IBHOKISI YOKUFUNDISA 9E
‘Ixesha Lokubuyiselwa Kwazo Zonke Izinto’
IZenzo 3:21
Xa umpostile uPawulos wathetha ‘ngexesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto,’ wayeprofeta ngexesha elimangalisayo elaliza kuqala ekumiselweni kukaKristu njengoKumkani, de kube sekupheleni koLawulo Lwakhe Lweminyaka Eliwaka.
1914—UYesu Kristu umiselwa njengoKumkani ezulwini. Ukubuyiselwa kwabantu bakaThixo kuqala ngo-1919
Imihla Yokugqibela
IARMAGEDON—Kuqala uLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, kwaye ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto’ liza neentsikelelo kubantu abathembekileyo basemhlabeni
ULawulo Lweminyaka Eliwaka
UKUPHELA KOLAWULO LWEMINYAKA ELIWAKA—UYesu uyawugqiba wonke umsebenzi wokubuyisela aze anikele uBukumkani kuTata wakhe
IParadesi Kanaphakade
ULAWULO LUKAYESU LUZA . . .
kwenza igama likaThixo liphinde lizukiswe
kuphelisa ukugula
kwenza abantu abadala babe batsha
kuvusa abantu abaswelekileyo
kwenza abantu baphinde bafezeke
kwenza umhlaba ube yiParadesi