Isahluko 13
Imbono Yakho Ngesini—Yenza Wuphi Umahluko?
1-3. (a) IBhayibhile ibonisa njani ukuba iintlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi zikholisekile kuThixo? (b) Ngaba bekuya kuba kokwengenelo emntwini ukuzifica ekuwasebenziseni ngokungawaqhoboshi amandla akhe esini?
BAMBI abantu banengcamango yokuba iBhayibhile ayikholani nayo nayiphi na into enokwenza nesini. Noko ke, ukuhlolisiswa kweBhayibhile kutyhila ukuba oku akuyonyaniso. Emva kokuxela ngokudala kukaThixo indoda nomfazi bokuqala, ihambisa ibalisa oku: “Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.”—Genesis 1:27, 28.
2 Ngoko, iintlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi ngokucacileyo zikholisekile kuThixo. Kodwa ngaba uThixo uyakholwa ukuba ubani abe neentlobano zesini nabani na? Ngaba oku bekungabangela umntu abunandiphe ngokugqithiseleyo ubomi? Ngaba bekuya kuphumela kuxolo nonqabiseko lokwenyaniso kuthi nakwabo basijikelezileyo?
3 Isini sikwayinto enokusetyenziswa kakubi njengezinye iinkqubo zokusebenza komntu. Ukutya kulungile ibe kubalulekile ebomini. Kanti ubudlakudla bunokwenzakalisa impilo buze bunciphise ubomi bukabani. Nokulala kubalulekile. Kodwa ukugqithisa kubangela ungafezi nto ebomini ibe kunokude kuwenze buthathaka nomzimba. Kanye njengokuba ukubunandipha ngokwenene ubomi kungabangelwa bubudlakudla, kukunxila nabubuvila, ngokukwanjalo akubangelwa kukuwasebenzisa ngokungawaqhoboshi amandla esini kabani. Amava abantu amawaka eminyaka ayakungqinela oku. Ngaba oku simele sikufunde kumava akrakra obuqu? Ikho indlela elunge ngakumbi.
4. Yintoni efanele isiqhubele ekuphakamiseni imilinganiselo kaThixo ngesini?
4 ILizwi likaThixo linikela imbono elungeleleneyo ngesini eya kukhusela ulonwabo lwethu ngoku nakwixesha elizayo. Kanti, ukufunda nokuphakamisa imilinganiselo kaThixo ngokubhekisele ekusetyenzisweni kwala mandla akungenxa nje yoxolo nonqabiseko lwethu. Okubaluleke ngakumbi kukuba, simele senjenjalo ngenxa yokuhlonela uMdali wethu. Ukuba ngokwenyaniso sizimisa kwicala lakhe lembambano yolongamo, nakulo mcimbi siya kuthi ngovuyo sizithobe kubulumko obuphakamileyo nakwigunya lakhe elongamileyo.—Yeremiya 10:10, 23.
Ukugcina Umtshato Ubekekile Kubo Bonke
5. Ithini iBhayibhile ngokubandakanyeka kwiintlobano zesini ngaphandle komtshato?
5 IBhayibhile iluleka ngelithi: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.” (Hebhere 13:4) Ngoko, uThixo uzichasile iintlobano zesini ezingaphandle emtshatweni. Oku kuvisisana nesibakala sokuba xa wanika indoda yokuqala iqabane, uThixo wabonisa ukuba ukuthanda kwakhe yayikukuba aba babini babe “nyama-nye,” kwiqhina elisisigxina lobunye. Kwiminyaka enokuba ngamawaka amane kamva, uNyana kaThixo wabonisa ukuba uYise wayengahlukananga nalo mlinganiselo. (Genesis 2:22-24; Mateyu 19:4-6) Kodwa ngaba umlinganiselo onjalo ungqongqo ngokungeyomfuneko? Ngaba usibandeza okuthile okulungileyo?
6. Yintoni ebonisa ukuba umthetho kaThixo onxamnye nokukrexeza ngowokulungelwa kwethu?
6 Ukukrexeza kwaphula umlinganiselo wobuthixo, ibe uYehova uThixo uthembisa ngokuba “lingqina elikhawulezayo” ekugwebeni abakrexezi. (Malaki 3:5) Iziqhamo ezibi zeentlobano zesini ezingaphandle kobunye bomtshato zibalaselisa ubulumko bomthetho kaThixo. Ukukrexeza kubangela ukungabikho kwentembelo nokuthembana. Kubangela ukunganqabiseki kuze kulusingele phantsi uxolo lomtshato. Ubukrakra nobuhlungu bentliziyo okungumphumo woko kudla ngokukhokelela kuqhawulo-mtshato. Abantwana beva intlungu njengoko bebona intsapho yakubo ichitheka. Ngokucacileyo, ukugweba kukaThixo ukrexezo kwenzelwe ukulungelwa kwethu. ILizwi lakhe libonisa ukuba nabani na omthanda ngokwenyaniso ummelwane akayi kukrexeza.—Roma 13:8-10.
7. Cacisa intsingiselo yohenyuzo, njengoko kusingiselwe kulo eBhayibhileni.
7 Njengoko sesibonile, iBhayibhile ikwavakalisa umgwebo kaThixo kubahenyuzi. Kanyekanye luyintoni uhenyuzo? Ngoxa ukusebenzisa kweBhayibhile eli gama kuquka iintlobano zesini kubantu abangatshatanga nokukrexeza, ngokufuthi linentsingiselo ebanzi ngakumbi. Igama eliguqulelwe ngokuthi “uhenyuzo” elalisetyenziswa xa kubhalwa amazwi kaYesu nawabafundi bakhe lelesiGrike elithi por·neiʹa. Linengcambu efanayo negama lanamhla elithi “pornography.” Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile upor·neiʹa wayesetyenziswa ekuchazeni umlinganiselo obanzi weentlobano zesini ezingekho mthethweni nezingaphandle komtshato. Upor·neiʹa uquka ukusetyenziswa ngendlela yokuziphatha okubi ngokunzulu kwelungu/amalungu esini ubuncinane lomntu omnye (enoba kungokwemvelo okanye kungendlela egqwethekileyo). Kwakhona, kumele kubekho nenye into ekuziphatheni okubi—umntu wesini esifanayo okanye esahlukileyo kungenjalo isilwanyana.
8. Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘akhumke kulo uhenyuzo’ ngokwaziphi izizathu ezinamandla?
8 Xa wayebongoza amaKristu ukuba ‘akhumke kulo uhenyuzo,’ umpostile uPawulos wanikela izizathu ezinamandla, esithi: “Ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe [ukuya kwinqanaba lokwenzakalisa ngokungena kumalungelo omzalwana wakhe, NW] emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ingumphindezeli wazo zonke ezi zinto, . . . Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; . . . Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo.”—1 Tesalonika 4:3-8.
9, 10. (a) Kungani abantu abathile berhoxobisa kumtshato ongokwasemthethweni, nakubeni behlala nothile wesini esahlukileyo? (b) Nakubeni uhenyuzo lusenziwa ngokuvisisana kwabo, ‘ukwenzakalisa nokungena kumalungelo abanye’ kwenzeka njani?
9 Ubani ohenyuzayo ngokwenene ‘wenzakalisa aze angene kumalungelo abanye.’ Ngokomzekelo, oku kunjalo ngezibini ezihlalisanayo ngaphandle kwengenelo yomtshato wasemthethweni. Kungani zikwenza nje oku? Ngokuqhelekileyo zikwenza ukuze ziluchithe olu manyano nanini na zithanda. Aziliniki iqabane lazo unqabiseko umtshato onembopheleleko ofanele ulunikele. Kodwa ukuba bobabini aba bantu balungenela ngokuzithandela olu lwalamano, ngaba sekunjalo ‘benzakalisa baze bangene kumalungelo abanye’? Ewe, ngokuqinisekileyo kunjalo.
10 Mininzi imiphumo yezenzo zabahenyuzi ‘abangena kumalungelo abanye.’ Phakathi kwezinye izinto, nabani na ohenyuzayo unesabelo ekonakaliseni isazela somnye umntu kunye nakuphi na ukuma okucocekileyo ubani asenokuba ebenako noThixo. Umhenyuzi utshabalalisa ithuba lomnye umntu lokungenela umtshato ngesiqalo esicocekileyo. Kusenokwenzeka ukuba ubangela ukungahlonitshwa, ukugculelwa nokubakho konxunguphalo kumalungu entsapho yomnye umntu, nakumalungu entsapho yakowabo. Kwakhona usenokubek’ engozini impilo engokwengqondo, engokweemvakalelo nengokwasemzimbeni yomnye umntu. Izifo ezoyikekayo ezidluliswa ngeentlobano zesini ezinjengeAIDS ebulalayo (Acquired Immune Deficiency Syndrome) zidla ngokunxityelelaniswa nokuziphatha okubi ngokwesini.
11. Kutheni kungekho sizathu sokuba nabani na akholelwe ekubeni uThixo uya kulubetha ngoyaba uhenyuzo?
11 Abaninzi bakhetha ukuba ziimfama kwezi ngozi. Kodwa uyakholelwa na ukuba uThixo, kubulungisa bakhe, uya kukubetha ngoyaba ukutyeshelwa ngokungakhathali kwamalungelo abanye? ILizwi likaThixo lihlab’ ikhwelo lisithi ‘malibekwe,’ lingathotyw’ isidima okanye lichaswe ilungiselelo lakhe lomtshato elingcwele.—Hebhere 13:4; Mateyu 22:39.
12. (a) Iyintoni imbono kaThixo ngobufanasini? (b) Umthetho kaThixo owalela ubufanasini usikhusela enini?
12 Kuthekani ngobufanasini? Njengoko sesibonile, olu qheliselo lugutyungelwa ngegama elithi por·neiʹa (“uhenyuzo”), elasetyenziswa nguYesu kubafundi bakhe. Umfundi uYuda wasebenzisa elo gama xa wayebhekisela kwizenzo zesini esingekho mvelweni samadoda aseSodom naseGomora. (Yuda 7) Ubufanasini apho babangela ukungcola okwavelisa “isikhalo” esikhulu. Ibe bakhokelela ekutshabalaliseni kukaThixo ezo zixeko nabemi bazo. (Genesis 18:20; 19:23, 24) Ngaba imbono kaThixo iguqukile ukususela ngoko? Akunjalo. Ngokomzekelo, eyokuQala yabaseKorinte 6:9, 10, idwelisa “amadoda alalanayo” phakathi kwabo bangayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo ukuba bayaqhubeka noqheliselo olunjalo. Kwakhona, ichaza imiphumo ebantwini ‘abahlazisa imizimba yabo ngokungcola,’ ‘belandela nyama yimbi,’ iBhayibhile ithi “avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.” (Roma 1:24, 27) Abantu abanjalo abaneli nje ngokugwetywa nguThixo, kodwa bakwafumana “umbuyekezo” wokonakala kwengqondo nomzimba. Ngokomzekelo, namhlanje igcushuwa, iAIDS, nezinye izifo ezidluliswa ngeentlobano zesini zixhaphake ngowona mlinganiselo uphakamileyo, kumafanasini. Imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha okuhle yeLizwi likaThixo iyasikhusela ekwenzakaleni okunjalo, kunokusibandeza into elungileyo.
Ukwamkela Imbono KaThixo Ngoqhawulo-mtshato
13. Umcimbi wokuthembeka kwizifungo zikabani zomtshato unzulu kangakanani?
13 “Ndikuthiyile ukwala.” UYehova uThixo wayivakalisa ngaloo ndlela imvo yakhe xa wayekhalimela abo ‘babewanginizela’ amaqabane abo omtshato. (Malaki 2:14-16) ILizwi lakhe linikela isiluleko esininzi sokunceda izibini ziwenze umtshato uphumelele zize ziphephe ubukrakra boqhawulo-mtshato. Likwacacisa ukuba uThixo ujonga ukuthembeka kukabani esifungweni somtshato njengembopheleleko engcwele.
14, 15. (a) Siyintoni isiseko ekuphela kwesifanelekileyo soqhawulo-mtshato? (b) Ngaba uhenyuzo luliqhawula ngokuzenzekelayo iqhina lomtshato? (c) Ukutshata kwakhona kuvumeleke phantsi kweziphi iimeko?
14 Oku kubethelelwa sisibakala sokuba wamkela isizinzi esinye kuphela esifanelekileyo ngoqhawulo-mtshato. UYesu wabonisa ukuba siyintoni na: “Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo [por·neiʹa], wazeka omnye; uyakrexeza.” (Mateyu 19:9; 5:32) Upor·neiʹa, njengoko sesibonile, ubhekisela kwiintlobano zesini ezingaphandle komtshato, enoba zezemvelo okanye zezinxamnye nemvelo.
15 Ukuba iqabane likabani liba netyala lohenyuzo, ngaba oku kuliqhawula ngokuzenzekelayo iqhina lomtshato? Hayi, akunjalo. Iqabane elimsulwa linokugqiba enoba limxolele na okanye lingamxoleli. Ukuba ligqiba ngokuwuqhawula umtshato, ukugqala komKristu igunya lehlabathi kuya kumbangela awuphelise umtshato ngokwasemthethweni, esenjenjalo ngokunyanisekileyo. (Roma 13:1, 2) Xa iinkqubo zoqhawulo-mtshato zigqityiwe, ukutshata kwakhona kuvumelekile. Kodwa iZibhalo ziluleka ngelithi nawuphi na umtshato onjalo ufanele ube ngohlanganisa omnye umKristu kuphela, ubani ‘oseNkosini’ ngokwenene.—1 Korinte 7:39.
16. Emazweni apho umthetho wehlabathi ungakuvumeliyo ukuqhawulwa komtshato ngaso nasiphi na isiseko, amaNgqina kaYehova ayibonakalisa njani intlonelo ngomthetho kaThixo kulo mcimbi?
16 Kuthekani ukuba imithetho yelizwe ayiluvumeli naluphi na uqhawulo-mtshato, kwanangesizathu sokuziphatha kakubi ngokwesini? Xa kunjalo iqabane elimsulwa lisenokukwazi ukuqhawula umtshato kwilizwe apho uqhawulo-mtshato luvumelekileyo khona. Kakade ke, iimeko zisenokukubangela oku kungenzeki. Kodwa uhlobo oluthile lokwahlukana ngokwasemthethweni lusenokufumaneka kwilizwe likabani ibe ke lunokufunwa. Enoba kuyini na, iqabane elimsulwa linokwahlukana nelinetyala lize lizise ubungqina obuqinisekileyo bezizathu ezingokweZibhalo zokuqhawulwa komtshato kubaveleli bebandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova. Kuthekani ukuba lo mntu kamva ugqiba ngokuthabatha elinye iqabane? Ibandla alinakuthabatha nyathelo lakumsusa njengomkrexezi ukuba unike ibandla inkcazelo ebhaliweyo enezifungo zokuthembeka kwiqabane elikhoyo nokuvuma ukuzuza isiqinisekiso esingokwasemthethweni somtshato ukuba umtshato wangaphambili unokuchithwa ngokwasemthethweni okanye ngokufa. Sekunjalo, umntu lowo bekuya kufuneka ajongane nayo nayiphi na imiphumo esenokubangelwa lihlabathi elingaphandle kwebandla. Kuba ihlabathi ngokuqhelekileyo aliqondi ukuba umthetho kaThixo wongamile kunemithetho yabantu yaye imithetho yabantu inegunya elilinganiselweyo kuphela.—Thelekisa IZenzo 5:29.
Ukuphepha Ngobulumko Konke Ukungcola Nokubawel’ Isini
17. NgokweZibhalo, cacisa indawo efanelekileyo iintlobano zesini ezinayo kubomi babantu abatshatileyo.
17 Iintlobano zesini ngokucacileyo zinendawo efanelekileyo kubomi babantu abatshatileyo. UThixo wakulungiselela oku njengendlela ekwakuya kuveliswa ngayo abantwana, kwanjengomthombo woyolo ebazalini. (Genesis 9:1; IMizekeliso 5:18, 19; 1 Korinte 7:3-5) Sekunjalo, walumkisa ngokusetyenziswa kakubi kwesi sipho.—Efese 5:5.
18, 19. (a) Kungani uqheliselo lokuphulula amaphambili, okanye ukuzingcolisa, lungawafanelanga amaKristu? (b) Yintoni enokunceda umntu aluphephe uqheliselo olunjalo?
18 Ngenxa yokubalaseliswa kwesini namhlanje, abantu abaselula abaninzi bafumanisa ukuba inkanuko yabo yokwaneliseka ngesini ivuselelwa kwanangaphambi kokuba babe bangatshata. Ngenxa yoko, bambi babo bafuna uyolo ngokuvuselela amalungu abo esini. Oku kubizwa ngokuthi kukuphulula amaphambili, okanye kukuzingcolisa. Ngaba kuluqheliselo olufanelekileyo okanye lobulumko?
19 IZibhalo ziluleka ngelithi: “Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa.” (Kolose 3:5) Ngaba ubani oqhelisela ukuphulula amaphambili ‘uyawabhubhisa amalungu akhe ngokubhekisele ekuthabathekeni okuhlazisayo’? Ngokwahlukileyo koko, uyakuvuselela ukuthabatheka ngokwesini. IBhayibhile ibongoza ukuba ubani aluphephe uhlobo lokucinga ngehambo ekhokelela kwiingxaki ezinjalo, oko akuthabathel’ indawo ngomsebenzi omhle, nokuba ubani ahlakulele ukuzeyisa. (Filipi 4:8; Galati 5:22, 23) Xa kusenziwa umgudu wokunyaniseka wokwenza oku, ukuzingcolisa okulolo hlobo kunokuphetshwa, kubekho iingenelo ezingokwengqondo, ezingokweemvakalelo nezingokomoya.
20. Yintoni ebonisa ukuba bekungayi kufaneleka ngendoda nomfazi ukungabi sazibamba kwiintlobano zabo zesini?
20 Okuthethwa yiBhayibhile ‘ngokuzingcolisa, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi’ kusebenza kuwo onke amaKristu, angatshatanga natshatileyo. Kuyinyaniso ukuba amadoda nabafazi banelungelo elingokweZibhalo lokuba neentlobano zesini omnye nomnye. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba banokungabi sazibamba? Isibakala sokuba iLizwi likaThixo libongoza onke amaKristu ukuhlakulela ukuzeyisa siphikisana nembono enjalo. (2 Petros 1:5-8) Umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo akuzange kube yimfuneko ukuba acacise indlela engokwemvelo amalungu okuzala endoda nomfazi aphelelisana ngayo. Iintlobano zesini zamafanasini ngokucacileyo azinakuba zingokwale ndlela yokwemvelo. Ngoko, amafanasini angamadoda nangamabhinqa asebenzisa ezinye iintlobano zesini koko umpostile abhekisela kuko ‘njengokuthabatheka okulihlazo’ noqheliselo ‘oluziintloni.’ (Roma 1:24-32) Ngaba izibini ezitshatileyo zinokuzixelisa iintlobano zesini zamafanasini ezilolo hlobo kumtshato wazo zize sekunjalo zibe msulwa emehlweni kaThixo ‘ekuthabathekeni okulihlazo’ okanye “inkanuko embi”?
21. Ingakhathaliseki indlela umntu asenokuba ebephila ngayo kwixa elidluleyo, liliphi ithuba elimvulekeleyo ngoku?
21 Ngokuqwalasela okuthethwa ziZibhalo, umntu usenokuqonda ukuba ukucinga kwakhe kwangaphambili ngale micimbi kwakuxonxwe ngabo ‘babengasaziva,’ njengoko iBhayibhile isitsho. Kodwa, ngoncedo lukaThixo, ubani ‘unokumambatha umntu omtsha,’ oxonxwa ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yobulungisa. (Efese 4:17-24) Ngale ndlela umntu ubonisa ukuba uzimisele ngenene xa esithi ufuna ukwenza ukuthanda kukaThixo.
Imbono Yakho Iluchaphazela Kunene Uxolo Nonqabiseko Lwakho
22. Ziziphi iingenelo ezifumaneka ngokukhawuleza ezizuzwa ngabo basebenzisa isiluleko seLizwi likaThixo ngokubhekisele ekuziphatheni okuhle ngokwesini?
22 Ukusebenzisa isiluleko seLizwi likaThixo ngokubhekisele ekuziphatheni okuhle ngokwesini asinto eluxanduva. Thelekisa isiqhamo sekhondo iBhayibhile elandlala nomlinganiselo ophakamileyo wehlabathi woqhawulo-mtshato, amakhaya aqhekekileyo, abantwana abaziinjubaqa, ubunongogo, izifo nogonyamelo nokubulala okwenziwa ngokunxibelelene nenkanuko yesini. (IMizekeliso 7:10, 25-27) Hayi indlela obucace ngayo ubulumko beLizwi likaThixo! Xa ucekisa ukucinga kwehlabathi okusekelwe kwinkanuko yokuzingca uze uvisisanise indlela yakho yokucinga nesiluleko sikaYehova, intliziyo yakho yomelezelwa kunene kwiminqweno elungileyo. Endaweni yeenkanuko ezidlula ngokukhawuleza zokuziphatha kakubi ngokwesini, unandipha isazela esicocekileyo noxolo lwengqondo oluhlala luhleli. Amaqhina omtshato nawentsapho ayaqiniswa kukukhula kokuthembana phakakathi kwamaqabane atshatileyo nentlonelo evela ebantwaneni.
23. Imbono kabani ngesini inguye njani unobangela ‘wokuphawulelwa’ kwakhe ukusindela ‘kumhlaba omtsha’ kaThixo?
23 Ibe musa ukulahlekelwa sisibakala sokuba ithemba lakho lobomi obungunaphakade libandakanyekile. Ngoko ukuziphatha okuhle ngokweZibhalo kuya kufak’ isandla kwinto engaphezulu kunempilo yakho yangoku. (IMizekeliso 5:3-11) Kuya kuba yinxalenye yobungqina bokuba ngokwenene uzithiyile izinto ezingamasikizi ezenziwa ngabantu abangamkhathalele uThixo ibe koba bubungqina bokuba uye ‘waphawulelwa’ ukusindela ‘kumhlaba omtsha’ kaThixo, apho kuza kuma ubulungisa, kungekhona ukuziphatha okubi. Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba ‘ukhuthalele ukuba ufunyanwe nguThixo useluxolweni, ungenabala, ungenasiphako.’—Hezekile 9:4-6; 2 Petros 3:11-14.