IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
YINTONI eyanceda umntu ongunkomo edla yodwa noyimvumi yomculo werock wafunda ukuthanda abantu nokubanceda? Yintoni eyenza indoda yaseMexico yayeka ukuziphatha kakubi? Kwakutheni ukuze indoda yaseJapan eyincutshe kugqatso lweebhayisekile iluyeke ukuze ikhonze uThixo? Khawuzivele ukuba bathini.
“Ndandikrwada, Ndinekratshi, Ndinguphuma Silwe.”—UDENNIS O’BEIRNE
UNYAKA WOKUZALWA: 1958
ILIZWE: ENGILANI
UBOMI BANGAPHAMBILI: UNKOM’ IDLA YODWA NEMVUMI YEROCK
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Kulo tata bangamaIrish, ngenxa yoko ndakhula ndingumKatolika. Ndandidla ngokuya ndedwa ecaweni nangona ndandingakuthandi. Sekunjalo ndandilamba ngokomoya. Ndindidla ngokwenza uBawo wethu osezulwini, ndikhumbula kakuhle ndilele phezu kwebhedi ndicinga ngentsingiselo yakhe. Ndandidla ngokumhlalutya.
Xa ndandikwiminyaka elishumi elivisayo ubudala, ndaqalisa ukunxulumana namaRasta. Ndaqalisa ukuba nomdla nakwezopolitiko njengoMbutho ochase ubuNazi. Kodwa ndaphenjelelwa kanobom sisimo sengqondo seemvumi zomculo werock. Ndandisebenzisa iziyobisi ngokukodwa intsangu, ndandiyitshaya phantse yonke imihla. Ndandinesimo sengqondo “sokungakhathali” ndinxila, ndibeka ubom bam esichengeni ndingabakhathalelanga abanye abantu. Ndandingunkomo idla yodwa, ndandingafane ndithethe nabanye abantu ngaphandle kokuba incoko ibangel’ umdla. Ndandingakufuni ukufotwa. Xa ndikhangela ngasemva ngoku, ndiyabona ukuba ndandikrwada, ndinekratshi ndinguphuma silwe. Ndandinobubele kuphela kubantu abasondeleyo kum.
Xa ndandineminyaka engama-20 ubudala, ndaba nomdla eBhayibhileni. Umhlobo wam owayethengisa iziyobisi waqalisa ukufunda iBhayibhile xa wayesejele yaye sasisoloko sincokola ngonqulo, ngeCawa nendima kaSathana ehlabathini. Ndathenga iBhayibhile ndaqalisa ukuzifundela yona. Mna nomhlobo wam sasifunda iivesi zeBhayibhile, size sidibane ukuze sincokole ngazo senze nezigqibo ngezo zinto sizifundileyo. Le nto sayenza iinyanga eziliqela.
Ezi zezinye zezigqibo esafikelela kuzo ngenxa yezinto esazifundayo: siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi; amaKristu afanele ashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo; afanele angabi yonxalenye yehlabathi, kuquka nezopolitiko zalo nokuba iBhayibhile inemilinganiselo esengqiqweni. Sabona ukuba iBhayibhile inyanisile yaye kufanele kubekho unqulo lokwenyaniso. Kodwa luluphi? Sacinga ngeecawa ezikhoyo, izihikahika zamatheko ezinobunewunewu nokubandakanyeka kwazo kwezopolitiko, sabona ukuba uYesu wayengenjalo. Sasisazi ukuba uThixo wayengazisebenzisi, ngenxa yoko sagqiba ekubeni sikhe sihlole iinkonzo ezingadumanga kangako.
Sasidibana namarhamente ezo cawa size siwabuze uthotho lwemibuzo. Sasisazi ukuba ithini iBhayibhile ngamnye walo mibuzo, sasibona xa bephendula ngokuvisisana neLizwi likaThixo. Emva kwezo ntlanganiso, ndandidla ngokuthandaza kuThixo ndithi, ‘Ukuba aba bantu bamela unqulo lokwenyaniso, ndicela undenze ndifune ukudibana nabo.’ Emva kweenyanga ndidibana nezi cawa, ndandingade ndilifumane iqela eliphendula ngokusuka eBhayibhileni; ndandingenamdla wokuphinda ndidibane nawo kwakhona.
Ekugqibeleni, mna nomhlobo wam sadibana namaNgqina kaYehova. Sawabuza imibuzo efanayo, kodwa wona asiphendula ngeBhayibhile. Into ayithethayo yayidibana naleyo sasisele siyifundile. Sabuza imibuzo esasingazifumananga iimpendulo zayo eBhayibhileni—ngokomzekelo, imbono kaThixo ngokutshaya neziyobisi. Kwakhona, asiphendula ngeLizwi likaThixo. Savuma ukuya kwintlanganiso ekwiHolo yoBukumkani.
Kwakungelulanga kum ukuya kwiintlanganiso. Ndandingunkomo edla yodwa kangangokuba ndandingathandi xa abantu abanobuhlobo nabanxibe kakuhle besondela kum. Ndagqiba ekubeni abanye babo babeneenjongo ezingatshongo khona ndaza andafuna ukuphinda ndiye kwintlanganiso. Njengesiqhelo, ndathandaza kuThixo ukuba andenze ndibe nomnqweno wokuphinda ndidibane naba bantu ukuba bamela unqulo lokwenyaniso, ndaba nomnqweno onamandla wokufunda iBhayibhile namaNgqina.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ndandisazi ukuba ndimele ndiyeke ukusebenzisa iziyobisi kwaye ndaziyeka ngoko nangoko. Eyona nto yayinzima yayilicuba. Ndazama izihlandlo eziliqela ukuyeka ukutshaya kodwa andizange ndikwazi. Xa ndeva abanye bebalisa ukuba bawalahla kude amacuba abo baza abaphinda batshaye emva koko, ndathetha noYehova ngalo mbandela. Emva koko, uYehova wandinceda ndayeka ukutshaya. Ndakufunda ukubaluleka kokuthetha noYehova phandle ngokunyanisekileyo xa ndithandaza.
Olunye utshintsho olubalaseleyo endalwenzayo yaba yindlela endinxiba ngayo. Kwintlanganiso yam yokuqala kwiHolo yoBukumkani, iinwele zam zazimbejembeje. Kamva ndazijika zaba orenji. Ndandinxiba ibhulukhwe yejini nesilamba esenziwe ngesikhumba sinemibhalo. Andizange ndiyibone imfuneko yokuba nditshintshe nangona amaNgqina ayendiqiqisa. Ekugqibeleni ndacinga ngeyoku-1 kaYohane 2:15-17 ethi: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye.” Ndaqonda ukuba isinxibo sam sibonisa ukuba ndiyalithanda ihlabathi yaye ukuze ndibonise uThixo ukuba ndiyamthanda, kwafuneka nditshintshe. Ndayenza loo nto.
Ethubeni, ndaqonda ukuba asingomaNgqina kuphela afuna ndiye ezintlanganisweni zamaKristu. AmaHebhere 10:24, 25 andibonisa ukuba le nto noThixo ufuna ndiyenze. Emva kokuba ndiqalise ukuya kuzo zonke iintlanganiso ndaza ndazama ukuqhelana nabantu, ndagqiba kwelokuba ndizahlulele kuThixo ndize ndibhaptizwe.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Iye yandichukumisa indlela uYehova asivumela ngayo ukuba sibe nolwalamano olusondeleyo naye. Uvelwano nenkathalo anayo iye yandenza ndafuna ukumxelisa ndize ndilandele uNyana wakhe, uYesu Kristu. (1 Petros 2:21) Ndiye ndafunda ukuba ndinokuzigcina iimpawu endinazo nangona ndizama ukuba nobuntu bobuKristu. Ndiye ndazama ukukhathalela abanye ndize ndibathande. Ndizama ukuxelisa uKristu kwindlela endimphatha ngayo umfazi, nonyana wam. Ndibakhathalele ngeyona ndlela abazalwana noodadewethu abasenyanisweni. Ukulandela uKristu kuye kwandinika isidima, ndazihlonela yaye ndiyakwazi ukubonisa uthando kwabanye.
“Andiphatha Ngesidima.”—UGUADALUPE VILLARREAL
UNYAKA WOKUZALWA: 1964
ILIZWE: EMEXICO
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEZIPHETHE KAKUBI
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndandingomnye wabantwana abasixhenxe ekhaya, sakhulela eHermosillo, eseSonora, eMexico, indawo eyayizaliswe bubuhlwempu. Utata wafa ndisemncinci, umama wanyanzeleka ukuba asebenze ukuze asondle. Ndadidla ngokuhamba ngeenyawo kuba yayingekho imali yokuthenga izihlangu. Ndaqalisa ukuphangela ndiselula ukuze ndincedise ekhaya. Njengeentsapho ezininzi, ikhaya lethu lalixinene.
Umama wayengabikho ekhaya ukuze asikhusele phantse imini yonke. Xa ndandineminyaka emi-6 ubudala, kwakukho umfana owayeneminyaka eli-15 ubudala owayendixhaphaza ngokwesini. Le nto yaqhubeka ixesha elide. Yabangela ukuba ndidideke. Ndandicinga ukuba iqhelekile into yokutsaleleka kwamanye amadoda. Ndacela uncedo koogqirha nakubefundisi, bandiqinisekisa ukuba andinangxaki yaye iqhelekile le ndlela ndivakalelwa ngayo.
Xa ndandineminyaka eli-14 ubudala, ndenza isigqibo sokuba ndibe lifana sini. Ndahlala ndinjalo iminyaka eli-11, ndada ndahlalisana namadoda awahlukahlukeneyo. Ndaya kufundela ukwenza iinwele ndaza ndaqhuba ishishini lokulungisa iinwele. Noko ke, ndandingonwabanga. Ndandibandezelekile ndiziva ndingcatshiwe. Kwakukho into eyayindixelela ukuba le nto ndiyenzayo ayilunganga. Ndadidla ngokuzibuza ukuba, ‘ngaba bakho abantu abalungileyo?’
Ndacinga ngodadewethu. Waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova waza ekugqibeleni wabhaptizwa. Wayedla ngokundixelela ngezinto azifundileyo, kodwa ndandinganikeli ngqalelo. Sekunjalo, ndandiyithanda indlela aphila ngayo nomtshato wakhe. Ndandibona ukuba yena nomyeni wakhe bayathandana yaye bayahlonelana. Babephathana kakuhle. Emva kwethutyana, elinye iNgqina likaYehova laqalisa ukufunda iBhayibhile nam. Ekuqaleni ndandisenza nje—ndingenamdla ungako. Kodwa izinto zatshintsha.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: AmaNgqina andimemela kwenye yeentlanganiso zawo, ndaya. Ndandingazange ndiyibone into enjengale. Abantu babeqhele ukuhlekisa ngam, kodwa amaNgqina ayengayenzi loo nto. Andibulisa ngobubele, andiphatha nangesidima. Ndandichukumisekile.
Ndawathanda nangakumbi amaNgqina ndakuya kwenye yeendibano zawo. Ndabona ukuba naxa emaninzi, ayefana nodadewethu—enyanisekile. Ndazibuza ukuba akunakwenzeka na ukuba aba bantu leli qela bendisoloko ndilikhangela. Indlela athandana namanyene ngayo yayindimangalisa, nendlela ababeyisebenzisa ngayo iBhayibhile xa bephendula imibuzo. Ndaqonda ukuba yiBhayibhile eyayibaphembelela ukuba baphile ngale ndlela. Kwakhona ndaqonda ukuba, kuza kufuneka ndenze utshintsho olukhulu ukuze ndiphile njengawo.
Kwafuneka nditshintshe ngokupheleleyo, kuba ndandiziphethe njengebhinqa. Indlela endithetha ngayo, iimpahla zam, iinwele zam nabahlobo bam kwafuneka ndibatshintshe. Abahlobo bam baqalisa ukundigculela, besithi: “Uyenzela ntoni le nto? Akukho nto iphosakeleyo ngale ndlela ubuyiyo. Yeka ukufunda iBhayibhile. Akukho nto ungenayo.” Kodwa ke, eyona nto kwakunzima ukuyitshintsha, kukuziphatha kakubi.
Kodwa ndandisazi ukuba ndingatshintsha, kuba amazwi eBhayibhile akweyoku-1 yabaseKorinte 6:9-11 ayendichukumisile, athi: “Intoni! Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Kanti abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka.” UYehova wanceda abantu ngelo xesha benza utshintsho, nam wandinceda. Kwandithatha iminyaka yaye kwakunzima, kodwa uncedo nothando endalufumana kumaNgqina lwandinceda kakhulu.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Namhlanje, ndiphila ubomi obuqhelekileyo. Nditshatile yaye mna nomfazi wam sifundisa unyana wethu ukuphila ngokwemigaqo yeBhayibhile. Ndayiyeka indlela endandiphila ngayo yaye ndinandipha iingenelo namalungelo amaninzi ngokomoya. Ndingumdala ebandleni, ndiye ndanceda abanye bafunda inyaniso yeLizwi likaThixo. Utshintsho endiye ndalwenza ebomini bam luye lwenza umama wavuya kangangokuba uye wavuma ukufunda iBhayibhile waza wabhaptizwa wangumKristu. Nomnye udadewethu owayeziphethe kakubi uye waba liNgqina likaYehova.
Abanye abantu ababendazi baye babona ukuba ndingumntu obhetele ngoku. Ndiyazi ukuba ndincedwe yintoni ukuze nditshintshe. Ekuqaleni ndafuna uncedo lwabantu abafundileyo kodwa abazange bandincede. Noko ke, uYehova uye wandinceda ngokwenene. Nangona ndandiziva ndingento yanto, wandibona waza wandiphatha ngothando wandincekelela. Ukubonwa nguThixo onobulumko nonothando ngolu hlobo aze afune ukuba ndiphile ubomi obubhetele kuye kwenza umahluko omkhulu ebomini bam.
“Ndandiziva Ndinganelisekanga, Ndililolo Ndingento Yanto.”—UKAZUHIRO KUNIMOCHI
UNYAKA WOKUZALWA: 1951
ILIZWE: JAPAN
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEYINCUTSHE KUGQATSO LWEEBHAYISEKILE
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndakhulela kwidolophu esecaleni kolwandle nengaxakekanga eShizuoka Prefecture, eJapan, apho intsapho yethu enamalungu esibhozo yayihlala kwindlu encinane. Utata wayenevenkile ethengisa ibhayisekile. Ukususela xa ndandisemncinane wayedla ngokundisa kugqatso lwebhayisekile ndaza ndanomdla kulo mdlalo. Utata walungiselela ukuba ndingenele ugqatso lwabahlawulwayo. Xa ndandisekumabanga aphakathi esikolweni, wandiqeqesha. Kwisikolo samabanga aphakamileyo ndaphumelela ugqatso lwelizwe iminyaka emithathu ilandelelana. Ndafumana ithuba lokuya kufunda eyunivesithi simahla, kodwa ndakhetha ukuya kwisikolo sokhuphiswano. Xa ndandineminyaka eli-19 ubudala ndaba kudidi lwabahlawulwayo.
Ngelo xesha usukelo lwam yayikukuba yintshatsheli kumdlalo webhayisekile eJapan. Ndandifuna ukwenza imali eninzi ukuze intsapho yasekhaya iphile kamnandi. Ndazijul’ ijacu kuqeqesho lwam. Xa ndidiniwe ngenxa yokuziqeqesha qatha okanye ndikugqatso olunzima, ndandidla ngokuzixelela ukuba ndandizalelwe ukukhuphisana ngebhayisekile ndimele ndinganikezeli. Kwaye andizange ndinikezele. Ukuzibhokoxa kwam kwaqalisa ukuzala amaduna namathokazi. Kunyaka wam wokuqala ndaphumelela ugqatso lwabasaqalayo. Kunyaka wam wesibini, ndaqalisa ukungenela ukhuphiswano lwentshatsheli yaseJapan. Izihlandlo ezithandathu, ndandiba kwindawo yesibini kolo khuphiswano.
Njengoko ndandisoloko ndiphumelela elugqatsweni, ndabizwa ngokuba “ngoyena mntu unemilenze eyomeleleyo eTokai,” ummandla othile waseJapan. Ndandinomoya wokhuphiswano. Maxa wambi ndandisoyikwa kuba ndandingenanceba. Ndenza imali engakumbi, kwaye ndafumanisa ukuba ndingathenga nantoni na endiyifunayo. Ndathenga indlu enegumbi lokuziqeqesha elinoomatshini abakudidi oluphezulu. Ndathenga imoto kwelinye ilizwe eyayinexabiso eliphantse lilingane nelendlu. Ukuze ndibe nekamva eliqinisekileyo imali yam ndayityala ekuthengeni imihlaba nakwiimarike zemali.
Sekunjalo, ndandiziva ndinganelisekanga, ndililolo kwaye ndingento yanto. Ngeloo xesha ndandisele nditshatile ndinabantwana kodwa ndandingenamonde xa ndikunye nentsapho yam. Ndandidla ngokucatshukiswa zizinto ezincinane. Babefunda inkangeleko yobuso bam ukuze bandibone xa ndicaphukile.
Ekuhambeni kwexesha, umfazi wam waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Loo nto yabangela ukuba izinto zitshintshe. Wathi ufuna ukuya kwintlanganiso zamaNgqina, ndagqiba kwelokuba iye yonke intsapho. Ndisabukhumbula ubusuku afika ngabo umdala kwam ukuze aqalise ukufunda iBhayibhile nam. Into endayifundayo yaba nefuthe elikhulu kum.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Andinakuze ndiyilibale indlela ekwandichukumisa ngayo ukufunda amaEfese 5:5. Athi: “Akukho mhenyuzi namntu ungahlambulukanga namntu ubawayo—okuthetha ukuba ngumnquli-zithixo—unelifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.” Ndabona ukuba ugqatso lwebhayisekile lwaluhambisana nokungcakaza nokuba lwalukhuthaza ukunyoluka. Ndaqalisa ukuba nomvandedwa. Ndaqonda ukuba, ukuba ndifuna ukukholisa uYehova uThixo kuza kufuneka ndiluyeke ukhuphiswano lwebhayisekile. Kodwa yayisisigqibo ekwakunzima ukusenza.
Ndandiqhube kakuhle kakhulu kuloo nyaka kwaye ndandinqwenela ukuqhubeka. Ndafumanisa ukuba ukufunda iBhayibhile kwakundenza ndibe noxolo, ndizole, nto leyo endandingayifumani xa ndikugqatso. Ndalungenela kathathu kuphela ugqatso emva kokuba ndifunde iBhayibhile, kodwa entliziyweni ndandingekakuyeki ngokupheleleyo. Kwakhona ndandingazi ukuba ndiza kuyixhasa njani intsapho yam. Ndandididekile, ndingayazi into emandiyenze izalamane zam zaqalisa ukundiphatha kakubi ngenxa yenkonzo yam entsha. Utata wadana gqitha. Ndaxinezeleka kakhulu kangangokuba ndaba neulcer.
Into eyandincedayo ngelo xesha lobunzima kukuba ndaqhubeka ndifunda iBhayibhile ndisiya nakwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ukholo lwam lwaya lusomelela ngakumbi. Ndacela uYehova ukuba aphulaphule imithandazo yam aze andincede ndimthembe. Ndayeka ukuxinezeleka xa umfazi wam wandiqinisekisayo ukuba kwakungeyomfuneko ukuba ahlale kwindlu enkulu ukuze onwabe. Ndaqalisa ukwenza inkqubela.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ndabona ukuba amazwi kaYesu akuMateyu 6:33 ayinyani. Athi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” Asizange siziswele “ezinye izinto” athetha ngazo uYesu. Nangona ndisamkela imali encinane kakhulu kunaleyo ndandiyamkela elugqatsweni, andikhange ndiswele nto mna nentsapho yam kule minyaka ingama-20 idluleyo.
Xa ndisebenza okanye ndinqula namanye amaKristu ndiyonwaba ndize ndaneliseke ngendlela endingazange ndonwabe ngayo ngaphambili. Iintsuku ziyaqengqeleka. Nobomi bentsapho yam buye baphucuka kakhulu. Oonyana bam abathathu baye baba ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo bona nabafazi babo.