Isahluko 18
‘Ukufuna UBukumkani Tanci’
UMXHOLO ophambili weBhayibhile kukungcwaliswa kwegama likaYehova ngoBukumkani. UYesu Kristu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bafune uBukumkani kuqala, babubeke ngaphambi kwezinye izilangazelelo ebomini. Ngoba?
Ngokufuthi IMboniselo iye yacacisa ukuba ngenxa yesibakala sokuba enguMdali, uYehova unguMongami Wendalo Iphela. Ufanelwe kukuhlonelwa ngokunzulu zizidalwa zakhe. (ISityhi. 4:11) Noko ke, kwasekuqaleni kwembali yoluntu, unyana kaThixo ongumoya owazenza uSathana uMtyholi ngendelelo walucel’ umngeni ulongamo lukaYehova. (Gen. 3:1-5) Ukongezelela, uSathana wababek’ ityala lokuba neentshukumisa zokuzingca bonke ababekhonza uYehova. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5; ISityhi. 12:10) Ngaloo ndlela uxolo lwendalo lwaphazanyiswa.
Kangangamashumi eminyaka ngoku, iimpapasho zeWatch Tower bezicacisa ukuba uYehova wenze ilungiselelo lokuzizinzisa ezi mbambano ngendlela eya kuphakamisa kungekuphela nje amandla akhe amakhulu kodwa nokubalasela kobulumko bakhe, okusesikweni kwakhe, nothando lwakhe. Inxalenye ephambili yeli lungiselelo buBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Ngobo Bukumkani, uluntu lunikwe ithuba elikhulu lokufunda iindlela zobulungisa. Ngobo Bukumkani, abangendawo baya kutshatyalaliswa, ulongamo lukaYehova luya kuthethelelwa, ize izalisekiswe injongo yakhe yokwenza lo mhlaba ube yiparadisi ezaliswe ngabantu abamthanda ngokwenene uThixo nabathandanayo nabasikelelwe ngobomi obufezekileyo.
Ngenxa yokubaluleka kwabo, uYesu waluleka abalandeli bakhe wathi: “Funani ke tanci ubukumkani.” (Mat. 6:10, 33) Kumaxesha anamhlanje amaNgqina kaYehova anikele ubungqina obuyintabalala bokuba azabalazela ukusithobela eso siluleko.
Ukuncama Zonke Izinto Ngenxa YoBukumkani
Kwasekuqaleni, aBafundi beBhayibhile banikela ingqalelo koko kwakuthethwa kukufuna tanci uBukumkani. Baxubusha umzekeliso kaYesu kuwo awafanisa uBukumkani neperile exabiso likhulu awathi umntu othile “wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.” (Mat. 13:45, 46) Bacinga nzulu ngokubaluleka kwesiluleko sikaYesu kumlawuli oselula osisityebi sokuba athengise yonke into, abele amahlwempu, aze amlandele. (Marko 10:17-30)a Baqonda ukuthi ukuba babeza kungqineka bekufanelekele ukuba nesabelo kuBukumkani bukaThixo, bamele benze uBukumkani bube yinto yokuqala kwizilangazelelo zabo, ngovuyo basebenzise ubomi babo, ubuchule babo, ubuncwane babo, enkonzweni yabo. Yonke enye into ebomini yayimele ibe kwindawo yesibini.
UCharles Taze Russell ngokobuqu wenza ngokuvisisana neso siluleko. Wathengisa ishishini lakhe eliphumelelayo lempahla yamadoda, ngokuthe ngcembe wanciphisa ukubandakanyeka kwakhe kwezoshishino, waza wasebenzisa zonke izinto zakhe zasemhlabeni ukuze ancede abantu ngendlela yokomoya. (Thelekisa uMateyu 6:19-21.) Le asiyonto awayenza iminyakana embalwa kuphela. De kwaba sekufeni kwakhe, wabusebenzisa bonke ubuncwane bakhe—amandla akhe engqondo, impilo yakhe yasemzimbeni, izinto zakhe eziphathekayo—ekufundiseni abanye isigidimi esibalulekileyo soBukumkani bukaMesiya. Kumngcwabo kaRussell isinxulumani sakhe, uJoseph F. Rutherford, sathi: “UCharles Taze Russell ebenyanisekile kuThixo, enyanisekile kuKristu Yesu, enyanisekile kwiinjongo zoBukumkani bukaMesiya.”
NgoAprili 1881 (xa kwakubakho abantu abambalwa kuphela kwiintlanganiso zaBafundi beBhayibhile), IMboniselo (yesiNgesi) yapapasha inqaku elithi “Kufuneka Abashumayeli Abali-1 000.” Apha kwakuqukwa isimemo kumadoda namabhinqa awayengenazintsapho zixhomekeke kuwo ukuba athabathe umsebenzi wokuba ngabahambisi bevangeli abangoovulindlela. Isebenzisa isigama somzekeliso kaYesu okuMateyu 20:1-16, IMboniselo yabuza: “Ngubani onomnqweno ovuthayo wokuya kusebenza eSidiliyeni, nobethandazela ukuba iNkosi ivule indlela”? Abo babenokunikela ubuncinane isiqingatha sexesha labo ngokukodwa kumsebenzi weNkosi bakhuthazwa ukuba benze izicelo. Ukuze bancedwe ngeendleko zokuhamba, ukutya, into yokunxiba nekhusi, iZion’s Watch Tower Tract Society yayibanika oovulindlela bokuqala uncwadi lweBhayibhile ukuba balusasaze, ibaxelele umnikelo omncinane ababenokuwucela ngolo ncwadi, yabachazela abo vulindlela ukuba bazigcinele inxalenye yemali efunyenwe ngolo hlobo. Ngoobani abasabelayo kula malungiselelo baza bangenela inkonzo yobuvulindlela?
Ngowe-1885 babemalunga nama-300 oovulindlela ababenxulumene noMbutho. Ngowe-1914 ekugqibeleni elo nani lagqitha kwi-1 000. Lo yayingengomsebenzi olula. Emva kokutyelela amakhaya kwiidolophana ezine nokufumana abantu abathathu okanye abane ababenomdla ngandlel’ ithile, omnye uvulindlela wabhala: “Manditsho ukuba noko bendinesithukuthezi kule ndlela inde kangaka, xa bendidibana nabantu abaninzi kangaka, yaye ndifumana abambalwa kangaka abanomdla kwicebo likaThixo neCawa. Ndincedeni nindithandazele, ukuze ndiyinikele ngokufanelekileyo nangokungoyiki inyaniso, nokuze ndingatyhafi ekwenzeni okulungileyo.”
Bazinikela Ngeentliziyo
Abo vulindlela babeyihlahla ngokwenene indlela. Babefikelela kwezona ndawo zingafikelelekiyo zelizwe ngexesha apho ezothutho zazisesemva kakhulu yaye neendlela, ubukhulu becala, zilungele iinqwelo zamahashe. UDade Early, eNew Zealand, ngomnye owayesenza oko. Eqalisa ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi I, wanikela iminyaka engama-34 kuloo nkonzo yexesha elizeleyo ngaphambi kokufa kwakhe ngowe-1943. Watyhutyha ummandla omkhulu welo lizwe ngebhayisekile. Kwanaxa waba sisiqhwala ngenxa yesifo sokuqaqamba kwamalungu waza akakwazi ukukhwela ibhayisekile, wayeyisebenzisela ukusimelela nokuthwala iincwadi zakhe kummandla wecawa ekuthiwa yiChristchurch. Wayekwazi ukunyuka izinyuko, kodwa kwakufuneka ehle ngomva ngenxa yokuqhwalela. Sekunjalo logama nje wayenawo amandla, wawasebenzisa kwinkonzo kaYehova.
Aba bantu abazange bangenele lo msebenzi kuba babezithembile. Abanye babengezozithethi ngokwemvelo, kodwa babethanda uYehova. Ngaphambi kokunikela ubungqina kummandla wamashishini, omnye udade onjalo wayecela ngamnye kuBafundi beBhayibhile kummandla wakhe ukuba amthandazele. Ekuhambeni kwexesha, njengokuba wayefumana amava, waba nehlombe kakhulu ngalo msebenzi.
Xa uMalinda Keefer wayethetha noMzalwan’ uRussell ngowe-1907 ngomnqweno wakhe wokungenela inkonzo yexesha elizeleyo, wathi wayevakalelwa kukuba kufuneka azuze ulwazi olungakumbi kuqala. Enyanisweni, weyedibene okokuqala noncwadi lwaBafundi beBhayibhile kunyaka ongaphambili. UMzalwan’ uRussell wamphendula wathi: “Ukuba ufuna ukulinda de wazi yonke into akusokuze uqale, kodwa uya kufunda njengokuba uqhubeka.” Engalibazisanga, waqalisa ngokukhawuleza eOhio, eUnited States. Ngokufuthi wayekhumbula INdumiso 110:3, ethi: “Abantu bakho baya kuzinikela ngeentliziyo.” Kwiminyaka engama-76 elandelayo, waqhubeka esenza kanye oko.b Waqalisa engekatshati. Kangangeminyaka eli-15 wanandipha ukukhonza etshatile. Kodwa akube efile umyeni wakhe, ngoncedo lukaYehova, akazange ayeke. Ekhangela emva kwiminyaka edluleyo, wathi: “Hayi indlela endinombulelo ngayo kuba ndazinikela ngentliziyo ukuba ndibe nguvulindlela ngoxa ndandiselibhinqa eliselula ndaza ndaqhubeka ndibeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala!”
Xa kwakuqhutywa iindibano ezinkulu ngaphambili phaya, ngokufuthi kwakusenziwa amalungiselelo ocwangciso olukhethekileyo noovulindlela. Kwakuphendulwa imibuzo, kuqeqeshwe abasebatsha, kuze kunikelwe ukhuthazo.
Ukususela ngowe-1919 ukusa phambili, kwabakho abakhonzi bakaYehova abaninzi ngakumbi ababebuxabisa kakhulu uBukumkani bukaThixo kangangokuba basekela ubomi babo kubo. Abanye babo bakwazi ukubekela ecaleni usukelo lwehlabathi baza bazinikela ngokupheleleyo kubulungiseleli.
Ukunyamekela Iintswelo Zokwenyama
Babezinyamekela njani iintswelo zabo zokwenyama? UAnna Petersen (kamva waba nguRømer), umhambisi wevangeli wexesha elizeleyo eDenmark, wakhumbula oku: “Kwiindleko zemihla ngemihla sasincedwa kukuhambisa uncwadi, yaye iintswelo zethu zazingengako. Xa kwakusenzeka kubekho iindleko ezinkulu, ngandlel’ ithile nezi kwakuhlangatyezwana nazo. Oodade babedla ngokusipha impahla, iilokhwe okanye iibhatyi, ibe ezi sasinokuzinxiba kwangoko, ibe sasinxiba kakuhle gqitha. Yaye maxa wambi ebusika ndandisebenza eziofisini iinyanga ezimbalwa. . . . Ngokuthenga xa amaxabiso ethotyiwe, ndandikwazi ukuthenga zonke iimpahla endizifunayo unyaka wonke. Izinto zazihamba kakuhle. Sasingaze siswele nto.” Izinto eziphathekayo zazingeyiyo eyona nto ibaxhalabisayo. Uthando lwabo ngoYehova neendlela zakhe lwalufana nomlilo ovuthayo ngaphakathi kubo, ibe babefanele nje balubonakalise.
Indawo yokuhlala babeyifumana ngokuqesha igumbi elindilisekileyo ngoxa betyelela abantu abakuloo mmandla. Abanye babo babesebenzisa inqwelo erhuqwayo—engenabugocigoci, indawo nje yokulala nokutya. Abanye babelala kwiintente njengokuba babesuka kwenye indawo baye kwenye. Kwezinye iindawo abazalwana babelungiselela “iinkampu zoovulindlela.” AmaNgqina kwenye indawo ayefaka ifenitshala ekhayeni, kuze kwabelwe umntu wokulinyamekela. Oovulindlela abakhonza kuloo mmandla babenokuzisebenzisa ezo ndawo zokuhlala, baze babelane ngeendleko ezibandakanyekileyo.
Aba basebenzi bexesha elizeleyo abazange bavumele ukungabi namali kuthintele abantu ababumvu ekufumaneni uncwadi lweBhayibhile. Ngokufuthi oovulindlela babenaniselana nabantu ngeemveliso ezinjengeetapile, ibhotolo, amaqanda, iziqhamo ezisandul’ ukuvunwa ezinkonkxiweyo, iinkuku, isepha, phantse nangayo nantoni na eyenye. Oku kwakungabangeli babe zizityebi; kunoko, le yayiyindlela yokunceda abantu abanyanisekileyo bafumane isigidimi soBukumkani, ngoxa kwangaxeshanye befumana izinto zokwenyama zokuzimasa ubomi ukuze oovulindlela baqhubeke nobulungiseleli babo. Babenentembelo kwidinga likaYesu lokuba ukuba ‘babeqhubeka befuna tanci ubukumkani nobulungisa bukaThixo,’ ukutya nekhusi elifunekayo zaziya kulungiselelwa.—Mat. 6:33.
Ukulungela Ukukhonza
Naphi Na Apho Kwakukho Imfuneko Khona
Umnqweno wabo onzulu wokwenza umsebenzi uYesu awayewabele abafundi bakhe wakhokelela abasebenzi bexesha elizeleyo kumasimi amatsha, kwanakumazwe amatsha. Xa uFrank Rice wamenyelwa ukuba alishiye elaseOstreliya aye kuqalisa umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo eJava (ngoku eyinxalenye yeIndonesia) ngowe-1931, wayesele enamava eminyaka elishumi kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Kodwa ngoku kwakukho amasiko amatsha, kwanolwimi olutsha awayemele alufunde. Wayenokunikela ubungqina ngesiNgesi kwabanye ezivenkileni naseziofisini, kodwa wayefuna ukunikela ubungqina nakwabanye. Wafundisisa ngamandla, ibe kungaphelanga neenyanga ezintathu wayekwazi ukuthetha isiDatshi ngokwaneleyo ukuba angaqalisa ukuya kwindlu ngendlu. Emva koko wafunda isiMalay.
UFrank wayeneminyaka engama-26 kuphela ubudala ukuya kwakhe eJava, yaye ixesha elininzi ebudeni baloo minyaka mithandathu awayichithela apho naseSumatra, wayesebenza yedwa. (Ngasekupheleni kowe-1931, kwafika uClem Deschamp noBill Hunter besuka eOstreliya bezokuncedisa emsebenzini. Njengeqela, balikhenketha elo lizwe beshumayela, ngoxa uFrank wayesebenza kwidolophu elikomkhulu laseJava nakufutshane nayo. Kamva, uClem noBill nabo bafumana izabelo ezabathumela kwimimandla eyahlukahlukeneyo.) Kwakungekho zintlanganiso zebandla uFrank awayenokuya kuzo. Maxa wambi wayesiba nesithukuthezi gqitha, yaye izihlandlo eziliqela wayefikelwa yingcingane yokuyeka aze abuyele eOstreliya. Kodwa waqhubeka. Njani? Ukudla kokomoya okukwiMboniselo kwamnceda kwamomeleza. Ngowe-1937 waya kwisabelo esiseIndochina, apho wasinda cebetshu xa kwakukho iziphithiphithi ezinogonyamelo emva kweMfazwe Yehlabathi II. Loo moya wokulungela ukukhonza wawusengamandla ngeminyaka yee-1970 xa wabhalayo evakalisa uvuyo lwakhe ngesibakala sokuba intsapho yakhe iphela yayikhonza uYehova nokuba yena nenkosikazi yakhe kwakhona babelungiselela ukufudukela kwindawo eseOstreliya apho imfuneko yayinkulu khona.
‘Ukukholosa NgoYehova Ngentliziyo Yabo Yonke’
UClaude Goodman wazimisela ‘ukukholosa ngoYehova ngentliziyo yakhe yonke angayami kokwakhe ukuqonda,’ ngoko wakhetha inkonzo yobuvulindlela njengomhambisi wevangeli ongumKristu kunokukhetha ithuba lokuba neshishini lehlabathi. (IMize. 3:5, 6) Kunye noRonald Tippin, owamncedayo wafunda inyaniso, wakhonza njengovulindlela eNgilani ngaphezu konyaka. Kwaza, ngowe-1929 aba babini bazinikela ukuba bangaya eIndiya.c Hayi indlela oko okwaba lucelomngeni ngayo!
Kwiminyaka elandelayo, babengahambi ngeenyawo noololiwe babahambi nooduladula kuphela kodwa kwanangoololiwe bempahla, iinqwelo zeenkabi, iinkamela, amaphenyane ekuthiwa ziisampan, iinqwelo ezitsalwa ngabantu ekuthiwa ziiricksha, kwanangeenqwelo-moya noololiwe babantu abathile. Maxa wambi babesandlala oomandlalo babo kumagumbi okulindela uloliwe, kwishedi yeenkomo, kwingca esehlathini, okanye kwindlwana esindwayo, kodwa kwakukho namaxesha ababelala kwezitofotofo zona iihotele nakwibhotwe lasebukhosini. Njengompostile uPawulos, bafunda imfihlelo yokwaneliseka enoba babeswele okanye benentabalala. (Fil. 4:12, 13) Ngokuqhelekileyo babengenazinto zingako ziphathekayo, kodwa babengaze bangabi nazo izinto ababezifuna ngokwenene. Bayibona ngokobuqu inzaliseko yedinga likaYesu lokuba ukuba babenokufuna tanci uBukumkani nobulungisa bukaThixo, izinto eziphathekayo ezazifuneka zaziya kulungiselelwa.
Bakha bafunyanwa kanobom yidengue fever, isifo seengcongconi netyphoid, kodwa amanye amaNgqina abanyamekela ngothando. Kwakumele kuphunyezwe inkonzo phezu kwabo nje ubunyhukunyhuku bezixeko ezifana neCalcutta, yaye kwakumele kunikelwe ubungqina kumasimi eti akwiintaba zaseCeylon (ngoku eyaziwa ngokuba yiSri Lanka). Ukuze kwaneliswe iintswelo zokomoya zabantu, kwakunikelwa uncwadi, kudlalwe amacwecwe ngeelwimi zasekuhlaleni, kuze kunikelwe neentetho. Njengokuba umsebenzi wawusanda, uClaude wafunda nendlela yokusebenzisa umatshini wokushicelela ukuze anyamekele umsebenzi kwiiofisi zesebe zoMbutho.
Xa wayeneminyaka engama-87, wayenokukhangela emva kubomi obutyebileyo ngamava enkonzo kaYehova eNgilani, eIndiya, ePakistan, eCeylon, naseBurma (ngoku eyiMyanmar), eMalaya, eThailand, naseOstreliya. Ngoxa wayengumfana ongatshatanga naxa wayengumyeni nobawo, wabubeka tanci uBukumkani ebomini bakhe. Inkonzo yexesha elizeleyo wayingenela kungaphelanga neminyaka emibini ebhaptiziwe, yaye wayijonga njengomsebenzi awayeza kuwenza ubomi bakhe bonke.
Amandla KaThixo Azalisekiswa Xa Kuswelwe Amandla
UBen Brickell wayengomnye waloo maNgqina anenzondelelo—wayefana nabanye abantu, kuba wayeneentswelo nobulwelwe obufana nobabo. Wayebalasele ngokholo. Ngowe-1930 wangenela umsebenzi wobuvulindlela eNew Zealand, apho wanikela ubungqina kwimimandla ekungazange kuphinde kushunyayelwe kuyo kangangashumi eminyaka. Emva kweminyaka emibini, eOstreliya, wathabatha uhambo lokushumayela lweenyanga ezintlanu kwilizwe eliyintlango ekwakungazange kunikelwe bungqina kulo ngaphambili. Ibhayisekile yakhe yayithwele iingubo, iimpahla, ukutya neencwadi ezinkulu ezaziza kuhanjiswa. Nangona amanye amadoda awayezama ukuhamba kulo mmandla aphelela endleleni, waqhubeka, ethembele kuYehova. Ngokulandelayo, wakhonza eMalaysia, apho wakhathazwa khona sisifo esiqatha sentliziyo. Akazange ayeke. Emva kwethuba lokuchacha, waqalisa umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo eOstreliya. Emva kweminyaka elishumi, walala ngandletyana nye esibhedlele, yaye ukukhululwa kwakhe ugqirha wamxelela ukuba “amandla akhe okusebenza ayehle ngama-85 ekhulwini.” Wayengasakwazi nokuhla ngesitrato aye ezivenkileni ngaphandle kokuhamba ephumla.
Kodwa uBen Brickell wayezimisele ukuphinda aqhubeke, ibe wenjenjalo, ehamba ephumla xa kuyimfuneko. Ngokukhawuleza wayenikela ubungqina emagqagaleni aseOstreliya. Wenza okwakusemandleni akhe ukunyamekela impilo yakhe, kodwa inkonzo yakhe kuYehova yayiyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe de kwaba sekufeni kwakhe emva kweminyaka engama-30 ephakathi kwiminyaka yakhe yama-60 ubudala.d Waqonda ukuba oko wayekuswele ngenxa yobuthathaka bakhe wayenokukufumana kumandla kaYehova. Kwindibano eyayiseMelbourne ngowe-1969, wayekhonza kwitafile yoovulindlela enxibe ibheji enkulu, efundeka ngolu hlobo: “Ukuba ufuna ukwazi ngobuvulindlela, buza kum.”—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 12:7-10.
Ukufikelela Iidolophana Ezisemahlathini Nemizi Ekwimigodi Esezintabeni
Inzondelelo ngenkonzo kaYehova ayizange ishukumise amadoda kuphela kodwa yashukumisa kwanamabhinqa ukuba athabathe umsebenzi wokuya kumasimi awayengekazifumani iindaba ezilungileyo. UFreida Johnson wayengomnye wabathanjiswa, enomzimba omncinane yaye ekuma-50 eminyaka ubudala xa wayesebenza yedwa kwiinxalenye zoMbindi Merika, egubungela imimandla enjengonxweme olungasentla lweeHonduras ngehashe. Kwakufuneka ukholo ukuze asebenze yedwa kuloo mmandla, etyelela abantu kumasimi eebhanana asasazekileyo, idolophu yaseLa Ceiba, yaseTela, neyaseTrujillo, kwaneedolophana ezikwanti zamaCarib. Wanikela ubungqina apho ngowe-1930 nowe-1931, waphinda ngowe-1934, nangowe-1940 nowe-1941, ehambisa amawaka oncwadi aqulethe inyaniso yeBhayibhile.
Ebudeni baloo minyaka omnye umsebenzi onenzondelelo waqalisa umsebenzi wobulungiseleli bexesha elizeleyo. Lo yayinguKathe Palm, inzalelwane yaseJamani. Okwamshukumisela kweli nyathelo yayikukubakho kwindibano eyayiseColumbus, eOhio, ngowe-1931, aBafundi beBhayibhile abalamkela kuyo igama elithi amaNgqina kaYehova. Waqala ngoko ukuzimisela ukufuna tanci uBukumkani, ibe ngowe-1992, eneminyaka engama-89 ubudala, ebesaqhubeka esenjenjalo.
Inkonzo yakhe yobuvulindela wayiqalisa kwisiXeko saseNew York. Kamva, kuMzantsi Dakota, wafumana iqabane kangangeenyanga ezimbalwa kodwa waphinda waqhubeka yedwa, ehamba ngehashe. Xa wamenyelwa ukuya kukhonza eColombia, kuMzantsi Merika, wavuma ngoko nangoko, wafika apho ngasekupheleni kowe-1934. Kwakhona, wafumana iqabane okwethutyana kodwa waphinda wayedwa. Oku akuzange kumenze avakalelwe kukuba wayemele ayeke.
Wamenywa sesinye isibini ukuba aye kusebenza naso eChile. Lo yayingomnye ummandla omkhulu, owawunabe iikhilomitha ezingama-4 265 ukugudla unxweme olukwintshona yelizwekazi laseMzantsi Merika. Emva kokushumayela kwizakhiwo zeeofisi ezikwikomkhulu, wenjenjeya ukusinga kwiindawo ezikwanti ezisemantla. Kuyo yonke imizi yasemgodini emikhulu, nemincinane, wanikela ubungqina kwiminyango ngeminyango. Abo babesebenza kwezo ntaba ziphakamileyo zeAndes babemangaliswa kukubona ibhinqa elihamba lodwa libatyelela, kodwa wayezimisele ukungaphosi namnye kummandla awayewabelwe. Kamva, wehlela ngezantsi, apho iiestancia nje ezimbalwa (iifama zeegusha) zazigubungela iihektare ezili-100 000. Abantu babenobuhlobo yaye benokubuk’ iindwendwe ibe bemmema ukuba abe kunye nabo ngamaxesha abo ezidlo. Ngale ndlela nezinye, uYehova wamnyamekela, ukuze abe nazo izinto zokwenyama eziyimfuneko ebomini.
Ubomi bakhe bonke ebeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.e Xa wayekhangela emva kwiminyaka awayichithela enkonzweni, wathi: “Ndivakalelwa kukuba ndiye ndanobomi obutyebe gqitha. Nyaka ngamnye xa ndisiya kwindibano yabantu bakaYehova, ndiba nemvakalelo efudumeleyo, yolwaneliseko xa ndibona abantu abaninzi endifundisise iBhayibhile kunye nabo bevakalisa iindaba ezilungileyo, benceda abanye beze emanzini obomi.” Uye wavuyiswa kukubona inani labo badumisa uYehova eChile lisanda ukusuka kuma-50 ukuya kutsho ngaphezu kwama-44 000.
“Ndikho, Thuma Mna”
Ngemva kokuva intetho eyayisekelwe kwisimemo sikaYehova sokuya enkonzweni esibhalwe kuIsaya 6:8 nentsabelo engqalileyo yalo mprofeti ethi, “Ndikho, thuma mna,” uMartin Poetzinger, waseJamani, wabhaptizwa. Emva kweminyaka emibini, ngowe-1930, wangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo eBavaria.f Kungekudala, abasemagunyeni apho bawuvala umsebenzi wokushumayela wamaNgqina, iindawo zeentlanganiso zavalwa, lwaza uncwadi lwahluthwa. AmaGestapo ayesisisongelo. Kodwa ezo ziganeko zowe-1933 azizange zibunqumamise ubulungiseleli bukaMzalwan’ uPoetzinger.
Wamenyelwa ukuya kukhonza eBulgaria. Kwakusetyenziswa amaqweqwe obungqina esiBulgaria ukubonisa uncwadi lweBhayibhile. Kodwa abantu abaninzi babengafundanga. Ngoko, uMzalwan’ uPoetzinger wafunda ulwimi lwabo, olwalubhalwa ngoonobumba beCyrillic. Xa intsapho yayishiyelwa uncwadi, ngokufuthi kwakufuneka abantwana abaselula bafundele abazali babo.
Ixesha elininzi kunyaka wokuqala, uMzalwan’ uPoetzinger wayeyedwa, ibe wabhala: “NgeSikhumbuzo, ndayinikela ngokwam intetho, ndathandaza ngokwam, ndaza ndayiqukumbela ngokwam intlanganiso.” Ebudeni bowe-1934, abantu bamanye amazwe bagxothwa, waza waya eHungary. Nalapha kwafuneka afunde olunye ulwimi olutsha ukuze akwazi ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Ukusuka eHungary waya kuloo mazwe ngoko ayesaziwa ngokuba yiCzechoslovakia neYugoslavia.
Waba namava amaninzi awonwabisayo—ukufumana abantu abathanda inyaniso njengokuba wayehamba emaphandleni nakwiidolophana, ethwele umgodlo weencwadi emqolo; ukunyanyekelwa nguYehova njengokuba abantu ababuk’ iindwendwe babemnika ukutya kwanomandlalo wokulala ebusuku; ukuthetha kude kube sebusuku nabo babesiza kwindawo ahlala kuyo ukuze beve okungakumbi ngesigidimi esithuthuzelayo soBukumkani.
Kwakhona ukholo lwakhe lwaluvavanywa ngokuqatha. Xa wayekhonza ngaphandle kwelizwe lakhe lokuzalwa, yaye engenamali, wagula kanobom. Kwakungekho namnye ugqirha owayezimisele ukumnceda. Kodwa uYehova wamlungiselela. Njani? Ekugqibeleni, kwaqhagamshelwana nengcali ephambili yesibhedlele sasekuhlaleni. Le ndoda, ekholelwa ngokunzulu eBhayibhileni, yamnyamekela uMzalwan’ uPoetzinger ngendlela engeyayenze ngayo kowayo unyana, oko ikwenza simahla. Lo gqirha wachukunyiswa ngumoya wokuzincama walo mfana, owawubonakala kumsebenzi awayewenza, ibe wamkela iincwadi eziliqela zoMbutho njengesipho.
Olunye uvavanyo oluqatha lwavela emva kweenyanga ezine etshatile. UMzalwan’ uPoetzinger wabanjwa ngoDisemba 1936 waza wavalelwa okokuqala kwenye inkampu yoxinaniso wandula ke wathunyelwa kwenye, ngoxa umfazi wakhe yena wayebanjwe kwenye inkampu enjalo. Abazange babonane iminyaka esithoba. UYehova akazange ayithintele loo ntshutshiso yogonyamelo, kodwa wamomeleza uMartin, inkosikazi yakhe uGertrud, namawaka abanye ukuba bayinyamezele.
Emva kokuba yena nomfazi wakhe bekhululwe, uMzalwan’ uPoetzinger wakuvuyela ukukhonza iminyaka emininzi njengomveleli ohambahambayo eJamani. Wayekho kwiindibano ezichulumancisayo ezaqhutywa emva kwemfazwe kumabala awayesakuba zizikhundla zikaHitler eNuremberg. Kodwa ngoku loo mabala ayezaliswe zizihlwele zabaxhasi abanyanisekileyo boBukumkani bukaThixo. Wayekho kwiindibano ezingalibalekiyo eYankee Stadium yaseNew York. Walunandipha ngokupheleleyo uqeqesho awalufumana kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Waza ngowe-1977 waba lilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Imbono yakhe, de waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngowe-1988, inokuchazwa kakuhle ngala mazwi: ‘Inye into endiyenzayo—kukufuna kuqala uBukumkani.’
Ukufunda Intsingiselo Yako Yokwenene
Ngokucacileyo umoya wokuzincama awunto intsha phakathi kwamaNgqina kaYehova. Xa kwapapashwa umqulu wokuqala weMillennial Dawn emva phaya ngowe-1886, umbandela wokuzinikezela (okanye, njengokuba sisitsho namhlanje, ukuzahlulela) waxutyushwa ngokuphandle. Kwaboniswa ukuba ngokusekelwe kwiZibhalo amaKristu okwenyaniso “anikela” yonke into kuThixo; oko kuquka ubuchule bawo, izinto zawo eziphathekayo, kwanobomi bawo. Ngaloo ndlela amaKristu aba ngamagosa oko ‘kunikelwe’ kuThixo, yaye njengamagosa, amele aphendule—kuThixo kungekhona kubantu.
ABafundi beBhayibhile abangakumbi bazinikela ngokwenene enkonzweni kaThixo. Babusebenzisa ngokupheleleyo ubuchule babo, izinto zabo, amandla abo abalulekileyo, ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Kwelinye icala, kwakukho abo babevakalelwa kukuba eyona nto yayibalulekile yayikukuhlakulela oko babekubiza ngokuba ziimpawu zobuntu bobuKristu ukuze bafanelekele ukuba nesabelo eBukumkanini noKristu.
Nangona imbopheleleko yomKristu wokwenyaniso ngamnye yokunikela ubungqina kwabanye ngoBukumkani bukaThixo wayeyichaze ngokufuthi uMzalwan’ uRussell, yagxininiswa ngakumbi emva kweMfazwe Yehlabathi I. Inqaku elithi “Kukuphi Okubalulekileyo—Bubuntu Okanye Ngumnqophiso?” elalikwiMboniselo (yesiNgesi) kaMeyi 1, 1926, lingumzekelo ophawulekayo. Layixubusha ngokuphandle imiphumo eyingozi yoko kwakubizwa ngokuba kukukhuliswa kweempawu zobuntu laza lagxininisa ukubaluleka kokuzalisa imbopheleleko kabani kuThixo ngezenzo.
Ngaphambilana, IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 1, 1920, yayihlolisise isiprofeto sikaYesu esibalulekileyo ‘esingomqondiso wokuphela kwehlabathi.’ (Mat. 24:3, KJ) Yalathisela ingqalelo kumsebenzi wokushumayela omele wenziwe uzalisekisa uMateyu 24:14 yaza yachaza isigidimi esimele sivakaliswe, isithi: “Iindaba ezilungileyo apha zimayela nokuphela kolungelelwaniso oludala lwezinto nokumiselwa kobukumkani bukaMesiya.” Le Mboniselo yacacisa ukuba ngesizinzi sendawo uYesu akuthetha kuyo oku phakathi kwezinye iinkalo zalo mqondiso, lo msebenzi wawuya kufezwa “phakathi kwexesha lemfazwe enkulu yehlabathi [iMfazwe Yehlabathi I] nexesha ‘lembandezelo enkulu’ iNkosi ethetha ngayo kuMateyu 24:21, 22.” Loo msebenzi wawungxamisekile. Ngoobani ababeza kuwenza?
Ngokucacileyo le mbopheleleko yayithe zinzi phezu kwamalungu “ecawa,” ibandla lamaKristu okwenyaniso. Noko ke, ngowe-1932, ngenkupho ka-Agasti 1 yeMboniselo (yesiNgesi), aba balulekwa ukuba bakhuthaze “udidi lwamaYehonadabhi” ukuba lube nesabelo kunye nabo kulo msebenzi, ngokuvisisana nomoya weSityhilelo 22:17. Udidi lwamaYehonadabhi—olunethemba lobomi obungunaphakade kwiParadisi esemhlabeni—lwasabela, yaye abaninzi kulo besenjenjalo ngenzondelelo.
Ukubaluleka okungathethekiyo kwalo msebenzi kuye kwagxininiswa ngamandla: “Ukuba nenxaxheba kwinkonzo yeNkosi kubaluleke ngokufanayo nokubakho kwiintlanganiso,” yatsho njalo IMboniselo (yesiNgesi) yowe-1921. “Ngamnye umele abe ngumshumayeli wevangeli,” yatsho njalo ngowe-1922. “UYehova wenze ukushumayela kwangowona msebenzi ubalulekileyo nabani na kuthi anokuwenza kweli hlabathi,” yatsho njalo ngowe-1949. Aye acatshulwa ngokufuthi amazwi ompostile uPawulos akweyoku-1 kwabaseKorinte 9:16 athi: “Ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!” Esi sibhalo siye sasetyenziswa kuye ngamnye wamaNgqina kaYehova.
Bangaphi Abashumayelayo? Ukusa Kuwuphi Umkhamo? Ngasiphi Isizathu?
Ngaba bakho ababenyanzelelwa ukuba nesabelo kulo msebenzi ngokuchasene nokuthanda kwabo? “Hayi,” kwinkupho yayo kaAgasti 1, 1919 IMboniselo (yesiNgesi) yaphendula, “akukho namnye unyanzelelwa ukwenza nantoni na. Konke nje kuyinkonzo yokuzithandela, eyenziwa luthando ngeNkosi nenjongo zayo zobulungisa. UYehova akaze anyanzele namnye.” Ngokuphathelele oko kwakushukumisa le nkonzo, IMboniselo (yesiNgesi) kaSeptemba 1, 1922, ngokubhekele phaya yathi: “Lowo unombulelo ngokwenene entliziyweni yakhe nokuxabisayo oko uThixo amenzele kona uya kufuna ukumbuyekeza ngokuthile; yaye okukhona uxabiso lwakhe ngobubele bukaThixo lusanda, kokukhona uthando lwakhe luya kuba lukhulu; yaye okukhona lusiba lukhulu uthando lwakhe, kokukhona umnqweno wokumkhonza uya kuba mkhulu.” Kwacaciswa ukuba uthando ngoThixo lubonakaliswa ngokugcina imithetho yakhe, yaye omnye waloo mithetho kukushumayela iindaba zovuyo zoBukumkani bukaThixo.—Isa. 61:1, 2; 1 Yoh. 5:3.
Abo bangenele lo msebenzi abalukuhlwanga yiyo nayiphi na ingcamango yamabhongo ehlabathi. Baxelelwe ngokuphandle ukuba xa besiya kwindlu ngendlu okanye benikela uncwadi embombeni yesitrato, baya kugqalwa “njengezidenge, izifede, abantu abaphantsi,” nokuba baya “kucekiswa, batshutshiswe,” nokuba baya kufakwa kudidi “lwabantu abangento yanto ngokwembono yehlabathi.” Kodwa bayazi ukuba uYesu nabafundi bakhe bokuqala nabo baphathwa ngaloo ndlela.—Yoh. 15:18-20; 1 Kor. 1:18-31.
Ngaba amaNgqina kaYehova ngandlel’ ithile acinga ukuba aya kusindiswa ngenxa yomsebenzi wawo wokushumayela? Nakanye! Incwadi ethi Ukumanyana Ekunquleni Okuphela KoThixo Oyinyaniso, ebisetyenziswa ukususela ngowe-1983 ukunceda abafundi baqhubele ekukhuleni kobuKristu, iyawuxubusha lo mbandela. Ithi: “Idini likaYesu kwakhona lisivulele ithuba lobomi obungunaphakade . . . Lo asingomvuzo esiwufaneleyo. Kungakhathaliseki ukuba senza okungakanani na kwinkonzo kaYehova, asinakuze sifaneleke ngendlela yokuba uThixo asinike ubomi. Ubomi obungunaphakade ‘sisibabalo esinikelwa nguThixo ngoKristu Yesu iNkosi yethu.’ (Roma 6:23; Efe. 2:8-10) Sekunjalo, ukuba sinokholo kweso sipho ibe siyixabisa indlela esenziwa saba nokwenzeka ngayo, siya kwenza le mbonakaliso. Siyiqonda indlela uYehova amsebenzise ngayo uYesu ngokungummangaliso ekufezeni ukuthanda Kwakhe nendlela ekubaluleke ngayo ngathi sonke ukulandela amanyathelo kaYesu ngokusondeleyo, ubulungiseleli bamaKristu siya kubenza enye yezona zinto zibalulekileyo kubomi bethu.”
Ngaba kunokuthiwa onke amaNgqina kaYehova angabavakalisi boBukumkani bukaThixo? Ewe! Oko koko kuthethwa kukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ngaphezu kwesiqingatha senkulungwane esidluleyo, kwakukho abathile ababevakalelwa kukuba kwakungeyomfuneko ukuba babe nesabelo kwinkonzo yasentsimini, baphume baye esidlangalaleni nakwindlu ngendlu. Kodwa namhlanje akukho namnye kumaNgqina kaYehova othi yena akamele ayenze inkonzo enjalo ngenxa yesikhundla kwibandla lasekuhlaleni okanye kwintlangano yomhlaba wonke. Amadoda namabhinqa kwanabaselula nabadala banenxaxheba. Bayigqala njengelungelo elixabisekileyo, inkonzo engcwele. Abaninzi bayenza nangona beneziphene. Yaye nabaphi na abangenakukwazi ukuya kwindlu ngendlu ngenxa yempilo, bafumana ezinye iindlela zokufikelela abantu baze banikele ubungqina kubo.
Ngaphambili, maxa wambi kwakubakho utyekelo lokuvumela abasebatsha babe nenxaxheba enkonzweni yasentsimini ngokukhawuleza. Kodwa kumashumi eminyaka akutshanje, kuye kwagxininiswa ngakumbi ekufanelekeni kwabo ngaphambi kokuba bamenyelwe ukuba nesabelo. Kuthetha ukuthini oko? Akuthethi ukuba bamele bakwazi ukuchaza yonke into eseBhayibhileni. Kodwa, kunjengokuba incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungeleli Bethu icacisa, bamele bazazi yaye bazikholelwe iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Kwakhona bamele baphile ubomi obucocekileyo, ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile. Ngamnye umele afune ukuba lelinye lamaNgqina kaYehova ngokwenene.
Akulindelekanga ukuba onke amaNgqina kaYehova aya kushumayela ngomlinganiselo olinganayo. Iimeko zabantu ziyahluka. Ubudala, impilo, iimbopheleleko zentsapho, kwanobunzulu boxabiso zonke ezi zinto zifak’ isandla. Oku bekusoloko kuqondwa. Kwagxininiswa yiMboniselo (yesiNgesi) kwinkupho yayo kaDisemba 1, 1950, xa yayixubusha ‘ngomhlaba olungileyo’ okumzekeliso kaYesu womhlwayeli, kuLuka 8:4-15. ISifundo Sesikolo Sobulungiseleli SoBukumkani, esasilungiselelwe abadala ngowe-1972, sahlolisisa imfuneko ‘yokuthanda uYehova ngomphefumlo kabani uphela’ saza sacacisa ukuba “okubalulekileyo asibobungakanani boko kwenziwa ngubani xa kuthelekiswa noko kwenziwa ngomnye, kodwa kukwenza oko ubani anokukwenza.” (Marko 14:6-8) Noko ke, sikhuthaza ukuzihlolisisa ngokunzulu, sabonisa ukuba uthando olunjalo luthetha “ukuba zonke iinkalo zokuphila kukabani zibandakanyekile ekukhonzeni uThixo ngothando; oku kuquka yonke imisebenzi, ubuchule okanye iminqweno ebomini.” Onke amandla ethu, umphefumlo wethu uphela, amele asetyenziselwe ukwenza ukuthanda kukaThixo. Loo ncwadi yesikhokelo yagxininisa ukuba “uThixo ufuna inkonzo yomphefumlo uphela, kungekhona ukuba nenxaxheba nje kuphela.”—Marko 12:30.
Okulusizi kukuba abantu abangafezekanga batyekele ekuzibaxeni izinto, begxininisa kwenye into ngoxa beyityeshela enye. Ngoko, emva phaya ngowe-1906, uMzalwan’ uRussell wakufumanisa kuyimfuneko ukulumkisa ngelokuba ukuzincama akuthethi ukuncama abanye. Akuthethi ukusilela ukwenzela inkosikazi kabani, abantwana abaxhomekeke kuye, okanye abazali abalupheleyo amalungiselelo asengqiqweni, ukuze ubani akhululekele ukushumayela kwabanye. Ngamathuba athile ukususela ngoko, iimpapasho zeWatch Tower ziye zanezikhumbuzo ezifanayo.
Ngokuthe ngcembe, ngoncedo lweLizwi likaThixo, intlangano iphela iye yazabalazela ukufikelela ulungelelwano lobuKristu—ibonakalisa inzondelelo ngenkonzo kaThixo, ngoxa inikela ingqalelo efanelekileyo kuzo zonke iinkalo zokuba ngumKristu wokwenene. Nangona “ukuphucula iimpawu zobuntu” kwakusekelwe ekuqondeni izinto ngendlela ephosakeleyo, IMboniselo iye yabonisa ukuba iziqhamo zomoya nehambo yobuKristu azimele zijongelwe phantsi. Ngowe-1942, ngokungqalileyo IMboniselo (yesiNgesi) yathi: “Bengabonisi bulumko bambi baye bagqiba kwelokuba ukuba banesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina kwindlu ngendlu babenokulandela naliphi na ikhondo abalinqwenelayo ngaphandle kokohlwaya. Ubani ufanele akhumbule ukuba ukuba nesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina kuphela asikokuphela kwento efunekayo.”—1 Kor. 9:27.
Ukubeka Izinto Eziza Kuqala Kwindawo Yazo
Ngoku amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba ‘ukufuna tanci uBukumkani nobulungisa bukaThixo’ kuthetha ukuba abeka ezona zinto ziza kuqala endaweni yazo. Kuquka ukubeka ufundisiso lobuqu lweLizwi likaThixo nokuya rhoqo kwiintlanganiso zebandla kwindawo efanelekileyo kubomi bukabani nokungavumeli ezinye izilangazelelo zithabathe indawo yokuqala. Kubandakanya ukwenza izigqibo ezibonisa umnqweno wokwenyaniso wokuzivisisanisa neemfuneko zoBukumkani bukaThixo, ezandlalwe eBhayibhileni. Oko kuquka ukusekela izigqibo ezibandakanya ubomi bentsapho, ukuzihlaziya, imfundo yehlabathi, ingqesho, ezoshishino, nolwalamano nabanye abantu kwimigaqo yeBhayibhile.
Ukufuna uBukumkani tanci kuthetha okungakumbi kunokuba nesabelo nje kuphela nyanga nganye ekuthetheni nabanye ngenjongo kaThixo. Kuthetha ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala kubo bonke ubomi bukabani, ngoxa ezinyamekela ngokufanelekileyo ezinye iimbopheleleko zeZibhalo.
Kukho iindlela ezininzi amaNgqina kaYehova azinikeleyo azihambisela phambili ngazo izilangazelelo zoBukumkani.
Ilungelo Lenkonzo YaseBheteli
Abanye bakhonza njengamalungu entsapho yaseBheteli yomhlaba wonke. Aba ngabasebenzi abangabalungiseleli bexesha elizeleyo abazinikele ukwenza nantoni na abasenokuyabelwa ekulungiselelweni nasekupapashweni koncwadi lweBhayibhile, ekunyamekeleni umsebenzi waseofisini oyimfuneko, nasekulungiseleleni ezinye iinkonzo zokuxhasa loo msebenzi. Kulo msebenzi abazizuzeli udumo lobuqu okanye izinto eziphathekayo. Umnqweno wabo ngowokubeka uYehova, yaye banelisekile ngamalungiselelo abawenzelwayo anjengokutya, indawo yokuhlala, nembuyiselo-ndleko efanelekileyo yeendleko zobuqu. Ngenxa yendlela yokuphila yentsapho yaseBheteli, amagunya karhulumente eUnited States, ngokomzekelo, abagqala njengamalungu enkqubo yonqulo athabathe isifungo sobuhlwempu. Abo baseBheteli bayakuvuyela ukukwazi ukusebenzisa ubomi babo ngokupheleleyo enkonzweni kaYehova nasekwenzeni umsebenzi ekungenelwa kuwo abazalwana babo abangamaKristu nabantu abaninzi abasandul’ ukuba nomdla, maxa wambi kumazwe ngamazwe. Njengamanye amaNgqina kaYehova, nabo baba nesabelo rhoqo kubulungeseleli basentsimini.
Intsapho yaseBheteli yokuqala (okanye intsapho yaseBible House, njengokuba yayisaziwa njalo ngoko) yayiseAllegheny, ePennsylvania. Ngowe-1896, yayinabasebenzi abali-12. Ngowe-1992, bekukho amalungu entsapho yaseBheteli angaphezu kwe-12 900, akhonza kumazwe angama-99. Ukongezelela, xa bekungekho ndawo yaneleyo yokuhlala kwizakhiwo zoMbutho, amakhulu abanye abasebenzi bokuzithandela yonke imihla baye baya kumakhaya nakwimizi-mveliso yaseBheteli ukuze ancedise emsebenzini. Bakugqale kulilungelo ukuba nenxaxheba kumsebenzi owenziwayo. Xa kukho imfuneko, amawaka amanye amaNgqina ayakulungela ukuba ashiye imisebenzi yempangelo neminye imisebenzi amaxesha angalinganiyo ukuze ancedise ekwakhiweni kwezakhiwo ezifunekayo zoMbutho ukuze zisetyenziselwe umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke.
Amalungu amaninzi entsapho yaseBheteli yomhlaba wonke aye oku akwenza umsebenzi aya kuwenza ubomi bawo bonke. UFrederick W. Franz, ngowe-1977 owaba ngumongameli wesine weWatch Tower Society, ngelo xesha wayesele elilungu lentsapho yaseBheteli eNew York iminyaka engama-57, waza waqhubeka kwinkonzo yaseBheteli eminye iminyaka eli-15, de wafa ngowe-1992. UHeinrich Dwenger wayiqalisa inkonzo yakhe yaseBheteli eJamani ngowe-1911, emva koko ngokuthobeka wakhonza naphi na apho wayesabelwa khona; yaye ngowe-1983, unyaka afe ngawo, wayesanandipha inkonzo yakhe njengelungu lentsapho yaseBheteli eThun, eSwitzerland. UGeorge Phillips, waseSkotlani, wamkela isabelo sokuya kwiofisi yesebe eMzantsi Afrika ngowe-1924 (xa yayinyamekela umsebenzi wokushumayela ukusuka eKapa ukuya eKenya) waza waqhubeka ekhonza eMzantsi Afrika de kwasekufeni kwakhe ngowe-1982 (xa bekukho iiofisi zamasebe zoMbutho ezisixhenxe namaNgqina amalunga ne-160 000 kuloo mmandla). Oodade abangamaKristu, abanjengoKathryn Bogard, uGrace DeCecca, uIrma Friend, uAlice Berner noMary Hannan, nabo banikela ngabo bonke ubomi babo bobuntu obukhulu kwinkonzo yaseBheteli, besenjenjalo de kube sekugqibeleni. Namanye amalungu entsapho yaseBheteli amaninzi ngokufanayo ebekhonze iminyaka eli-10, 30, 50, 70, nangaphezulu.g
Abaveleli Abahambahambayo Abazincamayo
Emhlabeni wonke, kukho abaveleli besiphaluka nabesithili abamalunga nama-3 900 abathi, bekunye nabafazi babo, banyamekele izabelo naphi na apho bafuneka khona, ngokuqhelekileyo kwilizwe labo lokuzalwa. Abaninzi baba bashiye amakhaya yaye ngoku basoloko besendleleni veki nganye okanye emva kweeveki ezimbalwa besiya kukhonza amabandla ababelwe wona. Abafumani mvuzo kodwa banombulelo ngokutya nendawo yokuhlala abazifumana apho bakhonza khona, kwakunye nelungiselelo elingephi lendleko zobuqu. EUnited States, apho bekukhonza abaveleli besiphaluka nabesithili abangama-499 ngowe-1992, isilinganiselo seminyaka saba badala bahambahambayo yiminyaka engama-54 ubudala, yaye abanye babo bebekhonza kwesi sikhundla iminyaka engama-30, 40, okanye ngaphezulu. Kumazwe aliqela, aba baveleli bahamba ngeenqwelo-mafutha. Intsimi ekummandla wePasifiki ngokufuthi ifuna iinqwelo-moya namaphenyana. Kwindawo ezininzi abaveleli besiphaluka bafika kumabandla akwanti ngehashe okanye ngezikaTshiwo.
Oovulindlela Bazalisa Intswelo Ebalulekileyo
Ukuze kuqaliswe ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwiindawo ezingenawo amaNgqina, okanye kunikelwe uncedo olusenokuba lufuneka ngokukhethekileyo kummandla othile, iQumrhu Elilawulayo lisenokulungiselela ukuthumela oovulindlela abakhethekileyo. Aba ngabahambisi bevangeli bexesha elizeleyo abanikela ubuncinane iiyure ezili-140 nyanga nganye kubulungiseleli basentsimini. Bazenza bafumanekele ukukhonza naphi na apho bafuneka khona kwilizwe labo okanye, kwiimeko ezithile, kumazwe akufutshane. Ekubeni ekufuneka bekufezile enkonzweni kubashiyela ixesha elincinane okanye kungabashiyeli xesha kwaphela ukuba bangasebenza baze banyamekele iintswelo zabo zokuphathekayo, banikwa imali yembuyiselo-ndleko engephi ukwenzela indawo yokuhlala nezinye iintswelo. Ngowe-1992 bekukho oovulindlela abakhethekileyo abangaphezu kwe-14 500 kwiindawo ezahlukahlukeneyo zomhlaba.
Xa oovulindlela abakhethekileyo bokuqala bathunyelwayo ngowe-1937, bakhokela kumsebenzi wokudlalela abanini-mzi iintetho zeBhayibhile ezirekhodiweyo eminyangweni yabo nasekusebenziseni oko njengesiseko sengxubusho yeBhayibhile kumatyelelo okubuyela. Oku kwakusenziwa kwizixeko ezikhulu ezazisele zinamabandla. Emva kweminyaka embalwa, oovulindlela abakhethekileyo baqalisa ukuthunyelwa ngokukhethekileyo kwimimandla ekwakungekho mabandla kuyo okanye kumabandla awayefuna uncedo kakhulu. Ngenxa yokusebenza kwabo ngempumelelo, kwasekwa amabandla amaninzi amatsha.
Kunokugubungela intsimi baze bahlabele mgama, babesebenza ummandla othile ngokuphindaphindiweyo, bebuyela kubo bonke abanomdla baze baqhube izifundo zeBhayibhile. Kwakulungiselelwa iintlanganiso ukwenzela abanomdla. Ngaloo ndlela, eLesotho, kumazantsi eAfrika, kwiveki yakhe yokuqala kwisabelo esitsha, uvulindlela okhethekileyo wamema wonk’ ubani awayedibana naye ukuba eze azokubona indlela amaNgqina kaYehova asiqhuba ngayo iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ekunye nentsapho yakhe balwenza lonke ucwangciso. Wandula ke wabamemela bonke kwiSifundo seMboniselo. Emva kokuba bezanelisile abo babenomdla wokubona ukuba kwenziwa ntoni, abangama-30 baqhubeka besiza kwiSifundo seMboniselo, yaye ngokwesilinganiso ababesiza esikolweni babengama-20. Kumazwe abenza lukhulu kuwo abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi ukuqalisa ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, maxa wambi ulwando lwalukhawuleza gqitha akuba amaNgqina azinzalelwane eqalise ukufanelekela inkonzo yobuvulindlela obukhethekileyo, kuba ngokufuthi la ayekwazi ukusebenza ngokunempumelelo ngakumbi phakathi kwabantu basekuhlaleni.
Ukongezelela kwaba basebenzi banenzondelelo, kukho amakhulu amawaka angakumbi amaNgqina kaYehova nawo azihambisela phambili ngamandla izilangazelelo zoBukumkani. La aquka abaselula nabakhulileyo, amadoda namabhinqa, atshatileyo nangatshatanga. Oovulindlela abathe ngxi banikela ubuncinane iiyure ezingama-90 nyanga nganye kubulungiseleli basentsimini; oovulindlela abangabancedani, ubuncinane iiyure ezingama-60. Bayazigqibela ngendawo abafuna ukushumayela kuyo. Inkoliso yabo isebenza namabandla amiselweyo; abanye baya kwiindawo ezikwanti. Iintswelo zabo zokwenyama bazinyamekela ngokwabo ngokwenza umsebenzi othile wempangelo, okanye amalungu eentsapho zabo asenokubanceda ngamalungiselo athile. Ebudeni bowe-1992, bangaphezu kwama-914 500 ababe nesabelo kwinkonzo enjalo yokuba ngoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani ubuncinane inxalenye ethile yonyaka.
Izikolo Zenjongo Ekhethekileyo
Ukuze abasebenzi bokuzithandela baxhotyiselwe iintlobo ezithile zenkonzo, kulungiselelwa izikolo ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, ukususela ngowe-1943, iSikolo saseGiliyadi siqeqeshe amawaka abalungiseleli abanamava ukwenzela umsebenzi wobuvangeli basemazweni, yaye abaphumelele kuso bathunyelwe kuyo yonke imimandla yomhlaba. Ngowe-1987 iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siqalise ukusebenza ukuze sincede ekuhlangabezaneni neentswelo ezikhethekileyo, kuquka ukunyanyekelwa kwamabandla kwanezinye iimbopheleleko. Ilungiselelo lokuba esi sikolo siqhutywe kwiindawo ezahlukahlukeneyo linciphisa imigama ehanjwa ngabafundi ukuya kwindawo ekufuphi kubo bonke kwanemfuneko yokuba bafunde olunye ulwimi ukuze bangenelwe kwesi sikolo. Bonke abamenyelwa ukuya kwesi sikolo ngabadala nezicaka zolungiselelo abanikele ubungqina bokuba bafuna uBukumkani tanci ngokwenene. Abaninzi baye bazinikela ukuya kukhonza kwamanye amazwe. Banomoya ofana nowomprofeti uIsaya, owathi: “Ndikho, thuma mna.”—Isa. 6:8.
Ukuze kuphuculwe ubuchule babo sele bekhonza njengoovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo, ukususela ngowe-1977 kwaqaliswa iSikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Apho kunokwenzeka, esi sikolo salungiselelwa kwisiphaluka ngasinye emhlabeni wonke. Bonke oovulindlela bamenywa ukuze bangenelwe kwesi sikolo seeveki ezimbini. Ngokuqhubekayo ukususela ngoko, oovulindlela abawugqibileyo unyaka wabo wokuqala wenkonzo bafumene uqeqesho olufanayo. Ukuza kuthi ga kowe-1992, ngoovulindlela abangaphezu kwe-100 000 abebeqeqeshwe kwesi sikolo eUnited States kuphela; yaye bekuqeqeshwa abangaphezu kwe-10 000 nyaka ngamnye. Abanye abangama-55 000 baqeqeshwe eJapan, abangama-38 000 eMexico, abangama-25 000 eBrazil, nabangama-25 000 eItali. Ukongezelela kwesi sikolo ngokuthe rhoqo oovulindlela banandipha intlanganiso ekhethekileyo nomveleli wesiphaluka xa etyelele ibandla ngalinye kabini ngonyaka nocwangciso olukhethekileyo lokuqeqeshwa ngumveleli wesiphaluka nomveleli wesithili ngexesha lendibano yesiphaluka yaminyaka le. Ngaloo ndlela, abo babumba umkhosi omkhulu wabavakalisi boBukumkani abakhonza njengoovulindlela abangobasebenzi bokuzithandela kuphela kodwa bakwangabalungiseleli abaqeqeshwe kakuhle.
Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
Amawaka amaninzi amaNgqina kaYehova—abanye bawo abangoovulindlela, nabanye abangengabo—azenze afumaneka ukuze akhonze kungekuphela nje kwiindawo ahlala kuzo kodwa nakweminye imimandla apho imfuneko yabavakalisi beendaba ezilungileyo inkulu khona. Nyaka ngamnye amawaka achitha ixesha elingangeeveki okanye iinyanga, kuxhomekeka koko wona ngokobuqu anokukulungiselela, kwimimandla ngokufuthi ethe qelele kumakhaya awo ukuze anikele ubungqina kubantu abangatyelelwa rhoqo ngamaNgqina kaYehova. Amawaka angakumbi aye azidiliza iintente aza afudukela kweminye imimandla ukuze anikele uncedo ixesha elingakumbi. Inkoliso yaba zizibini ezitshatileyo okanye iintsapho ezinabantwana. Ngokufuthi ukufuduka kwabo kubandakanya ukuhamba imigama emifutshane, kodwa abanye baye bafuduka ngolo hlobo ngokuphindaphindiweyo ukutyhubela iminyaka. Inkoliso yala maNgqina anenzondelelo iye kukhonza nakumazwe asemzini—abanye iminyaka embalwa, abanye ngokusisigxina. Benza nawuphi na umsebenzi wempangelo oyimfuneko ukuze banyamekele iintswelo zabo, yaye iindleko zokufuduka bazilungiselela ngokwabo. Umnqweno wabo ngowokuba nesabelo ngokupheleleyo kangangoko iimeko zabo zibavumela ekusasazeni isigidimi soBukumkani.
Xa intloko-ntsapho ingeloNgqina, isenokufudusa intsapho yayo ngenxa yempangelo. Kodwa amalungu entsapho angamaNgqina asenokukugqala oku njengethuba lokusasaza isigidimi soBukumkani. Kwaba njalo ngamaNgqina amabini asuka eUnited States awazifumana ekwindawo ekwakusakhiwa kuyo kumahlathi aseSuriname ekupheleni kweminyaka yee-1970. Kabini ngeveki ayevuka ngeye-4:00 kusasa, akhwele uduladula wenkampani ohamba kwindlela embi kangangeyure ukuya kwidolophana ethile, aze achithe usuku eshumayela. Kungekudala ayeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-30 veki nganye nabantu abalambele inyaniso. Namhlanje, kukho ibandla kulo ndawo yayingafikelelwa ngaphambili ekumahlathi akwiinjiko.
Ukuxhakamfula Onke Amathuba Afanelekileyo Okunikela Ubungqina
Kambe ke, asingawo onke amaNgqina kaYehova afudukela kwamanye amazwe, okanye kwanakwezinye iidolophu, ukuze ahambisele phambili ubulungiseleli bawo. Iimeko zawo zisenokungawavumeli ukuba abe ngoovulindlela. Sekunjalo, asiqonda kakuhle isibongozo seBhayibhile sokuba asebenze ‘ngokukhuthala konke’ yaye ahlale ‘ephuphuma umsebenzi weNkosi.’ (2 Pet. 1:5-8; 1 Kor. 15:58) Abonisa ukuba afuna tanci uBukumkani xa ebeka izilangazelelo zawo ngaphambi komsebenzi wempangelo nokuzihlaziya. Abo iintliziyo zabo zizaliswe luxabiso ngoBukumkani baba nesabelo rhoqo kubulungiseleli basentsimini ngomkhamo iimeko zabo ezibavumela ngawo, yaye abaninzi kubo baguqula iimeko zabo ukuze babe nesabelo ngakumbi. Kwakhona basoloko bekuphaphele ukuxhakamfula amathuba okunikela ubungqina kwabanye ngoBukumkani.
Ngokomzekelo, uJohn Furgala, owayeneshishini lezixhobo zokwakha eGuayaquil, e-Ecuador, wayebeka uncwadi lweBhayibhile kakuhle evenkileni yakhe. Ngoxa umncedisi wakhe eqokelela izinto ezifunwe ngumthengi, uJohn wayedla ngokunikela ubungqina kumthengi.
ENigeria iNgqina elinenzondelelo elalixhasa intsapho yalo ngokusebenza ngombane nalo lazimisela ukuwasebenzisa kakuhle amaqhina elalinawo kwezoshishino ukuze linikele ubungqina. Ekubeni ishishini lalilelalo, lilo elalisenza ucwangciso lokusebenza. Ntsasa nganye, ngaphambi kokuqalisa umsebenzi wosuku, lalihlanganisa umfazi walo, abantwana, abaqeshwa balo, nabo babeze kufunda umsebenzi ukuze kuxutyushwe itekisi yosuku yeBhayibhile, kunye namava akwiYearbook of Jehovah’s Witnesses. Ekuqaleni konyaka ngamnye, lalinika abantu ababeliqesha umbhalo wekhalenda yeWatch Tower Society, kunye namaphephancwadi amabini. Ngenxa yoko, bambi babaqeshwa balo nabantu ababeliqesha baye balithelela ekunquleni uYehova.
Maninzi amaNgqina kaYehova analoo moya ufanayo. Ingakhathaliseki into ayenzayo. Asoloko efuna amathuba okwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo.
Umkhosi Omkhulu Wabahambisi Bevangeli Bexesha Elizeleyo Abonwabileyo
Njengokuba iminyaka ihamba, inzondelelo yamaNgqina kaYehova ngokushumayela iindaba ezilungileyo ayithothi. Nangona abaninimzi abaninzi bewaxelele kabukhali ukuba abanamdla, kukho abantu abaninzi abanombulelo kuba amaNgqina ebanceda baqonde iBhayibhile. AmaNgqina kaYehova azimisele ukuqhubeka eshumayela de ibe nguYehova obonisa ngokucacileyo ukuba lo msebenzi ugqityiwe.
Kunokutyhafa, intlangano yomhlaba wonke yamaNgqina kaYehova iye yaqinisa kumsebenzi wayo wokushumayela. Ngowe-1982 ingxelo yonyaka yomhlaba wonke yabonisa ukuba kwakuchithelwe iiyure ezingama-384 856 662 kubulungiseleli basentsimini. Emva kweminyaka elishumi (ngowe-1992) kuye kwanikelwa iiyure ezili-1 024 910 434 kulo msebenzi. Ulwando olungako lomsebenzi lubangelwe yintoni?
Liyinyaniso elokuba inani lamaNgqina kaYehova liye landa. Kodwa kungekhona ukusa kuloo mkhamo. Ebudeni belo xesha, ngoxa inani lamaNgqina landa ngama-80 ekhulwini, inani loovulindlela lantinga ngama-250 ekhulwini. Ngokwesilinganiselo nyanga nganye, umntu omnye kwabasi-7 kumaNgqina kaYehova emhlabeni wonke wayekuhlobo oluthile lomsebenzi wokushumayela wexesha elizeleyo.
Ngoobani abebenesabelo kuloo nkonzo yobuvulindlela? Ngokomzekelo, kwiRiphabliki yaseKorea, amaNgqina amaninzi angabafazi abanyamekela amakhaya abo. Iimbopheleleko zentsapho zisenokungabavumeli bonke ukuba babe ngoovulindlela rhoqo, kodwa abaninzi basebenzise iiholide zesikolo ezinde zasebusika njengamathuba enkonzo yobuvulindela bobuncedani. Ngenxa yoko, ama-53 ekhulwini awo onke amaNgqina kwiRiphabliki yaseKorea ebekuhlobo oluthile lwenkonzo yexesha elizeleyo ngoJanuwari 1990.
Kwiminyaka yangaphambili, ngumoya wenzondelelo wobuvulindlela wamaNgqina akwiiPhilippines owawanceda akwazi ukufikelela amakhulu eziqithi ezinabemi kwiiPhilippines ngesigidimi soBukumkani. Loo nzondelelo iye yabonakala ngakumbi ukususela ngoko. Ngowe-1992, ngokwesilinganiselo nyanga nganye, ngabavakalisi abangama-22 205 ababa nesabelo kubulungiseleli basentsimini njengoovulindlela kwiiPhilippines. Phakathi kwabo kukho ulutsha oluninzi olukhethe ‘ukumkhumbula umdali walo’ luze lusebenzise amandla alo obutsha enkonzweni yakhe. (INtshu. 12:1) Emva kweminyaka elishumi kwinkonzo yobuvulindlela, omnye wolutsha olunjalo wathi: “Ndifunde ukuba nomonde, ukuphila ubomi obulula, ukuthembela ngoYehova, nokuthobeka. Kuyinyaniso ukuba ndibe nawo namava obunzima nawokudimazeka, kodwa zonke ezi zinto azinto yanto xa zithelekiswa neentsikelelo ubuvulindlela obundizisele zona.”
Ebudeni buka-Aprili noMeyi we-1989, IMboniselo yayibhenca iBhabhiloni Enkulu, elunqulo lobuxoki olukho ngeendlela ngeendlela ehlabathini lonke. La manqaku apapashwa ngaxeshanye ngeelwimi ezingama-39 aza asasazwa ngokubanzi. EJapan, apho inani lamaNgqina angoovulindlela ngokufuthi liba ngaphezu kwama-40 ekhulwini, kwabhalisa incopho entsha yoovulindlela abangabancedani abangama-41 055 ukuze bancedise kulo msebenzi ngaloo Aprili. KwiNqila yaseOsaka, kwisiXeko saseTakatsuki, kwibandla laseOtsuka abangama-73 kubavakalisi abangama-77 ababhaptiziweyo babekuhlobo oluthile lwenkonzo yobuvulindlela kuloo nyanga. NgoAprili 8, xa bonke abavakalisi baseJapan babongozwa ukuba babe nenxaxheba ngandlel’ ithile ekusasazeni esi sigidimi sibalulekileyo, amakhulu amabandla, anjengeBandla laseUshioda, kwisiXeko saseYokohama, alungiselela ukuchitha imini yonke kwinkonzo yasesitratweni neyendlu ngendlu, ukususela ngeyesi-7:00 kusasa, ukusa kweyesi-8:00 ngokuhlwa, ukuze afikelele wonk’ ubani awayenokumfikelela kuloo mmandla.
Njengokuba kunjalo nakwezinye iindawo, amaNgqina kaYehova eMexico ayasebenza ukuze anyamekele iintswelo zawo zokwenyama. Sekunjalo, nyanga nganye ebudeni bowe-1992, ngokwesilinganiselo nalapho amaNgqina kaYehova angama-50 095 alungisa imicimbi yawo ukuze akwazi ukuba nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela ukuze ancede abantu abalambele inyaniso bafunde ngoBukumkani bukaThixo. Kwezinye iintsapho bonke emzini basebenzisana ukuze bonke njengeqela, okanye ubuncinane abanye babo, bakwazi ukuba ngoovulindlela. Banandipha ubulungiseleli obuneziqhamo. Ebudeni bowe-1992, amaNgqina kaYehova eMexico ayeqhuba rhoqo izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwama-502 017 nabantu ngabanye namaqela eentsapho.
Abadala abakhonza iintswelo zamabandla amaNgqina kaYehova baneembopheleleko ezinzima. Inkoliso yabadala eNigeria ngamadoda aneentsapho, yaye oko kunjalo nangabadala abakwezinye iindawo. Sekunjalo, ukongezelela ekulungiseleleni ukuqhuba okanye ukuba nesabelo kwiintlanganiso zebandla, kwanokwenza umsebenzi oyimfuneko wokwalusa umhlambi kaThixo, amanye ala madoda ayaphinda abe ngoovulindlela. Kwenzeka njani oku? Ukucwangcisa ixesha ngobulumko nokusebenzisana kakuhle kwentsapho ngabanye boothunywashe ababalulekileyo.
Kucacile ukuba, emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova asinikele ingqalelo isiluleko sikaYesu sokuba ‘afune tanci ubukumkani.’ (Mat. 6:33) Oko akwenzayo yimbonakaliso esuka entliziyweni yothando lwawo ngoYehova noxabiso lwawo ngolongamo lwakhe. Njengomdumisi uDavide, athi: “Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.”—INdu. 145:1.
[Footnotes]
a IMboniselo (yesiNgesi), ka-Agasti 15, 1906, iphe. 267-71.
b Bona IMboniselo (yesiNgesi), kaFebruwari 1, 1967, iphepha 92-5.
c Bona IMboniselo (yesiNgesi), kaDisemba 15, 1973, iphepha 760-5.
d Bona IMboniselo (yesiNgesi), kaSeptemba 1, 1972, iphepha 533-6.
e IMboniselo (yesiNgesi), kaDisemba 15, 1963, iphe. 764-6.
f Bona IMboniselo (yesiNgesi), kaDisemba 1, 1969, iphepha 729-32; Septemba 15, 1988, iphepha 31.
g Bona IMboniselo, kaMeyi 1, 1987, iphepha 22-30; (ezilandelayo zikho ngesiNgesi) Aprili 1, 1964, iphepha 212-15; Disemba 1, 1956, iphepha 712-19; Agasti 15, 1970, iphepha 507-10; Oktobha 1, 1960, iphepha 601-5; Juni 15, 1968, iphepha 378-81; Aprili 1, 1968, iphepha 217-21; Aprili 1, 1959, iphepha 220-3.
[Blurb on page 292]
Kwagxininiswa ngakumbi kwimbopheleleko yokunikela ubungqina
[Ingcaphulo on page 293]
Ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu bakugqala njengelungelo elixabisekileyo
[Blurb on page 294]
Ukuqonda oko kuthethwa yinkonzo yomphefumlo uphela
[Blurb on page 295]
Oko ngokwenene kuthethwa ‘kukufuna tanci ubukumkani’
[Blurb on page 301]
AmaNgqina anenzondelelo abeka izilangazelelo zoBukumkani ngaphambi komsebenzi wempangelo nokuzihlaziya
[Box/Picture on page 288]
“Baphi Na Ke Abasithoba?”
KwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, ngowe-1928, iphecana elanikwa bonke ababekho lalinomxholo othi “Where Are the Nine?” Indlela elamxubusha ngayo uLuka 17:11-19 yachukumisa intliziyo kaClaude Goodman yaza yamshukumisela ukuba angenele umsebenzi wobuvulindlela aze anyamezele kuloo nkonzo.
[Box/Pictures on page 296, 297]
Inkonzo YaseBheteli
Ngowe-1992, babeli-12 974 ababenesabelo kwinkonzo yaseBheteli kumazwe angama-99
[Pictures]
Ufundisiso lobuqu lubalulekile kumalungu entsapho yaseBheteli
ESpeyin
KwiKhaya laseBheteli ngalinye, usuku luqalisa ngengxubusho yetekisi yeBhayibhile
EFinland
Njengokuba kunjalo ngamaNgqina kaYehova kuzo zonke iindawo, amalungu entsapho yaseBheteli aba nesabelo kwinkonzo yasentsimini
ESwitzerland
Ngazo zonke iingokuhlwa zangoMvulo intsapho yaseBheteli ifundisisa “IMboniselo” kunye
EItali
Imisebenzi yahlukahlukene, kodwa yonke yenziwa ngenjongo yokuxhasa ukuvakaliswa koBukumkani bukaThixo
EFransi
EPapua New Guinea
EUnited States
EJamani
KwiiPhilippines
EMexico
EBritani
ENigeria
ENetherlands
EBrazil
EJapan
EMzantsi Afrika
[Box/Pictures on page 298]
Abambalwa Abanethuba Elide Kwinkonzo YaseBheteli
UF. W. Franz—eUnited States (1920-92)
UHeinrich Dwenger—eJamani (malunga neminyaka eli-15 ngowe-1911-33), eHungary (1933-35), eCzechoslovakia (1936-39), waza waya eSwitzerland (1939-83)
UGeorge Phillips—eMzantsi Afrika (1924-66,1976-82)
Oodade bokwenyama (uKathryn Bogard noGrace DeCecca) abachitha iminyaka eli-136 ihlanganisiwe kwinkonzo yaseBheteli—eUnited States
[Graph on page 303]
(For fully formatted text, see publication)
Ulwando Loovulindlela!
Oovulindlela
Abavakalisi
Umlinganiselo wolwando ukususela ngowe-1982
250%
200%
150%
100%
50%
1982 1984 1986 1988 1990 1992
[Picture on page 284]
UDade Early watyhutyha ummandla omkhulu welaseNew Zealand ngebhayisekile ukuze abelane nabanye ngesigidimi soBukumkani
[Picture on page 285]
Kangangeminyaka engama-76—engatshatanga, etshatile, yaye kwakhona engumhlolokazi—uMalinda Keefer wazinikela kubulungiseleli bexesha elizeleyo
[Picture on page 286]
Abanye boovulindlela bokuqala babehlala kwiinqwelo-mafutha ezikwazizindlu njengokuba babesuka kwenye indawo baye kwenye
EKhanada
EIndiya
[Picture on page 287]
UFrank Rice (omi ngasekunene), uClem Deschamp (ohleli phambi koFrank, kunye nenkozikazi kaClem, uJean, ecaleni kwabo), neqela laseJava eliquka amanye amaNgqina nabantu abasandula ukuba nomdla
[Pictures on page 288]
Ubomi bukaClaude Goodman bobulungiseleli bexesha elizeleyo bamkhokelela ukuya kukhonza eIndiya nakwamanye amazwe asixhenxe
[Picture on page 289]
Xa uBen Brickell wayephile qete, wanandipha ukuyisebenzisela ukukhonza uYehova impilo yakhe; iingxaki ezinzulu zempilo kwiminyaka yamva azizange zimyekise
[Picture on page 290]
UKathe Palm wanikela ubungqina kwiindawo ezahlukahlukeneyo, ukususela kwizakhiwo zeeofisi ezixekweni ezikhulu ukusa kwimizi yasemgodini esemagqagaleni nakwiifama zeegusha eChile
[Picture on page 291]
Uzimiselo lukaMartin noGertrud Poetzinger luchazwa ngala mazwi: ‘Inye into endiyenzayo—kukufuna kuqala uBukumkani’
[Picture on page 300]
ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela (njengokuba siboniswe apha eJapan) siye sanikela uqeqesho olukhethekileyo kumashumi amawaka abasebenzi abanenzondelelo