Imbono YeBhayibhile
Yiyiphi Imbono Yobulumko Ngemali?
IBHAYIBHILE ithi: ‘Imali iyakhusela.’ (INtshumayeli 7:12) Kaloku kuthengwa ukutya, impahla nekhusi ngemali yaye isebenza njengomkhuseli xa kuvela amaxesha anzima. Enyanisweni, imali inokuthenga nantoni na ephathekayo. INtshumayeli 10:19 ithi “yimali ethethayo.”
ILizwi likaThixo lisifundisa ukuba sisebenze nzima ukuze sinyamekele iintswelo zethu nezeentsapho zethu. (1 Timoti 5:8) Ukusebenza nzima nangendlela enyanisekileyo kwenza uzive wanelisekile, unesidima yaye unqabisekile.—INtshumayeli 3:12, 13.
Ukongezelela, ukusebenza nzima kusenza sibe nesisa. UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Uyolo olunjalo lubakho xa sinceda abanye ngokuzithandela xa bengathathi ntweni, ngokukhethekileyo amaKristu esinqula nawo, okanye sithengele umhlobo isipho.—2 Korinte 9:7; 1 Timoti 6:17-19.
UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba babe nesisa, kungekhona ngamaxesha athile kodwa oku kube ngumkhwa wabo, indlela yabo yokuphila. Wathi: “Ziqheliseni ukupha.” (Luka 6:38) Lo mgaqo ufanayo uyasebenza naxa kufuneka siphe ukuze sihambisele phambili ukushunyayelwa koBukumkani bukaThixo. (IMizekeliso 3:9) Ngokwenene, ukuba nesisa kwethu kuyindlela yokuba sibe “ngabahlobo” bakaYehova nonyana wakhe.—Luka 16:9.
Kulumkele “Ukuthanda Imali”
Kunqabile ngabantu abazingcayo ukuba baphe abanye, naxa ngaloo mini isisidenge besipha, bakwenza oko beneentshukumisa ezimbi. Ubukhulu becala ingxaki yabo yokuthanda imali ibenza bangonwabi nto leyo abangakhe bayicinge nokuyicinga. Eyoku-1 kaTimoti 6:10 ithi: “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.” Kutheni ukuthanda imali kunganelisi yaye kungxwelerha abanye?
Kaloku, umntu othanda imali akaneli. INtshumayeli 5:10 ithi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere.” Ngoko ke, abantu abathanda imali ‘bazingxwelerha’ ngeengxaki ezingapheliyo. Ngaphezu koko, ukubawela kwabo imali kuchaphazela ulwalamano lwabo nabanye, ukungonwabi entsatsheni yaye bayaphuthelwa ebusuku. IBhayibhile ithi: “Bumnandi ubuthongo bokhonzayo, enoba udla kancinane okanye kakhulu; kodwa indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale.” (INtshumayeli 5:12) Ngaphezu koko, ukuthanda imali akumkholisi uThixo.—Yobhi 31:24, 28.
IBhayibhile nembali zinemizekelo emininzi yabantu abaye baneminw’ emide, bagqwetha okusesikweni, baba ngoonongogo, babulala, bangcatsha abanye yaye baxoka—ukuze nje bafumane imali. (Yoshuwa 7:1, 20-26; Mika 3:11; Marko 14:10, 11; Yohane 12:6) Xa wayesemhlabeni uYesu wamema omnye umfana ‘owayesisityebi kakhulu’ ukuba abe ngumlandeli wakhe. Okulusizi kukuba lo mfana wasala esi simemo ngenxa yokuba kwakuza kumqhwalelisa ngokwezoqoqosho. Ekuphenduleni kwakhe uYesu wathi: “Hayi indlela ekuya kuba nzima ngayo ngabo banemali ukungena ebukumkanini bukaThixo!”—Luka 18:23, 24.
Kule “mihla yokugqibela,” amaKristu afanele alumke kuba kwaprofetwa kwathiwa abantu baya kuba “ngabathandi bemali.” (2 Timoti 3:1, 2) AmaKristu okwenyaniso aphaphele intswelo yawo yokomoya akaphehluzeliswa kukubawa nokuthand’ imali, kuba anento engaphezulu lee kunemali.
Into Ebhetele Kunemali
Xa uSolomon wayesithi imali iyakhusela, wongezelela ngokuthi “ubulumko buyakhusela” ngenxa yokuba “ubulumko bubagcina bephila abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Wayethetha ukuthini? USolomon apha wayethetha ngobulumko obusekelwe kulwazi oluchanileyo lweZibhalo nokoyika uThixo. Bubhetele kunemali kuba ubulumko bobuthixo bunokusisindisa kwiingxaki umntu anokugaxaleka kuzo ebomini nkqu nasekufeni ngaphambi kwexesha. Njengesithsaba, ubulumko bokwenene buyamphakamisa umntu onabo yaye bumenza abe nesidima. (IMizekeliso 2:10-22; 4:5-9) Ngenxa yokuba kusenza umntu akholise uThixo, bubizwa ngokuba “ngumthi wobomi.”—IMizekeliso 3:18.
Abantu ababufuna ngokwenene obu bulumko yaye bekulungele ukuphanda ngabo, bafumanisa ukuba bufumaneka lula. “Nyana wam, ukuba. . . uthe wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo. Kuba uYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.”—IMizekeliso 2:1-6.
Ngenxa yokuba esazi ukuba ubulumko bubalulekile kunemali, amaKristu okwenyaniso anandipha uxolo, ulonwabo nonqabiseko oluphelela emaphupheni kubantu abathand’ imali. AmaHebhere 13:5, athi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba [uThixo] uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’” Imali ayinakuze ikunike unqabiseko olunjalo.
NGABA WAKHE WAZIBUZA?
◼ Imali isebenza njani njengomkhuseli?—INtshumayeli 7:12.
◼ Kutheni ubulumko bobuthixo buxabisekile kunemali?—IMizekeliso 2:10-22; 3:13-18.
◼ Kutheni simele sikuphephe ukuthanda imali?—Marko 10:23, 25; Luka 18:23, 24; 1 Timoti 6:9, 10.