Ukuba Bhetyebhetye, Kodwa Ubambelele Kwimilinganiselo KaThixo
IQHALO lamaTshayina lithi, “Abantu abanyamezelayo abazozidenge, yaye abantu abazizidenge abanyamezeli.” Eli qhalo lichan’ ucwethe, ekubeni ukunyamezela kulucelomngeni, kufuna ukuba ubambelele kwimilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha. Kodwa yiyiphi imilinganiselo esifanele sibambelele kuyo? Ngaba bekungayi kuba sengqiqweni ukulandela imilinganiselo emiselwe nguMenzi woluntu, njengoko ichaziwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile Engcwele? UThixo umisela owona mzekelo ubalaseleyo wokubambelela kwimilinganiselo yakhe.
UMdali—Owona Mzekelo Wethu Ubalaseleyo
UYehova, uThixo uSomandla ulungelelene ngokupheleleyo ekunyamezeleni, yaye akakwenzi oko ngokubaxiweyo okanye kancinane kakhulu. Kangangamawaka eminyaka, uye wanyamezela abo bagculela igama lakhe, balahlekise uluntu, baze bonakalise umhlaba. Umpostile uPawulos wabhala, njengoko kuchazwe kwabaseRoma 9:22, ukuba uThixo ‘uye wazinyamezela ngokuzeka kade umsindo okukhulu izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo.’ Kutheni uThixo eye wanyamezela ithuba elide kangaka? Ngenxa yokuba unyamezele ngenjongo ethile.
UThixo unomonde ngoluntu “ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) UMdali uye wanika uluntu iBhayibhile yaye uye wathuma abakhonzi bakhe ukuba benze imilinganiselo yakhe yokuziphatha yaziwe kwindawo yonke. AmaKristu okwenyaniso abambelela kule milinganiselo. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba abakhonzi bakaThixo bamele babe ngqongqo gqitha kuzo zonke iimeko?
Ukuqina, Kodwa Ube Bhetyebhetye
UYesu Kristu wakhuthaza abo bafuna ubomi obungunaphakade ukuba ‘bangene ngesango elimxinwa.’ Kodwa ukungena ngesango elimxinwa akuthethi ukungaphangalali ngengqondo. Ukuba sityekele ekuthandeni ukulawula okanye sibe ngoontamo-lukhuni xa siphakathi kwabanye, ngokuqinisekileyo bekuya kwenza ubomi buyolise ngakumbi kumntu wonke ukuba besiya kuluthintela olu tyekelo. Kodwa besiya kukwenza njani oko?—Mateyu 7:13; 1 Petros 4:15.
UTheofano, umfundi ongumGrike wachaza ukuba ixesha awalichitha nabantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo lamnceda wabaqonda bhetele, wathi: “Kubalulekile ukuba sizame ukwamkela indlela yabo yokucinga kunokuba sibanyanzelele ukuba bamkele eyethu.” Ngenxa yoko, ngokumazi bhetele othile, sisenokufumanisa ukuba ukutya akuthandayo nendlela athetha ngayo asingomnqa kangako njengoko besicinga. Kunokusoloko sinento eninzi yokuthetha okanye sizimisele ukuba kugqibele thina ukuthetha, sifunda izinto ezininzi esinokuzisebenzisa ngokuphulaphula imbono yakhe. Eneneni, abantu abanengqondo ephangaleleyo babufumanisa ubomi buyingenelo ngakumbi.
Nanini na kubandakanyeke ukhetho lobuqu, sifanele sibe bhetyebhetye size sivumele abanye bazenzele ukhetho. Kodwa xa kufuneka sibonakalise intobelo kuMdali wethu ngendlela esiziphethe ngayo, simele siqine. UThixo uSomandla akamkeli zonke iindlela zokuziphatha. Wakubonakalisa oku kwiinkqubano zakhe nabakhonzi bakhe kwixesha elidluleyo.
Umgibe Wokunyamezela Ngokugqith’ Emgceni
UEli, owayengumbingeleli omkhulu wohlanga lwamandulo lwakwaSirayeli, wayengumkhonzi kaThixo owabambiseka kumgibe wokunyamezela ngokugqith’ emgceni. AmaSirayeli ayengene kulwalamano lomnqophiso noThixo, evuma ukuthobela imithetho yakhe. Kodwa oonyana ababini bakaEli, uHofeni noPinehasi babebawa yaye beziphethe kakubi ibe babengenantlonelo ngokugqithiseleyo ngoSomandla. Nangona uEli wayewazi kakuhle uMthetho kaThixo, wabakhalimela nje ngokuthambileyo ibe wayengazikhathazi ngokubaqeqesha. Wenza impazamo yokucinga ukuba uThixo wayeya kubunyamezela ubungendawo. UMdali uyakwazi ukwahlula phakathi kobuthathaka nobungendawo. Ngenxa yokuwaphula kwabo ngabom uMthetho kaThixo, oonyana abangendawo bakaEli bohlwaywa ngokuqatha—ibe oko kwenziwa ngokufanelekileyo.—1 Samuweli 2:12-17, 22-25; 3:11-14; 4:17.
Hayi indlela ebekuya kuba yintlekele ngayo ngathi ukuba besiya kuyinyamezela ngokugqith’ emgceni intsapho yethu ngokuqwabazel’ iliso izenzo zobungendawo eziphindaphindiweyo zabantwana bethu! Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukubakhulisela “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova”! Oku kuthetha ukuba simele sibambelele kwimilinganiselo kaThixo yokuziphatha size siyibethelele kubantwana bethu.—Efese 6:4.
Ngokufanayo, ibandla lamaKristu alinakubunyamezela ubungendawo. Ukuba kukho ilungu elenza ubungendawo ngokugqithiseleyo lize lingafuni ukuguquka, limele lisuswe. (1 Korinte 5:9-13) Noko ke, ngaphandle kwesangqa sentsapho nasebandleni, amaKristu okwenyaniso akazami ukutshintsha ibutho labantu ngokubanzi.
Ulwalamano Oluluqilima NoYehova
Ukunganyamezeli kukhulisa imekobume yokuxhalaba. Noko ke, ukuba sinolwalamano olusenyongweni noThixo, sinandipha ukhuseleko olusinceda silondoloze ulungelelwano olufanelekileyo. KwiMizekeliso 18:10 sifunda ukuba, “yinqaba ende eliqele igama likaYehova; ilungisa ligidimela kulo libe sengxondeni.” Ngokuqinisekileyo akukho ngozi inokwehlela thina okanye abathandekayo bethu uMdali angayi kuyilungisa ngexesha elifanelekileyo.
Omnye owangenelwa kakhulu kulwalamano olusenyongweni noThixo yayingumpostile uPawulos. NjengomYuda owaziwa ngokuba nguSawule, watshutshisa abalandeli bakaYesu Kristu ibe wayenetyala lokuphalaza igazi. Kodwa uSawule waba ngumKristu yaye, njengompostile uPawulos, kamva waba ngumvangeli wexesha elizeleyo. UPawulos wabonakalisa isimo sengqondo sokuphangalala ngokushumayela kubo bonke abantu, “kumaGrike nakumaBharbhari, kokubini kwizilumko nakwabo bangenangqiqo.”—Roma 1:14, 15; IZenzo 8:1-3.
Wakwazi njani ukutshintsha? Ngokufumana ulwazi oluchanileyo lweZibhalo nangokukhula eluthandweni lwakhe ngoMdali, ongakhethi buso. UPawulos wafunda ukuba uThixo ulungile kuba ugweba umntu ngamnye, engakwenzi oko ngokwemvelaphi okanye uhlanga alulo, kodwa ngoko akuko nangokwezenzo zakhe. Ewe, kuThixo, izenzo zibalulekile. UPetros wathi “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) UThixo uSomandla akanamkhethe. Oku akunjalo ngezinye iinkokeli zehlabathi, ezisenokuthi ngabom zisebenzise ukunganyamezeli ukuze zifeze iinjongo zazo.
Amaxesha Ngamanye
Ngokutsho kukaJohn Gray, weYunivesithi iOxford eNgilani, ukunyamezela izimvo zabanye “luphawu oluhle oluye lwanqaba gqitha mvanje.” Kodwa oku kuya kutshintsha. Ukunyamezela okulungelelaniswe bubulumko bukaThixo kuya kwesamela.
Kwihlabathi elitsha likaThixo elisemnyango, ukunganyamezeli kuya kube kungasekho. Iindlela ezibaxiweyo zokunganyamezeli, njengekhethe nobuntamo-lukhuni, ziya kube zingasekho. Ukungaphangalali ngengqondo akusayi kuphinda kuphazamisane nokunandipha kwethu ubomi. Emva koko, kuya kubakho iparadesi ezuke ngakumbi kuneNtlambo yaseKashmir.—Isaya 65:17, 21-25.
Ngaba ukhangele phambili ekuphileni kwelo hlabathi litsha? Elinjani ilungelo ibe hayi indlela ekuya kuvuyisa ngayo oko!
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Umpostile uPawulos wabonisa ukulungelelana okufanelekileyo ngenxa yokuba wayenolwalamano noThixo