Isahluko 29
Ukwenza Imisebenzi Elungileyo NgeSabatha
NGOKU kusentwasahlobo yowama-31 C.E. Sekudlule iinyanga ezimbalwa ukususela oko uYesu wathetha nomfazi equleni kwelaseSamariya ngoxa wayesendleleni evela kwaYuda esiya eGalili.
Ngoku, emva kokufundisa ngokucokisekileyo eGalili, kwakhona uYesu ubuyela kwaYuda, apho afundisa kwizindlu zesikhungu. Xa kuthelekiswa indlela iBhayibhile enikela ngayo ingqalelo kubulungiseleli bakhe baseGalili, kuncinane ekuthethayo ngomsebenzi kaYesu kwaYuda ebudeni bolu tyelelo nasebudeni beenyanga awazihlala apha emva kwePasika. Kuyabonakala ukuba kwaYuda abuzange bamkelwe kakuhle kangako ubulungiseleli bakhe njengokuba kwabanjalo eGalili.
Ngokukhawuleza uYesu usendleleni eya kwisixeko esikhulu sakwaYuda, iYerusalem, ukuya kwiPasika yowama-31 C.E. Apha, ngaseSangweni Lezimvu, kukho ichibi elibizwa ngokuba yiBhetesda, apho imilwelwe, iimfama nabaziziqhwala, abaninzi beza khona. Bakholelwa ukuba abantu banokuphiliswa ngokungena kumanzi echibi xa athe azanyazanyiswa.
KungeSabatha, yaye echibini uYesu ubona indoda ebingumlwelwe kangangeminyaka engama-38. Eliqonda ukuba lide kwalo ithuba le ndoda ingumlwelwe, uYesu uyayibuza: “Uyafuna na ukuba uphile?”
Iphendula uYesu ithi: “Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.”
Athi uYesu kuyo: “Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.” Ngokukhawuleza le ndoda iyaphila, ithabatha ukhuko lwayo, ize ihambe!
Kodwa xa amaYuda eyibona le ndoda, athi: “Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.”
Le ndoda iwaphendula ngokuthi: “Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.”
Abuza esithi: “Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?” UYesu umkile ngenxa yesihlwele sabantu kwaye ophilisiweyo wayengalazi igama likaYesu. Noko ke, kamva uYesu nale ndoda badibana etempileni, yaye le ndoda iyafumanisa ukuba ngubani na oyiphilisileyo.
Ngoko le ndoda iphilisiweyo ifumana amaYuda ize iwaxelele ukuba nguYesu oyiphilisileyo. Akukuva oku, amaYuda aya kuYesu. Aze kuthini? Ngaba yayikukuze aqonde ukuba ezi zinto zimangalisayo uzenza ngamandla avela phi? Akunjalo. Kodwa aze ukuze amgxeke ngenxa yokuba esenza ezi zinto zilungileyo ngeSabatha. Yaye ade aqalise nokumtshutshisa! Luka 4:44; Yohane 5:1-16.
▪ Lisenokuba lide kangakanani ithuba ukususela oko uYesu wayetyelele kwaYuda okokugqibela?
▪ Kutheni le nto ichibi elibizwa ngokuba yiBhetesda lalithandwa kangaka nje?
▪ Nguwuphi ummangaliso uYesu awenzayo echibini, yaye asabela njani amaYuda?