ISIFUNDO 84
UYesu Uhamba Phezu Kwamanzi
UYesu wayengaphilisi abantu abagulayo avuse nabafileyo kuphela, wayekwazi nokuxelela umoya nemvula ukuba mazenze ntoni. Emva kokuba ethandazile entabeni, uYesu wabona isaqhwithi kuLwandle LwaseGalili. Abapostile bakhe babekhwele esikhepheni yaye kwakunzima ukusiqhuba ngenxa yomoya. UYesu wehla entabeni waza wahamba phezu kwamanzi esiya esikhepheni. Xa abapostile babona umntu ohamba phezu kwamanzi, bangcangcazela kukoyika. UYesu wathi kubo: ‘Ndim. Sanukoyika.’
UPetros wathi: ‘Nkosi, ukuba nguwe nyhani, yithi mandize kuwe.’ UYesu wathi: ‘Yiza.’ Kweso saqhwithi, uPetros wehla esikhepheni, wahamba phezu kwamanzi ekhawulela uYesu. Xa sele ekufutshane noYesu, uPetros wajonga isaqhwithi waza woyika. Waziva ukuba uyatshona. Wakhwaza esithi: ‘Nkosi, ndisindise!’ UYesu wabamba uPetros ngesandla waza wathi: ‘Bekutheni ukuze uthandabuze? Luphi ukholo?’
UYesu noPetros bakhwela esikhepheni, emva koko isaqhwithi sayeka. Inoba baziva njani abapostile? Bathi: “Unguye nyhani uNyana kaThixo.”
UYesu wayengaqali ukuxelela imozulu into emayiyenze. Ngenye imini xa wayehamba nabapostile ngesikhephe besiya kwelinye icala lolwandle, waya kulala ngasemva esikhepheni. Ngoxa wayelele, kwabakho isaqhwithi esikhulu. Amaza ayebetha isikhephe, saza sona sagcwala ngamanzi. Abapostile bavusa uYesu, bekhwaza besithi: ‘Mfundisi, siza kufa! Sincede!’ UYesu wavuka waza wathi kulwandle: “Thula!” Ngoko nangoko, lwathi cwaka ulwandle nomoya. UYesu wabuza abapostile: ‘Luphi ukholo?’ Bathi: “Uthotyelwa ngumoya nalulwandle.” Abapostile bafunda ukuba, ukuba bebemthemba kuyo yonke into uYesu, bebengazukoyika nto.
“Ngendiphi ukuba bendingenalo ukholo Lokuba ndiza kubona ukulunga kukaYehova kwilizwe labaphilayo?”—INdumiso 27:13