Funda KwiLizwi LikaThixo
Inokonwaba Njani Intsapho Yakho?
Eli nqaku lishukuxa imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iindawo onokuzifumana kuzo iimpendulo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukukuphendulela le mibuzo.
1. Kutheni umtshato ubalulekile ukuze intsapho yonwabe?
Umtshato wayilwa nguYehova, uThixo onoyolo. Ubalulekile kulonwabo lwentsapho kuba awanelisi nje kuphela umnqweno wokuba neqabane, kodwa lilungiselelo elihle lokukhulisa abantwana. UThixo uwujonga njani umtshato? Ufuna ube lumanyano olusisigxina, olubhaliswe ngokusemthethweni phakathi kwendoda nomfazi. (Luka 2:1-5) UThixo ufuna indoda nomfazi banyaniseke omnye komnye. (Hebhere 13:4) UYehova amaKristu uwavumela ukuba aqhawule umtshato aze aphinde atshate kuphela xa elinye iqabane likrexezile.—Funda uMateyu 19:3-6, 9.
2. Indoda nomfazi bafanele baphathane njani?
UYehova wadala indoda nomfazi ukuze baphelelisane emtshatweni. (Genesis 2:18) Njengentloko ntsapho, umyeni ufanele akhokele ekunyamekeleni intsapho yakhe nasekuyifundiseni ngoThixo. Ufanele amthande umfazi wakhe, alungele ukuzincama ngenxa yakhe. Indoda nomfazi bafanele bathandane yaye bahlonelane. Ekubeni indoda nomfazi bengafezekanga, ukufunda ukuxolela ngundoqo ukuze bonwabe emtshatweni.—Funda eyabase-Efese 4:31, 32; 5:22-25, 33; 1 Petros 3:7.
3. Ngaba umele umke emtshatweni xa ungonwabanga?
Ukuba wena nomfazi wakho nineengxaki, zamani ukuphathana ngothando. (1 Korinte 13:4, 5) ILizwi likaThixo alikukhuthazi ukulungisa iingxaki ngokwahlukana. Kwiimeko ezingaphaya kwamandla, umKristu umele azigqibele enoba bubulumko ukwahlukana kusini na.—Funda eyoku-1 Korinte 7:10-13.
4. Bantwana, yintoni uThixo afuna niyenze?
UYehova ufuna nonwabe. Uninika awona macebiso anokuninceda ninandiphe ubutsha benu. Ufuna nizuze ubulumko namava kubazali benu. (Kolose 3:20) UYehova uyakholiswa yiyo yonke into oyenzayo ukumzukisa.—Funda INtshumayeli 11:9–12:1; Mateyu 19:13-15; 21:15, 16.
5. Bazali, abantwana benu banokulufumana njani ulonwabo?
Kufuneka nisebenze ukuze nibondle, nibakhel’ ikhaya nize nibanxibise. (1 Timoti 5:8) Kodwa ukuze abantwana benu bonwabe, kufuneka nibafundise ukuthanda uThixo baze bafunde kuye. (Efese 6:4) Umzekelo wenu wokuthanda uThixo unokuba nempembelelo enamandla emntwaneni wakho. Xa iimfundiso zenu zisekelwe eLizwini likaThixo, zinokuyixonxa indlela acinga ngayo.—Funda iDuteronomi 6:4-7; IMizekeliso 22:6.
Abantwana bayakheka xa ubakhuthaza uze ubancome. Bafuna ukulungiswa nokuqeqeshwa. Ingqeqesho elolo hlobo iyabanceda bangabi neengxaki eziza kubenza bangonwabi. (IMizekeliso 22:15) Sekunjalo, ingqeqesho ayimelanga ibe ngqwabalala okanye ikhohlakale.—Funda eyabaseKolose 3:21.
AmaNgqina kaYehova apapasha iincwadi ezininzi ezibhalwe ngokukhethekileyo ukuze kuncedwe abazali nabantwana. Ezi ncwadi zisekelwe eBhayibhileni.—Funda iNdumiso 19:7, 11.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 14 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.