Isahluko 17
Iindibano Ubungqina Bobuzalwana Bethu
IINDIBANO ziyinxalenye eqhelekileyo yentlangano yamaNgqina kaYehova yanamhlanje. Kodwa abanquli bakaYehova besizwe esithile nabezizwe ngezizwe babehlanganisana kwakude kudala ngaphambi kwale nkulungwane yama-20.
UYehova wayefuna ukuba onke amadoda kwaSirayeli mandulo ahlanganisane eYerusalem kwimithendeleko emithathu ngonyaka. Amanye amadoda ayesiza neentsapho zawo ziphela. Enyanisweni, kuMthetho kaMoses kwakufuneka lungu ngalinye lentsapho—amadoda, abafazi nabantwana—libekho ngezihlandlo ezithile. (Eks. 23:14-17; Dut. 31:10-13; Luka 2:41-43) Ekuqaleni, kwakusiza abantu ababehlala ngaphakathi kwemida yakwaSirayeli. Kamva, xa amaYuda ayesasazeke kakhulu, abo babesibakho babevela kwiintlanga ezininzi. (IZe. 2:1, 5-11) Babeshukunyiselwa ukuba bahlanganisane kungekuphela nje sisibakala sokuba uSirayeli noAbraham babengooyisemkhulu kodwa kukuba babemgqala uYehova njengoYise wasezulwini ozukileyo. (Isa. 63:16) Le mithendeleko yayizizihlandlo zolonwabo. Yayikwanceda bonke ababekho ukuba bahlale becinga ngelizwi likaThixo bangabandakanyeki kwimicimbi yemihla ngemihla yobomi kangangokuba bayilibale imibandela yokomoya ebaluleke ngakumbi.
Ngokufanayo, iindibano zamaNgqina kaYehova kumaxesha anamhlanje zigxininisa kwizilangazelelo zokomoya. Kubabukeli abanyanisekileyo ezi ndibano zinikela ubungqina obungenakukhanyelwa bokuba amaNgqina amanyaniswe ngamakhonkco aqinileyo obuzalwana bobuKristu.
Iindibano Zokuqala ZaBafundi BeBhayibhile
Amalungiselelo okuhlanganisana kwaBafundi beBhayibhile abasuka kwizixeko nakumazwe awahlukahlukeneyo akhula ngokuthe ngcembe. Ngokungafaniyo namaqela eecawa zesithethe, aBafundi beBhayibhile, ngeendibano zabo, ngokukhawuleza baqalisa ukwazi amanye amakholwa akwezinye iindawo. Ekuqaleni, ezi ndibano zaziqhutyelwa eAllegheny, ePennsylvania, ngexesha lesikhumbuzo saminyaka le sokufa kweNkosi. Ngowe-1891 kwenziwa isaziso esikhethekileyo sokuba kwakuza kubakho “indibano yokufundisisa iBhayibhile neyokwenza iSikhumbuzo Sesidlo SeNkosi Sangokuhlwa.” Kunyaka olandelayo, IMboniselo (yesiNgesi) yayinomxholo obhalwe ngamagama amakhulu othi “INDIBANO YAMAKHOLWA, EALLEGHENY, PA., . . . UMHLA WESI-7 KUAPRILI UKUSA KOWE-14, 1892.”
Uluntu ngokubanzi lwalungamenywa kwezo ndibano zokuqala. Kodwa, ngowe-1892, kwakukho abantu abangama-400 ababebonakalise ukholo kwintlawulelo nomdla onyanisekileyo kumsebenzi weNkosi. Ucwangciso lwaluquka iintsuku ezintlanu zokufundisisa iBhayibhile ngokucokisekileyo nezinye iintsuku ezimbini zokunikela amacebiso aluncedo koovulindlela.
Omnye owayeze okwesihlandlo sokuqala kwenye yezi ndibano wathi: “Sendiye kwiiNdibano ezininzi, kodwa andikaze ndiyibone enjengale, apho ekuphela kwento ekuthethwa ngayo kukuthanda necebo likaThixo kususela ngonyezi kuse ngongcwalazi; endlwini, esitratweni, entlanganisweni, kwisidlo sasemini nakuyo yonke indawo.” Mayela nomoya owawubonakaliswa ngabezileyo, omnye owayevela eWisconsin, eUnited States, wabhala: “Ndachukunyiswa gqitha ngumoya wothando nobubele bobuzalwana owawubonakaliswa ngamaxesha onke.”
Ngowe-1893 kwenziwa inguqulelo kumalungiselelo endibano yaminyaka le. Ngenxa yamaxabiso kaloliwe ancumisayo kuba kwakukho uMboniso kaColumbus ngelo hlobo, aBafundi beBhayibhile bahlanganisana eChicago, eIllinois, ukususela kumhla wama-20 ukusa kowama-24 kuAgasti. Le yayiyindibano yokuqala abayiqhubela ngaphandle kommandla wasePittsburgh. Noko ke, ukuze ixesha nemali zisetyenziswe ngeyona ndlela ifanelekileyo emsebenzini weNkosi, akuzange kuqhutywe zimbi iindibano ezinkulu kangangeminyaka eliqela.
Kwandula ke, ukususela ngowe-1898, aBafundi beBhayibhile kwiindawo ezahlukahlukeneyo baqalisa ukulungiselela iindibano zabo ekuhlaleni, ekwakusiza kuzo abantu abasuka kummandla othile kuphela. Ngowe-1900 uMbutho walungiselela iindibano ezinkulu ezi-3; kodwa kwakukwakho neendibano zasekuhlaleni ezili-13 eUnited States naseKhanada, inkoliso yazo izezosuku olunye kuphela yaye ngokufuthi zazingqamana notyelelo lomnye wabahambi ngezonqulo. Inani laqhubeka lisanda. Ngowe-1909, kuMntla Merika kwaqhutywa ubuncinane iindibano zasekuhlaleni ezingama-45 ukongezelela kwiindibano ezinkulu ezaziqhutywa nguMzalwan’ uRussell ngamathuba okhenketho olukhethekileyo awayedla ngokuluthabatha ukuya kwimimandla eyahlukahlukeneyo yelo lizwekazi. Inxalenye enkulu yocwangciso kwiindibano zosuku olunye yayilungiselelwa ngokukhethekileyo ukuba ibangele umdla kuluntu ngokubanzi. Ababebakho babesusela ekhulwini ukuya kutsho kumawaka aliqela.
Kwelinye icala, kwiindibano ezinkulu, ekwakusiya kuzo ngokuyintloko aBafundi beBhayibhile, kwakugxininiswa ekufundisweni kwabo sele bezinzile noko endleleni yenyaniso. Kwezi ndibano, kwakufika oololiwe abakhethekileyo abasuka kwizixeko ezikhulu bezele ngabeza endibanweni. Maxa wambi, ababebakho babefikelela kuma-4 000, kuquka neendwendwe eziliqela ezisuka eYurophu. La yayingamaxesha okuhlaziyeka ngokomoya awayephumela kwinzondelelo engakumbi nothando kubantu bakaYehova. Ekuqukunjelweni kwendibano enjalo ngowe-1903 omnye umzalwana wathi: “Ndingase ndiphoswe naliwaka leedola kunokuba ndiphulukane nezinto ezilunge ngolu hlobo endizifumene kule Ndibano;—ndilihlwempu ndinje.”
Abazalwana abangabahambi ngezonqulo ekwakusenzeka babe bakuloo mmandla babenikela iintetho ezindibanweni. UMzalwan’ uRussell naye wayezabalazela ukubakho nokuba nesabelo kucwangciso kwiindibano zasekuhlaleni nakwiindibano ezinkulu eUnited States yaye ngokufuthi naseKhanada. Oko kwakuthetha ukuba wayehamba kakhulu. Ubukhulu becala wayehamba ngeempela-veki. Kodwa, ngowe-1909, umzalwana waseChicago, waqesha amakhareji kaloliwe aliqela okuthutha abo babekhenketha noMzalwan’ uRussell ukusuka kwenye indibano ukuya kwenye. Ngowe-1911 nangowe-1913, kwalo mzalwana waqesha oololiwe abapheleleyo bokuthutha amakhulu abantu ababekhenketha iindibano kangangenyanga enye okanye ezingakumbi ukutyhutyha intshona yelaseUnited States neKhanada.
Ukuhamba ngabo loliwe bendibano kwakungamava angalibalekiyo. Ngowe-1913, uMalinda Keefer wakhwela omnye eChicago, eIllinois. Kwiminyaka ethile kamva, wathi: “Akuzange kuthabathe thuba lide ngaphambi kokuba ndiqonde ukuba siyintsapho enye enkulu . . . ibe uloliwe wayelikhaya lethu kangangenyanga.” Xa uloliwe wayephuma esikhululweni, abo babeze kuthi ndlela-ntle kubo babevuma ingoma ethi “UThixo Abe Nani De Sibonane Kwakhona,” ngalo lonke elo xesha bephephezelisa iminqwazi neetshefu de uloliwe aye kutshonela. UDade Keefer wongezelela: “Kuzo zonke iindawo esasimisa kuzo kolu hambo kwakuqhutywa iindibano—inkoliso yazo izezeentsuku ezintathu, ibe sasihlala usuku olunye kwindibano nganye. Kwezi ndawo sasimisa kuzo uMzalwan’ uRussell wayenikela iintetho ezimbini, enye kwizihlobo emva kwemini, enye kuluntu ngokubanzi ngokuhlwa enomxholo othi ‘Ngaphaya Kwengcwaba.’”
Nakwamanye amazwe, inani leendibano lalisanda. Ngokufuthi zazincinane kakhulu. Kwakukho malunga nabantu abali-15 kweyokuqala eNorway, ngowe-1905; kodwa esi yayisesisiqalo. Emva kweminyaka emithandathu, xa uMzalwan’ uRussell wayetyelele eNorway, kwenziwa iinzame zokumema uluntu ngokubanzi, yaye ngeso sihlandlo abantu ababekho baqikelelwa kwi-1 200. Ebudeni bowe-1909, xa wayeye kwiindibano ezaziseSkotlani, wanikela intetho kubantu abamalunga nama-2 000 eGlasgow nabanye abangama-2 500 e-Edinburgh ngomxholo obangel’ umdla othi “Isela EParadisi, Isityebi Esihogweni NoLazaro Esifubeni Sika-Abraham.”
Ekuqukunjelweni kwezo ndibano zokuqala, abazalwana babeqhuba oko babekubiza ngokuba sisidlo sothando, bebonakalisa imvakalelo yabo yobuzalwana bobuKristu. Sasiquka ntoni esi ‘sidlo sothando’? Ngokomzekelo, izithethi zazidwela nezitya ezinesonka esinqunqiweyo, baze ke abaphulaphuli benze ukrozo ukudlula, bethabatha isonka, baxhawulane, bevuma ingoma besithi “Malisikelelwe Iqhina Elimanyanisa Iintliziyo Zethu Kuthando LobuKristu.” Ngokufuthi njengokuba babevuma zaziphalala iinyembezi ngenxa yovuyo. Kamva, njengokuba babesanda, bakuyeka ukuxhawulana nokuqhekeza isonka kodwa babequkumbela ngengoma nomthandazo baze, ngokufuthi, batsho ngentswahla yezandla ixesha elide bevakalisa uxabiso lwabo.
Ukuqalisa Iphulo Lomhlaba Wonke Lokuvakalisa NgoBukumkani
Indibano yokuqala enkulu emva kweMfazwe Yehlabathi I yaba seCedar Point, eOhio (eLake Erie, kwiikhilomitha ezingama-96 kwintshona yeCleveland), ukusela ngomhla woku-1 ukusa kowesi-8 kuSeptemba ngowe-1919. Emva kokufa kukaMzalwan’ uRussell, abanye ababebalasele entlanganweni bayishiya inyaniso. Abazalwana batyhubela uvavanyo oluqatha. Ngaphambilana ngowe-1919, umongameli woMbutho nezinxulumani zakhe babekhululwe emva kokuvalelwa entolongweni ngokungekho sikweni. Ngoko kwakukho ulangazelelo olukhulu. Nangona ababekho ngosuku lokuqala babembalwa noko, kamva ngolo suku kwafika iindwendwe ezingakumbi ngoololiwe abakhethekileyo. Zaza iihotele ezazithembise ukuhlalisa abeze endibanweni zaxakana nento yazo. UR. J. Martin noA. H. Macmillan (bobabini ababephakathi kweqela elalisandula kukhululwa entolongweni) bacela ukuncedisa. Basebenza ekwabeni amagumbi de kwasekuzeni kokusa, yaye uMzalwan’ uRutherford nabanye abaninzi babekuvuyela ukuphatha impahla nokupheleka izihlobo ziye emagumbini azo. Bonke babesulelana ngomoya wehlombe owawukho.
Kwakulindeleke ukuba kubekho abantu abangama-2 500. Noko ke, ngandlela zonke le ndibano yagqitha le koko kwakulindelekile. Ngosuku lwesibini, iholo yayisele iphuphuma yaye kwasetyenziswa ezinye iiholo ezongezelelekileyo. Xa noko kungazange kwanele, ucwangciso lwaqhutyelwa ngaphandle kwindawo eyayithe rhwelele imithi. Kwakukho aBafundi beBhayibhile abamalunga nama-6 000 abasuka eUnited States naseKhanada.
Kwintetho ephambili yangeCawa, kwabakho ubuncinane abantu basekuhlaleni abali-1 000, nto leyo eyenza ukuba inani lababekho lintinge liye kutsho kuma-7 000, esathetha nabo isithethi phandle kungekho nesandisi-lizwi sokusinceda. Kuloo ntetho ithi, “Ithemba Loluntu Olunxungupheleyo,” uJ. F. Rutherford wakwenza kwacaca ukuba isicombululo seengxaki zoluntu buBukumkani bukaThixo obungoMesiya, yaye wakwabonisa nokuba uManyano Lwezizwe (olwaluqulunqwa ngoko nelalisele lamkelwe ngabefundisi) lalingeyiyo tu kwaphela imbonakaliso yezobupolitika yoBukumkani bukaThixo. IRegister yaseSandusky (iphephandaba lasekuhlaleni) yanikela ingxelo eneenkcukacha ngaloo ntetho yesidlangalala, kwanamagqabantshintshi ngomsebenzi waBafundi beBhayibhile. Imibhalo yelo phepha yathunyelwa kumaphephandaba akulo lonke elaseUnited States naseKhanada. Kodwa kwakubandakanyeke okungakumbi kunoku koku kubhengezwa kwale ndibano.
Uvuthondaba lwayo yonke loo ndibano yaba “Yintetho Kumadlelane Emsebenzini” eyanikelwa nguMzalwan’ uRutherford, kamva eyapapashwa ngaphantsi komxholo othi “Ukuvakalisa UBukumkani.” Le ntetho yayijoliswe kuBafundi beBhayibhile. Kuloo ntetho intsingiselo yoonobumba abathi G A ababebonakala kucwangciso nakwindawo ezithile endibanweni yenziwa yacaca. Kwenziwa isaziso sephephancwadi elitsha elaliza kupapashwa elithi, The Golden Age, elaliza kusetyenziselwa ukutsalela ingqalelo yabantu kuBukumkani obungoMesiya. Emva kokuchaza umsebenzi owawufanele wenziwe, uMzalwan’ uRutherford wathi kubaphulaphuli: “Nivulelwe umnyango wamathuba phambi kwenu. Ngenani kuwo ngokukhawuleza. Njengokuba nityhalela phambili kulo msebenzi khumbulani ukuba anishumayeli njengabathengisi bephephancwadi kuphela, kodwa ningabameli boKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi, abazisa abantu ngale ndlela indilisekileyo ngokuza kweXesha loLonwabo [Golden Age], ubukumkani beNkosi yethu obuzukileyo, amaKristu okwenyaniso ebesoloko ebulindile yaye ebuthandazela iinkulungwane ezininzi.” (Bona ISityhilelo 3:8.) Xa isithethi sabuzayo ukuba bangaphi na ababenqwenela ukuthelela kulo msebenzi, indlela abaphendula ngehlombe ngayo yayichukumisa gqitha. Abaphulaphuli abangama-6 000, ngaxhatha linye, baphakama bema ngeenyawo. Kunyaka olandelayo, babengaphezu kwe-10 000 ababenesabelo kwinkonzo yasentsimini. Le ndibano iphela yabamanyanisa yaza yabomeleza abo babekho.
Kwiminyaka emithathu kamva, ngowe-1922, kwabakho enye indibano engalibalekileyo eCedar Point. Yayilucwangciso lweentsuku ezisithoba, ukususela ngomhla wesi-5 ukusa kowe-13 kuSeptemba. Ukongezelela kwabo babeze endibanweni bevela eUnited States naseKhanada, bambi babevela eYurophu. Iintlanganiso zaqhutywa ngeelwimi ezilishumi. Ngokwesilinganiselo kwakubakho malunga nabantu abali-10 000 suku ngalunye; yaye kwintetho ethi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife,” kwakukho abantu abaninzi kangangokuba inani lababekho laphantsa laphindeka kabini.
ABafundi beBhayibhile abazange bahlanganisane kule ndibano becinga ukuba babeceba umsebenzi ababeseza kuwenza apha emhlabeni kangangamashumi eminyaka ezayo. Enyanisweni, babesithi kusenokwenzeka ibe yindibano yabo enkulu yokugqibela ngaphambi kokuba “icawa isindiselwe . . . kummandla wasezulwini wobukumkani bukaThixo, eneneni phambi kweNkosi yethu noThixo wethu.” Kodwa kungakhathaliseki ukuba lalinokuba lifutshane kangakanani na ixesha, ukwenza ukuthanda kukaThixo kwakuyeyona nto iphambili kubo. Ecinga ngoko, ngoLwesihlanu, ngoSeptemba 8, uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho engalibalekiyo ethi “UBukumkani.”
Ngaphambi koku, kwakuxhonywe oonobumba abakhulu abathi A D V kwiindawo ezahlukeneyo zebala. Ebudeni bale ntetho intsingiselo yoonobumba abo yacaca xa isithethi sabongoza sathi: “Yibani ngamangqina athembekileyo nayinyaniso eNkosi. Tyhalelani phambili edabini de niyiphanzise yonke imizila yeBhabhiloni. Vakalisani isigidimi kufuphi nasekudeni. Ihlabathi limele lazi ukuba uYehova unguThixo nokuba uYesu Kristu unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi. Le yimini yeemini. Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” Kanye ngelo xesha umbhalo omkhulu, oziimitha ezili-11 ubude, watyhilwa phambi kwabaphulaphuli. Wawubhalwe amagama achukumisayo athi “Mbhengezeni [ngesiNgesi: “Advertise,” omelwa ngoonobumba abathi ADV] uKumkani noBukumkani.” Esi yayisisihlandlo esihlab’ umxhelo. Abaphulaphuli baqhwaba izandla ngehlombe. UMzalwan’ uPfannebecker osel’ ekhulile, owayekwiokhestra yendibano, waphakamisa ivayolin yakhe phezulu waza wadanduluka ngaloo ndlela yakhe yokuthetha yesiJamani esithi: “Ach, Ya! Und now ve do it, no?” (Nantso ke! Ngoku siza kwenjenjalo, akunjalo na?) Ibe benjenjalo.
Kwiintsuku ezine kamva, ngoxa indibano yayisaqhubeka, uMzalwan’ uRutherford ngokobuqu waba nesabelo kunye nabanye ababeze endibanweni kumsebenzi wokuvakalisa uBukumkani kwindlu ngendlu kummandla okwiikhilomitha ezingama-72 ukusuka kwibala lendibano. Akuzange kuphelele apho. Umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani wawufakwe amandla awayeza kuwufikisa emhlabeni wonke. Ngaloo nyaka abasebenzi abanenzondelelo abangaphezu kwe-17 000 kumazwe angama-58 baba nesabelo ekunikeleni ubungqina. Kumashumi eminyaka kamva, uGeorge Gangas, owayekho kuloo ndibano nowathi kamva waba lilungu leQumrhu Elilawulayo, wathi mayela nolo cwangciso lwaseCedar Point: “Lwaba yinto eya kuhlala ihleli engqondweni nasentliziyweni yam, endingasayi kuze ndiyilibale logama nje ndisaphila.”
Amanyathelo Abalulekileyo Ekukhuleni Ngokomoya
Zonke iindibano bezingamaxesha ahlaziyayo nawokufundiswa ngeLizwi likaThixo. Kodwa ezinye zazo ziye zakhunjulwa kangangamashumi eminyaka njengamanyathelo abalulekileyo okomoya.
Ezisixhenxe kwezi zaqhutywa, iminyaka elandelelanayo, ukususela ngowe-1922 ukusa kowe-1928, eUnited States, eKhanada, naseBritani. Esinye isizathu esazenza zabaluleka ezi ndibano zizigqibo ezinamandla ezamkelwayo kuzo, zosixhenxe ezidweliswe kwibhokisi ekwiphepha elilandelayo. Nangona amaNgqina ayembalwa ngentelekiso, asasaza imibhalo ezizigidi ezingama-45 yesinye isigqibo, aza asasaza izigidi ezingama-50 zezinye eziliqela, ngeelwimi ezininzi emhlabeni wonke. Ezinye zabhengezwa koonomathotholo kwizizwe ngezizwe. Ngaloo ndlela kwanikelwa ubungqina obubalaseleyo.
Ukanti enye indibano engalibalekiyo yaqhutyelwa eColumbus, eOhio, ngowe-1931. NgeCawa, Julayi 26, emva kokuphulaphula ingxubusho yeZibhalo, aBafundi beBhayibhile bamkela igama elitsha—amaNgqina kaYehova. Hayi indlela elalifaneleke ngayo elo gama! Ngoku ayenegama elalathisela ingqalelo ngokuyintloko kuMdali yaye liyibonakalisa ngokucacileyo imbopheleleko yabo bamnqulayo. (Isa. 43:10-12) Ukwamkelwa kwelo gama kwabangela ukuba abazalwana babe ngabavakalisi begama noBukumkani bukaThixo abanenzondelelo engakumbi kunanini na ngaphambili. Njengokuba ileta eyabhalwa liNgqina laseDenmark ngalo nyaka yabonisayo: “Elinjani lona ukufaneleka igama, amaNgqina kaYehova, ewe, kwanga sonke singaba ngawo.”
Ngowe-1935 kwaqhutywa enye indibano engalibalekiyo, eWashington, D.C. Ngosuku lwesibini lwaloo ndibano, ngoLwesihlanu, Meyi 31, uMzalwan’ uRutherford waxubusha ngesihlwele esikhulu ekuthethwa ngaso kwiSityhilelo 7:9-17. Ngaphezu kwesiqingatha senkulungwane, aBafundi beBhayibhile babezama bengaphumeleli ukulichaza ngokuchanileyo eli qela. Ngoku, ngelikaYehova ixesha, ekukhanyeni kweziganeko ezazisele zisenzeka, kwaboniswa ukuba aba ngabantu abanethemba lokuphila ngonaphakade apha emhlabeni. Ukuziqonda ngale ndlela izibakala kwawunika intsingiselo entsha umsebenzi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo kwaza kwacacisa ngeZibhalo utshintsho olukhulu ngoko olwalusaqalisa ukwenzeka kwindlela eyilwe ngayo intlangano yanamhlanje yamaNgqina kaYehova.
Indibano eyayiseSt. Louis, eMissouri, ngowe-1941 abaninzi ababekho bayikhumbula ngentetho eyanikelwa ngosuku lokuqala neyayinomxholo othi “Ingqibelelo,” awathi kuyo uMzalwan’ uRutherford walathisela ingqalelo kwimbambano enkulu ezijamelene nayo zonke izidalwa ezinengqiqo. Ukususela kwintetho ethi “Umlawuli Wabantu,” ngowe-1928, iimbambano ezaphakanyiswa yimvukelo kaSathana zazinikelwa ingqalelo ngokuphindaphindiweyo. Kodwa ngoku kwaboniswa ukuba “imbambano eyintloko eyaphakanyiswa lucelomngeni lukaSathana lwendelelo yayiyileyo YOLAWULO LWENDALO IPHELA ibe iseyiyo.” Ukuyiqonda loo mbambano nembaluleka yokugcina ingqibelelo kuYehova njengoMongami weNdalo Iphela kuye kwaba yintshukumisa enamandla ebomini babakhonzi bakaYehova.
Ngoxa kwakugquba iMfazwe Yehlabathi II, ngowe-1942, xa abanye babezibuza enoba umsebenzi wokushumayela wawusele uza kugqitywa kusini na, intetho yesidlangalala yaloo ndibano eyanikelwa nguN. H. Knorr, umongameli owayesandul’ ukunyulwa weWatch Tower Society, yayisithi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Luhleli?” Ingcaciso eyanikelwa kuloo ntetho ‘yerhamncwa elimfusa’ lokomfuziselo leSityhilelo isahluko 17 yabonisa amaNgqina kaYehova ixesha lasemva kweMfazwe Yehlabathi II elaliya kuvulela ithuba lokwalathisela abantu abaninzi ngakumbi kuBukumkani bukaThixo. Oku kwaliphembelela ngakumbi iphulo lomhlaba wonke eliye ukutyhubela iminyaka lafikelela kumazwe angaphezu kwama-235 nelingekagqitywa.
Elinye inyathelo elibalulekileyo lafikelelwa kwindibano eyayiseYankee Stadium, eNew York ngoAgasti 2, 1950. Ngeso sihlandlo abaphulaphuli ababemangalisiwe nababechwayite gqitha bafumana okokuqala iNew World Translation of the Christian Greek Scriptures. Ezinye iinxalenye zeNew World Translation zakhutshwa ngamacandelo ebudeni beminyaka elishumi eyalandelayo. Le nguqulelo yezi mini yeZibhalo Ezingcwele yalibuyisela igama lobuqu likaThixo endaweni yalo efanelekileyo kwiLizwi lakhe. Ukubambelela kwayo koko kubhalwe kwiilwimi eyayibhalwe ngazo iBhayibhile ntlandlolo kuyenze yasisixhobo esiluncedo kakhulu kumaNgqina kaYehova kufundisiso lwawo lweZibhalo kwanakumsebenzi wawo wokushumayela iindaba ezilungileyo.
Ngosuku olwandulela olokugqibela lwaloo ndibano, uF. W. Franz, ngoko owayengusekela-mongameli weWatch Tower Society, wathetha nabaphulaphuli ngombandela othi “Iinkqubo Ezintsha Zezinto.” Kangangeminyaka emininzi amaNgqina kaYehova ayekholelwa ukuba kwanangaphambi kweArmagedon bambi babakhonzi bakaYehova bexesha langaphambi kobuKristu babeya kuvuswa ekufeni ukuze babe ngabathetheli bomhlaba omtsha, bezalisekisa INdumiso 45:16. Ngoko, unokuwuthelekelela umphumo owabakho kubaphulaphuli xa isithethi sabuza: “Ngaba le ndibano yezizwe ngezizwe ingakuvuyela ukwazi ukuba apha, ngokuhlwanje, phakathi kwethu, sineqela labo basenokuba ngabathetheli kumhlaba omtsha?” Kwatsho intswahla yezandla kangangethuba elide abanye bedanduluka yimincili. Sandula ke isithethi sabonisa ukuba ngenxa yendlela elisetyenziswe ngayo eBhayibhileni igama elithi “umthetheli” kunye nengxelo yokuthembeka yabaninzi “bezinye izimvu” kumaxesha anamhlanje sinako ukukholelwa ukuba abanye abaphilayo ngoku basenokukhethwa nguYesu Kristu ukuba bakhonze njengabathetheli. Noko ke, sakwabonisa nokuba abo baphathiswe inkonzo enjalo abayi kuthiwa jize ngezibizo ezikhethekileyo. Ekuqukumbeleni intetho yakhe, wabongoza: “Ngoko, masityhalele phambili sonke, njengebutho loMhlaba Omtsha!”
Kuye kwanikelwa nezinye iintetho ezibalaseleyo kwiindibano zamaNgqina kaYehova: Ngowe-1953, ethi, “IButho Lehlabathi Elitsha Lihlaselwa Yintshona Ekude” yanikela ingcaciso echukumisayo yentsingiselo yentlaselo kaGogi kaMagogi njengokuba ichazwe kuHezekile isahluko 38 nesama-39. Kwangaloo nyaka, intetho ethi “Ukuzalisa Indlu Ngobuqaqawuli” yabachulumancisa abo babeyiphulaphule njengokuba babezibonela ngawabo amehlo ubungqina obubambekayo bokuzaliseka kwedinga likaYehova, elikuHagayi 2:7, lokungenisa izinto ezixabisekileyo, izinto ezinqwenelekayo, zazo zonke iintlanga endlwini kaYehova.
Noko ke, eyona ndibano ibalaseleyo kumaxesha anamhlanje yaqhutyelwa eNew York ngowe-1958, xa abantu abangaphezu kwekota yesigidi bayitsho yaphuphuma eyona ndawo inkulu yayinokufumaneka ukuze baphulaphule intetho ethi “UBukumkani BukaThixo Buyalawula—Ngaba Isiphelo Sehlabathi Sisondele?” Kwakuze abantu abasuka kumazwe ali-123, ibe iingxelo abazinikelayo kwabo babekho endibanweni zanceda ukuqinisa amaqhina obuzalwana bomhlaba wonke. Ukufak’ isandla ekukhuleni ngokomoya kwabo babekho nokuze zisetyenziswe ekufundiseni abanye, ebudeni baloo ndibano ikhethekileyo kwakhutshwa iimpapasho ngeelwimi ezingama-54.
Ngowe-1962, ungcelele lweentetho ezinomxholo othi “Ukuzithoba Kumagunya Awongamileyo” lwalungisa indlela amaNgqina awayeyiqonda ngayo eyabaseRoma 13:1-7. Ngowe-1964, ethi “Ukuphuma Ekufeni Ungene Ebomini” nethi “Ukuphuma Emangcwabeni Ukuya Eluvukweni” zalwandisa uxabiso lwabo ngenceba enkulu kaYehova njengokuba eyibonakalisile ngelungiselelo lovuko. Yaye kungade kutshone ilanga sibala nezinye iimbalasane ezininzi zeendibano ezinjalo.
Nyaka ngamnye kubakho amashumi amawaka, ewe, amakhulu amawaka abantu abasebatsha kwiindibano zethu. Nangona inkcazelo enikelwayo ingasoloko intsha entlanganweni xa iyonke, ngokufuthi ikhanyisela abo baqalayo ukuza ngokuthanda kukaThixo nto leyo ebachwayitisayo ngokwenene. Basenokubona baze bashukunyiselwe ukuxhakamfula amathuba enkonzo abuguqulayo ubomi babo buphela.
Kwiindibano ezininzi kuye kwalathiselwa ingqalelo kwintsingiselo yeencwadi ezithile zeBhayibhile. Ngokomzekelo, ngowe-1958 nangowe-1977, kwakhutshwa iincwadi ezinkulu ezazixubusha iziprofeto ezabhalwa ngumprofeti uDaniyeli ezingenjongo kaThixo yokuba norhulumente omnye wehlabathi aze uKristu abe nguKumkani. Ngowe-1971, kwanikelwa ingqalelo kwincwadi kaHezekile, kugxininiswa kwisibhengezo sikaThixo esithi, “Zazi iintlanga ukuba ndinguYehova.” (Hez. 36:23) Ngowe-1972, kwaqwalaselwa ngokweenkcukacha iziprofeto ezibhalwe nguZekariya noHagayi. Ngowe-1963, 1969, nowe-1988, kwaxutyushwa ngokuneenkcukacha iziprofeto ezichulumancisayo zeSityhilelo, ezikuxela ngokucacileyo kwangaphambili ukuwa kweBhabhiloni Enkulu nokubakho kwamazulu nomhlaba omtsha ozukileyo kaThixo.
Iindibano ziye zabalaselisa imixholo eyahlukahlukeneyo—Ulwando Lobuthixo, Unqulo Olucocekileyo, Abanquli Abamanyeneyo, Abalungiseleli Abanenkalipho, Iziqhamo Zomoya, Ukwenza Abafundi, Iindaba Ezilungileyo Zazo Zonke Iintlanga, Igama LikaThixo, Ulongamo LukaThixo, Inkonzo Engcwele, Ukholo Olweyisayo, Ukunyaniseka KuBukumkani, Abagcini Bengqibelelo, Ukukholosa NgoYehova, Ukuhlonel’ UThixo, Abathwali Bokukhanya, neminye emininzi. Nganye yezi iye yanegalelo ekukhuleni ngokomoya kwentlangano nabo banxulumene nayo.
Ukhuthazo Lokushumayela Iindaba Ezilungileyo
Iindibano ezinkulu, kwaneendibano ezincinane, zibe ngumthombo wokhuthazo olukhulu ngokuphathelele ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. Iintetho nemiboniso ziye zanikela imiyalelo esebenzisekayo. Amava afunyenwe kubulungiseleli basentsimini kwanalawo abaliswa ngabantu abasandul’ ukuncedwa bafunde inyaniso yeBhayibhile asoloko ekho kucwangciso. Ukongezelela, inkonzo yasentsimini eyayicwangciswa ebudeni beendibano kangangeminyaka emininzi yayiluncedo kakhulu. Yayinikela ubungqina obucokisekileyo kwisixeko sendibano yaye yayiwakhuthaza kakhulu namaNgqina.
Inkonzo yasentsimini yaba yinxalenye yoko kwenziwayo endibanweni eWinnipeg, eManitoba, eKhanada, ngoJanuwari 1922. Yabakho nakwindibano enkulu eyaqhutyelwa eCedar Point, eOhio, ngasekupheleni kwaloo nyaka. Emva koko, yaba lisiko ukubekela ecaleni usuku, okanye inxalenye yosuku okanye inxalenye yeentsuku eziliqela ukuze abakhoyo babe nesabelo kunye kumsebenzi wokushumayela kwisixeko sendibano nakufutshane naso. Kwimimandla yezixeko ezikhulu, oku kwabangela ukuba abantu abangafane bafunyanwe ngamaNgqina bafumane ithuba lokuphulaphula iindaba ezilungileyo ezingenjongo kaThixo yokunikela ubomi obungunaphakade kubathandi bobulungisa.
EDenmark olokuqala lwezo ntsuku zenkonzo endibanweni lwacwangciswa ngowe-1925, xa kwahlanganisana abantu abangama-400 ukuya kuma-500 eNørrevold. Abaninzi kwabo bantu bangama-275 ababa nesabelo kwinkonzo yasentsimini kuloo ndibano, babesenjenjalo okwesihlandlo sokuqala. Bambi babesoyika. Kodwa emva kokuyingcamla, baba ngabahambisi bevangeli abanehlombe nakumasimi ayimimandla abasuka kuyo. Emva kwaloo ndibano de kwaba sekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, kwaqhutywa iindibano ezininzi zosuku olunye zenkonzo eDenmark, yaye kwamenywa nabazalwana abasuka kwiidolophu ezikufutshane. Inzondelelo engakumbi yayizicacele njengokuba babesiba nesabelo ngokumanyeneyo baze bahlanganisane ukuze baphulaphule iintetho. Iindibano ezifanayo ezazinamalungiselelo enkonzo—kodwa izezentsuku ezimbini—zaqhutywa eBritani naseUnited States.
Kwiindibano ezinkulu umsebenzi wentsimi wabo babesibakho ngokufuthi wawusiba yimbalasane. Ukususela ngowe-1936, intetho yesidlangalala yendibano yayibhengezwa ngamaNgqina awayesenza umngcelele ngokulungeleleneyo enxibe iiplacards esasaza nezimemo. (Ezo placards ekuqaleni zazibizwa ngokuba zii-“sandwich signs,” ngenxa yokuba abavakalisi babenxiba enye ngaphambili nenye ngasemva.) Maxa wambi, ngamaNgqina angamawaka okanye angaphezulu awayesiba nenxaxheba kwimingcelele enjalo endibanweni ethile. Abanye babesiba nesabelo rhoqo kumsebenzi wendlu ngendlu, baze bameme bonke ukuba beze kuzivela ucwangciso. Kwakukhuthaza ngokwenene kumaNgqina ukusebenza namanye nokubona amakhulu, kwanamawaka, amanye amaNgqina enesabelo kubulungiseleli kunye nawo. Kwangaxeshanye, bonke abantu ababengekude kangako babesazi xa amaNgqina kaYehova efikile edolophini; abantu babesiba nethuba lokuzivela oko amaNgqina akufundisayo nokuzibonela ngokwabo ihambo yawo.
Iintetho ezazinikelwa ezindibanweni ngokufuthi zaziphulaphulwa ngabantu abangaphezu kwabo bakhoyo. Xa uMzalwan’ uRutherford, kwindibano eyayiseToronto, eKhanada, ngowe-1927, wayenikela intetho ethi “Inkululeko Yabantu,” loo ntetho yasasazwa ngothungelwano lwamaziko osasazo angama-53 nawayemaninzi ngendlela engazange khe ibonwe nto leyo eyabangela ukuba ifikelele kubantu abaninzi gqitha bezizwe ngezizwe ababephulaphule kunomathotholo. Kunyaka olandelayo, intetho eyayinikelwa eDetroit, eMichigan (eUnited States), ethi “UMlawuli Wabantu” yasasazwa ngamaziko osasazo awaphinda kabini lawo, yaye ngenxa yamaza kanomathotholo eshortwave loo ntetho yafikelela nakubaphulaphuli abakwiindawo ezikude njengaseOstreliya, eNew Zealand, noMzantsi Afrika.
Ngowe-1931, amajelo amakhulu kanomathotholo awazange avume ukusebenzisana namalungiselelo okusasaza intetho yendibano eyayiza kunikelwa nguMzalwan’ uRutherford; ngoko iWatch Tower Society, isebenzisana noMzi WaseMerika Wefoni Neengcingo, yazenzela olwayo uthungelwano lwamaziko ali-163, kuquka nolona thungelwano lwakha lwalukhulu losasazo olwadlulisela isigidimi esithi “UBukumkani, Ithemba Lehlabathi.” Ukongezelela koku, amanye amaziko angaphezu kwama-300 kwimimandla emininzi yehlabathi alusasaza olu cwangciso esebenzisa amacwecwe egramafoni.
Ebudeni bendibano eyayiseWashington, D.C., ngowe-1935, uMzalwan’ uRutherford wathetha ngombandela othi “Urhulumente,” ebalaselisa isibakala sokuba kungekudala uBukumkani bukaYehova obulawulwa nguKristu buya kubathabathel’ indawo bonke oorhulumente babantu. Abantu abangaphezu kwama-20 000 bayiphulaphula loo ntetho bekwiHolo yaseWashington. Le ntetho yakwasasazwa ngonomathotholo nefoni emhlabeni wonke, ifikelela kuMbindi nakuMzantsi Merika, eYurophu, eMzantsi Afrika, kwiziqithi zePasifiki, nakumazwe aseMpuma. Abo beva le ntetho ngolu hlobo basenokuba bafikelela kwizigidi. Amaphephandaba amabini aphambili aseWashington awazange asizalisekise isivumelwano awayesenzile sokupapasha le ntetho. Kodwa abazalwana basebenzisa iinqwelo-mafutha ezinesandisi-lizwi kwiindawo ezi-3 kweso sixeko nakwezinye iindawo ezingama-40 ezikufutshane naseWashington, yaye ngokusuka kwezi ndawo le ntetho yasasazwa ukuya kwabanye abaphulaphuli abaqikelelwa kwi-120 000.
Kwandula ke, ngowe-1938, eRoyal Albert Hall eLondon, eNgilani kwanikelwa intetho engqalileyo ethi “Ukujamelana Nezibakala,” eyasasazwa kwizixeko zendibano ezinokuba ngama-50 emhlabeni wonke, kubaphulaphuli abamalunga nama-200 000. Ukongezelela koku, inginginya yabantu ababephulaphule kunomathotholo bayiva loo ntetho.
Ngaloo ndlela, nangona amaNgqina kaYehova ayembalwa ngokwentelekiso, iindibano zawo zazinendima ebalulekileyo ekuvakalisweni ekuhleni kwesigidimi soBukumkani.
Iindibano Zasemva Kwemfazwe EYurophu
Kubantu ababekho kuzo, iindibano ezithile zibalasele kunezinye. Oku kwakunjalo ngezo zaqhutyelwa eYurophu kungekudala nje emva kweMfazwe Yehlabathi II.
Enye indibano enjalo yayiseAmsterdam, eNetherlands, ngoAgasti 5, 1945, kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezine amaNgqina ekhululwe kwiinkampu zoxinaniso zaseJamani. Kwakulindeleke ukuba kubekho abantu abangama-2 500; abangama-2 000 kubo babeza kufuna iindawo zokulala. Ukuze kusingathwe intswelo yeendawo zokulala, amaNgqina asekuhlaleni andlala imizi emigangathweni yezindlu zawo. Besuka nxa zonke abantu beza ngazo zonke iindlela ababenokuza ngazo—ngamaphenyane, ngeelori, ngeebhayisekile, yaye bambi ngokucela ukukhweliswa kwizithuthi ezidlulayo.
Kuloo ndibano bahleka baza balila, bacula, kwaye bambulela uYehova ngokulunga kwakhe. Kunjengokuba omnye owayekho wathi: “Babenovuyo olungathethekiyo lwentlangano yobuthixo esandul’ ukukhululwa emakhamandeleni!” Ngaphambi kwemfazwe, kwakukho amaNgqina angaphantsi kwama-500 kwelaseNetherlands. Kwabanjwa kwaza kwavalelwa entolongweni angama-426; kula, ali-117 afa ngenxa yokutshutshiswa. Hayi uvuyo olwalukho endibanweni xa abanye bafumana abathandekayo babo nababecinga ukuba bafile! Kwabanye zaziphalala iinyembezi njengokuba babefunisa kodwa bengafumani mntu. Ngaloo ngokuhlwa abantu abangama-4 000 baphulaphula ngenyameko intetho yesidlangalala eyayicacisa isizathu sokuba amaNgqina kaYehova ebetshutshiswa ngokuqatha kangako. Phezu kwako nje ukubandezeleka kwawo, ayelungiselela ukutyhalela phambili emsebenzini awunikwe nguThixo.
Kunyaka olandelayo, ngowe-1946, abazalwana baseJamani balungiselela indibano eNuremberg. Bavunyelwa ukuba bangasebenzisa iZeppelinwiese, indawo uHitler awayesakwenzela imingcelele yakhe kuyo. Ngosuku lwesibini lwendibano, uErich Frost, owayekuve ngokobuqu ukuphathwa kakubi ngamaGestapo nowayehleli iminyaka kwinkampu yoxinaniso yamaNazi, wanikela intetho yesidlangalala ethi “AmaKristu Eluvavanyweni.” AmaNgqina angama-6 000 awayekho athelelwa ngabantu abangama-3 000 baseNuremberg ngeso sihlandlo.
Kwenzeka ukuba usuku lokugqibela lwendibano luthi kanti lusuku lokuwiswa kwezigwebo kumatyala olwaphulo-mthetho awayenziwe ngexesha lemfazwe apho eNuremberg. Amagunya asemkhosini abeka imiqathango yokuba kungahanjwa ngexesha elithile ngolo suku, kodwa emva kothethathethwano olude avuma ukuba ngenxa yokuma amaNgqina kaYehova awakuthabathayo ngoxa ayejamelene nenkcaso yamaNazi, kwakungayi kuba yinto efanelekileyo ukuwalela ukuba aqukumbele indibano yawo ngoxolo. Ngaloo ndlela, ngolo suku lokugqibela, abazalwana bahlanganisana ukuze baphulaphule intetho echukumisayo eyayisithi “Ukungoyiki Phezu Kwawo Nje Amayelenqe Ehlabathi.”
Akubona ukungenelela kukaYehova koko kwakusenzeka. Kanye ngexesha amadoda amela uburhulumente obabuzame ukuwatshabalalisa ayegwetywa, amaNgqina kaYehova ayehlanganisene ngenjongo yokunqula uYehova kwindawo uHitler awayedla ngokuyenza kuyo imiboniso yobungangamsha bamaNazi. Usihlalo wendibano wathi: “Andiyikhaleli iminyaka esithoba endayihlala kwinkampu yoxinaniso ukuze nje ndikwazi ukuwubona lo mhla, oyimbonakaliso yakwangaphambi kwexesha yoloyiso abaya kuba nalo abantu bakaThixo kwiintshaba zabo edabini leArmagedon.”
Ezinye Iindibano Ezingalibalekiyo
Njengokuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova uye wanda, kuye kwaqhutywa iindibano emhlabeni wonke. Zonke ezibe nezinto ezibalasele ngazo kwababekho.
EKitwe, kuMntla Rhodesia (ngoku oyiZambia), embindini weCopperbelt, kwakulungiselelwe ukuba kuqhutywe indibano ebudeni botyelelo lomongameli weWatch Tower Society ngowe-1952. Yayiza kuqhutyelwa kummandla omkhulu ngaphandle kwenye yeenkampu zomgodi, kwindawo eyaziwa ngokuba yiChamboli. Kwalungelelaniswa umphezulu wesiduli seembovane esingasenanto, wafakelwa uphahla ukwenzela iqonga. Kwenziwa nezinye iindawo ezifulelweyo zokulala, ezinemigangatho emibini, zakhiwa zajikeleza indawo yokuhlala abaphulaphuli, ezi zazinobude beemitha ezili-180 ukusuka kwindawo yokuhlala abaphulaphuli. Amadoda namakhwenkwe ayelala kwezinye; abafazi namantombazana kwezinye. Abanye ababekho babehambe iiveki ezimbini ngeebhayisekile ukuze babekho. Abanye babehambe ngeenyawo iintsuku eziliqela baza balugqibezela olo hambo ngoduladula omdala.
Ebudeni bocwangciso abaphulaphuli babenikela ingqalelo egqithiseleyo, nangona babehleli kwizihlalo eziqinileyo zoqalo (bamboo) kwindawo evulekileyo. Babeze kuphulaphula, yaye babengafuni kulahlekelwa nalilizwi elinye. Umculo wabo baphulaphuli bangama-20 000 wawutsho amehlo athi gwantyi ziinyembezi—wawumyoli gqitha. Wawungaphelekwa zizixhobo zomculo, kodwa ukuyondelelana kwamazwi kwakusithi ndiphulaphule. Umanyano phakathi kwala maNgqina, lwalungabonakali kumculo wawo kuphela kodwa ngeendlela zonke, nangona ayeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo yaye engawezizwe ezininzi.
Yaye ngaba unokuyithelekelela indlela awayevakalelwa ngayo amaNgqina kaYehova ePortugal xa emva kwemigudu yokuzuza inkululeko yonqulo kangangeminyaka engama-50, amaNgqina alapho amkelwa ngokusemthethweni ngoDisemba 18, 1974. Ngelo xesha ayeli-14 000 kuphela. Emva kwentsuku ezimbalwa, angama-7 586 kuwo ayelizalise lema ngeembambo ibala lemidlalo lasePorto. Ngosuku olulandelayo, amanye angama-39 284 alizalisa laphuphuma ibala lebhol’ ekhatywayo eLisbon. uMzalwan’ uKnorr noFranz babekunye nawo ngeso sihlandlo solonwabo, amaninzi angenakuze asilibale.
Ukulungiselela Iindibano Zezizwe Ngezizwe
Ngaphezu kwesiqingatha senkulungwane, amaNgqina kaYehova ebeqhuba iindibano ezinkulu kwizixeko eziliqela ngaxeshanye kumazwe amaninzi. Imvakalelo yawo yobuzalwana bezizwe ngezizwe iye yakhuliswa ngezi zihlandlo xa onke eye akwazi ukuphulaphula iintetho eziphambili ezisuka kwisixeko esiyintloko.
Noko ke, de kwaba ngowe-1946, indibano enkulu yezizwe ngezizwe ayizange khe ibuthele ndawonye kwisixeko esinye iindwendwe ezivela kwiindawo ezininzi zomhlaba. Oku kwenzeka eCleveland, eOhio. Nangona kwakusenzima ukuhamba ngelo xesha lasemva kwemfazwe, ababekho bafikelela kuma-80 000, kuquka iindwendwe ezingama-302 ezivela kumazwe angama-32 angaphandle kwelaseUnited States. Ucwangciso lwaqhutywa ngeelwimi ezingama-20. Kwanikelwa amacebiso asebenzisekayo amaninzi ngenjongo yokwandisa umsebenzi wokuhambisa ivangeli. Enye yeembalasane zale ndibano yintetho kaMzalwan’ uKnorr engeengxaki zokuphinda kwakhiwe nokwandisa. Abaphulaphuli baqhwaba ngehlombe njengokuba babesiva ukuba kucetywa ukwandiswa kwezakhiwo zokushicilela neeofisi zekomkhulu loMbutho, kwanezakhiwo zawo zokusasaza ngonomathotholo, ukusekwa kweeofisi zamasebe kumazwe aphambili ehlabathi, nokwandiswa komsebenzi wabavangeli basemazweni. Ngoko nangoko emva kwaloo ndibano, kwanikelwa iinkcukacha ukuze uMzalwan’ uKnorr noHenschel bakwazi ukwenza ukhenketho lomhlaba wonke ngenjongo yokwenza oko kwakuxutyushiwe.
Kwiminyaka eyalandelayo, iindibano ezibalasele ngokwenene embalini zaqhutyelwa kwiYankee Stadium ekwisiXeko saseNew York. Kweyokuqala yezi, eyaqalisa ngoJulayi 30 ukusa kuAgasti 6, 1950, kwakukho iindwendwe ezisuka kumazwe angama-67. Kolo cwangciso kwakuqukwe iingxelo ezimfutshane zezicaka zamasebe, abavangeli basemazweni, nezinye iindwendwe. Ezi zenza abo babekho banombono womsebenzi omkhulu wokushumayela owawusenziwa kuwo onke amazwe ababevela kuwo. Ngosuku lokugqibela, inani lababekho lantinga laya kutsho kwi-123 707 kwintetho ethi “Ngaba Unokuphila Ngonaphakade Elonwabeni Emhlabeni?” Umxholo wendibano wawusithi “Ulwando Lobuthixo.” Ingqalelo yayijoliswe kulwando olwaluqhubeka. Sekunjalo, njengokuba usihlalo, uGrant Suiter, wagxininisayo, oku kwakungenziwa ngenjongo yokuzukisa nabani na njengonengqondo ekrelekrele kwintlangano ebonakalayo. Kunoko, wathi: “Uzuko lufanele lusiwe kuYehova ngenxa yamanani amatsha amakhulu esinawo. Oko kufanele kube njalo, yaye asiyi kuqhuba nangayiphi na enye indlela.”
Ngowe-1953, kwaqhutywa enye indibano eYankee Stadium eNew York. Ngesi sihlandlo ababekho bafikelela incopho yabantu abali-165 829. Njengokuba kwakunjalo ngendibano yokuqala apho, ucwangciso lwaluneengxubusho ezininzi zeziprofeto zeBhayibhile ezichulumancisayo, amacebiso asebenzisekayo ngendlela yokufeza ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, neengxelo ezivela kumazwe amaninzi. Nangona ucwangciso lwaluqalisa nge-9:30 kusasa, ngokuqhelekileyo lwalungapheli ngaphambi kweye-9:00 okanye nge-9:30 ngokuhlwa. Le yayiyindibano yeentsuku ezisibhozo ezipheleleyo zesidlo sokomoya esivuyisayo.
Kweyona ndibano yabo inkulu, eNew York ngowe-1958, kwafuneka ukuba kungasetyenziswa iYankee Stadium kuphela kodwa kwanePolo Grounds ekufutshane kwaneendawo ababenokutyekezelwa kuzo abantu abangakumbi ngaphandle kwaloo mabala emidlalo ukuze kuhlaliswe izihlwele ezazize endibanweni. Ngosuku lokugqibela, xa kwakungekho nesinye isihlalo esingenamntu, kwafunyanwa imvume yokuba kusetyenziswe nebala lokudlala leYankee Stadium, yaye onjani wona ukuchukumisa umbono okwakunguwo njengokuba amawaka ayethontelana ukungena, ekhulula izihlangu zawo aze aye kuhlala engceni! Inani lababekho ukuze baphulaphule intetho yesidlangalala lalingama-253 922. Ubungqina obungakumbi bentsikelelo kaYehova kubulungiseleli babakhonzi bakhe babonwa xa abantu abangama-7 136 bafuzisela uzahlulelo lwabo ngokuntywiliselwa emanzini kule ndibano—inani eliliphinda kabini elo labantu ababhaptizwa ngesihlandlo esingalibalekiyo ngePentekoste yowama-33 C.E., njengoko kuchazwe eBhayibhileni!—IZe. 2:41.
Okwakusenzeka kwezi ndibano kwakungebobungqina bentlangano ephumelelayo nje kuphela. Kwakuyimbonakaliso yokusebenza komoya kaThixo phakathi kwabantu bakhe. Uthando lobuzalwana olusekelwe ekuthandeni uThixo lwalubonakala kuyo yonke indawo. Kwakungekho baququzeleli bahlawulwa imali eninzi. Kuwo onke amasebe kwakusebenza abasebenzi bokuzithandela abangahlawulwayo. Abazalwana noodade abangamaKristu, ngokufuthi amaqela eentsapho, babenyamekela iindawo zezimuncu-muncu. Babelungiselela nezidlo ezishushu, yaye kwiintente ezinkulu ngaphandle kwebala lemidlalo, babephakela ababekho ngesantya esimalunga newaka ngomzuzu. Amashumi amawaka—onke ekuvuyela ukuba nesabelo emsebenzini—akhonza njengabalindi aza enza wonke umsebenzi wokwakha owawufanele wenziwe, ukupheka nokuphaka ukutya, ukucoca, nokuninzi okungakumbi.
Abasebenzi bokuzithandela abangakumbi basebenza iiyure ezininzi ukuze bafumanele abo babeze endibanweni iindawo zokuhlala. Kwiminyaka ethile, ukuze kunyanyekelwe ubuncinane ezinye zeendwendwe, kwakulungiselelwa indawo yokumisa iinqwelo ezirhuqwayo nezikwaziindawo zokuhlala neentente. Ngowe-1953 amaNgqina avuna ukutya okuzinkozo kumhlaba oziihektare ezili-16, ngesisa, evunela umlimi waseNew Jersey owayewaboleke umhlaba wakhe njengendawo yokumisa iinqwelo ezirhuqwayo nezikwaziindawo zokuhlala. Kwenziwa izindlu zangasese, izibane, iindawo zokuhlambela, amagumbi okuhlamba impahla, indawo yokutyela, neevenkile zokutya ukuze kunyanyekelwe abantu ababengaphezu kwama-45 000. Njengokuba babefika, ngephanyazo kwabakho isixeko. Amawaka angakumbi ahlaliswa ezihotele nakumakhaya abantu eNewYork nakwiindawo ezikufutshane. Oku kwakungumsebenzi omkhulu gqitha. Ngentsikelelo kaYehova, wenziwa ngempumelelo.
Iindibano Zithabath’ Unyawo
Amalungu obu buzalwana bezizwe ngezizwe anomdla onzulu kwamanye amaNgqina akwezinye iindawo. Ngenxa yoko, aye awaxhakamfula amathuba okuya kwiindibano ezingaphandle kwamazwe ahlala kuwo.
Xa kwaqhutywa eyokuqala yongcelele lweeNdibano zoNqulo Olunyulu eWembley Stadium eLondon, eNgilani, ngowe-1951, kwakukho amaNgqina asuka kumazwe angama-40. Ucwangciso lwagxininisa kwizinto eziluncedo zonqulo lokwenyaniso nokwenza ubulungiseleli bube ngumsebenzi wobomi bukabani. AmaNgqina amaninzi, asuka eNgilani angena phakathi eYurophu, apho kwakuza kuqhutywa ezinye iindibano ezisithoba kwiinyanga ezimbini ezilandelayo. Eyona inkulu kwezi yayiseFrankfurt am Main, eJamani, apho kwakukho abantu abangama-47 432 bevela kumazwe angama-24. Ububele babazalwana babonakaliswa ekuqukunjelweni kocwangciso xa iokhestra yaqalisa ukudlala baza abazalwana baseJamani batsho ngengoma besithi ndlela-ntle bewayaleza kuThixo amaNgqina akhonza kunye nabo awayevela kwamanye amazwe ukuze abe kunye nabo. Kwakuphephezeliswa iitshefu, aza amakhulu athontelana ukunqumla ibala ukuze avakalise uxabiso lwawo ngokobuqu ngalo msitho uzukileyo wobuthixo.
Ngowe-1955, amaNgqina angakumbi alungiselela ukutyelela abazalwana bawo abangamaKristu abakwamanye amazwe ngexesha lendibano. Iindwendwe ezisuka eUnited States naseKhanada zaya eYurophu zihamba ngeenqanawa ezimbini eziqeshiweyo (nganye ikhwele abantu abangama-700) neenqwelo-moya eziqeshiweyo ezingama-42. Uhlelo lwaseYurophu lwephephandaba iThe Stars and Stripes, elipapashwa eJamani, lakuchaza oku kugaleleka kwamaNgqina ngokuthi “mhlawumbi ngabona bemi baninzi baseMerika ukutyhutyha iYurophu emva kokuhlasela kweMikhosi Emanyeneyo ngeMfazwe Yehlabathi II.” Ezinye iindwendwe zazivela kuMbindi noMzantsi Merika, eAsia, eAfrika naseOstreliya. Phezu kwayo nje imigudu yabefundisi beNgqobhoko yokuthintela amaNgqina ekuqhubeni iindibano zawo eRome naseNuremberg, zombini ezi nezinye ezintandathu ezingakumbi zaqhutyelwa eYurophu kwelo hlobo. Ababekho babesusela kuma-4 351 eRome ukuya kutsho kwi-107 423 eNuremberg. Elinye iqela labantu abali-17 729 lahlanganisana eWaldbühne kwindawo ngoko eyayibizwa ngokuba yiNtshona Berlin, ndawo leyo ababenokufikelela kuyo ngaphandle kokuzichanaba engozini kangako abazalwana ababesuka koko kwakusakuba licandelo elingaseMpuma. Inkoliso yaba yayikhe yasentolongweni ngenxa yokholo lwayo okanye yayinamalungu entsapho awayevalelwe entolongweni, kodwa babesaqinile elukholweni. Hayi indlela owawufaneleke ngayo umxholo wendibano—“UBukumkani Obeyisayo”!
Nangona kwakukhe kwakho iindibano zezizwe ngezizwe ezininzi, okwenzeka ngowe-1963 kwakuqala ukwenzeka. Kwaqhutywa indibano yomhlaba wonke. Yaqalisa eMilwaukee, eWisconsin, eUnited States, yasuka yaya eNew York; ngokulandelayo, yaya kwizixeko ezine ezikhulu zaseYurophu; ukuya kutsho nakuMbindi Mpuma; yesuka yaya eIndiya, eBurma (ngoku eyiMyanmar), eThailand, eHong Kong, eSingapore, kwiiPhilippines, eIndonesia, eOstreliya, eTaiwan, eJapan, eNew Zealand, eFiji, kwiRiphabliki yaseKorea, naseHawaii; yaza ke yabuyela kuMntla Merika. Xa zizonke, iindwendwe ezazikho zazisuka kumazwe ali-161. Bebonke ababezile babengaphezu kwama-580 000. Kwakukho abantu abangama-583, ababesuka kumazwe angama-20, ababehamba nendibano, besuka kwelinye ilizwe baye kweyelinye, ukutyhutyha wonke umhlaba. Ukukhenkethiswa ngokukhethekileyo kwabanceda bakwazi ukubona iindawo ezibangel’ umdla ngokonqulo, ibe babelana nabazalwana noodade babo basekuhlaleni kubulungiseleli bendlu ngendlu. Aba bakhenkethi babezihlawulela iindleko zabo.
Kwinkoliso yeendibano zezizwe ngezizwe kwakubakho iindwendwe eziliqela ezivela kuMbindi noMzantsi Merika. Kodwa ngowe-1966-67, bafumana elabo ithuba lokulungiselela ezi ndibano. Ababekho abasokuze bawulibale umdlalo owayitsho yaphila ingxelo yeBhayibhile engoYeremiya nowanceda bonke bayiqonda intsingiselo yayo kumhla wethu.a Amaqhina othando lwamaKristu aqiniswa njengokuba iindwendwe zazizibonela ngokwazo indlela ekwakunzima ngayo ukudlulisela imfundo yeBhayibhile kuMbindi nakuMzantsi Merika. Zachukumiseka ngokunzulu lukholo olomeleleyo lwamakholwa akunye nazo, inkoliso yawo eyayoyise imiqobo ebonakala ingenakoyiswa—inkcaso yentsapho, izikhukula, ukulahlekelwa zizinto ezixabisekileyo—ukuze ibekho. Zakhuthazwa gqitha ngamava anjengalawo odade obuthathaka emzimbeni nonguvulindlela okhethekileyo waseUruguay ekwadliwanw’ indlebe naye nowayemi eqongeni nenkoliso yabantu abangama-80 awayesele ebancedile benza inkqubela enyanisweni ukusa kwinqanaba lokubhaptizwa njengamaKristu! (Ngowe-1992, ebesele encede abantu abangaphezu kwe-105 ukusa kwinqanaba lobhaptizo. Ebesebuthathaka yaye esenguvulindlela okhethekileyo!) Kwakhona, hayi indlela okwakukhuthaza ngayo ukudibana nabavangeli basemazweni beeklasi zokuqala zaseGiliyadi besaxakekile ezabelweni zabo! Ezo ndibano zaba lukhuthazo oluhle kumsebenzi owenziwayo kuloo mmandla wehlabathi. Kwinkoliso yaloo mazwe, ngoku kukho abadumisi bakaYehova ababaphinda izihlandlo ezili-10, ezili-15 okanye nezingama-20 ababekho ngoko.
Kwiminyaka embalwa kamva, ngowe-1970-71, amaNgqina asuka kwamanye amazwe akwazi ukunxulumana nabazalwana bawo kwiindibano zezizwe ngezizwe ezaqhutyelwa eAfrika. Eyona inkulu kwezi ndibano yayiseLagos, eNigeria, apho yonke into yayakhiwe ukusuka phantsi. Ukuze kukhuselwe iindwendwe elangeni elitshisayo, kwakhiwa isixeko ngemithi yoqalo—iindawo zokuhlala, iindawo zokulala, iindawo zokudlela, namanye amasebe. Oku kwafuna iintsika zoqalo ezili-100 000 neenkuko ezinkulu ezingama-36 000—zonke ezalungiselelwa ngabazalwana noodade. Ucwangciso lwaqhutywa ngeelwimi ezili-17 ngaxeshanye. Inani lababekho lafikelela kwi-121 128, kwaza kwabhaptizwa amaNgqina amatsha angama-3 775. Kwakukho abantu bezizwe eziliqela, yaye inkoliso yabo babekho ngabantu ababesilwa ngaphambili. Kodwa ngoku, olunjani lona uvuyo ekwaba lulo ukubabona bemanyaniswe ngamaqhina obuzalwana bobuKristu bokwenyaniso!
Emva kwendibano, ezinye zeendwendwe ezivela kwamanye amazwe zahamba ngoduladula zaya eIgboland ukuze zizibonele indawo eyayichatshazelwe kakhulu yimfazwe yamakhaya eyayisandul’ ukuphela. Kwabakho uchulumanco olukhulu kuzo zonke ezo dolophu njengokuba amaNgqina asekuhlaleni ayexhawula yaye ebulisa iindwendwe ngokuzanga. Abantu baphuma beza kubukela ezitratweni. Ukubonakaliswa kothando nomanyano okunjalo phakathi kwabantsundu nabamhlophe babengazange bakubone ngaphambili.
Kumazwe athile ngenxa yobuninzi bawo amaNgqina kaYehova akakwazi ukuhlanganisana kwindawo enye. Noko ke, ngezihlandlo ezithile, iindibano ezinkulu eziliqela ziye zaqhutywa ngaxeshanye, zilandelwa zezingakumbi, kwiveki ezilandelelanayo. Ngowe-1969, umanyano olwalukho kwiindibano ezilungiselelwe ngolu hlobo lwaqiniswa sisibakala sokuba ezinye zezithethi eziphambili zazihamba ngenqwelo-moya zisuka kwenye indibano ziye kwenye, ngaloo ndlela zisibakho kuzo zonke. Ngowe-1983 nowe-1988, kwabakho umanyano olufanayo xa iqela leendibano ezinkulu ekuthethwa ulwimi olunye kuzo zanxityelelaniswayo, kwanezikwamanye amazwe, ngokudluliselwa ngefoni kwentetho eziphambili ezazinikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo. Noko ke, eyona nto lusekelwe kuyo umanyano olukhoyo phakathi kwamaNgqina kaYehova sisibakala sokuba onke anqula uYehova njengokuphela koThixo oyinyaniso, onke abambelele eBhayibhileni njengesikhokelo sawo, onke angenelwa kwinkqubo enye yokondliwa ngokomoya, onke akhangela kuYesu Kristu njengeNkokeli yawo, onke azabalazela ukubonakalisa iziqhamo zomoya kaThixo ebomini bawo, onke akholosa ngoBukumkani bukaThixo, yaye onke anesabelo ekudluliseleni iindaba ezilungileyo zobo Bukumkani kwabanye.
Ukulungelelaniselwa Ukudumisa UYehova Emhlabeni Wonke
AmaNgqina kaYehova aye anda kangangokuba maninzi kunabemi bamazwe athile amaninzi. Ukuze iindibano zawo ziyizalisekise kakuhle kangangoko injongo yazo, kufuneka kucetywe ngenyameko gqitha. Noko ke, izicelo ezibhaliweyo ezalatha indawo afanele aye kuyo amaNgqina asuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo ngokuqhelekileyo zanele ukuqinisekisa ukuba kuya kubakho indawo eyanele umntu wonke. Xa kucetywa iindibano zezizwe ngezizwe, ngokufuthi ngoku kuba yimfuneko ukuba iQumrhu Elilawulayo lingaqwalaseli nje kuphela inani lamaNgqina asuka kwamanye amazwe angathanda ukuya nanokukwazi ukwenjenjalo kodwa kwanendawo efumanekayo ekunokuqhutyelwa indibano kuyo, inani lamaNgqina asekuhlaleni aya kuba ekho, nobungakanani bendawo yokuhlala iindwendwe ezinokuyifumana; kwandule ke kunikelwe elona nani liphakamileyo ilizwe ngalinye elinokulithumela. Oko kwakunjalo ngeeNdibano “Zokuhlonela UThixo” ezintathu ezaqhutyelwa ePoland ngowe-1989.
Kwezo ndibano kwakulindelwe amaNgqina kaYehova angama-90 000 asuka ePoland ukongezelela kumawaka abantu abasandul’ ukuba nomdla. Nabanye abaninzi abasuka eBritani, eKhanada, naseUnited States babemenyiwe. Kwakulindelwe iindwendwe ezininzi ezivela eItali, eFransi naseJapan. Abanye beza bevela eScandinavia naseGrisi. Ubuncinane kwakukho abantu abavela kumazwe angama-37. Kwezinye iinxalenye zocwangciso kwafuneka iintetho zesiPolish okanye zesiNgesi ziguqulelwe kwezinye iilwimi ezili-16. Bebonke ababezile babeli-166 518.
Amaqela amakhulu amaNgqina awayekwezi ndibano ayevela kuloo ndawo ngoko yayiyiSoviet Union naseCzechoslovakia; kwakukho namaqela alinganiselweyo avela kwamanye amazwe aseMpuma Yurophu. Iihotele neendawo zokulala zezikolo zazinganele ukulalisa wonk’ ubani. Ngomoya wokubuk’ iindwendwe, amaNgqina asePoland avula iintliziyo namakhaya awo, ngovuyo esabelana nabanye ngoko ayenako. Elinye ibandla elinabantu abali-146 lalungiselela iindwendwe ezingaphezu kwe-1 200 indawo yokulala. Abanye ababekho kwezi ndibano, kwakukokokuqala ukuba baye kwindibano enkulu enabantu bakaYehova abangaphezu kwabali-15 okanye abangama-20. Iintliziyo zabo zazaliswa luxabiso njengokuba babekhangele amashumi amawaka awayekho kumabala emidlalo, ethelela nabo emthandazweni, baza bahlanganisa amazwi abo kwiingoma zokudumisa uYehova. Xa babexubana ngexesha lonqumamo, babesangana ngokufudumeleyo, nangona ngokufuthi babengakwazi ukukuthetha oko kwakusezintliziyweni zabo ngenxa yokwahluka kolwimi.
Ekupheleni kwendibano, iintliziyo zabo zazizaliswe ngumbulelo kuYehova, owayenze konke oku. EWarsaw, emva kwamazwi okuthi ndlela-ntle kasihlalo, abaphulaphuli batsho ngentswahla yezandla eyatsho ubuncinane imizuzu elishumi. Emva kwengoma nomthandazo wokuqukumbela, zaqala phantsi kwakhona izandla, yaye abaphulaphuli bakha bathi xhonxosholo ithuba elide apho babehleli khona. Kwakuyiminyaka emininzi besilindele esi sihlandlo, ibe babengafuni siphele.
Kunyaka olandelayo, ngowe-1990, kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezintlanu uvuliwe umsebenzi wamaNgqina kaYehova emva kweminyaka engama-40 uvaliwe kuloo ndawo ngoko yayisakuba yiMpuma Jamani, kwaqhutywa enye indibano echulumancisayo, le yona yayiseBerlin. Phakathi kwama-44 532 awayekho kwakukho iindwendwe ezivela kumazwe angama-65 awahlukahlukeneyo. Kwamanye amazwe, kwakuze abambalwa kuphela; ababesuka ePoland, babengama-4 500. Yayingenakuchazwa ngamazwi indlela ababevakalelwa ngayo abo babengazange ngaphambili babe nayo inkululeko yokubakho kwindibano enjalo, yaye xa bonke ababekho bathelela kwingoma yokudumisa uYehova, abazange bakwazi ukuzibamba iinyembezi zovuyo.
Kamva kuloo nyaka, xa kwaqhutywa indibano efanayo eSão Paulo, eBrazil, kwafuneka amabala emidlalo amabini amakhulu ukwenzela abo baphulaphuli basuka kumazwe ngamazwe bali-134 406. Le yalandelwa yindibano eyayiseArgentina, apho kwakhona kwasetyenziswa amabala emidlalo amabini ngaxeshanye ukuze kuhlaliswe abaphulaphuli ababesuka kumazwe ngamazwe. Yaye ebutsheni bowe-1991, kwabakho nezinye iindibano ezingakumbi zezizwe ngezizwe kwiiPhilippines, eTaiwan, naseThailand. Kwakhona kwakukho abaphulaphuli abaninzi abasuka kumazwe amaninzi ngaloo nyaka kwiindibano zaseMpuma Yurophu—eHungary, eCzechoslovakia, nakuloo ndawo ngoku eyiCroatia. Ibe ngowe-1992, iindwendwe ezivela kumazwe angama-28 zakugqala kulilungelo ukuba phakathi kwabantu abangama-46 214 eSt. Petersburg kwindibano yokuqala eyayiyeyezizwe ngezizwe ngokwenene yamaNgqina kaYehova eRashiya.
Amathuba Okuhlaziywa Rhoqo Ngokomoya
Asizizo zonke iindibano eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova eziba zezezizwe ngezizwe. Noko ke, iQumrhu Elilawulayo lilungiselela iindibano ezinkulu kube kanye ngonyaka, ibe ucwangciso olufanayo lunanditshwa emhlabeni wonke ngeelwimi ezininzi. Ezi ndibano zisenokuba nkulu ngokwenene, zivulele ithuba lokunxulumana namanye amaNgqina avela kwezinye iindawo ezininzi, okanye zisenokuba ncinane ziqhutyelwe kwizixeko ezininzi, nto leyo eyenza kube lula ngabasebatsha ukuba babekho ize ivulele noluntu ngokubanzi kumakhulu ezixeko ezincinane ukuba lukhe luwaqwalasele ngokusondeleyo amaNgqina kaYehova xa emaninzi.
Ukongezelela, kanye ngonyaka isiphaluka ngasinye (mhlawumbi esakhiwe ngamabandla angaphezu kwama-20) siyahlanganisana kucwangciso lweentsuku ezimbini zokululekwa nokukhuthazwa ngokomoya.b Kwakhona, ukususela ngoSeptemba 1987, kanye ngonyaka kulungiselelwa indibano yosuku olukhethekileyo, ucwangciso olwakhayo losuku olunye, kwisiphaluka ngasinye. Xa kunokwenzeka, ilungu labo basebenza kwikomkhulu loMbutho okanye uthile osuka kwiofisi yesebe uyathunyelwa ukuze abe nesabelo kucwangciso. Olu cwangciso luxatyiswa gqitha ngamaNgqina kaYehova. Kwimimandla emininzi iindawo zendibano azikho kude okanye kulula ukuzifikelela. Kodwa akusoloko kunjalo. Omnye umveleli ohambahambayo ukhumbula isibini esisele sikhulile esahamba iikhilomitha ezingama-76 siphethe iisutikheyisi neengubo ukuze sibekho kwindibano yesiphaluka eZimbabwe.
Inkonzo yasentsimini ebudeni bendibano ayiseyombalasane yazo zonke ezi ndibano, kodwa oko akubangelwa kukuba amaNgqina eyijonga njengengabalulekanga kangako. Kwiimeko ezininzi abantu abahlala kufutshane neendawo zendibano ngoku batyelelwa rhoqo ngamaNgqina asekuhlaleni—kwezinye iimeko, qho emva kweeveki ezimbalwa. Abo beze endibanweni bayawaphaphela amathuba okunikela ubungqina ngokungacwangciswanga, yaye ihambo yabo yobuKristu inikela ubungqina obunamandla ngenye indlela.
Ubungqina Bobuzalwana Bokwenyaniso
Ubuzalwana obubonakalayo phakathi kwamaNgqina kwiindibano zawo bubonakala lula kubakhi mkhanya. Banokubona ukuba akukho mkhethe phakathi kwawo nokuba ububele bokwenyaniso buyabonakala naphakathi kwabo basenokuba babonana okwesihlandlo sokuqala. Ngexesha leNdibano Yezizwe Ngezizwe Yokuthanda KukaThixo eNew York ngowe-1958, iAmsterdam News yaseNew York (Agasti 2) yanikela le ngxelo: “Kuyo yonke indawo amaNegro, abamhlophe nabemi baseMpuma, abasuka kuzo zonke iimeko zobomi nakuzo zonke iindawo zomhlaba, bebexubana ngovuyo nangokukhululekileyo. . . . La maNgqina ebeze kunqula esuka kumazwe ali-120 ehlala yaye enqula kunye ngoxolo ebonisa abemi baseMerika indlela ekulula ngayo oko. . . . Le Ndibano ingumzekelo oqaqambileyo wendlela abantu abanokusebenza baze bahlale kunye ngayo.”
Kutshanje, xa amaNgqina kaYehova aqhuba iindibano ngaxeshanye eThekwini naseRhawutini, eMzantsi Afrika, ngowe-1985, ababekho babephuma kuwo onke amaqela amakhulu eentlanga neelwimi eMzantsi Afrika, kwaneendwendwe ezivela kwamanye amazwe angama-23. Ubudlelane bothando babuzicacele phakathi kwabo bangama-77 830 ababekho. Elinye ibhinqa eliselula lomIndiya lathi: “Intle lento. Ukubona abeBala, amaIndiya, abamhlophe nabantsundu bexubene kuyiguqule ngokupheleleyo indlela endibujonga ngayo ubomi.”
Le mvakalelo yobuzalwana ayipheleli nje kuncumo, ukuxhawulana nokubizana ngokuthi “mzalwana” nangokuthi “dade.” Ngokomzekelo, xa kwakusenziwa amalungiselelo eNdibano “yeeNdaba Ezilungileyo Zikanaphakade” emhlabeni wonke ngowe-1963, amaNgqina kaYehova axelelwa ukuba ukuba ayengathanda ukunceda amanye ngemali ukuze aye endibanweni, uMbutho wawuya kukuvuyela ukuqinisekisa ukuba loo mali inceda abazalwana abakuzo zonke iindawo emhlabeni. Akuzange kungqitywe, yaye akuzange kuthatyathwe eyeendleko zaloo msebenzi. Yonke imali yaya kwinjongo echaziweyo. Ngale ndlela, kwancedwa abantu abangama-8 179 ukuba baye endibanweni. Kwancedwa iindwendwe ezazisuka kuwo onke amazwe akuMbindi noMzantsi Merika, njengokuba kwakunjalo nangamawaka avela eAfrika nabaninzi bakuMbindi Mpuma nakwiMpuma Ekude. Inxalenye enkulu yabo bancedwayo ngabazalwana noodade ababenikele ngeminyaka emininzi kubulungiseleli bexesha elizeleyo.
Ngasekupheleni kowe-1978, kwakucetywe ukuba kuqhutywe indibano eAuckland, eNew Zealand. AmaNgqina akwiziQithi zikaCook ayekwazi oku ibe ekulangazelela ukuya. Kodwa imeko yezoqoqosho kweso siqithi yayimbi kangangokuba kwakuya kufuneka ukuba mntu ngamnye ahlawule imali eninzi ukuze athabathe olo hambo. Noko ke, abazalwana noodade bokomoya abanothando baseNew Zealand banikela ngemali yalo lonke olo hambo yabemi beso siqithi abangama-60. Hayi indlela ababonwabe ngayo kuba babekho ukuze babelane ngeso sidlo sokomoya nabazalwana babo abangamaMaori, amaSamoa, amaNiue, nabaMhlophe!
Umoya okhoyo phakathi kwamaNgqina kaYehova wabonakala koko kwenzeka ekupheleni kweNdibano Yesithili “Yokuba Sesikweni KukaThixo” eMontreal, eKhanada, ngowe-1988. Kangangeentsuku ezine ababekho endibanweni abathetha isiArabhu, isiFrentshi, isiGrike, isiNgesi, isiPhuthukezi, iSpanish nesiTaliyane babenandipha ucwangciso olufanayo kodwa ngeelwimi zabo. Noko ke ekupheleni kocwangciso lokugqibela, bonke ababekho abangama-45 000 bahlanganisana kwiOlympic Stadium bebonakalisa ngokuchukumisayo ubuzalwana nokumanyana kwinjongo enye. Bavuma kunye, qela ngalinye ngolwimi lwalo ingoma ethi, “Masiyivume le ngoma . . . ‘uYehova uyalawula; vuya . . . nawe mhlaba.’”
[Footnotes]
a Kuye kwenziwa imidlalo engakumbi engamashumi asixhenxe enjalo kwiminyaka engama-25 eyalandelayo.
b Ukususela ngowe-1947 ukusa kowe-1987, ezi zaziqhutywa kabini ngonyaka. De kwaba ngowe-1972, ezi ndibano zazithabatha iintsuku ezintathu; kwaza ke kwaqaliswa ucwangciso lweentsuku ezimbini.
[Blurb on page 255]
“Ndachukunyiswa gqitha ngumoya wothando nobubele bobuzalwana”
[Blurb on page 256]
Oololiwe bendibano—bonke sebekhwele!
[Blurb on page 275]
Amalungiselelo endibano ayengenziwa ngabaququzeleli abahlawulwa imali eninzi, kodwa ngabasebenzi bokuzithandela abangahlawulwayo
[Blurb on page 278]
Umanyano phakathi kwabantsundu nabamhlophe
[Box/Picture on page 261]
Izigqibo Ezibalulekileyo Ezisixhenxe Ezenziwa Ezindibanweni
Ngowe-1922, isigqibo esinomxholo othi “Ucelomngeni Kwiinkokeli Zehlabathi” sathi mazize nobungqina bokuba abantu banabo ubulumko bokulawula lo mhlaba okanye zivume ukuba uxolo, ubomi, inkululeko, nolonwabo olungenasiphelo luvela kuYehova ngoYesu Kristu kuphela.
Ngowe-1923, kwenziwa “Isilumkiso Esiya Kuwo Onke AmaKristu” ngokungxamiseka kwemfuneko yokusaba kwiintlangano ngobuqhetseba ezithi zimela uThixo noKristu.
Ngowe-1924, esithi “Abefundisi Babekw’ Ityala” sabhenca iimfundiso nezinto ezazisenziwa ngabefundisi beNgqobhoko ezingekho zibhalweni.
Ngowe-1925, “Isigidimi Sethemba” sabonisa isizathu sokuba abo bathi bazizikhanyiso zehlabathi beye basilela ukwanelisa ezona ntswelo zibalulekileyo zabantu nendlela uBukumkani bukaThixo kuphela obunokuzanelisa ngayo.
Ngowe-1926, esithi “Ubungqina Obuya Kubalawuli Behlabathi” sabazisa ukuba nguYehova kuphela uThixo oyinyaniso nokuba uYesu Kristu ngoku uyalawula njengoKumkani ofanelekileyo womhlaba. Sabongoza abalawuli ukuba basebenzise impembelelo yabo ekuguquleni iingqondo zabantu babuyele kuThixo oyinyaniso ukuze bangehlelwa yintlekele.
Ngowe-1927, “Isigqibo Esiya Kubantu BeNgqobhoko” sabhenca umanyano lwezoqoqosho-ezobupolitika-ezonqulo olucinezela uluntu. Sabongoza abantu ukuba bayishiye iNgqobhoko baze bathembele kuYehova nakuBukumkani bakhe obusezandleni zikaKristu.
Ngowe-1928, “Isindululo Esinxamnye NoSathana Nesokumela UYehova” sacacisa ukuba uKumkani kaYehova othanjisiweyo, uYesu Kristu, kungekudala uza kumkhonkxa uSathana aze ayitshabalalise intlangano yakhe engendawo, saza sabongoza bonke abathanda ubulungisa ukuba beme ngakwicala likaYehova.
[Box/Pictures on page 272, 273]
Iimbalasane Zezinye Zeendibano Ezinkulu
Amakhulu eendwendwe ezinehlombe afika ngeenqanawa, amawaka ngeenqwelo-moya, amashumi amawaka ngeenqwelo-mafutha nooduladula
Kwafuneka ulungelelwaniso oluhle nabasebenzi bokuzithandela abaninzi ukuze kufunyanwe kuze kwabiwe iindawo zokuhlala ezaneleyo
Ebudeni bezi ndibano zeentsuku ezisibhozo, izidlo ezifudumeleyo—ngamashumi amawaka azo—zaziphakelwa ababekho rhoqo
Ngowe-1953, kwindawo yeenqwelo ezirhuqwayo nezikwaziindawo zokuhlala neentente kwahlala abantu abangaphezu kwama-45 000 ababeze endibanweni
ENew York, ngowe-1958, kwabhaptizwa abantu abangama-7 136—elona nani likhulu lakha labhaptizwa ngaxeshanye ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E.
Kwakuxhonywe amazwi okubulisa ngeelwimi zamazwe amaninzi, yaye ucwangciso lwaqhutywa ngeelwimi ezingama-21, eNew York ngowe-1953
[Picture on page 256]
Ababezile kwindibano yeIBSA eWinnipeg, eManitoba, eKhanada, ngowe-1917
[Pictures on page 258]
UJ. F. Rutherford enikela intetho eCedar Point, eOhio, ngowe-1919. Wabongoza bonke ukuba babe nesabelo ngenzondelelo ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo, besebenzisa i-“The Golden Age”
[Picture on page 259]
Indibano eyayiseCedar Point ngowe-1922. Kwahlatyw’ ikhwelo kwathiwa: “Mbhengezeni uKumkani noBukumkani”
[Picture on page 260]
UGeorge Gangas wayeseCedar Point ngowe-1922. Kangangeminyaka engama-70 ukususela ngoko ebeqhubeka evakalisa uBukumkani bukaThixo ngenzondelelo
[Box on page 262, 263]
Ababekho kwindibano yowe-1931 eColumbus, eOhio, nabalamkela ngehlombe igama elithi amaNgqina kaYehova
[Picture on page 264]
UN. H. Knorr ekhulula i-“New World Translation of the Christian Greek Scriptures” ngowe-1950
[Picture on page 264]
Iintetho ezazinikelwa nguF. W. Franz ezingokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile zaziyimbalasane yendibano (eNew York, 1958)
[Pictures on page 265]
Kangangeminyaka emininzi inkonzo yasentsimini yayiyinxalenye ebalulekileyo yazo zonke iindibano.
ELos Angeles, eU.S.A., 1939 (ngezantsi); eStockholm, eSweden, 1963 (umfanekiso omncinane)
[Pictures on page 266]
Xa uJ. F. Rutherford wanikela intetho eWashington, D.C., ngowe-1935, esi sigidimi sasasazwa ngonomathotholo nefoni kumazwekazi amathandathu
[Pictures on page 268]
UErich Frost, eNuremberg, eJamani, ngowe-1946, ngehlombe wanikela intetho ethi “AmaKristu Eluvavanyweni”
[Picture on page 269]
Indibano eyaqhutyelwa kwibala elivulekileyo eKitwe, kuMntla Rhodesia, ebudeni botyelelo lukaN. H. Knorr ngowe-1952
[Pictures on page 270, 271]
Ngowe-1958 abaphulaphuli abangama-253922, ababezalise amabala emidlalo amabini amakhulu aseNew York, beva isigidimi esithi “UBukumkani BukaThixo Buyalawula—Ngaba Isiphelo Sehlabathi Sisondele?”
IPolo Grounds
IYankee Stadium
[Picture on page 274]
UGrant Suiter, usihlalo wendibano eYankee Stadium ngowe-1950
[Picture on page 274]
UJohn Groh (ehleli phantsi), ethetha ngokulungelelaniswa kwendibano noGeorge Couch ngowe-1958
[Pictures on page 277]
Ngowe-1963 kwaqhutywa indibano eyayijikeleza ihlabathi lonke, iindwendwe ezisuka kumazwe angama-20 zazihamba nayo umhlaba wonke
IKyoto, eJapan (ezantsi ngasekhohlo), yayisesinye sezixeko ezingama-27 zendibano. Abeze endibanweni kwiRiphabliki yaseKorea omnye uzazisa komnye (embindini). Indlela yokubulisa yamaMaori eNew Zealand (ezantsi ngasekunene)
[Pictures on page 279]
Indibano eyaqhutywa ngeelwimi ezili-17 ngaxeshanye, kwindawo eyakhiwe ngoqalo ukwenzela eso sihlandlo (eLagos, eNigeria, 1970)
[Pictures on page 280]
Kwaqhutywa iindibano ezinkulu ezintathu ePoland ngowe-1989, kukho iindwendwe ezivela kumazwe angama-37
UT. Jaracz (emi ngase-kunene) wanikela intetho kwababekho ePoznan
Kwabhaptizwa amawaka eChorzów
Abaphulaphuli baqhwaba ixesha elide eWarsaw
Ababeze endibanweni besuka kuloo ndawo ngoko yayisakuba yiU.S.S.R. (ezantsi)
EChorzów iinxalenye zocwangciso zaguqulelwa kwiilwimi ezili-15