Sondela KuThixo
Uyakhumbula “Ukuba Siluthuli”
“NDANDIKHOLELWA ukuba uYehova akanakuze andixolele, yaye ndandicinga ukuba ndiya kuhlala ndisindwa ngulo mthwalo ubomi bam bonke.” Lathetha njalo elinye ibhinqa elingumKristu xa licinga ngeempazamo elazenzayo ngaphambili. Liyinyaniso kona elokuba kunzima ukuthwala umthwalo wokuba nomvandedwa. Kodwa ke, iBhayibhile iyabathuthuzela aboni abaguqukileyo. Khawufunde amazwi omdumisi uDavide kwiNdumiso 103:8-14.
UDavide wayesazi ukuba “uYehova unenceba nobabalo” yaye ‘akasihlabi madlala.’ (Indinyana 8-10) Xa uThixo enesizathu sokubonakalisa inceba, uyibonisa ngendlela egqibeleleyo. UDavide, imbongi eliciko, usebenzisa izifaniso ezintathu ukubonisa indlela uThixo anenceba ngayo kuthi.
“Njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ububele bakhe bothando bongamile kwabo bamoyikayo.” (Indinyana 11) Xa sijonga esibhakabhakeni ebusuku, asinakuwuqonda kakuhle umahluko omkhulu phakathi kwamazulu nomhlaba. Ngoko ke, uDavide ubethelela ubukhulu benceba kaYehova, nto leyo ebonisa ukuba unothando. Ubonakalisa inceba “kwabo bamoyikayo”—abo “bathobela ulawulo lwakhe,” ngokutsho komnye umphengululi.
“Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, kunjalo ukukukhwelelisa kwakhe kude nathi ukunxaxha kwethu.” (Indinyana 12) Ezinye iinguqulelo zithi “njengokuba kude kwempuma kwintshona.” Ngumgama ongakanani lowo? Ngumgama ongenakuwuqonda. Enye incwadi ehlalutya iBhayibhile ithi: “Njengoko usiya ngasempuma uya usiba kude nangakumbi kwintshona.” Apha uDavide usixelela ukuba xa uThixo exolela izono zethu, uzisusa kude lee kuthi ngomkhamo esingenakuwuqonda.
“Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo.” (Indinyana 13) UDavide, naye owayenguyise, wayesazi indlela uyise onothando avakalelwa ngayo entliziyweni. Ubawo onjalo ubonakalisa uvelwano kubantwana bakhe, ingakumbi xa besiva intlungu. UDavide uyasiqinisekisa ukuba uBawo wethu wasezulwini onothando ubonakalisa inceba kubantwana bakhe abasemhlabeni, ingakumbi xa iintliziyo zabo eziguqukileyo ‘zaphukile yaye zityumkile’ ngenxa yezono zabo.—INdumiso 51:17.
Emva kwezifaniso ezithathu, uDavide uchaza oko kubangela uYehova ukuba abonakalise inceba kubantu abangafezekanga: “Yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (Indinyana 14) UYehova uyazi ukuba sizizidalwa ezenziwe ngothuli, sibuthathaka kwaye sineentsilelo. Ekubeni esazi ukuba sinesono, uYehova “ukulungele ukuxolela”—lo gama siguquka ngokusuk’ entliziyweni.—INdumiso 86:5.
Ngaba la mazwi kaDavide athetha ngenceba kaYehova ayakuchukumisa? Ibhinqa elikhankanywe ekuqaleni lafunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngokulungela kukaThixo ukuxolela, laza lathi: “Ngoku ndivakalelwa kukuba ndinokusondela ngokwenene kuYehova, ingathi ndothulwe umthwalo osindayo.”a Kutheni ungafundi ngakumbi ngenceba kaThixo nendlela onokuyifumana ngayo? Mhlawumbi nawe uya kuvakalelwa ngokungathi wothulwe umthwalo osindayo.
Izibhalo Onokuzifunda NgoAgasti:
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda isahluko 26, esithi “UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela,’” kwincwadi ethi Sondela KuYehova, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
“Ngoku ndivakalelwa kukuba ndinokusondela ngokwenene kuYehova, ingathi ndothulwe umthwalo osindayo”