Icebo Elisebenzayo
ABAFANA abathathu bakuMbindi Afrika babefuna ukuya kwindibano yesithili yommandla wabo. Babeza kuthini ukuze bafike apho? Yayikumgama weekhilomitha ezingama-90 yaye babeza kuhamba kwindlela yomhlaba enamagingxigingxi, ngaphandle kwesithuthi. Bagqiba kwelokuba baboleke iibhayisikile ezintathu kodwa zange bazifumane ezikulungeleyo ukuhamba loo mgama.
Omnye umdala kwibandla lalapho weva ngengxaki yabo waza wababoleka eyakhe ibhayisikile, eyayindala kodwa isasebenza. Wababalisela ngendlela yena nabanye abazalwana ababedla ngokwenza ngayo ukuze baye kufika endibanweni. Wacebisa ukuba bayisebenzise bobathathu loo bhayisekile. Elo cebiso lakhe lalilula, kodwa ke laliza kufuna ukulungelelana. Babeza kuyikhwela njani ibhayisikile enye bebathathu?
Ukuze aphephe ingqatsini yelanga, la matyendyana avuka ngenj’ ixukuxa aza alayisha imithwalo yawo kule bhayisikile. Owokuqala ukukhwela wabashiya, ngoxa ababini babekhawuleza emva kwakhe. Emva kokuhamba isiqingatha sekhilomitha, lowo ukhwele ibhayisikile wayemisa ibhayisikile aze ayayamise ngomthi. Kakade ke, wayeqala aqinisekise ukuba isemehlweni abo babini, ukuze ingebiwa ngabantu abedlulayo. Emva koko wayetyhalela phambili ngeenyawo.
Babesithi abo babini bakufika kule bhayisikile, omnye kubo ayikhwele aze omnye aqhubeke ebetha ngeenyawo malunga nesiqingatha ngaphambi kokuba naye akhwele. Ngenxa yokuceba kakuhle nokuzimisela, aba bazalwana bathathu bawucutha umgama abawuhamba ngeenyawo ukususela kwiikhilomitha ezingama-90 ukuya kutsho kwezingama-60. Imigudu yabo yayingeyonkcitha-xesha. Bafika banandipha indibano yesithili kunye nabazalwana noodadewabo. (Dut. 31:12) Ngaba nawe uza kwenza konke okusemandleni akho ukuze ubekho kwindibano yesithili eza kuba kummandla okuwo kulo nyaka?