Isifundo 7
Ukusondela KuThixo Ngomthandazo
Kutheni kubalulekile ukuthandaza rhoqo? (1)
Sifanele sithandaze kubani, yaye njani? (2, 3)
Ziintoni esifanele sizithandazele? (4)
Ufanele uthandaze nini? (5, 6)
Ngaba uThixo uyayiphulaphula yonke imithandazo? (7)
1. Umthandazo kukuthetha noThixo ngokuzithoba. Ufanele uthandaze kuThixo rhoqo. Ngaloo ndlela unokusondelelana naye njengomhlobo osenyongweni. UYehova mkhulu yaye unamandla, kodwa uyayiphulaphula imithandazo yethu! Ngaba uthandaza kuThixo rhoqo?—INdumiso 65:2; 1 Tesalonika 5:17.
2. Umthandazo yinxalenye yonqulo lwethu. Ngenxa yoko, sifanele sithandaze kuphela kuThixo, uYehova. Xa uYesu wayesemhlabeni, wayesoloko ethandaza kuYise, wayengathandazi komnye umntu. Sifanele senze okufanayo. (Mateyu 4:10; 6:9) Noko ke, ngamaxesha onke sifanele sithandaze egameni likaYesu. Oku kubonisa ukuba siyasihlonela isikhundla sikaYesu yaye sinokholo kwidini lakhe lentlawulelo.—Yohane 14:6; 1 Yohane 2:1, 2.
3. Xa sithandaza sifanele sithethe noThixo ngokusuka entliziyweni. Asifanele siyicengceleze imithandazo yethu okanye siyifunde encwadini yemithandazo. (Mateyu 6:7, 8) Singathandaza enoba sikweyiphi imeko ebonisa intlonelo, nangaliphi na ixesha, nakweyiphi na indawo. UThixo uva nemithandazo esiyenza ngaphakathi entliziyweni. (1 Samuweli 1:12, 13) Kuhle ukufumana indawo ezolileyo ekude nabanye abantu ukuze sithandazele kuyo.—Marko 1:35.
4. Ziintoni onokuzithandazela? Nantoni na esenokuchaphazela ubuhlobo bakho naye. (Filipi 4:6, 7) Umthandazo ongumzekelo ubonisa ukuba sifanele sithandazele igama likaYehova nenjongo yakhe. Kwakhona sinokucelela iintswelo zethu zezinto eziphathekayo, ukuxolelwa kwezono zethu, noncedo ukuze sixhathise isilingo. (Mateyu 6:9-13) Asifanele sibonakalise ukuzingca emithandazweni yethu. Sifanele sithandazele kuphela izinto ezivisisana nokuthanda kukaThixo.—1 Yohane 5:14.
5. Usenokuthandaza nanini na intliziyo yakho ikushukumisela ukuba ubulele okanye uzukise uThixo. (1 Kronike 29:10-13) Ufanele uthandaze xa uneengxaki yaye ukholo lwakho luvavanywa. (INdumiso 55:22; 120:1) Kufanelekile ukuthandaza ngaphambi kokuba utye. (Mateyu 14:19) UYehova uthi sifanele sithandaze “ngaso sonke isihlandlo.”—Efese 6:18.
6. Sifanele sithandaze ngokukodwa ukuba senze isono esinzulu. Ngamaxesha anjalo kufuneka sicele uYehova ukuba asenzele inceba aze asixolele. Ukuba siyazivuma kuye izono zethu size senze konke okusemandleni ethu ukuba singaphindi sizenze, uThixo “ulungele ukuxolela.”—INdumiso 86:5, NW; IMizekeliso 28:13.
7. UYehova uphulaphula kuphela imithandazo yabantu abalungileyo. Ukuze imithandazo yakho iviwe nguThixo, umele wenze wonke umzamo wokuphila ngokwemithetho yakhe. (IMizekeliso 15:29; 28:9) Umele uthobeke xa uthandaza. (Luka 18:9-14) Ufanele usebenzele koko ukuthandazelayo. Ngaloo ndlela uya kuzingqina unokholo yaye uqinisekile ngoko ukuthethayo. Kungelo xesha kuphela aya kuthi uYehova ayiphendule imithandazo yakho.—Hebhere 11:6.