Imbono YeBhayibhile
Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?
ABANTU abaninzi bakholelwa ekubeni uThixo ukho kuyo yonke indawo nakuyo yonke into. Ephefumlelwe umbhali weBhayibhile uSolomon wabhala isicelo awayesenze kuYehova ngomthandazo esithi: “Kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo emisiweyo.” (1 Kumkani 8:30, 39) Ngokutsho kweBhayibhile uYehova uThixo unendawo yokuhlala. USolomon uthi loo ndawo ‘isemazulwini.’ Kodwa kuthetha ntoni oko?
Ngamanye amaxesha iBhayibhile isebenzisa igama elithi “izulu” nelithi “amazulu” xa ibhekisela kwisibhakabhaka. (Genesis 2:1, 4) Noko ke, ekubeni inguThixo owadala zonke izinto, indawo ahlala kuyo ifanele ukuba yayikho kwangaphambi kokuba adale isibhakabhaka. Ngenxa yoko, uThixo akahlali kwindawo ebonakalayo. Ngoko ke, xa iBhayibhile isithi amazulu yindawo yokuhlala kaYehova uThixo ayibhekiseli kwisibhakabhaka kodwa ibhekisela kummandla wokomoya.
Umbono Omangalisayo
IBhayibhile isinika inkcazelo ebangel’ umdla yendawo uYehova ahlala kuyo ngombono owaboniswa umpostile uYohane. Kulo mbono uYohane wabona umnyango ovulekileyo ezulwini waza weva ilizwi lisithi: “Nyukela apha.”—ISityhilelo 4:1.
Emva koko uYohane waboniswa umbono omangalisayo kaYehova uThixo. Nantsi enye yezinto awazibonayo: “Itrone imi endaweni yayo ezulwini . . . Lowo uhleliyo, ngembonakalo, unjengelitye leyaspisi nelitye elimbala ubomvu elixabisekileyo, itrone ijikelezwe ngumnyama onjenge-emeraldi ngembonakalo. . . . Apho etroneni kuphuma imibane namazwi neendudumo . . . Naphambi kwetrone kukho, ngokungathi kunjalo, ulwandle olubuglasi lunjengekristale.”—ISityhilelo 4:2-6.
Buchazwa ngolu hlobo ubuhle bukaYehova obungathethekiyo nobungangamsha bakhe obungenakuthelekiswa. Yaye phawula izinto ezingqonge itrone kaYehova. Umnyama uchaza inzolo noxolo. Ukubaneka, namazwi neendudumo zibonisa amandla kaThixo. Amanzi anjengeglasi abonisa ukuba bangamalungisa abo bemi phambi koThixo.
Nangona la mazulu efanekisela okuthile kodwa asichazela okuninzi ngendawo uThixo ahlala kuyo. UYehova uyaqiniseka ukuba kukho ucwangco olugqibeleleyo kwindawo ahlala kuyo. Akukho siphithiphithi ezulwini.
Ngaba Ukho Kuyo Yonke Indawo Ngamaxesha Onke?
Isibakala sokuba uYehova enendawo yokuhlala sibonisa ukuba akakho kuyo yonke indawo ngamaxesha onke. Ngoko ke uzazi njani izinto ezenzeka ehlabathini lonke? (2 Kronike 6:39) Enye yezinto azisebenzisayo ngumoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe. Umdumisi wabhala wathi: “Ndingaya phi na ndisuke emoyeni wakho, yaye ndingabalekela phi na ndimke ebusweni bakho? Ukuba ndinganyukela ezulwini, ubuya kuba lapho; nokuba ndingandlala isingqengqelo sam eShiyol, khangela! ubuya kuba lapho.”—INdumiso 139:7-10.
Ukuze uyiqonde indlela osebenza ngayo umoya oyingcwele kaThixo, cinga ngelanga. Lime endaweni yalo kodwa liyakwazi ukukhanyisa inxalenye enkulu yomhlaba. Ngokufanayo, uYehova uThixo unendawo yakhe yokuhlala. Kodwa uyakwazi ukwenza intando yakhe kuwo wonke umhlaba. Ukongezelela, uYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze aqonde oko kwenzekayo naphi na, nangaliphi na ixesha. Eyesi-2 yeziKronike 16:9 ithi: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”
UThixo ukwanegunya phezu kwentlangano yezidalwa zomoya ekuthiwa ziingelosi. IBhayibhile ithi ezo ngelosi zingamakhulu ezigidi—mhlawumbi nangaphezu kweebhiliyoni.a (Daniyeli 7:10) EBhayibhileni kuthethwa izihlandlo eziliqela ngeengelosi ezeza emhlabeni zithunywe nguThixo, zathetha nabantu zaza zaya kuxelela uThixo ngoko kwenzekileyo. Ngokomzekelo, ngexesha lika-Abraham, iingelosi zeva izikhalazo ngeSodom neGomora. Ngoko ke, uThixo wagqiba ekubeni azitshabalalise ezo zixeko emva kokuba ezo ngelosi zimchazele ngoko zakubonayo.—Genesis 18:20, 21, 33; 19:1, 13.
Ngoko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba akuyomfuneko ukuba uYehova uThixo abekho kuyo yonke indawo. Usebenzisa umoya wakhe oyingcwele neengelosi ukuze abone yonke into eyenzekayo kwindalo yakhe.
Kucacile ukuba iBhayibhile inokusinceda simazi bhetele uMdali wethu. Kuyo sifunda ukuba uThixo uhlala kwindawo ekummandla womoya ongaphaya kwesibhakabhaka yaye ubizwa ngokuba lizulu. Uhlala nezigidi ngezigidi zezidalwa zomoya ezinamandla. Ezulwini kukho inzolo, amandla nobungcwele. IBhayibhile isiqinisekisa ukuba ngexesha elikhethwe nguThixo, abantu baya kuphila phantsi kweemeko ezifana nezasezulwini.—Mateyu 6:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a ISityhilelo 5:11 sithetha “ngamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka” eengelosi ezingqonge itrone kaThixo. Ishumi lamawaka ngama-10 000. Ishumi lamawaka eliphindwe ngamashumi amawaka (10 000 x 10 000) zizigidi ezili-100. Sekunjalo esi sibhalo sithetha “ngamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka” nto leyo ethetha ukuba kusenokwenzeka ukuba kukho iibhiliyoni zeengelosi.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Ngaba uThixo ukho kuyo yonke indawo?—1 Kumkani 8:30, 39.
● Ngaba ikho indawo ongenakufikelela kuyo umoya kaThixo?—INdumiso 139:7-10.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Ilanga lime endaweni yalo kodwa liyakwazi ukukhanyisa inxalenye enkulu yomhlaba. Ngokufanayo, uThixo unendawo yakhe yokuhlala kodwa uyakwazi ukwenza intando yakhe kuwo wonke umhlaba