Inqaku Labaselula
Ukutshatyalaliswa KweSodom NeGomora
Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zingezantsi kwindawo ethe cwaka. Njengokuba ufunda ezi ndinyana, yiba ngathi ulapho. Yiba nomfanekiso-ngqondweni woko kwenzekayo. Makube ngathi uyaweva amazwi abantu ofunda ngabo. Vakalelwa ngendlela ababevakalelwa ngayo abantu ekuthethwa ngabo kwezi ndinyana.
HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA IGENESIS 19:1-14.
Ucinga ukuba zazikhangeleka njani iindwendwe zikaLote?
․․․․․
Babenjani abantu ababekwihlokondiba?
․․․․․
PHANDA NGOKUNZULU.—FUNDA IGENESIS 13:7-13.
Kwakutheni ukuze uLote abe ngummi waseSodom?
․․․․․
Kwakutheni ukuze uYehova abagwebele intshabalalo abantu balapho?
․․․․․
FUNDA IGENESIS 19:15-26.
UYehova walubonisa njani ulwazelelelo kuLote?
․․․․․
Ucinga ukuba kwakutheni ukuze akhangele ngasemva umfazi kaLote?
․․․․․
Kwakutheni ukuze atshatyalaliswe?
․․․․․
KUSEBENZISE OKUFUNDILEYO. ZIBHALE PHANTSI IZINTO OZIFUNDILEYO . . .
Ngembono kaYehova ngobungendawo.
․․․․․
Ngemfesane kaYehova.
․․․․․
Ngokulumkisa kukaYehova abantu bakhe ngaphambi kokuba abagwebe.
․․․․․
Yiyiphi eyona nkalo ibangel’ umdla kuwe kule ngxelo yaye kutheni usitsho nje.
․․․․․
․․․․․