ISIFUNDO 49
Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?—Inxalenye 1
Abantu abasanda kutshata bafuna ukuhlala bonwabile ngendlela ababonwabe ngayo ngosuku lwabo lomtshato. Ingenzeka loo nto. AmaKristu aneminyaka emininzi etshatile nazama kangangoko ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile, ayayazi ukuba le nto inokwenzeka.
1. IBhayibhile ibacebisa ukuba benze ntoni abayeni?
UYehova unike umyeni umsebenzi wokuba yintloko-ntsapho. (Funda amaEfese 5:23.) Ufuna ibe nguye owenza izigqibo eziza kunceda intsapho. IBhayibhile ithi xa icebisa abayeni: “Qhubekani nibathanda abafazi benu.” (Efese 5:25) Ithetha ukuthini le nto? Ithetha ukuba umyeni omthandayo umfazi wakhe umphatha kakuhle xa besekhaya naxa bekunye nabanye abantu. Uyamkhusela, amonwabise aze amnike nezinto azidingayo. (1 Timoti 5:8) Eyona nto ibalulekileyo ayenzayo, kukumnceda asondele kuYehova. (Mateyu 4:4) Ngokomzekelo, unokuthandaza naye aze afunde naye iBhayibhile. Xa umyeni emkhathalela umfazi wakhe, uhlala engumhlobo kaYehova.—Funda 1 Petros 3:7.
2. IBhayibhile ibacebisa ukuba benze ntoni abafazi?
ILizwi LikaThixo lithi umfazi “umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.” (Efese 5:33) Angayenza njani le nto? Unokucinga ngeempawu ezintle umyeni wakhe anazo nendlela asebenza nzima ngayo ukuze akhathalele yena nabantwana babo. Enye indlela anokubonisa ngayo ukuba uyamhlonipha umyeni wakhe kukuxhasa izigqibo azenzayo. Umele athethe kakuhle naye okanye ngaye nokuba akamkhonzi uYehova.
3. Abantu abatshatileyo bangawuqinisa njani umtshato wabo?
Xa ithetha ngabantu abatshatileyo, iBhayibhile ithi bamele “babe nyama-nye.” (Mateyu 19:5) Le nto ithetha ukuba bafanele bangavumeli nantoni na ibohlukanise. Banokuyenza le nto, ngokuxelelana izinto abazicingayo nendlela abaziva ngayo. Xa bexelelana izinto bamele bakhululeke, bathethe ngendlela ebonisa ukuba bayathandana baze bachithe ixesha kunye. Umyeni okanye inkosikazi akamele avumele nantoni na okanye nabani na abaluleke ngaphezu komntu atshate naye, ngaphandle koYehova. Bayaqiniseka nokuba abaqhelani kakhulu nabanye abantu ngendlela engafanelekanga.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Jonga amacebiso eBhayibhile anokuqinisa umtshato wakho.
4. Bayeni, bathandeni nize nibakhathalele abafazi benu
IBhayibhile ithi “abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo.” (Efese 5:28, 29) Ithetha ukuthini le nto? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
Zeziphi ezinye iindlela umyeni anokubonisa ngazo ukuba uyamthanda futhi umkhathalele umfazi wakhe?
Funda amaKolose 3:12, nize nincokole ngalo mbuzo:
Umyeni angazibonisa njani ezi mpawu emtshatweni wakhe?
5. Bafazi, bathandeni nize nibahloniphe abayeni benu
IBhayibhile ithi umfazi ufanele amhloniphe umyeni wakhe noba ukhonza uYehova okanye akamkhonzi. Funda 1 Petros 3:1, 2, nize nincokole ngale mibuzo:
Ukuba unomyeni ongamkhonziyo uYehova, ngokuqinisekileyo uyafuna ukuba naye amkhonze. Ucinga ukuba yeyiphi indlela ebhetele onokumnceda ngayo? Ucinga ukuba kukusoloko umshumayeza okanye kukuba ngumfazi olungileyo, onobubele nonembeko? Kutheni usitsho?
Abayeni nabafazi banokwenza izigqibo ezifanelekileyo kunye. Kodwa ke, ngamanye amaxesha, umfazi usenokungavumelani nomyeni wakhe. Xa kunjalo usenokuxelela umyeni wakhe into ayicingayo ezolile, aze athethe ngendlela ebonisa ukuba unembeko. Kodwa, ufanele angalibali ukuba uYehova ufuna ibe ngumyeni owenza izigqibo eziza kunceda intsapho. Kufuneka azame ngandlela zonke ukuze axhase isigqibo esenziweyo. Xa umfazi esenza le nto, wenza ukuba wonke umntu kwintsapho yabo onwabe. Funda 1 Petros 3:3-5, nize nincokole ngalo mbuzo:
UYehova uziva njani xa umfazi emhlonipha umyeni wakhe?
6. Ungakwazi ukuzilungisa iingxaki onazo emtshatweni
Awukho umtshato ongenazingxaki. Yiloo nto abantu abatshatileyo befanele basebenzisane ukuze bazilungise. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.
Kule vidiyo, yintoni ebonisa ukuba le ndoda nomfazi wayo abasondelelananga?
Yintoni abayenzileyo ukuze baqinise umtshato wabo?
Funda 1 Korinte 10:24, nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda amaKolose 3:13, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:
Ukusebenzisa eli cebiso kunokuwuqinisa njani umtshato?
IBhayibhile ithi sifanele sihloniphane. Ukuhloniphana kukwathetha ukumphatha ngobubele omnye umntu. Funda amaRoma 12:10, nize nincokole ngale mibuzo:
Ngaba abayeni okanye abafazi bafanele balinde umntu abatshate naye ukuba abahloniphe kuqala? Kutheni usitsho?
ABANYE ABANTU BATHI: “Mna nomntu enditshate naye asisathandani njengakuqala.”
Ungambonisa njani umntu otshoyo indlela enokumnceda ngayo iBhayibhile?
UFUNDE NTONI?
Umyeni nomfazi bangonwaba xa bethandana, behloniphana, baze basebenzise amacebiso eBhayibhile.
Khawutsho
Umyeni angenza ntoni ukuze kube mnandi emtshatweni?
Umfazi angenza ntoni ukuze kube mnandi emtshatweni?
Ukuba utshatile, ngowuphi umgaqo onokukunceda uqinise umtshato wakho?
JONGA NEZI ZINTO
Funda amacebiso anokunceda wena nentsapho yakho nonwabe.
Bukela ividiyo yomculo ebonisa indlela ekunceda ngayo ukusebenzisa amacebiso kaThixo emtshatweni wakho.
Jonga ukuba unokumhlonela njani umyeni wakho njengentloko-ntsapho.
“Bafazi, Kutheni Nifanele Nizithobe Kubuntloko?” (IMboniselo, Meyi 15, 2010)
Jonga indlela amacebiso eBhayibhile anokubanceda ngayo abantu abatshatileyo.