Imibuzo Evela Kubafundi
Wagxothwa nini uSathana ezulwini?—ISityhi. 12:1-9.
Nangona incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ingachazi xesha lingqalileyo lokugxothwa kukaSathana, ithetha ngodederhu lweziganeko ezinokusinceda siqikelele ixesha awagxothwa ngalo ezulwini. Isiganeko sokuqala sesokuzalwa koBukumkani obulawulwa nguMesiya. Emva koko, “kwabakho imfazwe ezulwini,” eyakhokelela ekoyisweni kukaSathana waza ekugqibeleni wagxothwa ezulwini.
IZibhalo zichaza ngokucacileyo owe-1914 njengonyaka wokuphela ‘kwamaxesha amisiweyo eentlanga’ nokumiselwa koBukumkani.a (Luka 21:24) Kwathabatha ixesha elingakanani emva koko ukuqalisa kwemfazwe ezulwini, eyaphumela ekugxothweni kukaSathana?
ISityhilelo 12:4 sithi: “Inamba leyo [uSathana] yema phambi komfazi owayesele eza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imqwenge umntwana wakhe.” Oku kubonisa ukuba uSathana wayefuna ukukhawuleza abutshabalalise uBukumkani obubasandul’ ukuzalwa, kanye busavela ukuba kunokwenzeka. Nangona uYehova wayithintelayo le njongo kaSathana ingendawo, uSathana wayezimisele kwimigudu yakhe yokonakalisa obu Bukumkani busandul’ ukusekwa. Yiloo nto “uMikayeli neengelosi zakhe” bengazange balibazise ukugxotha “inamba kunye neengelosi zayo” ezulwini ukuze bungonakaliswa uBukumkani. Oku kubonisa ukuba ukoyiswa nokugxothwa kukaSathana kwenzeka ngokukhawuleza emva kokuzalwa koBukumkani ngowe-1914.
Enye ingongoma esifanele siyihlolisise kukuvuswa kwamaKristu athanjisiweyo—ngokutsho kobungqina obuseZibhalweni—okwaqalisa ngokukhawuleza emva kokusekwa koBukumkani.b (ISityhi. 20:6) Ekubeni kungatshiwo ukuba abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo babekunye noYesu xa wayesilwa nenamba neengelosi zayo, oko bekuya kuthetha ukuba imfazwe yasezulwini nokugxothwa kukaSathana needemon zakhe kwagqitywa xa kuqalisa ukuvuswa kwabazalwana bakaKristu.
Ngoko ke, iBhayibhile ayichazi xesha lingqalileyo lokugxothwa kukaSathana needemon zakhe ezulwini. Kodwa ke, licacile elokuba esi siganeko senzeka kanye emva kokubekwa kukaYesu Kristu etroneni ezulwini ngowe-1914.
[Imibhalo esemazantsi]