Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba kufanelekile ukuba iNgqina likaYehova liye kumtshato wesalamane okanye womntu elimaziyo ongeloNgqina?
Kumnandi ukuba semtshatweni, ibe siyaqondakala isizathu sokuba umKristu ethanda ukubakho kweso siganeko. Kakade ke , xa bemenywe emtshatweni, abaselula bafanele baqale bafumane imvume kubazali okanye kumntu abaphantsi kwakhe. (Efese 6:1-3) Kodwa kuthekani xa indoda engeloNgqina likaYehova icela umfazi wayo ongumKristu ukuba baye kumtshato osecaweni? Sisazela salo mfazi esiya kumvumela ukuba aye aze abe ngumbukeli nje, angenzi nanye into yonqulo eyenziwayo apho.
Eneneni, ukuya nokungayi emtshatweni sisigqibo somntu ngamnye. Kodwa, mKristu ngamnye umele ayiqonde into yokuba uya kuziphendulela kuYehova neyokuba kukho imigaqo yeZibhalo eliqela amele ayihlolisise xa esenza isigqibo sokuya kumtshato womntu ongeloNgqina.
Eyona nto imele ibe phambili kumKristu kukukholisa uThixo. UYesu wathi: “UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:24) AmaNgqina kaYehova akangeneleli kwizinto zonqulo lukazwelonke, njengemithandazo, izithethe, okanye imibhiyozo engqubanayo nenyaniso yeBhayibhile.—2 Korinte 6:14-17.
UmKristu umele aqonde ukuba isigqibo sakhe sinokubachaphazela abanye. Ukuba ugqiba ekubeni uye, ngaba izalamane zakho aziyi kukhubeka xa ungenzi zonke izinto ezenziwa kuloo mtshato? Umele ucinge nangendlela oko okuwachaphazela ngayo amanye amaKristu. (Roma 14:13) Kwanokuba wena namanye amalungu entsapho yakho nigqiba ekubeni ukuya kumtshato womntu ongeloNgqina akuyi kuba yingxaki, ngaba abayi kukhubeka abazalwana noodade bakho bokomoya? Ngaba oko akuyi kuzikhathaza izazela zabanye?
Imisitho yomtshato yezalamane ezingengomaNgqina inokuzisa ucelomngeni. Kuthekani xa ucelwa ukuba ube ngumkhaphi? Okanye kuthekani ukuba iqabane lakho asiloNgqina yaye lifuna ukuzibandakanya ngokupheleleyo? Ukuba kuza kutshatisa igosa likarhulumente, kunokungabi yingxaki kangako ukuya kuwo kuba kuza kufuneka nje amangqina aloo nkqubo isemthethweni.
Kodwa wona umsitho oqhutyelwa ecaweni okanye ekuza kutshatisa umfundisi kuwo, uba nezinto ezininzi ezixhalabisayo. Ukuze uthobele isazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile uze uphephe ukulalanisa iinkolelo zakho okanye wenze into enokuphazamisa abanye, usenokugqiba ekubeni ungayi kuloo mtshato. (IMizekeliso 22:3) Ungaba uhlangule wena nentsapho yakho entlungwini xa unokuzicacisa kakuhle iinkolelo zakho ezisekelwe eBhayibhileni kuselithuba, uchaze izinto onokufak’ isandla kuzo xa uthe waya okanye uncede ngezinye iindlela.
Emva kokuvelela zonke iinkalo, wambi amaKristu anokugqiba ekubeni akukho ngxaki xa esiya kumtshato womntu ongeloNgqina aze afike abukele nje. Kodwa ukuba umKristu ugqiba ekubeni xa enokubakho uya kulingeka aze alalanise kwimigaqo kaThixo, usenokubona kubhetele ukungayi. Xa egqiba ekubeni angayi, kodwa njengokuba emenyiwe aye kwimibhiyozo eza kwenziwa emva koko, umele aqinisekise ukuba ‘zonke izinto uzenzela uzuko lukaThixo.’ (1 Korinte 10:31) Xa sisenza ezi zigqibo, “ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo” wembopheleleko. (Galati 6:5) Ngoko, kuso nasiphi na isigqibo osenzayo, khumbula ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuzigcina unesazela esihle phambi koYehova uThixo.