Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba incwadi kaHezekile 18:20 ethi “unyana akayi kuthwala nto ngenxa yesiphoso sikayise,” iyaphikisana neye-Eksodus 20:5 ethi uYehova uzisa “isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana”?
Ezi zibhalo aziphikisani. Esinye isibhalo sichaza ukuba mntu ngamnye uya kuphenduliswa kanti esinye sithetha ngendlela isono somntu esinokuyichaphazela ngayo inzala yakhe.
Umongo kaHezekile isahluko 18 ubethelela ukuba mntu ngamnye uya kuphenduliswa ngezenzo zakhe. Indinyana 4 ithi: “Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” Kuthekani ngomntu ‘othe walilungisa waza waphumeza okusesikweni nobulungisa’? “Ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.” (Hez. 18:5, 9) Ngoko ke xa umntu efikelele kwiminyaka efanelekileyo yokuba aphenduliswe, uya kugwetywa “ngokweendlela zakhe.”—Hez. 18:30.
Lo mgaqo siwubona kumzekelo womLevi ogama linguKora. Xa amaSirayeli ayesentlango, uKora akazange aneliseke ngamalungelo akhe enkonzo. Bezama ukuzifumanela umsebenzi wababingeleli, uKora nabanye bavukela abameli bakaYehova, uMoses noAron. Ngenxa yokuba uKora nabo babevukela kunye naye bafuna ukwenza lo msebenzi—ilungelo ababengalinikwanga—uYehova wababulala. (Num. 16:8-11, 31-33) Noko ke oonyana bakaKora abazange bavukele. UThixo akazange abaphendulise ngenxa yezono zikayise. Basinda kuba babethembekile kuYehova.—Num. 26:10, 11.
Kodwa ke kuthekani ngesilumkiso esikuEksodus 20:5, esiyinxalenye yeMiyalelo Elishumi? Masiqwalasele umongo waso kwakhona. UYehova wanika uhlanga lakwaSirayeli uMthetho womnqophiso. Emva kokuba beve imiyalelo yaloo mnqophiso, amaSirayeli athi: “Konke akuthethileyo uYehova sikulungele ukukwenza.” (Eks. 19:5-8) Olo hlanga lonke lwaba nolwalamano olukhethekileyo noYehova. Ngoko amazwi akwiEksodus 20:5 ayebhekiswa ngokungqalileyo kuhlanga luphela.
Xa amaSirayeli ayethembekile kuYehova, ayefumana iintsikelelo ezininzi. (Lev. 26:3-8) Kodwa xa uhlanga lwakwaSirayeli lwamshiyayo uYehova lwaza lwanqula oothixo bobuxoki, wayeka ukulusikelela nokulukhusela; olu hlanga lwehlelwa yintlekele. (ABagwe. 2:11-18) Liyinyaniso elokuba, bakho abantu abayigcinayo ingqibelelo yabo baza bathobela imiyalelo kaThixo nakuba uhlanga lwalunqula izithixo. (1 Kum. 19:14, 18) Kusenokwenzeka ukuba abantu ababethembekile babesiva ubunzima ngenxa yezono zolo hlanga, kodwa uYehova wabonisa ububele bothando kubo.
Xa uSirayeli wayivukela ngokuphandle imigaqo kaYehova kangangokude igama lakhe ligculelwe ziintlanga, uYehova wabohlwaya abantu bakhe ngokuvumela ukuba bathinjelwe eBhabhiloni. Kakade ke, wohlwaya mntu ngamnye waza wabohlwaya nanjengeqela. (Yer. 52:3-11, 27) Eneneni, iBhayibhile ibonisa ukuba isono sikaSirayeli sasinzulu kangangokuba sachaphazela izizukulwana ezithathu okanye ezine, mhlawumbi nangaphezulu ngenxa yezenzo zookhokho bazo, njengokuba iEksodus 20:5 isitsho.
ILizwi likaThixo lithetha ngeziganeko apho ukuziphatha okubi kwabazali kwachaphazela iintsapho. UMbingeleli Omkhulu uEli wamcaphukisa uYehova ngokuvumela oonyana bakhe ‘abangamatshivela’ nababeziphethe kakubi ukuba baqhubeke bengababingeleli. (1 Sam. 2:12-16, 22-25) Ngenxa yokuba uEli wazukisa oonyana bakhe ngaphezu kukaYehova, uThixo wathi loo ntsapho yayingasayi kuqhubeka nokuba ngababingeleli abakhulu, yaye oku kwaqalisa ukwenzeka kumzukulwana wakhe wesizukulwana sesithathu, uAbhiyatare. (1 Sam. 2:29-36; 1 Kum. 2:27) Umgaqo okwiEksodus 20:5 siwubona nakumzekelo kaGehazi. Walisebenzisa kakubi igunya lakhe lokuba ngumlindi kaElisha ukuze afumane izinto eziphathekayo ngokuphiliswa kweNjengele yaseSiriya uNahaman. Esebenzisa uElisha, uYehova wamgweba esithi: “Iqhenqa likaNahaman liya kunamathela kuwe nakwinzala yakho ukusa kwixesha elingenammiselo.” (2 Kum. 5:20-27) Ngoko imiphumo yezenzo zikaGehazi yachaphazela nenzala yakhe.
NjengoMdali noMniki-bomi, uYehova unelungelo lokugqiba ngohlobo lwesohlwayo esifanelekileyo. Imizekelo esifunde ngayo ibonisa ukuba abantwana okanye inzala inokuchatshazelwa yimiphumo yesono sookhokho bayo. Noko ke, uYehova “uyasiva isikhalo sabaxhwalekileyo,” ibe abo basondela kuye ngokunyanisekileyo unokukholiswa ngabo aze abanike isiqabu.—Yobhi 34:28.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
UKora owayenemvukelo namahlakani akhe baphenduliswa ngezenzo zabo