Oko Kuqulethwe Yile Ncwadi
Umntu oqalayo ukungena kumzi wogcino-zincwadi usenokudideka xa ebona loo ntaphane yeencwadi. Kodwa xa enokucaciselwa kancinane indlela ezibekwe ngayo ezo ncwadi, angakwazi ukuyifumana ngokukhawuleza leyo ayifunayo. Ngokufanayo, kulula ukufumana into eBhayibhileni xa uyiqonda indlela ezibekwe ngayo izinto kuyo.
IGAMA elithi “iBhayibhile” lisuka kwigama lesiGrike elithi bi·bliʹa, elalithetha “umsongo wepapyrus” okanye “iincwadi.”1 IBhayibhile yingqokelela—ithala—leencwadi ezingama-66, ezathabatha iminyaka eli-1600 ukubhalwa, ukususela ngowe-1513 B.C.E. ukusa kowama-98 C.E.
Iincwadi zokuqala ezingama-39, eziyinxalenye enkulu yeBhayibhile, zaziwa ngokuba ziZibhalo zesiHebhere, kuba inkoliso yazo yabhalwa ngolo lwimi. Ezi ncwadi zinokwahlulwa zibe ngamacandelo amathathu: (1) Elembali, yiGenesis ukusa kuEstere, lineencwadi ezili-17; (2) Elemibongo, uYobhi ukusa kwiNgoma yazo Iingoma, lineencwadi ezi-5; kunye (3) Nelesiprofeto, uIsaya ukusa kuMalaki, lineencwadi ezili-17. IZibhalo zesiHebhere zixubusha ngembali yangaphambili yomhlaba neyabantu nangembali yohlanga lwamandulo lwamaSirayeli ukususela ekusekweni kwalo ukusa kwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.
Ezinye iincwadi ezingama-27 zaziwa ngokuba ziZibhalo zamaKristu zesiGrike, kuba zabhalwa ngesiGrike, ulwimi olwalusetyenziswa zizizwe ngezizwe ngaloo mihla. Zona zilandelelana ngokwemibandela eziyixubushayo: (1) iincwadi ezi-5 zembali—iiVangeli neZenzo, (2) ibe ziileta ezingama-21, kunye (3) neSityhilelo. IZibhalo zamaKristu zesiGrike zibek’ umnwe kakhulu kwiimfundiso nezinto ezazisenziwa nguYesu Kristu nabafundi bakhe ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo.