Iintaba—Isizathu Sokuba Zibe Luncedo Kuthi
“Khawunyuk’ iintaba uze ubone ukuba akunakufunda nto na. Uya kuhlaziyeka kanye njengemithi ihlaziywa kukukhanya kwelanga. Uya kubethwa yemyoli yona impepho, ubhudlwe nayimimoya enamandla, zona iinzingo onazo zingathi xibilili ok’ kwamagqabi esiwa emthini.”—NGUJOHN MUIR, UMBHALI WASEMERIKA NESAZI NGEMVELO.
NJENGOKUBA uJohn Muir wafumanisayo ngaphezu kwenkulungwane eyadlulayo, iintaba zinento eziyenzayo kwindlela esivakalelwa ngayo. Ubukhulu bazo buyamangalisa, kuyayolisa ukubukela izilwanyana ezihlala kuzo, yaye siziva sihlaziyekile xa sisezintabeni. Minyaka le, wofika kunyakazela ezintabeni,ngabantu abaye kupholis’ iingqondo. UKlaus Toepfer, umalathisi oyintloko weUnited Nations Environment Programme uthi: “Kwakudaladala, abantu bebesala bebamb’ ongezantsi xa bebukele iintaba.”
Kodwa kungokunje imeko yeentaba ithand’ ukungaginyisi mathe. Ngenxa yokuba iintaba zikude ebantwini, ziye zahlala zinqabisekile kangangexesha elide gqitha. Noko ke, ngoku iliwa libhek’ umoya. Ingxelo yamvanje yeZizwe Ezimanyeneyo ithi: “Iintaba zitshatyalaliswa ngendlela eyothusayo ngabalimi, abakhi nangabanye abantu.”
Iintaba zigubungela ummandla omkhulu womhlaba. Isiqingatha sabo bonke abantu abaphilayo sixhomekeke kwizinto ezifumaneka ezintabeni. Yaye izigidi zabantu bahlala ezintabeni. Iintaba azingomhombiso nje kuphela okanye indawo yokutshintsh’ impilo. Makhe siqwalasele ezinye iindlela eziluncedo ngayo ebantwini.
Isizathu Sokuba Zibalulekile
◼ ZISIGCINELA AMANZI. Eyona milambo mikhulu namaqula inkoliso yethu efumana kuwo amanzi iphuma ezintabeni. Imilambo emikhulu iColorado neRio Grande yaseNtshona Merika phantse onke amanzi ayo iwafumana kwiiRocky Mountains. Phantse isiqingatha sabo bonke abantu abaphilayo bahlala emazantsi nasempuma Asia. Yaye bonke aba bantu baxhomekeke kwimvula ena kwiintaba eziphakamileyo ezikummandla weeHimalaya, iiKarakoram, iiPamirs nezikummandla weTibet.
Lo kaToepfer ucacisa esithi: “Amanzi asetyenziswa ngabantu avela ezintabeni, yaye iintaba zibalulekile kwimpilo yabantu. Oko kwenzeka kwincopho yentaba kubaluleke kwizinto eziphila emathafeni, emanzini nakwiilwandle.” Kumazwe amaninzi, iintaba zigqunywa likhephu, lize linyibilike kancinane lidlulisa ukufuma kwalo okubalulekileyo ngentwasahlobo nasehlotyeni. Ukuze inkcenkceshelwe, imimandla yomhlaba eyinkqantosi ixhomekeke ekunyibilikeni kwekhephu elisezintabeni. Iintaba ezininzi zigqunywe ngamahlathi afunxa amanzi emvula ngokungathi sisiponji, nto leyo eyenza loo manzi athi chu kuhle ukuya kungena emilanjeni engakhukulisanga nto.
◼ ZIFUMANEKA APHO IZILWANYANA ZASENDLE NEZITYALO EZAHLUKAHLUKENEYO. Ngenxa yokuba iintaba zithe qelele ebantwini, yaye kungekho mathuba angako akulima kuzo, abantu abafane baziphazamise. Ngenxa yoko, ezintabeni kuhlala izilwanyana zasendle yaye kukhula nezityalo ekusenokwenzeka ukuba azisafumaneki emathafeni. Ngokomzekelo, kwiKinabalu National Park eMalaysia, ummandla oneentaba nongaphantsi nje kancinane kwisiXeko saseNew York ngobukhulu, kukho iindidi ezahlukeneyo zezityalo ezingaphezu kwama-4 500—iindidi zezityalo ezingaphezu kwesiqingatha sezo zifumaneka kulo lonke elaseUnited States. Izilwanyana zasendle ekuthiwa ziigiant panda zaseTshayina, amaxhalanga amakhulu afumaneka kwiintaba zeAndes, amahlosi akumbindi Asia zonke ezi zinto zihlala ezintabeni, kanye njengokuba kunjalo nangezinye izilwanyana zasendle ezisecicini lokuphela.
Ngokutsho kwephephancwadi iNational Geographic, ezinye izazi ngendalo ziqikelela ukuba “uhlobo olunye lwesityalo kwezithathu nezinto ezirhubuluzayo zifumaneka kummandla ongaphantsi kwesi-2 ekhulwini womhlaba.” Iindidi ezininzi zezi zityalo ziqukene kwimimandla izazinzulu ezicinga ukuba yeyona inezilwanyana nezityalo ezininzi ezisecicini lokutshatyalaliswa. Kule mimandla—emininzi kuyo esezintabeni—kufumaneka iindidi ezininzi zezityalo eziye zaluncedo kuthi sonke. Inkoliso yokutya esikutyayo ehlabathini kufumaneka kwezi zityalo zikhula ezintabeni—umbona ukhula kwiintaba zaseMexico, iitapile neetumato zifumaneka kwiiAndes zasePeru, yaye ingqolowa yona ifumaneka kwiintaba iiCaucasus, singabala kuse.
◼ ZIYAHLAZIYA ZIPHINDE ZIBE NTLE. Kwakhona iintaba zilenza libe lihle ilizwe. Kuzo ufumana iingxangxasi ezithi ndijonge, amachibi amahle nezona ndawo zigqwesileyo ngobuhle ehlabathini. Akumangalisi ke ngoko ukuba indawo enye kwezintathu ehlabathini ekhuselweyo ikummandla weentaba. Yaye ezi ndawo zithandwa gqitha ngabakhenkethi.
Kwaneepaki ezikude gqitha zihanjelwa zizigidi zabantu abasuka kumazwe ngamazwe. Abantu baxolele ukuya kufika nakwiDenali National Park eAlaska ukuze babone eyona ntaba iphakamileyo kuMntla Merika, iMount McKinley. Abaninzi batyelela iGreat Rift Valley beze kubukela ubuhle nokuphakama kweNtaba iKilimanjaro neMeru okanye ukuza kubona imihlambi emikhulu yezilwanyana zasendle ehlala kwimfanta eyahlula ezi ntaba zimbini ziphakamileyo. Abantu abaninzi abahlala kufuphi nezi ntaba bayazuza ngenxa yezi ndwendwe zininzi kangaka, phofu ke, ukuba oku akunakulawulwa kakuhle, kunokuzonakalisa iindawo ezintle.
Ulwazi Abanalo Abantu Abahlala Ezintabeni
Kwiinkulungwane zeminyaka edluleyo, abantu abahlala ezintabeni baye bafunda indlela yokuphila kwiimeko ezinzima. Abantu abahlala ezintabeni baye bazisikela amasimi kumathambeka eentaba ekusalinywa kuwo nangoku emva kwamawaka amabini eminyaka. Baye bazenza mbuna izilwanyana zasendle, ezinjengeillama neyak, ezikwaziyo ukuphila phezulu ezintabeni. Yaye ulwazi abanalo abantu abahlala ezintabeni luluncedo gqitha ekulondolozeni iintaba sonke esixhomekeke kuzo.
UAlan Thein Durning weWorldwatch Institute uthi: “Abantu bomthonyama kuphela kwabantu abakwaziyo ukulondoloza le mimandla mikhulu nengekaphazanyiswa kangako kwilizwekazi ngalinye. Banolwazi ngezilwanyana nezityalo ezifumaneka kule mimandla . . . olunokuba ngangolo lufumaneka kwimizi yale mihla yokugcina iincwadi zenzululwazi.” Ufuna ukulondolozwa ke lo vimba wolwazi kanye njengokuba kunjalo ngezinye izinto ezifumaneka ezintabeni.
IUnited Nations Environment Programme yaququzelela ukuba kumiselwe uNyaka Wezizwe Ngezizwe WeeNtaba Wama-2002. Ukuze bagxininise indlela abantu abaxhomekeke ngayo ezintabeni abaququzeleli beli phulo baye baqamba ibinzana elithi “Sonke Sixhomekeke Ezintabeni.” Injongo yabo kukwazisa abantu ngeengxaki iintaba zehlabathi ezijamelene nazo nokufuna iindlela zokuzicombulula.
Abantu kudala beyazi le ngxaki. Isithethi esiphambili kwi-2002 Bishkek Global Mountain Summit, eyayiqhutyelwa eKyrgyzstan sathi: “Ubukhulu becala, izinto ezininzi abantu abaphila zizo zifumaneka ezintabeni, yaye akukhathalwa kangako ngeengxaki zabantu abahlala apho nangendlela yokulondoloza le mimandla.”
Ziziphi ezinye iingxaki ezithwaxa iintaba zehlabathi nabantu abahlala kuzo? Ezi ngxaki zisichaphazela njani sonke? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.