Imbono YeBhayibhile
Sifanele Sibaphathe Njani Abantu Abakhulileyo?
KWIHLOBO lowama-2003, kulo lonke elaseYurophu kwafa amawaka abantu ngenxa yobushushu obungazange bubonwe kwelo Lizwekazi kwiminyaka engama-60. Inkoliso yabo bafayo ngabantu abakhulileyo. Abanye babeshiywe bodwa zizihlobo eziye ekhefini. Ukanti kuthiwa abanye abazange bakhathalelwe kwizibhedlele namakhaya abantu abakhulileyo anabasebenzi abaxakeke ngokugqithiseleyo. Iphephandaba iLe Parisien lathi eParis kuphela, zaba ngama-450 izidumbu ezasala zingenabani. Eli phepha labuza oku ngokuphathelele abo bantu bafa bebodwa nekungekho mntu ubaziyo: “Siphila ubomi obunjani xa sinokude silibale ootata, oomama, oomakhulu nootat’ omkhulu bethu?”
Kwihlabathi apho inani labantu abaneminyaka engaphezu kwama-65 landa ngama-795 000 nyanga nganye, ukunyamekela iintswelo zabantu abakhulileyo kuye kwaba yenye yezinto ezixhalabisayo namhlanje. “Abantu abaluphalayo banda ngomlinganiselo ongazange ubonwe ngaphambili yaye kuza kufuneka sinikele ingqalelo kwindlela amazwe ahlangabezana ngayo neengxaki zabantu abadala,” watsho uNancy Gordon, umalathisi kumbutho weenkqubo zokubalwa kwabemi iU.S. Census Bureau.
Naye uMdali wethu ubakhathalele abantu abakhulileyo. Enyanisweni, iLizwi lakhe, iBhayibhile lisinika ulwalathiso ngendlela abamele baphathwe ngayo.
Ukuhlonela Abantu Abakhulileyo
UMthetho kaThixo, awawunika uMoses wawukhuthaza ukuhlonelwa kwabantu abakhulileyo. Lo Mthetho wawusithi: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu.” (Levitikus 19:32) Abanquli abathobelayo bakaThixo kwakulindeleke ukuba ‘basukume’ phambi komntu okhulileyo (1) njengendlela yokubonisa intlonelo kumntu okhulileyo (2) nobungqina bokoyika kwabo uThixo. Ngoko abantu abakhulileyo babehlonelwa yaye begqalwa njengabaxabisekileyo.—IMizekeliso 16:31; 23:22.
Nangona amaKristu namhlanje engekho phantsi koMthetho kaMoses, imigaqo yawo ibonisa iingcamango nezinto ezibalulekileyo kuYehova, yenza kucace ukuba uyabaxabisa abantu abakhulileyo. Imigaqo yawo yayisaziwa ngamalungu ebandla lamaKristu enkulungwane yokuqala. Ubungqina bokuqala boko bufumaneka kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo. Phakathi kwamaKristu aseYerusalem ngelo xesha kwakukho abahlolokazi abathile abasweleyo. Ngaphandle kwamathandabuzo abaliqela kubo babesele bekhulile. Abapostile bamisela “amadoda avunyiweyo” asixhenxe ukuqinisekisa ukuba aba bafazi bafumana ukutya okwaneleyo kwamihla le ngendlela efanelekileyo begqala elo lungiselelo likhethekileyo ‘njengomcimbi oyimfuneko’ webandla.—IZenzo 6:1-7.
Kwileta awayibhalayo umpostile uPawulos wabonisa ukuba lo mgaqo ‘wokusukuma phambi kwengwevu’ uyasebenza kwibandla lamaKristu. Waxelela umveleli ongumKristu oselula uTimoti wathi: “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu. Kunoko, yibongoze njengoyihlo, . . . abafazi abakhulu njengoonyoko.” (1 Timoti 5:1, 2) Ngoxa uTimoti oselula wayenegunya ukusa kumkhamo othile phezu kwamaKristu akhulileyo, waxelelwa ukuba angayiphathi ngendlela ethob’ isidima indoda enkulu. Kunoko, wayefanele ayiphathe ngentlonelo njengoyise. Kwakhona wayeza kubonisa intlonelo efanayo nakubafazi abakhulu abasebandleni. Enyanisweni, umpostile uPawulos wabongoza uTimoti—yaye ebandakanya onke amalungu ebandla lamaKristu—ukuba ‘asukume phambi kwengwevu.’
Kakade ke, abantu abahlonel’ uThixo akuyomfuneko ukuba bamiselwe imithetho ukuze baphathe abantu abakhulileyo ngesidima nembeko. Cinga ngomzekelo weBhayibhile ophathelele uYosefu, owayezimisele ukwenza nantoni na ukuze azise uyise owayekhulile eYiputa, ngaloo ndlela esindisa uYakobi owayeneminyaka eli-130 ubudala kwindlala eyayigqugqise lonke elo. Akubona uyise isihlandlo sokuqala emva kweminyaka engaphezu kwamashumi amabini, uYosefu “wawa entanyeni yakhe ngoko nangoko waza walila iinyembezi kaninzi-ninzi entanyeni yakhe.” (Genesis 46:29) Kwakude kudala ngaphambi kokuba ukuphathwa kakuhle nangentlonelo enzulu kwabantu abakhulileyo kwenziwe umthetho kumaSirayeli, uYosefu wabonakalisa imbono kaThixo.
Ebudeni bobulungiseleli bakhe noYesu wabonisa inkathalo ngabantu abakhulileyo. Wazigxeka ngamandla iinkokeli zonqulo ezazizithethelela ngokungakhathaleli abazali bazo abakhulileyo ngenxa yezithethe zazo zonqulo. (Mateyu 15:3-9) UYesu wamnyamekela ngothando unina. Ngoxa wayebandezeleka ziintlungu ezingathethekiyo kwisibonda sentuthumbo, waqinisekisa ukuba unina owalupheleyo uza kunyanyekelwa ngumpostile wakhe oyintanda uYohane.—Yohane 19:26, 27.
UThixo Akabashiyi Abakhe Abanyanisekileyo
Umdumisi wathandaza wathi: “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya.” (INdumiso 71:9) UThixo ‘akabalahli’ abakhonzi bakhe abathembekileyo naxa kusenokwenzeka ukuba bona bavakalelwa kukuba akusekho yabo. Umdumisi akazange azive eshiyiwe nguYehova; kunoko, waqonda ukuba njengoko esaluphala umele athembele ngakumbi kuMenzi wakhe ngokuphathelele iintswelo zakhe. Umntu onyaniseke ngolo hlobo uYehova uyamxhasa ubomi bakhe bonke. (INdumiso 18:25) Usoloko esebenzisa amanye amaKristu ukuze asixhase.
Xa sicinga ngoku kungasentla, kuyacaca ukuba bonke abo bafuna ukuzukisa uThixo bamele bahlonele abantu abakhulileyo. Eneneni abantu abakhulileyo baxabisekile emehlweni oMdali. Njengezidalwa ezenziwe ngomfanekiselo wakhe, kwanga singahlala sibonakalisa imbono kaThixo ngokuphathelele ‘iingwevu.’—INdumiso 71:18.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
AmaKristu abaphatha ngembeko nentlonelo abantu abakhulileyo