Isahluko 7
UYesu Nezazi
IQELA lamadoda livela eMpumalanga. Azizazi—abantu abathi banokunikela inkcazelo ngokuma kweenkwenkwezi. Ngoxa ebesemakhayeni awo eMpumalanga, abone inkwenkwezi entsha, yaye aye ayilandela amakhulukhulu eekhilomitha ukuza kufika eYerusalem.
Xa ezi zazi zifika eYerusalem, ziyabuza: “Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; size kumnqula.”
Xa uKumkani uHerode eYerusalem esiva ngale nto, ukhathazeka gqitha. Ngoko ubiza ababingeleli abakhulu aze ababuze ngendawo aza kuzalelwa kuyo uKristu. Besekela impendulo yabo kwiZibhalo, baphendula ngelithi: “EBhetelehem.” Akukuva oko uHerode uyalela ukuba izazi ziziswe kuye yaye uzixelela oku: “Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.” Kodwa, enyanisweni, uHerode ufuna ukumfumana umntwana ukuze ambulale!
Emva kokunduluka kwazo, kwenzeka into emangalisayo. Inkwenkwezi ezaziyibonile xa zaziseMpumalanga iyazikhokela. Ngokucacileyo, le asiyonkwenkwezi nje iqhelekileyo, kodwa iziswe ngokukhethekileyo ukuze izikhokele. Izazi zithi chu emva kwayo de iye kuma kanye phezu kwendlu abahlala kuyo uYosefu noMariya.
Xa izazi zingena endlwini, zifumana uMariya enosana lwakhe oluncinane, uYesu. Kwangoko zonke ziqubuda kuye. Yaye zikhupha ezingxoweni zazo izipho zegolide, intlak’ emhlophe, nemore. Emva koko, xa kanye zilungiselela ukubuyela kuHerode ziye kumxelela apho umntwana akhoyo, uThixo uzilumkisa ephupheni ukuba zingakwenzi oko. Ngoko zihamba ngandlela yimbi ukubuyela kwilizwe lazo.
Ucinga ukuba ngubani owathumela le nkwenkwezi eyayihamba esibhakabhakeni ikhokele izazi? Khumbula ukuba, le nkwenkwezi ayizange izikhokelele ngqo kuYesu eBhetelehem. Kunoko, zakhokelelwa eYerusalem apho zadibana noKumkani uHerode, owayefuna ukubulala uYesu. Yaye ngewayenjenjalo ukuba uThixo wayengazange angenelele aze azilumkise izazi ukuba zingamxeleli uHerode apho akhoyo uYesu. Yayilutshaba lukaThixo, uSathana uMtyholi, owayefuna ukuba uYesu abulawe, yaye wasebenzisa loo nkwenkwezi ukuzama ukuphumeza injongo yakhe. Mateyu 2:1-12; Mika 5:2.
▪ Yintoni ebonakalisa ukuba inkwenkwenzi eyabonwa zizazi yayingeyiyo inkwenkwezi nje eqhelekileyo?
▪ UYesu uphi ngethuba afunyanwa ngalo zizazi?
▪ Sazi njani ukuba nguSathana owathumela inkwenkwezi yokukhokela izazi?