Imbono YeBhayibhile
Ukholo Lokwenyaniso—Luyintoni?
“NGAPHANDLE KOKHOLO AKUNAKWENZEKA UKUMKHOLISA KAKUHLE, KUBA LOWO UZAYO KUTHIXO UMELE AKHOLWE UKUBA UKHO NOKUBA UBA NGUMVUZI WABO BAMFUNA NGOKUNYAMEKILEYO.”—HEBHERE 11:6.
LUYINTONI ukholo? Abanye bathi yinkolelo engokonqulo kuThixo ngaphandle kobungqina obubambekayo bokuba ukho. Umchola-choli weendaba waseMerika uH. L. Mencken waluchaza ukholo “njengenkolelo engekho ngqiqweni kubukho bezinto ezingenakwenzeka.” Ngaba olu lukholo lokwenyaniso oluchazwe eBhayibhileni? Kubalulekile ukukuqonda ngokucacileyo oko lukuko ukholo kuba, njengoko kucatshulwe ngasentla, ‘ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle uThixo.’
IBhayibhile ithi: “Ukholo kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo.” (Hebhere 11:1, The New Testament in the Language of Today) Ngoko ke, ukholo lusekelwe kulwazi oluchanileyo, oluzizibakala ekunokusekelwa kuzo izigqibo ezifanelekileyo. Alufuni kukholelwa kuphela kodwa lufuna isizathu sokukholelwa.
Ngokomzekelo: Mhlawumbi unomhlobo onokuthi ngaye: “Ndiyayithemba la ndoda. Ndingathembela ngayo kuba iyaligcina ilizwi layo. Ndiyazi ukuba xa ndinengxaki, iya kundinceda.” Akunakuthetha olo hlobo ngomntu odibene naye kangangosuku okanye ezimbini, akunjalo? Kufuneka ibe ngumntu oye wazingqina ukuba unokuthenjwa izihlandlo ezininzi. Kunjalo ke nangokholo olungokonqulo, olufanele lusinike ithemba nolweyiseko olusekelwe kubungqina obubambekayo nobunokuthenjwa.
Ngaba Lukholo Okanye Kukuba Nguvuma-zonke?
Abantu abaninzi namhlanje abathi banokholo bangoovuma-zonke—balungele ukukholelwa nantoni na ngaphandle kwesiseko esiluqilima okanye isizathu. Ukuba nguvuma-zonke kusoloko kusekelwe kwisiseko esibuthathaka seemvakalelo neenkolelo. Olu asilokholo lunesiseko esihle kuba alunasiseko sinokuthenjwa.
Ukuba nguvuma-zonke kunokubangela ukuba ngokubhuduzela umntu enze izigqibo ezisenokungavisisani nenyaniso yeBhayibhile. Ngokufanelekileyo, iBhayibhile ithi xa ilumkisa ngokholo olungenasiseko sihle: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.” (IMizekeliso 14:15) Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Qinisekani ngezinto zonke; nibambelele nkqi koko kuhle.” (1 Tesalonika 5:21) IBhayibhile ayikukhuthazi ukuba nguvuma-zonke. Ikhuthaza ukuba nokholo olusekelwe kubungqina.
Ukwazi ukwahlula ukholo lokwenyaniso ekubeni nguvuma-zonke kungumbandela onzulu. Umntu usenokuluthanda unqulo aze kwangaxeshanye angabi nalukholo lokwenyaniso. UPawulos wathi: “Ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Kodwa ukholo olusekelwe eBhayibhileni luyinto yabantu abathile, yaye luyabuchaphazela ubomi babo.
Ukholo Lokwenyaniso Ludibanisa Umntu NoThixo
Ukholo lunokufaniswa netyathanga elinamakhonkco entembelo nokuthemba adibanisa umntu noThixo. Kodwa olu hlobo lokholo luyinto ehlakulelwayo; asiyonto esizalwa sinayo. Ungaluhlakulela njani ukholo lokwenyaniso? IBhayibhile ithi: “Ukholo lulandela into eviweyo. Ngokulandelayo into eviweyo ingelizwi elingoKristu.”—Roma 10:17.
Ngoko ke, kufuneka uzinike ithuba lokwazi uThixo neemfundiso zoNyana wakhe, uYesu Kristu. Olu lwazi akunakulufumana ungenzi mgudu. (IMizekeliso 2:1-9) Umele uzibhokoxe ekufumaniseni oko kuthethwa yiBhayibhile ukuze uqiniseke ngokuba inokuthenjwa.
Noko ke, ukholo lokwenyaniso luquka okungaphezu kokuba nolwazi okanye ukukholelwa ukuba okuthile kuyinyaniso. Luquka intliziyo—engumthombo weentshukumisa. EyabaseRoma 10:10 ithi: “Ngentliziyo ubani uqhelisela ukholo.” Kuthetha ntoni oku? Njengoko ucamngca ngezinto zobuthixo, usakha uxabiso ngazo, uvumela isigidimi seBhayibhile singene nzulu entliziyweni yakho. Ukholo luyakhula luze lomelele njengoko ushukunyiselwa ukuba uthabathe amanyathelo ngenxa yamadinga kaThixo nanjengoko ubona ubungqina bentsikelelo yakhe.—2 Tesalonika 1:3.
Hayi indlela oluxabiseke ngayo ukholo lokwenyaniso! Siyangenelwa kuba siyakwazi ukujamelana neemeko ezinzima sithembele kuThixo, sithembele ngamandla akhe okwalathisa amanyathelo ethu nokukulungela kwakhe ukunyamekela iimfuno zethu. Ukongezelela, uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathetha ngenye ingenelo yokholo ehlala ixesha elide: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ubomi obungunaphakade—esinjani ukumangalisa isipho kwabo banokholo!
Ukuba nokholo kwidinga likaThixo lokuvuza abakhonzi bakhe kumenza umntu abujonge ngenye indlela ubomi. AmaHebhere 11:6 athi ukholo lokwenyaniso luquka ukukholelwa kumandla kaThixo okuvuza ‘abo bamfuna ngokunyamekileyo.’ Ngoko ke, ngokucacileyo, ukholo lokwenyaniso asikokuba nguvuma-zonke, yaye lungaphezu kokukholelwa nje ukuba uThixo ukho. Luquka ukwamkela isibakala sokuba uThixo unamandla okubavuza abo bamfuna ngokunyamekileyo. Ngaba ngokwenene nangokunyanisekileyo uyafuna ukumazi uThixo? Ukuba kunjalo, ngenisa ulwazi oluchanileyo olukwiLizwi lakhe, iBhayibhile, yaye uya kuvuzwa ngenxa yokholo lwakho.—Kolose 1:9, 10.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 20]
Drawings of Albrecht Dürer/Dover Publications, Inc.