Iintaka Ezizingela Iintlanzi
ABALOBI—enoba ngabantu okanye ziintaka—baneengxaki ezintathu ekufuneka bazicombulule: (1) ukubona iintlanzi, (2) baye kuzo, baze (3) bazibambise.
Mandulo phaya, abalobi abangamaYiputa babedla ngokuzihlaba ngomkhonto iintlanzi. Aba balobi babeloba ngendlela efanayo naleyo bezisoloko ziloba ngayo iintaka ezidla iintlanzi, kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba nabantu baqalise ukuyisebenzisa.
Ukhwalimanzi, intaka exhaphakileyo kwintlambo yomNayile waseYiputa uzihlaba ngomlomo wakhe otsolo iintlanzi. Uyakwazi ukuhlab’ iintlanzi ezimbini ngexesh’ elinye yaye unokutya inyama yentlanzi engaphezu kwesiqingatha sekhilogram ngosuku. Oku kuthetha ukuba le ntaka inobuchule bokuloba obungaphezu kobabantu.
Ookhwalimanzi badla ngokuzichwechwela baze bazihlabe iintlanzi. Badla ngokuchwechwa kumanzi angekho nzulu kangako okanye beme ixesha elide belungele ukuhlasela nanini kuvela ithuba. Xa intlanzi isondela kufutshane naye, ukhwalimanzi ufaka intloko yakhe emanzini ukuze ayibambe ngomlomo wakhe. Kubalulekile ukuba ukhwalimanzi abe nomonde ukuze aphumelele.
Iintaka Eziloba Ngesithiyelo
Incwadi ethi The Life of Birds ithi, kubonakala ngathi ukhwalimanzi waseJapan uxelisa abantu abadla ngokuphosela iintlanzi isonka. Nazo ezi ntaka zikrelekrele zisebenzisa isonka ukuze zisondeze iintlanzi kufutshane nazo.
Namalanda akwiCaribbean asebenzisa isonka ukuze asondeze iintlanzi. Ade abambise iintlanzi ngeenyawo zawo ezimthubi, engakhange asebenzise isithiyelo. Ema kwindawo engekho nzulu kangako ngonyawo olunye, aze aman’ ukuphaxula amanzi ngolunye, ukuze abambe iintlanzi ezinomdla wokubona oko kwenzekayo.
Ezixhwil’ Iintlanzi
Iintaka zibambis’ iintlanzi ngeendlela ezahlukeneyo. Ukhozi olutya iintlanzi luyazixhwila. Lubhabha phezu kwamanzi lukhangela nayiphi na intlanzi edada phezu kwawo. Lusakuyibona, lusonga iimpiko zalo luze luye emanzini ngesantya esiphezulu ukuze luxhwile intlanzi ngeenzipho zalo. Kufuneka ubuchule obungummangaliso kunye namehlo abukhali ngeyona ndlela ukuze lukwazi ukwenza oku.
Maxa wambi, ukhozi lwaseAfrika olutya iintlanzi luye lufumanise ukuba intlanzi oluyibambe ngeenzipho zalo isinda ngokugqithiseleyo. Loo ntlanzi isenokuba nobunzima obuziikhilogram ezili-2.7! Lwenza ntoni ukhozi xa kunjalo? Iingcali ngezilwanyana nendalo ziye zabona ezinye iinkozi zicombulula le ngxaki ngokugxampuza emanzini ngeempiko zazo ukuze ziye elunxwemeni.
Ezintywilayo Xa Zifuna Iintlanzi
Nemikholonjane iyantywila ukuze ibambise iintlanzi. Iqela elincinane lezi ntaka libhabha kunye ukuze likhangele iintlanzi ezidada ngaphezu kwamanzi. Xa uyijonge uphezulu, imizimba yezi ntlanzi esilivere idunga umbala oluhlaza wamanzi olwandle. Imikholonjane itsalwa koku kutshintsha kombala wamanzi.
Emva kokubona intaphane yeentlanzi, imikholonjane intywila emanzini ngesantya esinokuba ziikhilomitha ezingama-96 ngeyure. Xa ubukele ezi ntaka njengoko zintywila kuba ngathi ubukele ukhuphiswano lweendadi kwimidlalo yeOlimpiki. Kungekudala, namanye amaqela eentaka aye aphawule ukuba kukho itheko apho aze nawo eze kuzifikisela.
Ngokungafaniyo nookhwalimanzi, imikholonjane ayizihlabi ngomlomo iintlanzi njengoko ingena emanzini. Ngenxa yesantya ezingena ngaso emanzini, ezi ntaka zintywila ziye ezantsi kangangeemitha eziliqela. Iintlanzi zizibambisa zize ziziginye njengoko zisuka enzulwini zisiya phezu kwamanzi.
NeeTern zezinye zeentaka ezikwaziyo ukuntywila kodwa ke zona zibhabhela kufutshane namanzi. Incwadi ethi Handbook of the Birds of the World ithi, kunokuba zithi dyumpu emanzini njengoko isenza imikholonjane, iiTern zona zixhomekeke “kubuchule nakwisantya sazo sokubhabha.” Zixhwila iintlanzi ezidada phezu kwamanzi. Azifane zingene emanzini xa zifuna iintlanzi.
Ezizingela Kunye
Ungacinga ukuba iingcwangube azikwazi kuzingela kuba zinemilomo emikhulu, kodwa ke ziziincutshe zokubhabha nokubambisa iintlanzi. Iingcwangube ezimdaka ngebala zidla ngokuntywila xa zizingela iintlanzi yaye ngamanye amaxesha zikhe zirhwebeshe iintlanzi kwiminatha yabalobi. Kodwa ke iingcwangube ziphumelela kakhulu xa zizingela ziliqela.
Iingcwangube ziyakuthanda ukwenza izinto kunye. Into ephawulekayo ngazo kukuba ziyancedisana xa zizingela iintlanzi. Wofika iqela lazo libhabha phezu kwamanzi lenze into engathi sisangqa. Njengoko zibhabha zithe chu, ziqhuba iintlanzi zizisa kwicala elingekho nzulu. Njengoko zisenjenjalo, zonke zolula amaphiko azo, zifake iintloko zazo emanzini ngaxeshanye zize zibimbilize iintlanzi.
Kakade ke, njengokuba kunjalo nangabalobi abangabantu, iintaka zidla ngokubuya nemband’ esikhova. Kodwa ke zidla ngokuphumelela xa zithelekiswa nabantu.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ukhozi lwaseAfrika olutya iintlanzi
[Inkcazelo]
Photolibrary
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ukhwalimanzi ongwevu
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Imikholonjane
[Umfanekiso okwiphepha 13]
“Iitern”
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ingcwangube yaseOstreliya