Imfazwe Yenyukliya—Ngaba Inokuphetshwa?
“Kuba baya kudla baze okunene babuthe, kwaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.”—Zefaniya 3:13.
BONKE abantu balangazelela ukuphila kwihlabathi elingenasisongelo senyukliya. Noko ke, xa bebona oko kwenzekayo kweli hlabathi, abaninzi baphelelwa lithemba. IThe Guardian Weekly ithi: “Ingcamango yokulawula, kuncitshiswe ze ekugqibeleni kupheliswe izixhobo zenyukliya ayikhathalelwanga kwaphela eUnited States nakwamanye amazwe.”
Noko ke, abanye bathetha ngemigudu eyenziwa ngamazwe ngokuphathelele le nkalo. Ngokomzekelo, kuqikelelwa ukuba elaseUnited States kuphela lachitha imali engangee-R15,4 lamawaka ezigidi ngonyaka omnye ukuze lithintele imfazwe yenyukliya. Ngokuqinisekileyo asiyomali incinane le. Ukanti, ukwazi ukuba kwaeli lizwe liphinda lichithe malunga nee-R189 lamawaka ezigidi ngonyaka lilungiselela ukulwa imfazwe yenyukliya kuyabacaphukisa abaninzi.
Kuthekani ngezivumelwano zoxolo? Ngaba zinokuzisa ithemba?
Izivumelwano Zokulawula Izixhobo Zenyukliya
Kususela oko kwaveliswa ibhombu yenyukliya, kuye kwenziwa izivumelwano eziliqela ngenjongo yokulawula okanye ukunciphisa izixhobo zenyukliya. Kwezo zivumelwano kukho, iNuclear Non-Proliferation Treaty (NPT), iStrategic Arms Limitation Talks, iStrategic Arms Reduction Talks, neComprehensive Test Ban Treaty. Ngaba ezi zivumelwano ziye zasiphelisa isisongelo senyukliya?
Nasiphi na isivumelwano sixhomekeke ekunyanisekeni kwaloo maqela abandakanyekileyo. Ngokomzekelo, ukuphumelela kweNPT, yowe-1970 neyayisele ityikitywe ngamazwe ali-187 ngoDisemba 2000, kuxhomekeke kwimigudu emihle eyenziwa ngaloo mazwe anezixhobo zenyukliya nalawo angenazo. Ngoxa esi sivumelwano sisala ukuba amazwe angenazo izixhobo zenyukliya azenzele okanye azifunele ezawo, sifuna ukuba nalawo anazo azame ukuzitshabalalisa. Ngaba kuye kwasebenza oku? Kuxwebhu oluthi, “Nuclear Weapons Frequently Asked Questions,” uCarey Sublette ucacisa athi: “Nangona isivumelwano seNPT sineengxaki zaso, siye sakwazi ukuthintela ukusetyenziswa kobugcisa benyukliya nobuchule obuphantsi kweliso laso ngeenjongo ezigqwethekileyo.”
Nakuba esi sivumelwano siye saphumelela kwiinkalo ezithile, uSublette uthi, “asikhange . . . sikwazi ukwenza amazwe aliqela ayeke ukufuna ezi zixhobo, yaye amanye ayazifumana.” Noko ke, uthi ngokufihlakeleyo kuphela apho aye akwazi aphumelela khona ukuzenzela izixhobo zenyukliya ngaphandle kolwazi lweNon-Proliferation Treaty. Ukuphumelela kwaso nasiphi na isivumelwano kuxhomekeke ekuthembekeni kwaloo mazwe abandakanyekileyo. Ngaba sinokusuka nje sizamkele izithembiso zabantu? Impendulo izicacele njengoko siyazi imbali azenzele yona umntu.
Ngoko ke sinokubhenela phi?
Indlela Entsha Yokucinga
NgoDisemba 2001, iindwalutho ezili-110 ezathweswa iimbasa zikaNobel zavumelana zaza zatyikitya amazwi afundeka ngolu hlobo: “Ekuphela kwethemba elikhoyo ngekamva lixhomekeke ekusebenzisaneni kwamazwe ehlabathi, alawulwa yidemokrasi. . . . Ukuze sisinde kweli hlabathi silonakalisileyo kufuneka sifunde indlela entsha yokucinga.” Yiyiphi ke “indlela entsha” yokucinga? Ngaba kusengqiqweni ukukholelwa ukuba abo basongela uxolo lwehlabathi ngezixhobo zabo zenyukliya baya kufunda indlela entsha yokucinga?
IBhayibhile isinika eli cebiso: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.” (INdumiso 146:3) Kutheni singenako? IBhayibhile iyaphendula: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ewe, esona sizathu kukuba abantu abanawo amandla okulawula umhlaba ngoxolo. Kanye njengokuba iBhayibhile isitsho, ‘umntu ulawula umntu kube kukwenzakala kwakhe.’—INtshumayeli 8:9.
Ukuba ke abantu abakwazi kulawula umhlaba, ngubani okwaziyo? IBhayibhile ithembisa ukuba kuza kubakho uxolo ngaphantsi korhulumente onokuthenjwa nokwaziyo ukuzisa uxolo. IBhayibhile ibhekisela kolu lawulo ngokuthi buBukumkani bukaThixo, yaye zingakuqondi oko izigidi zabantu ziye zabuthandazela xa zisenza uMthandazo weNkosi othi: “Bawo wethu osemazulwini, . . . mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni.” (Mateyu 6:9, 10) UYesu Kristu, iNkosana yoXolo, uya kulawula kobu Bukumkani njengoKumkani. Ichaza ulawulo lwakhe, iBhayibhile ithi: “Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela.”—Isaya 9:6, 7.
Kwanokuba zona “izidwangube,” okanye abezopolitiko noorhulumente babantu abayifundi indlela entsha yokucinga, wena unako. AmaNgqina kaYehova aye anceda izigidi zabantu zamkela isigidimi esinika ithemba esiseBhayibhileni ngokuziqhubela isifundo seBhayibhile ngesisa. Ukuba unqwenela inkcazelo engakumbi, nceda uqhagamshelane nabapapashi beli phephancwadi, okanye utyelele kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ekwindawo ohlala kuyo.
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Ngaphantsi korhulumente woBukumkani bukaThixo, ihlabathi aliyi kuba nesisongelo semfazwe yenyukliya