Isahluko 106
Ukubhencwa Ngemizekeliso Engesidiliya
UYESU usetempileni. Usandula ukudidekisa iinkokeli zonqulo ezazikufuna ngegunya ukwazi ukuba ebezenza ngagunya lini na izinto ebezenza. Ngaphambi kokuba zibuyele ezingqondweni, uYesu uyazibuza: “Nithini na ke nina?” Ibe wandula ke esebenzisa umzekeliso, azibonise uhlobo lwabantu ezilulo ngokwenene.
UYesu ubalisa esithi: “Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise?” UYesu ubabuza loo mbuzo.
Abachasi bakhe baphendula besithi, “Ngowokuqala.”
Ngoko ke uYesu uyacacisa esithi: “Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.” Enyanisweni, ababuthi berhafu namahenyukazi ekuqaleni akwala ukukhonza uThixo. Kodwa andula ke, njengomntwana wokuqala, aguquka aza amkhonza. Kwelinye icala, iinkokeli zonqulo, njengomntwana wesibini, zazizibabaza zikhonza uThixo, ukanti, njengokuba uYesu ephawula: “UYohane [uMbhaptizi] weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.”
Ngokulandelayo uYesu ubonisa ukuba ukusilela kwezo nkokeli zonqulo akubangelwa nje kuphela kukungakhathali kwazo ekukhonzeni uThixo. Hayi akunjalo, kodwa zingabantu ababi ngenene, abangendawo. UYesu uyabalisa esithi, “Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.”
“Abakhonzi” bangabaprofeti awathi “umninindlu,” uYehova uThixo, wabathumela “kubalimi” ‘besidiliya’ sakhe. Aba balimi bangabameli abaphambili bohlanga lwakwaSirayeli, luhlanga olo iBhayibhile elufanisa ‘nesidiliya’ sikaThixo.
Ekubeni “abalimi” bebaphatha kakubi baze bababulale “abakhonzi,” uYesu uyacacisa esithi: “Uthe ke kamva [umnini wesidiliya] wathumela kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.”
Ngoku, ebhekisa kwiinkokeli zonqulo, uYesu uyabuza esithi: “Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?”
Iinkokeli zonqulo ziphendula zithi, “Uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.”
Ngaloo ndlela iinkokeli zonqulo ngokungazi zivakalisa umgwebo phezu kwazo, ekubeni ziqukiwe phakathi ‘kwabalimi’ abangamaSirayeli ‘besidiliya’ sikaYehova sohlanga lwakwaSirayeli. Isiqhamo uYehova asilindeleyo kubalimi abanjalo lukholo kuNyana wakhe, uMesiya wokwenyaniso. Ngenxa yokusilela kwabo ukubonakalisa isiqhamo esinjalo, uYesu uyabalumkisa esithi: “Anizange nilese na eZibhalweni [kwiNdumiso 118:22, 23] ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, lelona laba yintloko yembombo; kwavela eNkosini oku, kungummangaliso emehlweni ethu? Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.”
Ababhali nababingeleli abakhulu ngoku bayaqonda ukuba uYesu uthetha ngabo, ibe bafuna ukumbulala, ‘indlalifa’ eselungelweni. Ngoko ke ilungelo lokuba ngabalawuli eBukumkanini bukaThixo liya kususwa kubo njengohlanga, ibe kuya kuveliswa uhlanga olutsha ‘lwabalimi besidiliya’ olo luya kuvelisa iziqhamo ezifanelekileyo.
Ngenxa yokuba iinkokeli zonqulo zisoyika izihlwele, ezimgqala uYesu njengomprofeti, azizami ukumbulala ngaso esi sihlandlo. Mateyu 21:28-46; Marko 12:1-12; Luka 20:9-19; Isaya 5:1-7.
▪ Bamela oobani abantwana ababini abakumzekeliso wokuqala kaYesu?
▪ Kumzekeliso wesibini ngubani omela “umninindlu,” “isidiliya” “abalimi,” “abakhonzi,” ‘nendlalifa’?
▪ Kuya kwenzeka ntoni ‘kubalimi besidiliya,’ ibe ngoobani abaya kuthabatha indawo yabo?