Ndiya ‘Kutsiba Njengexhama’
KUBALISA UFRANCESCO ABBATEMARCO
“Kutheni uThixo evumele ukuba ndibandezeleke kangaka? Ndimone ngantoni?” Ndandidla ngokuzibuza le mibuzo izihlandlo ezininzi! Ndandingakwazi ukuyinyamezela into yokuba ndiza kuhlala kwisitulo esinamavili ubomi bam bonke, ndingakwazi ukusebenzisa iingalo nemilenze.
NGOWE-1962, kwidolophana yaseItali kwingingqi yaseBasilicata, ubomi bam baphantse baphela bungekaqali. Kwakunzima kumama ukuba abeleke, kwaye oogqirha bamnika iyeza elaliza kuba yingozi kamva. Kwiintsuku ezintathu kamva, umzinjana wam oncinane waqalisa ukuxhuzula. Ndandife imilenze neengalo kunye nomphimbo.
Njengokuba ndandikhula, ukuxinezeleka yindlela endandiyiyo kwakunganyamezeleki. Ndandicatshukiswa zizinto ezingenamsebenzi ndize ndingxolise nabani na okufuphi. Ndandiziva ndilikheswa kungekho kwanto eyenza injongo ebomini. Xa ndandineminyaka engama-25 ubudala, ndaziva ndingumlahlelwa phandle. Ndingasiqondi isizathu sokuba uThixo avumele oku kubandezeleka kungaka, ndafikelela kwisigqibo esasibonakala sisengqiqweni—akukho Thixo.
Imbono Entsha
Ngentsasa ethile ngasekupheleni kowe-1987, xa ndandihleli esitulweni sam esiqhutywayo ngaphambi kwendlu, kwafika abafana ababini ababenxibe kakuhle. Ndandicinga ukuba bafuna umkhuluwa wam ndaza ndabaxelela—ngelo lizwi lingekhoyo—akakho. Aba bafana bathi “Sihambele wena.” Yandothusa ke noko leyo, kaloku babembalwa abantu ababefuna ukuthetha nam.
Bandibuza “Uyakholelwa na kuThixo?” Ngendlela apha ekrwada ndaphendula ndathi “Nicing’ ukuba ndingakholelwa njani kuye ndakugqiba ukuba nje?” Saqalisa ukuncokola yaye ndafumanisa ukuba babengamaNgqina kaYehova. Bandinika incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?a ndayamkela kodwa ndikrikriza. Bathi baza kuphinda babuye. Kwakungas’ke ndingaze ndiphinde ndibabone.
La maNgqina mabini abuya njengokuba ayethembisile, saza saqhubeka nencoko yethu. Ndiwukhumbula kakuhle umbhalo andifundela wona, uIsaya 36:5, 6: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” Ayemnandi gqitha loo mazwi kodwa eyinto engenakwenzeka kum. Ndandingakwazi nokuphakama, ungayithethi ke eyokutsiba njengexhama. Phofu ke, ndavuma ukufunda iBhayibhile kunye nawo, ndingayikholelwa into yokuba ukufunda iBhayibhile kwakunoziphelisa iingxaki zam ngelo xesha. Eyokuba ngenye imini ndiza phila kubulwelwe endandikubo, kwakufana nokuphuph’ emini.
Emva kwexesha elithile, amaNgqina andimemela kwintlanganiso eHolweni yoBukumkani. Andisayikhumbuli intetho ukuba yayithetha ngantoni, kodwa into endingasoze ndiyilibale bubele nothando amaNgqina andibonisa bona. Kunokundixelela indlela ayendisizela ngayo, andenza ndaziva ndisekhaya. Ngaloo Cawa, ndandisazi ukuba indawo endiziva ndisekhaya kuyo yiHolo yoBukumkani, ngoko ke, ndaya rhoqo kwiintlanganiso.
Umqobo Omkhulu
Ukufunda iLizwi likaThixo kwayivuyisa intliziyo yam. Kwakungathi kuphinde kwankcenkceshelwa umthi owawusele ubunile. Ndavakalelwa ngendlela endandicinga ukuba andinakuze ndivakalelwe ngayo. Kwakumnandi ukuziva ndiphilile kwakhona. Ndaba nomnqweno wokuxelela abanye abantu ngezinto ezintle endandisele ndizifundile. (Mateyu 24:14) Ndandiza kuqala ngaphi kona ukushumayela? Ndathandaza ndicela uYehova andibonise indlela endinokushumayela ngayo.
NgoSeptemba 1991, omnye uvulindlela (umshumayeli wexesha elizeleyo) wabelwa kwibandla lethu. Ngenye imini endlwini yakhe, ndamxelela indlela endandikufuna ngayo ukushumayela. Ndandingakwazi ukuthetha kakhuhle, ngoko ke sathetha ngokusebenzisa umatshini wokuchwetheza ndize ndibhale iileta. Nalapho iingalo zam ezingasebenziyo zaba ngumqobo. Ngokuncedwa ngulo vulindlela, ndazama iindlela ezininzi ezahlukahlukeneyo. Ndazama ukubamba ipensile ngamazinyo ndize ndichwetheze ngayo. Ndaphinda ndazama ukunxiba umnqwazi onokhuni ukuze ndizame ukuchwetheza ngentloko. Kwakubonakala ngathi akukho nto isebenzayo.
Emva koko, xa sasithetha ngale ngxaki yam lo vulindlela wandiqhula wathi: “Impumlo yakho imile kakuhle.” Ngokukhawuleza emva koko ndazama ukuchwetheza ngempumlo kwaye oku kwasebenza. Ekugqibeleni, ndandikwazi ukubhala. Khawufan’ ucinge umgudu owawufuneka ukulungisa amagama apelwe kakubi ngempumlo! Kungekudala safumanisa ukuba ukusebenzisa ikhompyutha kwakuya kuba bhetele. Kodwa ndandiza kuyifumana phi imali yokuyithenga? Ndalindela ixesha elihle ukuze ndithethe nabazali bam. Kungekudala emva koko, ndandisebenzisa ikhompyutha ukuze ndibhale iileta.
Umqweno Wam Uzalisekile
Ndaqala ngokubhalela abahlobo nezalamane, ndaza ndabhalela abantu abahlala kwidolophu yethu nakwiidolophu eziselumelwaneni. Kungabanga kudala ndandisele ndibhalelana nabantu abakulo lonke elaseItali. Andikwazi ukuluchaza uvuyo endiba nalo xa ndifumana ileta evela komnye wabantu endiye ndababhalela. NgoDisemba 1991, ndaqalisa ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ndabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, isikolo esiqhutywa veki nganye kumabandla amaNgqina kaYehova. Xa ndabelwa intetho, ndayilungiselela kakuhle ekhaya ndisebenzisa ikhompyutha. Kwiintlanganiso, umzalwana wayefunda eqongeni oko ndiye ndakulungiselela.
Ndivuyiswa luthando uYehova alubonakalise kum, ndandiwazi amanyathelo alandelayo enkqubela engokomoya endandimele ndiwathabathe, ukuzahlulela kuThixo ndize ndibhaptizwe. Ndaqweba inkalipho ndaza ndaxelela abazali bam ngeso sigqibo. Abazange bayithande le nto, kodwa umnqweno wam wokubhaptizwa wawungaphezulu koloyiko endandinalo. Ngenkxaso kaYehova namanye amaNgqina, ndabhaptizwa ngoAgasti 1992. Indlela endavuya ngayo ukubona umkhuluwa wam nomfazi wakhe bekho xa ndandibhaptizwa.
Ukuguquka Kwendlela Endicinga Ngayo
Njengokuba imigaqo ekwiLizwi likaThixo yayisiya icaca ngakumbi, ndayibona imfuneko yokuba nditshintshe isimo sam sengqondo esibi. Ndaqonda ukuba ngenxa yobulwelwe endandinabo, ndandibanga yonk’ into le yaye ndizingca. Kwakunzima ukuphelisa ezi mpawu. Kwakufuneka ndithobeke ngakumbi ukuze ndilwe noxinezeleko lokuxhomekeka kwabanye.
Ndafunda nokuyeka ukuzisizela nokusoloko ndicinga ukuba ndilandelwa ngamashwa. Ndabona ezinye izinto ezihlekisayo kwiimeko ezithile. Ngenye imini xa ndandishumayela kwindlu nendlu, enye intombazanana yavula ucango. Elinye iNgqina labuza enoba abazali bayo babekho na. Le ntwazana yakhwaza yathi: “Mama, kukho ootata ababini nomnye utata ogulayo.” Xa unina wafika, wayefile ziintloni engazi nokuba angathini na. Omnye wabahlobo bam wathi: “Phofu, singamadoda amabini agulayo nenye ephile qete.” Sasuka sayihleka loo nto saza saqalisa incoko emnandi nelo bhinqa.
Umnqweno Wokwenza Okungakumbi Enkonzweni
Emva kokubhaptizwa ndaba nguvulindlela ongumncedani iinyanga ezisithoba, ndichitha iiyure ezingama-60 nyanga nganye ndishumayela. Kodwa ndandisafuna ukwenza okungakumbi. Ngoko ke ndaqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi, ndichitha ixesha elingakumbi ndishumayela. Kwakunzima kwiinyanga zokuqala ndinguvulindlela. Abantu abaninzi babecinga ndize kungqiba yaye oku kwakundenz’ iintloni yaye kwakunjalo nangamanye amaNgqina awayehamba nam.
Ukongezelela, abanye ebandleni babengandiva kakuhle xa ndithetha nto leyo eyayisenza bangayazi indlela abanokundinceda ngayo. Kodwa ngoncedo lukaYehova nangoncedo lokungazingci lwabazalwana noodade bokomoya, ekuhambeni kwexesha izinto zaba bhetele. Ngoku xa abantu bendibona abacingi nje ngomntu ohleli kwisitulo esiqhutywayo kodwa babona iNgqina likaYehova elizama ukufundisa abantu ngeenjongo zikaThixo.
NgoJulayi 1994, ndaya kwisikolo esikhethekileyo sokuqeqesha oovulindlela. Apho safunda ngemigaqo yeBhayibhile enokusikhokela kumsebenzi wethu wokushumayela nowokwenza abafundi. Safumana noqeqesho oluluncedo kumsebenzi wasentsimini. Kwafuneka ndoyise imiqobo ethile ukuze ndikwazi ukuya apho ekubeni isikolo sasikummandla oziikhilomitha ezingama-60 ukusuka apho ndandihlala khona. Kwakunzima ukuchitha ubusuku ndikude nekhaya, ngoko ke amanye amaNgqina ayetshintshana ukuze andise aze andiphuthume esikolweni. Ngesidlo sasemini kukho omnye owayendifunqula ukuya kumgangatho wesibini, apho sasityela khona.
Imbopheleleko Enkulu
NgoMatshi 2003, ndamiselwa njengomdala ebandleni. Esi sabelo sasifuna ndizibhokoxe ndilungiselela abanye ebandleni. Ngoku ndiwaqonda kakuhle amazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ndisebenza nequmrhu elihle labadala yaye baye bandinceda ukuba ndiqhelane nomsebenzi wokuba ngumdala. Ibandla lonke liyawuxabisa umsebenzi endiwenzayo—ingakumbi abaselula—kwaye bayandimema kwiimbutho zabo. Babona indlela endiye ndoyisa ngayo imiqobo ukuze ndikhonze uYehova yaye abanye badla ngokucela uncedo kwiingxaki abajamelana nazo.
Ndiye ndafumanisa ukuba imeko kabani ngokwasemzimbeni asinto ingundoqo kulonwabo. Kunoko, eyona nto ingundoqo, kukufumana inkoloseko kaThixo nokwenza ukuthanda kwakhe. Ndivuyiswa kakhulu lithemba lokuba kungekudala uza kusihlutha esi situlo. Ewe, ndikhangele phambili kwixesha apho ‘ndiya kutsiba njengexhama’ ndize ndikhonze uThixo ukusa ephakadeni.—Isaya 35:5, 6.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
Ngoku xa abantu bendibona abacingi nje ngomntu ohleli kwisitulo esiqhutywayo kodwa babona iNgqina likaYehova elizama ukufundisa abantu ngeenjongo zikaThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ndilungiselela iintlanganiso zebandla ngokuchwetheza ngempumlo