuba uYesu wayebonisa indlela anentembelo ngayo ukuba uSathana wayeza kugxothwa ezulwini ekubeni oko kuyinjongo kaYise. Kwakhona uYesu wayeqinisekile ukuba ngexesha likaThixo, uSathana needemon zakhe baya kuphoswa enzonzobileni baze kamva batshatyalaliswe ngonaphakade.—Roma 16:20; Hebhere 2:14; ISityhilelo 20:1-3, 7-10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, isahluko 10, nethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! isahluko 27, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.