Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukusela Ngokugqithiseleyo Akufanelekanga?
KANGANGEMINYAKA, bekusoloko kusonwatyiswa abantu ngemidlalo yeqonga nee-movie ezinomntu onxilileyo. Nangona abadlali bale midlalo kusenokwenzeka ukuba bayalinganisa nje, le midlalo bayidlalayo ibonisa ukubethabethana kwezimvo okukhoyo ebantwini abaninzi ngokuphathelele ukusela ngokugqithiseleyo, ewe, bakugqala njengobuthathaka kodwa ke bathi akuyongozi.
Kakade ke inyaniso kukuba, akukho nto ihlekisayo kule nto. I-World Health Organization ithi ukusetyenziswa kotywala ngokugqithiseleyo yeyona nto iphambili kwizinto eziyingozi ebomini babantu ehlabathini lonke. Kuthiwa ngaphandle kwecuba, abantu abaninzi babulawa baze baguliswe kukusebenzisa utywala ngokugqithiseleyo ngaphezu kwayo nayiphi na enye into, yaye ngenxa yoku, elaseMerika lilahlekelwa zii-R1,3 zezigidi ngezigidi ngonyaka.
Nakuba kunjalo, abantu abaninzi basayithabatha lula ingxaki yokusela ngokugqithiseleyo. Ngoxa besenokuba bayayiqonda ingozi ebangelwa kukusela ngokugqithiseleyo, ababoni nto iphosakeleyo ngokuzinkcinkca ngotywala ngamathub’ athile. Kwezinye iindawo ehlabathini, abantu abaselula bagqala ukunxila njengophawu lokukhula. Yaye nakuba iintlangano zezempilo zilumkisa ngokungqongqo nxamnye nokuzinkcinkca ngotywala, ukusela iibhotile zotywala ezintlanu nangaphezulu ngaxeshanye kuye kuxhaphaka phakathi kwabo bonke abantu enoba badala kangakanani na. Ngoko ke, siyaqondakala isizathu sokuba abantu abaninzi bangaqiniseki enoba ukusela kakhulu kuyinto engafanelekanga kusini na. Ithini yona iBhayibhile?
Iwayini Nesiselo Esinxilisayo—Izipho Ezivela KuThixo
IBhayibhile ineengxelo ezininzi ezithetha ngewayini nobunye utywala. UKumkani uSolomon wabhala: “Yiya, utye ukutya kwakho unemihlali uze usele iwayini yakho unentliziyo elungileyo, ngenxa yokuba uThixo oyinyaniso ukholisiwe yimisebenzi yakho.” (INtshumayeli 9:7) Umdumisi wavuma ukuba uYehova uThixo nguMenzi ‘wewayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali.’ (INdumiso 104:14, 15) Kucacile ukuba iwayini yenye yezinto uYehova asikelele ngazo uluntu.
Kuyabonakala ukuba uYesu wayekwamkela ukuselwa kwewayini. Enyanisweni komnye umtshato, wenza ummangaliso wakhe wokuqala ngokuguqula amanzi abe yiwayini enencasa ngeyona ndlela. (Yohane 2:3-10) Naxa wayesungula iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, wasebenzisa iwayini njengefanekisela igazi lakhe. (Mateyu 26:27-29) IBhayibhile iyayikhankanya nento yokuba iwayini liyeza, kuba umpostile uPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba ‘asebenzise iwayini encinane ngenxa yesisu sakhe.’—1 Timoti 5:23; Luka 10:34.
Undoqo Bubungcathu
Phawula ukuba uPawulos wancomela ukuba kuselwe “iwayini encinane.” IBhayibhile iyakwalela ukuselwa kotywala ngokugqithiseleyo. Ababingeleli bamaYuda babevumelekile ukuba bangasela xa bengekho msebenzini. Noko ke, babengavumelekanga ukuba basele iziselo ezinxilisayo xa besenza imisebenzi yabo yobubingeleli. (Levitikus 10:8-11) Kwiminyaka emininzi kamva, amaKristu enkulungwane yokuqala alunyukiswa ngelokuba amanxila ‘awayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’—1 Korinte 6:9, 10.
Ngapha koko, kwimiyalelo eya kuTimoti, uPawulos uthi abo bakhokelayo ebandleni bamele ‘bangaxokozeliswa butywala’ okanye ‘bazinikele kwiwayini eninzi.’a (1 Timoti 3:3, 8) Eneneni, iBhayibhile ithi amanxila angaguqukiyo afanele agxothwe kwibandla lobuKristu. (1 Korinte 5:11-13) IZibhalo zichanile xa zisithi “ingumgculeli iwayini.” (IMizekeliso 20:1) Ukuzinkcinkca ngotywala kunokubangela umntu angakwazi ukuzeyisa angakwazi nokwenza izigqibo ezisengqiqweni.
Isizathu Sokuba ILizwi LikaThixo Likugatye Ukusela Ngokugqithiseleyo
UYehova, ‘osifundisa okuyingenelo kuthi,’ uyazi ukuba xa sisebenzisa nantoni na ngokugqithiseleyo siya kugqibela ngokuzenzakalisa senzakalise nabanye. (Isaya 48:17, 18) Kunjalo ke nakumbandela wotywala. ILizwi likaThixo liyabuza: “Ngubani na othi yeha? Ngubani na onokungakhululeki? Ngubani na onosukuzwano? Ngubani na oxhalabileyo? Ngubani na onamanxeba ngaphandle kwesizathu? Ngubani na onorhatyazo emehlweni?” Liyaphendula: “Ngabo bahlala ixesha elide ewayinini, abo bafika befuna iwayini ephithikeziweyo.”—IMizekeliso 23:29, 30.
Xa besele utywala kakhulu, abantu benza izinto ezininzi ezingenangqondo neziyingozi: ukuqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala ngaloo ndlela bebeka ubomi babo nobabanye esichengeni, ukuba yimvuzemvuze luthando kubantu abangatshatanga nabo baze babangele iingxaki emtshatweni, ukuthetha nokwenza izinto zobudenge mhlawumbi nokwenza izinto ezingafanelekanga. (IMizekeliso 23:33) Ukusela ngokugqithiseleyo kuthiwa yenye yezona ngxaki zoluntu zenzakalisayo namhlanje. Kungenxa yoko le nto uThixo esibongoza esithi: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu”!—IMizekeliso 23:20.
KumaGalati 5:19-21, uPawulos uthi iindywala neziyunguma ‘yimisebenzi yenyama’ echaseneyo nesiqhamo somoya kaThixo. Ukuzinkcinkca ngotywala kuya konakalisa ulwalamano lomntu noThixo. Ngokucacileyo ke ngoko, amaKristu afanele akuphephe ukusela utywala ngokugqithiseleyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nakuba abaveleli nezicaka zolungiselelo befanele babe ngumzekelo kumhlambi ngokusebenzisa ingqiqo nangokuziphatha, balondoloze imilinganiselo kaYehova ephakamileyo kangangoko kusemandleni abo, lo mthetho uyasebenza nakwamanye amaKristu.