Isahluko 29
Ndazi Njani Ukuba Luthando Lokwenene?
Phendula le mibuzo ilandelayo:
1. Unokuluchaza njani “uthando”? ․․․․․
2. Unokuyichaza njani “intabatheko”? ․․․․․
3. Ucinga ukuba yintoni umahluko phakathi kwezi zinto zimbini? ․․․․․
MHLAWUMBI akunangxaki ekuphenduleni le mibuzo ingasentla. Ngapha koko, kulula ukubona umahluko phakathi kothando nentabatheko xa ungekathandani.
Kodwa ke, konke oku kunokutshintsha xa udibana nomntu omthandayo. Uthi phithi nguye, ayikho enye into ocinga ngayo. Ngaba umthanda ngokwenene okanye yintabatheko nje? Unokwazi njani? Ukuze uphendule lo mbuzo, makhe siqale sithethe ngendlela eye yatshintsha ngayo indlela obubajonga ngayo abantu besini esahlukileyo ngaphambili. Ngokomzekelo, khawuzibuze le mibuzo ilandelayo:
● Wawucinga ntoni ngabantu besini esahlukileyo xa wawuneminyaka emihlanu ubudala?
● Yintoni oyicingayo ngoku?
Mhlawumbi indlela oyiphendula ngayo le mibuzo ibonisa ukuba xa wawufikisa, waqalisa ukuba nomdla kubantu besini esahlukileyo. UBrian oneminyaka eli-12 ubudala uthi: “Ndiye ndaphawula ukuba amantombazana mahle kunendlela ebendiwabona ngayo ngaphambili.” UElaine, oneminyaka eli-16 ubudala ukhumbula indlela izinto ezatshintsha ngayo kwiminyaka embalwa edluleyo. Uthi: “Bonke abahlobo bam baqalisa ukuthetha ngamakhwenkwe, yaye mna ndandithabatheka yiyo nayiphi na inkwenkwe.”
Ekubeni ngoku utsaleleka kubantu besini esahlukileyo, yintoni onokuyenza xa usonganyelwa zezi mvakalelo? Endaweni yokuba wenze ngathi azikho, nto leyo enokubangela ukuba wonganyelwe zizo, usenokusebenzisa eli thuba ukuze ufunde okuthile ngokutsaleleka emntwini, ngentabatheko nangothando. Ukwazi ezi nkalo zintathu kunokukusindisa entlungwini kuze kukuncede ufumane iqabane lokwenene ekuhambeni kwexesha.
UKUTSALELEKA EMNTWINI → Oko ukubonayo
“Sihlala sithetha ngamantombazana nabahlobo bam. Siye sizame ukuthetha ngezinye izinto, kodwa kuthi kwakudlula intombazana entle, silibale ngayo yonke loo nto besithetha ngayo!”—UAlex.
“Ndiye nditsaleleke kuye nawuphi na umfana ondijonga emehlweni, ancume aze azithembe.”—ULaurie.
Kuyinto eqhelekileyo ukutsaleleka kumntu omhle. Okubuhlungu kukuba, xa sele nikunye akuyifumani le nto ubuyibona. Kutheni sisitsho nje? Kuba imbonakalo yangaphandle iyaqhatha. IBhayibhile ithi: “Njengekhonkco legolide empumlweni yehagu, linjalo ibhinqa elihle kodwa lingenangqiqo.” (IMizekeliso 11:22) Lo mgaqo uyasebenza nakubafana.
INTABATHEKO → Indlela ovakalelwa ngayo
“Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, kukho umfana endandidumb’ intloko nguye, kodwa yathi yakuphela loo nto ndasibona isizathu soko. Kwakungenxa yokuba bonke abahlobo bam babenomdla emakhwenkweni—ibe naye wayeyinkwenkwe!”—UElaine.
“Baninzi abantu endandinomdla kubo, kodwa eyona nto yayinditsala yayiyimbonakalo yangaphandle. Ndandisithi ndakumazi kakuhle loo mntu, ndifumanise ukuba asifanelani ngendlela ebendicinga ngayo.”—UMark.
Intabatheko iye ibonakale ngathi luthando. Enyanisweni, nalo uthando luquka iimvakalelo. Kodwa ezi zinto zimbini azifani kwaphela. Into ekubangela ukuba uthabatheke emntwini ziimpawu nje ezingenamsebenzi. Kwakhona, awububoni ubuthathaka bakhe kodwa eyona nto uyibalaselisa ngokugqithiseleyo ziimpawu zakhe ezintle. Ngenxa yoko, ifana nenqaba eyenziwe ngesanti. Intombazana egama linguFiona ithi: “Ayihlali xesha lide. Usenokuba nomdla kumntu othile namhlanje, uze kwisithuba esingangenyanga kamva ube nomdla komnye!”
UTHANDO → Oko ukwaziyo
“Ndicinga ukuba xa umntu umthanda, uba nesizathu, yaye iba sisizathu esivakalayo—kungekhona esokuzingca.”—UDavid.
“Mna ndivakalelwa kukuba uthando lokwenene luthabath’ ixesha. Ekuqaleni niba ngabahlobo. Yaye ngokuthe ngcembe, uya umthanda lo mntu ngenxa yezinto ozaziyo ngaye, uze uqalise ukuvakalelwa ngendlela ongazange uvakalelwe ngayo ngaphambili.”—UJudith.
Uthando lusekelwe ekuzazini ngokupheleleyo iimpawu zomntu ezintle kwanobuthathaka bakhe. Akumangalisi ke ngoko ukuba iBhayibhile ithi uthando aluyomvakalelo nje kuphela. Ithi, phakathi kwezinye izinto uthando “luzeka kade umsindo yaye lunobubele. . . . Luthwala izinto zonke, lukholelwa izinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.” (1 Kor. 13:4, 7, 8) Lubangela ukuba umntu abe nezi mpawu, kungekhona ngenxa yokuba emfamekile okanye engamazi kakuhle loo mntu.
Umzekelo Wothando Lokwenene
Ingxelo yeBhayibhile kaYakobi noRakeli ingumzekelo ocacileyo wothando lokwenene. Esi sibini sadibana equleni ngoxa uRakeli wayeye kukhelela izimvu zikayise amanzi. UYakobi wamthanda kanye ngeso sihlandlo. Ngoba? Esinye sezizathu kukuba ‘wayenesiqu esihle, ekwamhle nangenkangeleko.’—Genesis 29:17.
Kodwa ke, khumbula ukuba uthando lokwenene alusekelwanga kwinkangeleko yangaphandle kuphela. Ngaphandle kobuhle, zikho ezinye izinto ezabonwa nguYakobi kuRakeli. Phofu ke, iBhayibhile ithi uYakobi ‘wamthanda uRakeli.’—Genesis 29:18.
Ngaba eli bali lothando laphelela apho? Akunjalo. Uyise kaRakeli wathi uYakobi makalinde iminyaka esixhenxe phambi kokuba amtshate. Ngoku uthando lukaYakobi lwavavanywa. Ukuba yayiyintabatheko nje, wayengenakukwazi ukumlinda. Luthando lokwenene kuphela olunokunyamezela ithuba elide kangako. Kwenzeka ntoni? IBhayibhile ithi: “UYakobi wakhonza iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, kodwa yaba ngathi ziintsuku ezimbalwa emehlweni akhe ngenxa yokumthanda kwakhe.”—Genesis 29:20.
Unokufunda ntoni kumzekelo kaYakobi noRakeli? Uthando lokwenene lunokunyamezela ithuba elide. Kwakhona, alusekelwanga kwinkangeleko yangaphandle kuphela. Eneneni, kusenokwenzeka ungatsalwa bubuhle kwiqabane oza kutshata nalo. Ngokomzekelo, uBarbara uyavuma ukuba ekuqaleni wayengenamdla kumfana awadibana naye. Uthi: “Kodwa ndathi ndakumazi ngakumbi, izinto zatshintsha. Ndabona indlela uStephen awayebakhathalele ngayo abantu nendlela awayezixhalabele ngayo izinto zabo kunezakhe. Yindoda enezi mpawu ke endandiyibona njengefanelekileyo. Yiyo kanye into eyanditsalayo kuye ndaza ndamthanda.” Ngoko umtshato wabo womelela.
Xa sele uqole ngokwaneleyo ukuba ungathandana kuba ufuna ukutshata, unokwazi njani ukuba luthando lokwenene? Musa ukukuthemba oko ukuxelelwa yintliziyo, kodwa themba ingqondo yakho eqeqeshwe yiBhayibhile. Zabalazela ukwazi okungakumbi kunoko ukubonayo kuloo mntu. Zipheni ithuba lokuqinisa ulwalamano lwenu. Khumbula ukuba intabatheko iphela ngokukhawuleza. Uthando lokwenene luyaqina ekuhambeni kwexesha luze lube ‘ngumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’—Kolose 3:14.
Qiniseka ukuba unokumfumana umntu omthanda ngokwenene—ukuba akutsalwa yimbonakalo yangaphandle kuphela yaye akuyontabatheko nje. La maphepha mathathu alandelayo aza kukunceda wenze kanye oku.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDLELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 1 NESESI-3
Masithi umfumene umntu omthanda ngokwenene. Unokwazi njani ukuba sele ukulungele ukutshata.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Amanzi amaninzi akanako ukulucima uthando, nemilambo ayinakulukhukulisa.”—INgoma yazo iiNgoma 8:7.
ICEBISO
Ukuze uyazi indlela omazi kakuhle ngayo umntu otsaleleke kuye, phendula imibuzo ekuMqulu 2, iphepha 39 (xa uyintombazana) nakwiphepha 40 (xa ungumfana).
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abantu abaselula abathandana nje bengenanjongo, baze bahlukane nabo bantu, kuya kuba lula nokuba bawuqhawule umtshato.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndazi enoba yintabatheko okanye luthando, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kwakutheni ukuze uThixo amenze umntu abe nomdla kumntu wesini esahlukileyo?
● Kutheni luphela “uthando” lwabantu abaninzi abakwishumi elivisayo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 207]
“Uthando lunokuzinyamezela iingxaki, ngoxa intabatheko iphela xa kutshintsha iimeko okanye kuvela ingxaki. Kuthabath’ ixesha ukuhlakulela uthando lokwenene.”—UDaniella
[Ibhokisi ekwiphepha 209]
Isalathiso Samaphepha
Ubuza Kwenza Ntoni?
UMichael noJudy sele bethandana iinyanga ezintathu yaye uJudy uthi “akaziva luthando.” UMichael umnyamekela gqitha—kangangokuba ude amxelele nendlela afanele anxibe ngayo, nabantu afanele anxulumane nabo. Ebemphatha njengenkosazana. Kodwa kwiveki edluleyo uMichael wamqhwaba ngempama emva kokuba embone encokola nenye inkwenkwe.
UMike uthi: “UJudy ufanele azi ukuba andiziboni ndahlukene naye. Phofu andinakuyithwala into yokuthathelwa intombi! Ndiyazisola ngokumqhwaba. Kodwa oko ndikwenze kuba ndingakwazi ukukunyamezela ukumbona nomnye umntu. Ngapha koko, ndiye ndacel’ uxolo!”
UJudy uthi: “Abazali bam bathi uMike ulawula yonke into endiyenzayo, abamazi ukuba imilinganiselo yakhe iphakamile. Akazange akhe andinyanzele ukuba ndilale naye. Nangona ndingazange ndibaxelele abazali bam, wandiqhwaba kuba ndandithetha nenye inkwenkwe. Maxa wambi uyandichaza uMike ngokuba nekhwele. Kodwa uye wacela uxolo, esithi akasoze aphinde andiqhwabe.”
Ngoku lithuba lakho: Ngaba zikho izinto ozibonayo ezibonisa ukuba ukho undonakele kolu lwalamano? Ukuba zikho, ziintoni? ․․․․․
Ufanele enze ntoni uJudy? ․․․․․
Ubuza kwenza ntoni wena? ․․․․․
[Ibhokisi ekwiphepha 210]
Isalathiso Samaphepha
Ubuza Kwenza Ntoni?
UEthan sele eneenyanga ezimbini ethandana noAlyssa, yaye uye waphawula indlela athanda ukuxabana ngayo nabantu, ingakumbi abazali bakhe. UAlyssa uhlala exambulisana nabazali bakhe kude kuviwe ngaye. Abazali bakhe bayoyisakala nguye. Ude aqhayisele uEthan ngokuba abazali bakhe beva ngaye.
UEthan uthi: “UAlyssa uthetha nantoni na ayicingayo. Akoyiki mntu, nkqu nabazali bakhe. Ekubeni uyise engumntu okruqulayo, siyavakala isizathu sokuba abe bukhali kuye. Kodwa ke ukuba bukhali akuphela kwento ayenzayo. Ukhe akhale, aqumbe okanye athethe kakuhle—enze nantoni na ukuze afumane loo nto ayifuna kuyise nonina.”
UAlyssa uthi: “Andinaxesha lakho nokuba ungubani okanye unasiphi na isikhundla, ndithetha le nto ndiyicingayo. UEthan naye uyayazi loo nto. Uyayazi ukuba ndithetha njani nabazali bam.”
Ngoku lithuba lakho: Ngaba zikho izinto ozibonayo ezibonisa ukuba ukho undonakele kolu lwalamano? Ukuba zikho, ziintoni? ․․․․․
Ufanele enze ntoni uEthan? ․․․․․
Ubuza kwenza ntoni wena? ․․․․․
[Ibhokisi ekwiphepha 211]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Luthando Okanye Yintabatheko?
Zama ukuthelekelela igama elingekhoyo kwezi zinto zingezantsi. Zalisa izikhewu ngegama elithi uthando okanye intabatheko.
1. “․․․․․ imfamekile yaye ithanda ukuhlala injalo. Ayithandi ukujonga izinto ngendlela eziyiyo.”—UCalvin.
2. “Ukuba kufuneka nditshintshe ubuntu bam xa ndikunye nentombazana endinomdla kuyo, loo nto ․․․․․.”—UThomas.
3. “Kusenokubakho into ekukruqulayo ngaloo mntu. Kodwa ukuba ․․․․․, usafuna ukuba kunye naloo mntu nize nilungise loo ngxaki.”—URyan.
4. “Xa ․․․․․, ucinga kuphela ngezinto enifana ngazo.”—UClaudia.
5. “Xa ․․․․․, akuzami ukuzifihla.”—UEve.
6. “․․․․․ yindlela yokufumana into oyifunayo—mhlawumbi ukuze nawe ukwazi ukuthi uyathandana.”—UAllison.
7. “․․․․․ luyazibona iimpazamo nemikhwa engathandekiyo yaye luyakwazi ukuyinyamezela.”—UApril.
8. “Xa ․․․․․, akuyazi into ekutsalayo kulo mntu.”—UDavid.
9. “Xa ․․․․․, omnye umntu akazenzi iimpazamo.”—UChelsea.
10. “Xa ․․․․․, akutsaleleki kubantu besini esahlukileyo njengangaphambili, kuba ufuna ukunyaniseka.”—UDaniel.
Iimpendulo: Intabatheko: 1, 2, 4, 6, 8, 9. Uthando: 3, 5, 7, 10.
[Umfanekiso okwiphepha 206, 207]
Intabatheko ifana nenqaba eyenziwe ngesanti—ekuhambeni kwexesha iyadilika