Imbono YeBhayibhile
Unyango Lwezamayeza Olukhethayo—Ngaba Lubalulekile?
UKUGULA, izifo, nokwenzakala, zizinto ezixhaphake gqitha kuluntu. Xa bejamelene nezi ntshaba zempilo, abaninzi bafuna isiqabu ngokukhangela unyango lwezamayeza. UYesu Kristu waziqonda iingenelo zaloo migudu, esithi, “kwabo baphilileyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka.”—Luka 5:31.
Umbhali weBhayibhile owabhala loo mazwi uLuka, wayengugqirha yena kuqala. (Kolose 4:14) Mhlawumbi xa babehamba kunye, umpostile uPawulos wancedwa bubuchule bukaLuka kwezamayeza. Kodwa ngaba iZibhalo zinikela ukhokelo ngohlobo lonyango olwamkelekileyo kumaKristu? Ngaba kubalulekile ukuba luluphi unyango lwezamayeza olukhethayo?
Ukhokelo LweZibhalo
IBhayibhile inokumkhokela umntu ekwenzeni izigqibo zobulumko ngokuphathelele unyango lwezamayeza. Ngokomzekelo, iDuteronomi 18:10-12 yenza kucace ukuba izenzo ezinjengokuvumisa nokuqhelisela imilingo ‘ziyacekiseka’ kuYehova. Ezi zenzo zalelwayo, uPawulos awalumkisa nxamnye nazo, ziquka “ukusebenzelana nemimoya.” (Galati 5:19-21) Kungeso sizathu, amaKristu okwenyaniso aphepha naziphi na iindlela zokuxilonga okanye ezokunyanga ngokucacileyo eziquka ukusebenzelana nemimoya.
Kwakhona iBhayibhile ityhila indlela uMdali abuxabisa ngayo ubungcwele bobomi negazi. (Genesis 9:3, 4) Njengoko ezimisele ukuthobela lo myalelo ‘wokukhwebuka egazini,’ amaNgqina kaYehova akazisebenzisi iindlela zonyango ezingavumelaniyo nomyalelo weBhayibhile wokukhwebuka egazini. (IZenzo 15:28, 29) Oku akuthethi ukuba akhaba zonke iindidi zonyango lwezamayeza. Kunoko, asebenzisa olona nyango lusemgangathweni kuwo nakubantwana bawo. Acela iingcali zezempilo ukuba zisebenzise unyango oluvisisana neenkolelo zawo zonqulo.
Qwalasela Amanyathelo Akho
UKumkani uSolomon walumkisa ngelithi “nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Kwanokuba isigqibo esiphathelele ezonyango asingqubani ngokungqalileyo nemigaqo yeBhayibhile, umntu ufanele ‘awaqwalasele amanyathelo akhe.’ Asizizo zonke iindidi zonyango lwezamayeza eziluncedo. Xa uYesu wathi ‘kwabo bagulayo kufuneka ugqirha,’ wayengancomeli zonke iindidi zonyango lwezamayeza ezazikho ngomhla wakhe. Wayesazi ukuba olunye unyango lwalufanelekile, olunye lwalungancedi nto.a
Ngokufanayo namhlanje, olunye unyango lusenokungancedi, lude lube yinkqatho. Ukungakwazi ukulukhetha kakuhle kunokubangela umntu angene ezingxakini ezingeyomfuneko. Kwakhona sifanele siqonde ukuba unyango olumncedayo omnye umntu lunokungamncedi—okanye lude lube yingozi—komnye. Xa kufuneka isigqibo ngokuphathelele unyango, umntu olumkileyo uya kuluhlolisisa ngenyameko unyango alukhethayo ‘kunokukholwa ngamazwi onke,’ kwanokuba ucetyiswa ngabahlobo abamthandayo. Uya kubonisa ukuba ‘unobuqili’ ngokukhangela inkcazelo enokuthenjwa ukuze akwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo.—Tito 2:12.
Ukujonga Izinto Ngobunjalo Bazo Nokuba Sengqiqweni
Kufanelekile ukuyixhalabela impilo yakho. Ukuyixhalabela ngolungelelwano imeko yempilo kubonisa uxabiso ngesipho sobomi nangoThixo onguMthombo wabo. (INdumiso 36:9) Nangona efuna unyango lwezamayeza olufanelekileyo, amaKristu kufuneka alungelelane kwimibandela yempilo. Ngokomzekelo, ukuba umntu osempilweni uyixhalabela ngokugqith’ emgceni impilo nokuba segazini, oku kunokumbangela ukuba angazisi so ‘izinto ezibaluleke ngakumbi.’—Filipi 1:10; 2:3, 4.
Ibhinqa elaligula ngokwenene ngomhla kaYesu ‘lachitha bonke ubuncwane balo’ lifuna uncedo loogqirha ukuze banyange isigulo salo esasinganyangeki. Yaphumela entwenini loo nto? Kunokuba linyangwe, imeko yalo yaya isiba mandundu, nto leyo esenokuba yalidandathekisa ngakumbi. (Marko 5:25, 26) Lenza konke okusemandleni alo ukuze lifumane isiqabu, kodwa alizange lincedakale. Oko kwenzeka kulo kubonisa ukuba inzululwazi yezonyango ngelo xesha yayingancedi ngokupheleleyo. Nanamhlanje, phezu kwako nje ukuhambela phambili kophengululo lwezonyango nobugcisa, abantu abaninzi bakwimeko efanayo. Ngoko kubalulekile ukuba nembono esengqiqweni ngoko kunokufezwa yinzululwazi yezamayeza. Impilo egqibeleleyo asikabi nakuyifumana. AmaKristu ayaqonda ukuba ixesha likaThixo ‘lokuphilisa iintlanga’ liseyinto yekamva. (ISityhilelo 22:1, 2) Ngoko sifanele sibe nembono elungeleleneyo ngonyango lwezamayeza.—Filipi 4:5.
Licacile elokuba, ukhetho esilwenzayo lubalulekile. Ngeso sizathu, xa kufuneka senze izigqibo ngokuphathelele unyango lwezamayeza, ukhetho lwethu lufanele lubonise umnqweno wethu wokufumana impilo esemgangathweni nomnqweno wokulondoloza ulwalamano oluhle noThixo. Njengoko sisenjenjalo, sinokuqhubeka sikhangele ngentembelo ekuzalisekeni kwedinga likaYehova lokuba kwihlabathi elitsha elizukileyo elizayo, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokomzekelo, kwintyila-lwazi yezamayeza yenkulungwane yokuqala kaDioscorides, kucingelwa ukuba isifo senyongo sasinokunyangwa ngomxube wewayini neengqatha zebhokhwe! Kambe ke, ngoku siyazi ukuba olo nyango lusenokongezelela kwishwangusha lomguli.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
I-“The Doctor,” yowe-1891, nguSir Luke Fildes
[Inkcazelo]
Tate Gallery, London/Art Resource, NY