Ngaba Ungayandisa Inkonzo Yakho?
1. Yintoni efuneka ngokungxamisekileyo entsimini, yaye ngoba?
1 Ebona umdla ababenawo abantu kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba ‘babongoze iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.’ (Mat. 9:37, 38) Ekubeni sele liphela ixesha lesivuno, umsebenzi wethu ungxamiseke kakhulu kunangaphambili. Oku kuthetha ukuba sifanele sicingisise ngendlela esinokuba nenxaxheba engakumbi ngayo entsimini.—Yoh. 14:13, 14.
2. Abanye baye basabela njani kwimfuneko yabasebenzi abangakumbi entsimini?
2 Inkonzo Eyandisiweyo: Ngoncedo nolwalathiso lukaYehova, abaninzi baye bakwazi ukuba ngoovulindlela. (INdu. 26:2, 3; Fil. 4:6) Abanye baye benza umgudu okhethekileyo wokuba ngoovulindlela abangabancedani kangangenyanga enye okanye ezingaphezulu ngonyaka. Oku kuye kwangqineka kuyindlela entle yokwandisa inkonzo yabo. Uvuyo lwabo ngenxa yokuba nenxaxheba kweli lungelo luye lwabangela uninzi lwabo lwacingisisa ngokuba ngoovulindlela abathe ngxi.—IZe. 20:35.
3. Ukuba wawukhe wanguvulindlela ngaphambili, yintoni ekunokufuneka uyicingisise?
3 Ngaba Unokuphinda Ube Nguvulindlela Othe Ngxi?: Ukuba wawukhe wakhonza njengovulindlela, ngokuqinisekileyo zikho izinto ezintle ozikhumbulayo ngelo xesha. Ngaba uye wacingisisa ngokuba nguvulindlela kwakhona? Iimeko ezakubangela ukuba uyeke ukuba nguvulindlela kusenokwenzeka ukuba azisengomqobo. Kusenokwenzeka ukuba lifikile ixesha lokuba uphinde uxhamle eli lungelo likhethekileyo.—1 Yoh. 5:14, 15.
4. Liliphi ilungelo elikhethekileyo esinalo sonke?
4 Umsebenzi wokuvuna uyaqhubeka kwaye sele uza kugqitywa. (Yoh. 4:35, 36) Ngamana sonke singahlolisisa iimeko zethu ukuze sibone enoba sinokukwazi na ukuhlengahlengisa iimeko zethu ukuze sibe nenxaxheba ngakumbi entsimini. Okanye ukuba ngokwenene asinakukwazi ukwandisa inkonzo yethu, ngaba asingekhangeli iindlela esinokuphumelela ngazo enkonzweni? (Marko 12:41-44) Elinjani lona ilungelo abanalo abo iimeko zabo zibavumelayo ukuba basetyenziswe nguYehova ngale ndlela ikhethekileyo!—INdu. 110:3.