Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuqalisa Nini Ukuthandana?
“Esikolweni uba ngathi akungomntu ukuba akunamntu uthandana naye!”—UBrittany.
“Ndisoloko ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndithandane. Ibe, kukho abafana abaninzi abaziinzwana.”—UWhitney.
◼ Ubona intombazana nomfana bebambene ngezandla bathe chu besihla ngepaseji ephakathi kwamagumbi okufundela. Uvakalelwa njani?
□ Akuzikhathazi ngaloo nto
□ Uba nobukhwele
□ Uba nomona
◼ Xa nisiya kubukela imifanekiso eshukumayo uphawula ukuba elowo nalowo uhamba nomntu athandana naye—ngaphandle kwakho! Uvakalelwa njani?
□ Akuzikhathazi ngaloo nto
□ Uba nobukhwele
□ Uba nomona
◼ Umhlobo wakho usandul’ ukuba nomdla kumntu wesini esahlukileyo yaye uyathandana. Uvakalelwa njani?
□ Akuzikhathazi ngaloo nto
□ Uba nobukhwele
□ Uba nomona
UKUBA uphawula ukuba “kuyakukhathaza” ukungathandani okanye uyabamonela abanye kuba bethandana, asinguwe wedwa onaloo ngxaki. Kumazwe apho ukuthandana kuyinto eqhelekileyo, ulutsha oluninzi luya kusabela ngendlela efanayo. UYvette, oneminyaka eli-14 ubudala uthi: “Maxa wambi uye uzive ngathi uphoswa kokuthile ngenxa yokuba oontanga bakho bonke bayathandana yaye wena akunamntu uthandana naye.”
Umnqweno wokuba kunye nomntu omthandayo—nokuba kunye nomntu ocinga ukuba uyakuthanda unokukhula. Omnye umfana okwishumi elivisayo uthi: “Umnqweno wokuthandana uyakhula yaye kunzima ukumelana nezo mvakalelo!” Abanye baqalisa ukuthandana besebancinane. Ngokomzekelo, uhlolisiso olwenziwa liphephancwadi iTime ludiza ukuba, abantwana abangama-25 ekhulwini abaneminyaka eli-13 ubudala “bayathandana.” Ngaba ucinga ukuba bakulungele ukuthandana? Ngaba ukulungele ukuthandana? Ukuphendula lo mbuzo, kuqala makhe siqwalasele lo.
Kukuthini “Ukuthandana”?
◼ Uzikhupha rhoqo nomntu othile wesini esahlukileyo.
Ngaba niyathandana? □ Ewe □ Hayi
◼ Kangangezihlandlo eziliqela ngosuku, uthumela umyalezo okanye uthethe efowunini nomntu othile wesini esahlukileyo.
Ngaba niyathandana? □ Ewe □ Hayi
◼ Wena nomntu wesini esahlukileyo niyayifihla into yokuba ningabahlobo. Abazali benu abayazi loo nto. Anibaxeleli kuba nisazi ukuba abasoze bayithande loo nto.
Ngaba niyathandana? □ Ewe □ Hayi
◼ Xa nikunye nabahlobo benu, soloko ukunye nalo mntu wesini esahlukileyo.
Ngaba niyathandana? □ Ewe □ Hayi
Kusenokwenzeka ukuba, khange ube nengxaki yokuphendula umbuzo wokuqala, kodwa isenokuba uye wathandabuza ngaphambi kokuba uphendule eminye. Yintoni ngokwenene ukuthandana? Kweli nqaku siza kuchaza ngomfana obonisa umdla kwintombazana. Enoba oko nikwenza phakathi kwabantu okanye emfihlekweni, efowunini okanye ubuso ngobuso, iyaziwa loo nto ngabantu okanye ayaziwa, ukuba wena nomntu wesini esahlukileyo niyavumelana ukuba omnye unomdla komnye, niyathandana.
Kodwa ngaba ukulungele ukuthandana? Le mibuzo mithathu siza kuyiqwalasela iza kukunceda ubone enoba ukulungele kusini na.
Nithandana Ngayiphi Injongo?
Kwizithethe ezininzi ukwenza amadinga yindlela eyamkelekileyo abantu abathandanayo abaye baqhelane ngayo. Kodwa kufanele kwenziwe amadinga ngenjongo yokuba umfana nentombazana babone enoba bangafanelana kusini na ukuba banokutshata. Kutheni kunjalo nje?
IBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi “entlahleni yobutsha” ukuchaza ithuba laxa iimvakalelo zesini nezothando zinamandla. (1 Korinte 7:36) Ukusoloko ukunye nomntu othile wesini esahlukileyo ngoxa ‘usesentlahleni yobutsha’ kuya kuvuselela inkanuko kuze kubangele ukuba ubufunde kabuhlungu ubulumko obukumaGalati 6:7: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.”
Enyanisweni, abanye koontanga bakho banokuthandana bengenazinjongo zakutshata. Basenokukujonga ukuba nomhlobo wesini esahlukileyo njengendlela yokuzibonakalisa ukuba bangoothile. Ukhohlakele umntu odlala ngeemvakalelo zomnye umntu yaye akothusi ukufumanisa ukuba ulwalamano lwabantu abanjalo luphelel’ esithubeni. Intwazana egama linguHeather ithi: “Abaselula abaninzi abathandanayo bayahlukana emva kweveki okanye ezimbini. Bakujonga ukuthandana njengento egqithayo—kubanceda bakwazi ukumelana nokuqhawula umtshato kunokutshata.”
Ukuthandana nje—ukuba nomntu osoloko esecaleni kwakho okanye ukuze kuthiwe nawe uyathandana—kunokwenzakalisa iimvakalelo. UEric, oneminyaka eli-18 ubudala wayengumhlobo nje wenye intombazana engenazinjongo zakuthandana. Waphawula ukuba le ntombazana yayinomdla kuye. UEric uthi: “Yhoo! Ndandothukile yindlela le ntombazana eyayindithanda ngayo, msinya kangaka. Mna ndandicinga ukuba singabahlobo nje!”
Kakade ke, akukho nto iphosakeleyo ngokunxulumana nabantu besini esahlukileyo ukuba kukho umntu oliliso xa nikunye. Ngaphambi kokuba umntu athandane kuhle ukuba alinde de adlule entlahleni yaye ufanele abe ukulungele nokutshata. UChelsea wakuqonda oko. Uthi: “Maxa wambi ndiye ndicinge ukuba ukwenza amadinga kufanele kwenzelwe nje ukuzonwabisa, kodwa akubi njalo xa omnye ejonge emtshatweni abe omnye engekho kuloo nto.”
Ufanele Ube Neminyaka Emingaphi?
◼ Ucinga ukuba oselula unokuqala eneminyaka emingaphi ukuthandana? ․․․․․
◼ Buza lo mbuzo komnye okanye bobabini abazali bakho, uze ubhale impendulo yabo. ․․․․․
Ngokuqinisekileyo inani lokuqala olibhalileyo lincinane kuneli lesibini. Okanye kusenokungabi njalo! Usenokuba ungomnye wolutsha oluye ngobulumko alwaqalisa ukuthanda de lwabe lukhule ngokwaneleyo yaye luyazazi izinto oluzifunayo. UmKristu oselula ogama linguSondra, wafikelela kweso sigqibo, nakuba wayekhule ngokwaneleyo ukuba angatshata. USondra uthi: “Xa uthandana ufuna loo mntu afumane ithuba lokukwazi kakuhle. Kodwa ukuba wena akukazazi, ucinga ukuba omnye umntu unokukwazi njani?”
UDanielle, oneminyaka eli-17 ubudala uvakalelwa ngendlela efanayo. Uthi: “Xa ndicinga ngendlela endandivakalelwa ngayo ngezinto kwiminyaka emibini edluleyo, ndicinga ukuba ibingasayi kufana into ebendiza kuyijonga kumntu endifuna abe liqabane lam. Nangoku andiqinisekanga ukuba ndingakwazi ukwenza eso sigqibo. Xa ndiphawula ukuba ndinobuntu obufanelekileyo kangangeminyaka emininzi, ndiya kucinga ke ngokuthandana.”
Ngaba Ukulungele Ukutshata?
Kuba ukuthandana kukhokelela emtshatweni, kuya kuba kuhle ukuzibuza enoba uya kukwazi na ukusingatha iimbopheleleko zokuba yindoda okanye umfazi—okanye kwanokuba ngutata okanye umama. Unokwazi njani ukuba ukulungele? Qwalasela oku kulandelayo.
◼ Indlela Oqhubana Ngayo Nabanye Abantu Ubaphatha njani abazali bakho nabantwana bakowenu? Ngaba uyakwazi ukuzeyisa xa uthetha nabo, mhlawumbi uthetha ngqwabalala okanye usebenzisa amazwi ahlabayo xa uzama ukuvelisa indlela ovakalelwa ngayo ngento ethile? Bona banokuthini ngawe? Indlela oqhubana ngayo nentsapho yakowenu ibonisa indlela oza kumphatha ngayo oza kuba liqabane lakho.—Efese 4:31, 32.
◼ Indlela Oyisebenzisa Ngayo Imali Ngaba uyakwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali? Ngaba usoloko unamatyala? Ngaba xa ufumene umsebenzi uyahlala kuwo? Ukuba akunjalo, kutheni? Ngaba kungenxa yohlobo lomsebenzi? Ngaba kungenxa yomqeshi? Okanye ngaba kungenxa yemikhwa yakho engafanelekanga? Ukuba akukwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali, unokukwazi njani xa sele unentsapho?—1 Timoti 5:8.
◼ Uqhuba Njani Ngokomoya Ukuba uliNgqina likaYehova, ziziphi iimpawu zokomoya onazo? Ngaba uyalifunda iLizwi likaThixo, uyaya entsimini yaye uba nenxaxheba kwiintlanganiso. Ukuba akukwazi ukuzigcina uphilile ngokomoya, unokulikhuthaza njani iqabane lakho ukuba lenjenjalo?—2 Korinte 13:5.
Ezi zezinye nje izinto ezimbalwa ekufuneka uziqwalasele ukuba ucinga ngokuthandana nokutshata. Okwangoku, unokuba kunye nabantu besini esahlukileyo niliqela. Kamva, ukuba ukhetha ukuthandana, uya kuzazi uhlobo lomntu olulo nohlobo lomntu ofuna abe liqabane lakho ubomi bakho bonke.
Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
Inkcazelo eyongezelelekileyo unokuyifumana kwiphepha 13-26 kwincwadi engezantsi, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Amanqaku angakumbi athi “Imibuzo Yabantu Abaselula . . .” afumaneka kwiWeb site ethi: www.watchtower.org/ype
OFANELE UCINGE NGAKO
◼ Yiyiphi indlela efanelekileyo onokunxulumana ngayo nabantu besini esahlukileyo?
◼ Luluphi uphawu ofanele usebenzele kulo ukuze ukufanelekele ukutshata?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 28]
Bathini Abanye Oontanga Bakho?
“Maxa wambi ndiba nomona xa ndibona abantu abathandanayo—okanye abantu abatshatileyo. Kodwa ukuthandana asinto nje yokuzonwabisa. Ukuba uthandana nje kuba ufuna ukuzonwabisa udlala ngeemvakalelo zomnye umntu. Ndicinga ukuba xa uthandana ufuna ukufumanisa ukuba ngokwenene loo mntu luhlobo lomntu ofuna ukutshata naye.”—UBlaine, oneminyaka eli-17 ubudala.
“Andicingi ukuba ufanele uthandane nabafana kuba nje ufuna ‘ukubona ukuba uza kuthini’ xa oyena mntu umthandayo ecel’ uthando. Oko kuye kuphumela ekubeni ube nentliziyo ebuhlungu.”—UChelsea, oneminyaka eli-17 ubudala.
“Ndicinga ukuba ufanele ube umdala ngokwaneleyo ukuba ungatshata ngaphambi kokuba uqalise ukuthandana. Kungenjalo, oku sinokukufanisa nokuba uthi usesesikolweni uye kudliwano-ndlebe kuba ufuna umsebenzi osisigxina kodwa ungenazinjongo zakusebenza.”—USondra, oneminyaka engama-21 ubudala.
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
Ngokuqinisekileyo abantwana bakho kungekudala baza kufuna ukwenza amadinga. UPhillip uthi: “Akukho kwanto ndiyenzayo! Iintombi ziyazizela yaye ndisuke ndime, ndicinge, ‘Ndiza kuthini kanene?’ Kunzima ukwala kuba ezinye zazo ziimbelukazi!”
Eyona nto unokuyenza njengomzali kukuthetha nabantwana bakho ngalo mba. Kutheni ungasebenzisi eli nqaku ukuze nithethe ngalo mbandela? Mbuze unyana okanye intombi yakho ukuba ivakalelwa njani ngeengxaki ejamelana nazo esikolweni kuquka nakwibandla lobuKristu. Maxa wambi ninokuthetha ngalo mba nakwizihlandlo ezingacwangciswanga, ‘njengasekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela.’ (Duteronomi 6:6, 7) Enoba imeko injani, khumbula ‘ukukhawuleza ukuva, ukucotha ukuthetha.’—Yakobi 1:19.
Ukuba unyana okanye intombi yakho inomdla kumntu wesini esahlukileyo, mus’ ukothuka. Eny’ intombazana ekwishumi elivisayo ithi: “Xa utata wafumanisa ukuba ndinomntu endithandana naye wothuka! Wayeye azame ukundoyikisa, endibuza enoba ndikulungele na ukutshata—yiloo nto kanye ebangela ukuba abantu abaselula baqhubeke bethandana kuba befuna nje ukubonisa abazali babo ukuba banako ukuyenza loo nto!”
Ukuba umntwana wakho okwishumi elivisayo uyazi ukuba akukhe kuthethwe ngokuthandana okanye ucinga ukuba kukho into embi eza kwenzeka, uza kuthandana nomntu akufihlele. Eny’ intombazana ithi: “Xa abazali bengafuni nokuva ngokuthandana kwabantwana babo, abantwana baye bayifihle ngakumbi into yokuba bayathandana. Abayeki. Bayakufihlela.”
Imiphumo iba mihle noko xa ubukhe wathetha ngalo mba. Ibhinqa eliselula elineminyaka engama-20 ubudala lithi: “Abazali bam bebethetha phandle ngokuthandana. Kubalulekile ukuba bamazi umntu endinomdla kuye yaye ndicinga ukuba yinto entle leyo! Utata uye athethe naloo mntu. Ukuba kukho into ebaxhalabisayo abazali bam, bayandixelela. Ngokuqhelekileyo ndiye ndigqibe kwelokuba andinamdla ngaphambi kokuba ndithandane naloo mntu.”
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Kunokusinceda yaye sinokuzuza ngokunxulumana nabantu besini esahlukileyo ngendlela efanelekileyo