Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuyiphepha Njani Imifanekiso Engamanyala?
“Enye inkwenkwe esikolweni inomfanekiso wentombazana ehamba ze kwindawo egcina kuyo iincwadi zayo. Le ndawo agcina kuyo incwadi zakhe ikufuphi neyam.”—URobert.a
“Ndandisenza uphando ngomsebenzi wesikolo kwi-Internet, ngesiquphe kwathi gqi “isite” yemifanekiso engamanyala.—UAnnette.
NGETHUBA abazali bakho babelingana nawe, abantu abafuna ukubukela amanyala bekufuneka bazifunele. Namhlanje, kubonakala ngathi la manyundululu afuna wena. NjengoRobert, ocatshulwe ngasentla, usenokuzibona sele ujonge umfanekiso womntu ohamba ze ophethwe ngumntwana ofunda naye. Okanye njengoAnnette usenokuwubona kwi-Internet. Enye intombazana eneminyaka eli-19 ubudala ithi: “Ngamanye amaxesha ndikhangela nje izinto okanye ndithenga iintwanantwana kwi-Internet, suke kuthi phutshululu umfanekiso wamanyala!”b
Ixhaphakile ke loo nto. Kolunye uhlolisiso kufunyaniswe ukuba, ama-90 ekhulwini olutsha oluphakathi kweminyaka esibhozo neli-16 engalindelanga, azibone sele engena kwii-site zemifanekiso engamanyala—yaye amaxesha amaninzi besenza umsebenzi wesikolo! Inyaniso kukuba, ngenxa yokuba kukho izigidi zeeWeb site ezinemifanekiso ebonisa amanyala ngokuphandle engaphezu kwamakhulu ezigidi, imifanekiso engamanyala kulula ukuyifumana. Kulula nangakumbi ukuyibukela kwi-cell phone. UDenise oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Akukho mntu ungakwenziyo esikolweni oku. NgoMvulo, ayikho enye into ethethwayo ngaphandle kokuba ‘Yiyiphi imifanekiso oyikhuphele kwifowuni yakho kule mpelaveki idluleyo?’”
Ukwazi ukuba baninzi abantu abakhangela imifanekiso engamanyala, usenokuzibuza, ‘Ngaba kubi olo hlobo ukukhangela le mifanekiso?’ Impendulo, nguewe, ngenxa yezizathu eziliqela. Makhe sihlolisise nje ezintathu:
◼ Imifanekiso engamanyala, ithoba isidima sabantu abayivelisayo nabo bayibukelayo.—1 Tesalonika 4:3-5.
◼ Ukuba nomdla kwimifanekiso engamanyala kubonisa ukuba nembono egqwethekileyo ngesini efana neyeengelosi ezingendawo zemihla kaNowa.—Genesis 6:2; Yude 6, 7.
◼ Ukukhangela le mifanekiso ngamaqalela okuziphatha kakubi ngokwesini.—Yakobi 1:14, 15.
Imifanekiso engamanyala iba nemiphumo elusizi kwabo babanjiswe yiyo. Khawucinge nje ngemibini:
“Ndaqala ukubukela imifanekiso engamanyala ndisemncinane kakhulu, yaye kwakunzima ukwahlukana nalo mkhwa. Yinto yakudala le ndithetha ngayo, kodwa loo mifanekiso ingathi bendiyibon’ izolo. Kuba ngathi ucinga ngayo ngalo lonke ixesha yaye isazela sakho kuba ngathi asinakuze sicoceke. Imifanekiso engamanyala ibulala ukuzithemba, ikwenza uzive ungcolile yaye ungaxabisekanga. Usoloko unomvandedwa.”—UErica.
“Ndachewulwa kukubukela imifanekiso engamanyala kangangeminyaka elishumi, yaye ngoku sele kuyiminyaka eli-14 ndahlukene nalo mkhwa. Kodwa nangoku iintonga azikabekwa phantsi. Nakuba umnqweno wokubukela le mifanekiso udambile kodwa usekho. Ukufun’ ukwazi kusekho. Engqondweni isekho loo mifanekiso. Akwaba ndandingazange ndiwuqalise lo mkhwa ulizothe. Ukhangeleka ungenabungozi ekuqaleni. Kodwa ngoku ndizikhoth’ amanxeba. Imifanekiso engamanyala iyonakalisa, iyonyanyeka yaye iyasithoba isidima sabo bonke abo babandakanyekileyo. Nokuba bangathini abantu abayiqhwabel’ izandla le mifanekiso, akukho kwanto—ndithi nencinane le ilungileyo ngayo.”—UJeff.
Ukuzihlola
Yintoni onokuyenza ukuze ungayibukeli nangengozi imifanekiso engamanyala? Okokuqala, hlola imeko.
Kukangaphi apho udibana khona nemifanekiso engamanyala ngengozi?
□ Ayizange yenzeke loo nto □ Ngamanye amaxesha
□ Rhoqo ngeveki □ Suku ngalunye
Uqhele ukuyibona phi?
□ Kwi-Internet □ Esikolweni
□ Kumabonwakude □ Kwenye indawo
Ngaba ikho indlela owazi ngayo xa iza kuvela?
Ngokomzekelo:
◼ Ngaba kukho abantwana ofunda nabo abathumela imifanekiso yamanyala nge-email okanye ngeefowuni zabo? Ukwazi oko kunokwenza ukuba uyicime loo mifanekiso ungekayivuli.
Xa usebenzisa i-Internet, ngaba kukho imifanekiso esuka ithi gqi xa ubhala amagama athile ofuna ukuphanda ngawo? Ukwazi into enjalo kunokwenza ukuba kwixesha elizayo ubhale ngokucacileyo umbandela ofuna ukuphanda ngawo.
Bhal’ apha ngezantsi, iimeko ezakhokelela ekubeni ubone imifanekiso engamanyala.
․․․․․
Mayelana noko kungasentla, yintoni ocinga ukuba ingenziwa ukuze unciphise amathuba obukela ngawo imifanekiso engamanyala? (Bhala oko ukucingayo apha ngezantsi.)
․․․․․
Yintoni oyenzayo xa udibana nemifanekiso engamanyala?
□ Ndiyaphethuka ngoko nangoko.
□ Ukufun’ ukwazi kwenza ndibukele nje kancinane.
□ Ndiyahlala ndibukele ndakugqiba ndifune eminye imifanekiso.
Ukuba uphawule ezi zimbini zokugqibela kwimpendulo yakho, luluphi usukelo oza kuzibekela lona kulo mba?
․․․․․
Ukwahlukana Nalo Mkhwa
Abanye, bengazi ke phofu, basenokuba badibana nemifanekiso engamanyala baze ngenxa yokufuna ukwazi ibe ngumkhwa wabo ukubukela le mifanekiso. Ukwahlukana nalo mkhwa esiyondlwan’ iyanetha. UJeff okhankanywe ngaphambilana, uthi: “Ngaphambi kokuba ndifunde iBhayibhile, ndikhe ndatshaya zonke iziyobisi onokucinga ngazo. Kodwa ukuba likhoboka lemifanekiso engamanyala, yeyona nto bekunzima ukwahlukana nayo.”
Ukuba nawe ulikhoboka lokubukela imifanekiso engamanyala, ungalahl’ ithemba. Unako ukuncedakala. Njani?
◼ Yiqonde into yokuba imifanekiso engamanyala ngamanyala. Yindlela uSathana athob’ isidima ngayo ilungiselela elidalwe nguYehova. Ukuqonda imifanekiso engamanyala ngale ndlela kuya kukunceda ukuba ‘ukuthiye okubi.’—INdumiso 97:10.
◼ Cinga ngemiphumo. Imifanekiso engamanyala iyayiphelisa imitshato. Isengela phantsi amadoda namabhinqa. Ithoba isidima somntu oyibukeleyo. Yile nto iBhayibhile isithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Khawubhale apha ngezantsi elinye ishwangusha elinokukwehlela ukuba uqhubeka ubukela imifanekiso engamanyala.
․․․․․
◼ Zimisele. Indoda ethembekileyo uYobhi yathetha la mazwi: “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke ukuba kungaze kubekho ntombi ndiyincwasayo. (Yobhi 31:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Nantsi enye indlela ‘onokuzimisela ngayo’:
□ Andisayi kuyisebenzisa i-Internet xa ndindodwa egumbini.
□ Ndiza kuyicima ngoko nangoko imifanekiso enokuthi gqi okanye i-site enemifanekiso enamanyala.
□ Ndiza kuthetha nomhlobo oqolileyo ukuba ndivukwa likakade.
Ngaba zikho ezinye iindlela ocinga ukuba zingakunceda ukulwa nalo mkhwa wokubukela imifanekiso engamanyala? Ukuba kunjalo, zibhale apha ngezantsi.
․․․․․
◼ Yithandazele le meko. Umdumisi wathandaza wathi kuYehova: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” (INdumiso 119:37) Uchan’ ucwethe, kunzima ukudlulisa amehlo akho kwinto enomtsalane kwinyama enesono. Kodwa uYehova uThixo ufuna ukuba uphumelele, yaye unokukunika ‘amandla angaphaya kwaqhelekileyo’ ukuze wenze okulungileyo!—2 Korinte 4:7.
◼ Thetha nomnye umntu. Ngaba uziva uneentloni? Mhlawumbi uphelile zintloni! Kodwa khawucinge nje indlela oya kukhululeka ngayo xa usothula loo mthwalo emagxeni akho. Umntu onokuthetha naye unokufana “nomzalwana ozelwe ngexesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Ukuba nomntu onokuzityand’ igila kuye kudla ngokuba yeyona ndlela yokwahlukana nalo mkhwa!
Ukuba unomkhwa wokubukela imifanekiso engamanyala, bhala apha ngezantsi umntu oqolileyo oza kuthetha naye nocinga ukuba uza kukhululeka ukuthetha naye ngalo mbandela.
․․․․․
Qiniseka ukuba unako ukwahlukana nalo mkhwa wokubukela imifanekiso engamanyala. Inyaniso kukuba rhoqo uyifulathela usendleleni yoloyiso. Xelela uYehova ngaloo mpumelelo, uze umbulelo ngokukunika amandla. Ukhumbule kaloku, ukuphepha lo bhubhane wemifanekiso engamanyala, kuvuyisa intliziyo kaYehova!—IMizekeliso 27:11.
Amanqaku angakumbi athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” afumaneka kule Web site www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.
b Ibinzana elithi imifanekiso ebonisa amanyala libhekisela kwimifanekiso ebonisa amanyala eyenzelwe ukuvusela inkanuko yalowo ubukeleyo, ufundayo nophulaphuleyo. Isenokuquka imifanekiso, iincwadi neengoma.
OMELE UCINGE NGAKO
◼ Imifanekiso engamanyala ilithoba njani ilungiselelo elibekekileyo?
◼ Ziziphi indlela ezisebenzisekayo ezinokukukhusela ekubukeleni imifanekiso engamanyala?
◼ Unokumnceda njani umntwana wakowenu onengxaki yokubukela imifanekiso engamanyala?
[Umfanekiso okwiphepha 12, 13]
Ngaba abantwana ofunda nabo bakhe bakuthumelele imifanekiso engamanyala kwicellphone yakho?