Isahluko 15
Ummangaliso Wokuqala KaYesu
LUSUKU nje olunye okanye ezimbini ukususela ukuba uAndreya, uPetros, uYohane, uFilipu, uNataniyeli mhlawumbi noYakobi bethe baba ngabafundi bakaYesu bokuqala. Aba ngoku basendleleni egodukayo eya kwisithili saseGalili, apho bavela khona xa bebonke. Bafunzele eKana, idolophu yakuloNataniyeli, esezindulini ezingekude eNazarete, apho uYesu wakhulela khona. Bamenyelwe emsithweni womtshato eKana.
Nonina kaYesu uzile emtshatweni. Njengomhlobo wentsapho yabo batshatayo, kubonakala ukuba uMariya ebebandakanyekile ekulungiseleleni iintswelo zeendwendwe ezininzi. Ngoko uyakhawuleza ukubona into engekhoyo, nto leyo ayixelela uYesu esithi: “Abanawayini.”
Ngaloo ndlela, xa uMariya, ngokungathi kunjalo, ecela uYesu ukuba abe nento ayenzayo ngokunqongophala kwewayini, ekuqaleni uYesu uyaziziliza. Uyabuza, “Yintoni na enam nawe?” NjengoKumkani kaThixo omiselweyo, akamele ayalelwe yintsapho okanye ngabahlobo ngemisebenzi yakhe. Ngoko uMariya ngobulumko lo mcimbi uwushiyela ezandleni zonyana wakhe, ebaxelela nje oku abo balungiselelayo: “Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.”
Kaloku, kukho imiphanda yamanzi emikhulu emithandathu eyenziwe ngamatye, ngamnye wayo onokuthwala ngaphezu kweelitha ezingama-40. UYesu uyalela abo balungiselelayo esithi: “Yizaliseni imiphanda ngamanzi.” Yaye abalindi bayizalisa de ithi cike. Wandula uYesu athi: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.”
Injoli iyachukumiseka yincasa yewayini, ingaqondi ukuba yenziwe ngommangaliso. Ibiza umyeni, ithi: “Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.”
Lo ngummangaliso wokuqala kaYesu, yaye bakuwubona abafundi bakhe abatsha luyomelezeka ukholo lwabo. Emva koko, ekunye nonina nabazalwana bakhe ngonina, bahambela kwisixeko saseKapernahum ngakuLwandle lwaseGalili. Yohane 2:1-12.
▪ Kunini ebudeni bobulungiseleli bukaYesu ekuthi kuqhubeke umtshato eKana?
▪ Yintoni ebangela ukuba uYesu alandule kwisicelo sikanina?
▪ Nguwuphi ummangaliso owenziwa nguYesu, ibe ubachaphazela njani abanye?