Ngaba Ubusazi?
Kutheni ibiza ixabiso elikhulu ioli yobulawu eyayisetyenziswa nguMariya?
Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba uYesu afe, uMariya udade boLazaro “weza neqhaga lealabhasta lineoli yobulawu, inadusi yokwenene, eziindleko ezinkulu” waza wayigalela kuYesu. (Marko 14:3-5; Mateyu 26:6, 7; Yohane 12:3-5) Ingxelo kaMarko noYohane ithi le oli yobulawu yayibiza iidenariyo ezingama-300—umvuzo wonyaka womsebenzi oqhelekileyo.
Yayivela phi le oli yobulawu ibiza ixabiso elikhulu. Isityalo ekuthiwa yinadusi esikhankanywe eBhayibhileni kucingelwa ukuba sisityalo esincinane esinevumba elimnandi esifumaneka kwiiNtaba zeHimalaya. Inadusi yokwenene yayidla ngokungxengwa okanye kusetyenziswe inadusi engumkokotela. Noko ke, bobabini uMarko noYohane bayalisebenzisa ibinzana elithi “inadusi yokwenene.” Ekubeni le oli yobulawu iqholiweyo ibiza kangaka kubonisa ukuba yayisenziwa eIndiya.
Kutheni ingxelo kaMarko isithi uMariya “waliqhekeza lavuleka iqhaga lealabhasta.”? Iqhaga lealabhasta lenziwa lanentamo encinane eyayitywiniwe ukuze lihlale inevumba elimnandi. UAlan Millard kwincwadi yakhe ethi Discoveries From the Time of Jesus uthi: “Kulula ukuqonda isizathu sokuba eli bhinqa lalinemincili liyophule [intamo yeli qhaga] waza wasithulula sonke esi siqholo.” Le ngxelo iyasinceda siqonde ukuba kwakutheni ukuze ‘indlu izaliswe livumba leoli yobulawu.’ (Yohane 12:3) Ewe esi yayisisipho esasibiza ixabiso elikhulu kodwa esifanelekileyo. Kwakutheni? Eli bhinqa linoxabiso lalisandul’ ukubona uYesu evusa umntakwalo uLazaro.—Yohane 11:32-45.
IYeriko—ngaba sisixeko esinye okanye ezibini?
UMateyu, uMarko noLuka bonke banengxelo yokuphiliswa komntu ngokungummangaliso kufutshane nesixeko saseYeriko. (Mateyu 20:29-34; Marko 10:46-52; Luka 18:35-43) Bobabini uMateyu noMarko bathi uYesu ‘wayephuma” eYeriko xa wenza lo mmangaliso. Kodwa yena uLuka uthi uYesu “wayesondela” eYeriko.
Ngaba ngexesha likaYesu sasisinye okanye zizibini izixeko ekuthiwa ziiYeriko? Incwadi ethi Bible Then & Now iphendula isithi: “Xa uYesu wayelapha emhlabeni iYeriko yaphinda yakhiwa malunga (neekhilomitha ezili-1,6) ezantsi kwesixeko esidala. UHerode Omkhulu wakha ibhotwe lasebusika apho.” Esi sibakala siqinisekiswa yincwadi ethi Archaeology and Bible History, ithi: “IYeriko yelo xesha yayizizixeko ezibini. . . . Isixeko samandulo samaYuda sasimgama ngeekhilomitha ezili-1,6 kwisixeko saseRoma.
Mhlawumbi uYesu wawenza lo mmangaliso xa wayephuma kwisixeko samaYuda esiya kwisixeko samaRoma okanye xa wayeshiya esamaRoma esiya kwesamaYuda. Kucacile ukuba ukwazi iimeko ezazikho ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile kwenza kube lula ukuqonda izinto.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ibhotile yesiqholo seAlabhasta
[Inkcazelo]
© Réunion des Musées Nationaux/Art Resource, NY