Ngaba IBhayibhile Iyaziphikisa?
‘UTHIXO akanakuxoka,’ itsho njalo iBhayibhile. (Hebhere 6:18) Ke kunokwenzeka njani ukuba incwadi yakhe izaliswe kukungavisisani okucacileyo nangumahluko ophawulekayo ize sekunjalo ibizwe ngokuba iliLizwi likaThixo? Ayinakuba njalo. ‘Phofu ke, kutheni kukho umahluko nje?’ ubuza njalo.
Njengoko bekumele kulindelwe, kwincwadi eyathi kangangeenkulungwane ebunzimeni yakhutshelwa ngesandla kwaza kwafuneka iguqulelwe kwiilwimi eziphambili zanamhla, kunyebelezele ukwahluka ekubhaleni. Kodwa akukho okuxhomis’ amehlo ngokokude kubangele ukuthandabuzeka kokuphefumlelwa negunya leBhayibhile iyonke. Ngokuyihlolisisa ngenyameko, ezo ndawo zibonakala ziphikisana zinokuboniswa zinenkcazelo echanileyo. Ngokufuthi, abantu abathi iBhayibhile iyaziphikisa abakhange bona ngokwabo bayihlolisise, kodwa bamkela nje le ngcamango idluliselwe kubo ngabo bangafuniyo ukuyikholelwa iBhayibhile okanye ukulawulwa yiyo. IBhayibhile ilumkisa isithi kwiMizekeliso 18:13: “Ophendula ilizwi engekeva, kukumatha oko kuye, nehlazo.”
Maxa wambi, bambi bayachasa ngesibakala sokuba ababhali beBhayibhile abasoloko bebonakala bengqinelana kwimibandela enxulumene namanani, ekulandelaneni kweziganeko, ekusetyenzisweni kwamagama kwiingcaphulo, njalo njalo. Kodwa qwalasela oku: Ukuba bekufuneka ucele amangqina okuzibonela aliqela esiganeko esithile ukuba abhale oko akubonayo, ngaba zonke iingxelo beziya kufana ngokupheleleyo kwindlela ezibhalwe ngayo nangokweenkcukacha? Ukuba bezifana, ngaba ubungayi kukrokrela ukuba ababhali baye benza iyelenqe? Ngoko, nababhali beBhayibhile banikwa inkululeko nguThixo yokugcina uhlobo lwabo lokubhala nolwimi lwabo, ngoxa wayeqiniseka ukuba iingcinga zakhe nezibakala ezihlobene nazo zazidluliswa ngeyona ndlela ichanileyo.
Iingcaphulo zemibhalo yangaphambilana zisenokuguqulwa kancinane zingafani neengxelo zamandulo ukuze kuhlangatyezwane neemfuno nenjongo yombhali omtsha, ngoxa zisabambelele kwingongoma nengcamango eyintloko. Kusenokuthethwa okufanayo ngokuhlanganiswa kweziganeko. Omnye umbhali usenokunamathela ngokungqongqo kulandelelwano lwamaxesha, ngoxa omnye esenokuzidwelisa iziganeko ngokuzinxulumanisa neengcamango. Nezishiywayo ngokufanayo beziya kubangelwa yindlela umbhali abona ngayo nendlela ayihlanganisa ngayo loo ngxelo. Kungoko, uMateyu wathetha ngamadoda amabini aziimfama engaphiliswa nguYesu, ngoxa uMarko noLuka bekhankanya enye kuphela. (Mateyu 20:29-34; Marko 10:46; Luka 18:35) Ingxelo kaMateyu ayiphikisani neyabanye. Kodwa ngokucacileyo ungongqale ngakumbi ngenani, ngoxa uMarko noLuka betsalel’ ingqalelo kwindoda enye uYesu awayethetha nayo.
Kwakhona kwakukho neendlela ezahlukeneyo zokubala ixesha. Uhlanga olungamaYuda lwalusebenzisa iikhalenda ezimbini—ikhalenda engcwele nengeyiyo eyonqulo, okanye eyezolimo—nganye iqalela kwixesha elahlukileyo lonyaka. Ababhali ababesahluka ngenyanga nosuku xa bebalisa ngesiganeko esinye basenokuba babesebenzise nje iikhalenda ezahlukeneyo. Njengoko ababhali belaseMpuma babengafane basebenzise amaqhezu, amacandelo omnyaka ayebalwa njengeminyaka epheleleyo. Ayesondezwa kwelona nani likufutshane lipheleleyo. Ngokomzekelo, phawula oku, kwiingxelo ezingomnombo wokuzalwa ezifumaneka kwiGenesis isahluko 5.
“Iimpikiswano” Ezivisisanayo
Kodwa ngaba azikho iindinyana eBhayibhileni ezithetha kanye ngokuchasene nezinye iindinyana? Makhe siqwalasele ezimbalwa eziye zacatshulwa ngabathile abangabagxeki beBhayibhile.
KuYohane 3:22 sifunda ukuba uYesu “wabhaptiza,” ngoxa emva nje koko, kuYohane 4:2, ingxelo isithi, “uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi.” Kodwa njengoko inxalenye yesibhalo ibonisa, yayingabafundi bakaYesu ababebhaptiza ngokoqobo egameni lakhe nangokuyalelwa nguye. Oku kuyafana nemeko kasomashishini nonobhala abangathi bobabini bangababhali beleta ethile.
Kukho nesibhalo esikwiGenesis 2:2 esichaza ukuba uThixo waphumla “kuwo wonke umsebenzi wakhe.” Okuphikisana noku ngamazwi kaYesu kuYohane 5:17 apho athi uThixo “uyasebenza kude kube ngoku.” Kodwa njengoko umongo wencoko ubonisa, ingxelo ekwiGenesis ithetha ngokungqalileyo ngomsebenzi kaThixo wezinto ezibonakala kwindalo, ngoxa uYesu wayebhekisela kwimisebenzi kaThixo ngokuphathelele ukhokelo lwakhe lobuthixo nokunyamekela uluntu.
Enye into ebonakala iphikisana ifumaneka ngokuthelekisa iEksodus 34:7 noHezekile 18:20. Isibhalo sokuqala sibonisa ukuba uThixo wayeza ‘kubuvelela ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana,’ ngoxa esilandelayo sibonisa ukuba “unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise.” Kungani ezi zibhalo zibonakala ziphikisana nje? Kungenxa yokuba zithatyathwe kumongo wencoko ongafaniyo. Hlolisisa ezinye iindinyana zesi sahluko nemvelaphi yaloo mbandela. Ngoko kucacile ukuba xa uThixo wathetha ngesohlwayo njengesingayi kuba phezu kooyise kuphela kodwa nakoonyana noonyana boonyana, wayethetha ngomphumo owawuya kufunyanwa ngamaSirayeli njengohlanga ukuba ayemonile aze athinjwe. Kwelinye icala, xa wayekhankanya ukuba unyana wayengayi kubekwa tyala ngenxa yesono sikayise, wayethetha ngokuziphendulela komntu ngokobuqu.
Umahluko usenokufunyanwa, njengakwingxelo yokuzalwa kukaYesu njengoko ibhalwe kuMateyu 1:18-25 nakuLuka 1:26-38. Kodwa ngaba ezi ngxelo zibonakala ziphikisana?
Ngaba wakha wazifunda iingxelo ezimbini ezingobomi bomntu omnye odumileyo? Ukuba kunjalo, uphawulile na ukuba ezi ngxelo zobomi ziya kwahluka kungekuba ziyaphikisana? Ngokufuthi, kungenxa yendlela umbhali amjonga ngayo loo mntu, okanye imithombo akhuphe kuyo. Kwakhona kuxhomekeke koko umbhali akubona kubalulekile ukuba akubalise kwincwadi yakhe, icala afuna ukulibalaselisa yaye enombono wabo bantu ababhalelayo. Ngaloo ndlela, iingxelo ezibhalwe kucingwa ngabafundi abangabantu beeNtlanga zaziza kwahluka kwezo zazibhalwe kucingwa ngabafundi abangamaYuda, ababesele beziqonda iinyaniso ezithile baza bazamkela.
Le yenye nje yemizekelo embalwa yezicatshulwa eziseBhayibhileni ezithi, ukuba azikhange zihlolisiswe ngenyameko, zibonakale ziphikisana. Kodwa ukuba ziye zahlolisiswa ngenyameko, kucingwa ngembono yombhali nomongo wencoko, aziphikisani kwaphela kodwa ngokucacileyo zizicatshulwa ezifuna nje uphando olungakumbi. Noko ke, uninzi lwabantu luyasilela ukwenza umgudu ofunekayo koku, bakufumanisa kulula gqitha ukusuka nje bathi: “IBhayibhile iyaziphikisa.”
Sifanele Siyithembe
Umoya oyingcwele kaThixo wabanika inkululeko ababhali beBhayibhile ukuba babhale iingxelo zabo. (IZenzo 3:21) Ngaloo ndlela, bakwazi ukudlulisela umfanekiso ocacileyo noneenkcukacha ngoko bakubonayo. Phofu ke, ukwahlukahlukana kwabo, enyanisweni kuqinisekisa ukuthembeka nokunyaniseka, akubangeli ukubakho kwesityholo sokuba basebenzisa inkohliso benza neyelenqe. (2 Petros 1:16-21) Ngoxa ababhali bahlukahlukana ngendlela yokubhala, bonke babejolise ecaleni elinye yaye babenenjongo efanayo: ukubonisa abantu oko uYehova uThixo aza kukwenza ukonwabisa uluntu noko abantu bamele bakwenze ukuze bamkeleke kuThixo.—IMizekeliso 2:3-6, 9.
IBhayibhile iyincwadi enomtsalane kumandla ethu okuqiqa. Iyavisisana yonke. Ayiphikisani. Zonke iincwadi zayo ezingama-66 (izahluko ezili-1 189 okanye iindinyana ezingama-31 173 ngokweKing James Version) sifanele sizithembe ngokupheleleyo. Ewe, unokukholosa ngeBhayibhile!
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Ukuba uyifumanisa iBhayibhile “Iphikisana,” Ngaba Kungenxa Yokuba:
◆ Akuzazi izibakala ezithile ezingokwembali okanye amasiko amandulo?
◆ Usilele ukuwuqwalasela umongo wombandela?
◆ Akukhange uyise so imbono yombhali?
◆ Uzama ukuvisisanisa iingcamango eziphosakeleyo zonqulo noko iBhayibhile ikutshoyo ngenene?
◆ Usebenzisa inguqulelo yeBhayibhile engachananga okanye ephelelwe lixesha?
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
UMateyu wathi ngamadoda amabini awaphiliswa nguYesu. UMarko noLuka bakhankanya yanye kuphela. Ngaba oku kuyaphikisana?