ISAHLUKO 61
UYesu Uphilisa Umfana Onedemon
MATEYU 17:14-20 MARKO 9:14-29 LUKA 9:37-43
KUDINGEKA UKHOLO UKUZE KUPHILISWE UMFANA ONEDEMON
Xa uYesu, uPetros, uYakobi noYohane besehla entabeni, badibana nabantu abaninzi. Kukho ingxaki. Ababhali bajikeleze abafundi ibe baphikisana nabo. Xa abantu bebona uYesu bayavuya baze babaleke bayokumbulisa. UYesu uyabuza athi: “Niphikisana ngantoni naba bantu?”—Marko 9:16.
Enye indoda elapha phakathi kwaba bantu ithi kuye: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe kuba unedemon emenza angathethi. Ithi xa imphethe, imjule phantsi, alephuze amagwebu, atshixize amazinyo, aphelelwe nangamandla. Ndicele abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa khange bakwazi.”—Marko 9:17, 18.
Kubonakala ngathi ababhali bagxeka abafundi kuba bengakwazi ukumphilisa lo mfana, mhlawumbi bagxeka nezinto abazama ukuzenza ukuze bamphilise. Endaweni yokuba uYesu aphendule utata walo mfana, uthetha nabantu aze athi: “Owu sizukulwanandini singenalukholo nesijijekileyo, kufuneka ndihlale nani de kube nini? Koda kube nini ndininyamezele?” La mazwi ahlabayo uYesu uwabhekisa kubabhali kuba bebebaphethe kakubi abafundi xa ebengekho. Uthi kutata walo mfana: “Zisa unyana wakho apha.”—Luka 9:41.
Xa lo mfana esiza kuYesu, idemon imwisa phantsi ize imxhuzulise. Uyaqikaqikeka phantsi ibe ulephuza namagwebu. UYesu ubuza utata walo mfana athi: “Kudala kangakanani le nto isenzeka?” Uthi lo tata: “Yaqala esemncinci, yaye amaxesha amaninzi imphosa emlilweni nasemanzini ifuna ukumbulala.” Lo tata uyamcenga uYesu athi: “Ukuba unako, sisizele uze usincede.”—Marko 9:21, 22.
Lo tata ukufuna nyhani ukuncedwa, kuba nabafundi bakaYesu abakwazanga ukumnceda. UYesu umphendula athi: “Kutheni usithi, ‘Ukuba unako’? Kaloku, zonke izinto zinako ukwenzeka kulowo unokholo.” Ngoko nangoko lo tata ukhwaza esithi: “Ndinalo ukholo! Ndincede ndibe nokholo olungaphezu kolu ndinalo!”—Marko 9:23, 24.
UYesu uqaphela ukuba abantu beza kuye bebaleka. Ungxolisa le demon aze athi: “Demonindini esisimumu nesisithulu, ndithi kuwe phuma kuye, uze ungaphindi ubuye!” Xa le demon iphuma kulo mfana, iyamxhuzulisa ize imenze akhale kakhulu. Emva koko, lo mfana uba ngathi ufile. Ngenxa yaloo nto abantu abaninzi bathi: “Ufile!” (Marko 9:25, 26) Kodwa uthi uYesu xa ebamba isandla salo mfana, aphakame aze ‘aphile ngoko nangoko.’ (Mateyu 17:18) Abantu bayamangaliswa yile nto yenziwa nguYesu.
Ekuqaleni, xa ebethuma abafundi bakhe ukuba bayokushumayela, bebekwazi ukuzikhupha iidemon. Ngenxa yaloo nto, xa besendlini, bayambuza bathi: “Kutheni singakwazanga nje thina ukuyikhupha?” UYesu uyabacacisela ukuba kungenxa yokholo lwabo oluncinci. Uthi: “Olu hlobo lwedemon lukhutshwa ngomthandazo kuphela.” (Marko 9:28, 29) Bekufuneka babe nokholo oluqinileyo baze bathandazele amandla kaThixo ukuze bakwazi ukukhupha laa demon inamandla.
UYesu ugqibezela ngokuthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nje ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, ninokuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ ize isuke, ibe ayikho into eningenakukwazi ukuyenza.” (Mateyu 17:20) Lunamandla nyhani ukholo!
Iingxaki nezinto ezinzima ezisenza singamkhonzi kakuhle uYehova zinokufana nentaba engakwaziyo ukusuka. Kodwa ukuba sinokholo, sinako ukuzoyisa ezo ngxaki zifana neentaba.