Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isiluleko Esingakumbi Sokubalungisa
NGOXA besesendlwini eKapernahum, kukho nto ingenye exutyushwayo ngaphandle kokubangisana kwabapostile ngelokuba ngubani na oyena mkhulu phakathi kwabo. Kusenokwenzeka ukuba nesi siganeko senzeke xa babevela eKapernahum, xa uYesu wayengekho. Umpostile uYohane unikela le ngxelo: “Sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.”
Kubonakala ukuba uYohane ubajonga abapostile njengeqela elikhethekileyo elinesigxina sokuba ngabaphilisi. Ngoko unoluvo lokuba le ndoda yayisenza imisebenzi yamandla ngokungafanelekileyo kuba yayingeyiyo inxalenye yeqela labo.
Noko ke, uYesu unikela esi siluleko: “Musani ukumalela; kuba akukho namnye oya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam. Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.”
Kwakungeyomfuneko ukuba le ndoda ilandele uYesu ngokomzimba ukuze ibe secaleni lakhe. Ibandla lamaKristu lalingekamiselwa ngoko, ngoko ukungabi yonxalenye yeqela labo kwakungathethi kuthi yayiyeyebandla elahlukileyo. Ngokwenene le ndoda yayinokholo kwigama likaYesu yaza ngaloo ndlela yaphumelela ekukhupheni iidemon. Yayisenza into eyayinokuthelekiswa ngokufanelekileyo noko uYesu wathi kwakufanele umvuzo. Ngokwenza oku, uYesu ubonisa ukuba, yayingayi kulahlekelwa ngumvuzo wayo.
Kodwa kuthekani ukuba le ndoda yayikhutyekiswe ngamazwi nazizenzo zabapostile? Oku kwakuya kuba yinto enzulu kakhulu! UYesu uthi: “Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.”
UYesu uthi abalandeli bakhe bafanele bashenxise nantoni na kubomi babo exabiseke njengesandla, unyawo, okanye iliso enokubangela ukuba bakhubeke. Kulunge ngakumbi ukuba bangabi nayo le nto ixabiseke kangako baze bangene eBukumkanini bukaThixo kunokuba babambelele kuyo baze balahlelwe eGehena (imfumba yenkunkuma evuthayo kufutshane naseYerusalem), efuzisela intshabalalo kanaphakade.
UYesu ukwalumkisa esithi: “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.” Wandula ke azekelise ngokuxabiseka komnye waba “bancinane” ngokubalisa ngendoda eneegusha ezili-100 kodwa ize ilahlekelwe yiyo ibenye. UYesu ucacisa ukuba le ndoda iyazishiya ezingama-99 iye kukhangela leyo inye ilahlekileyo, ize yakuyifumana ivuye ngakumbi ngenxa yayo kunokuba ivuya ngeziya zingama-99. Wandula ke uYesu aqukumbele ngokuthi, “Kwangokunjalo, asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.”
Ngokunokwenzeka ecinga ngembuzwano eyayikho phakathi kwabapostile bakhe, uYesu ubabongoza esithi: “Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.” Izidlo ezijavujavu zenziwa zibe nencasa ngakumbi ngetyuwa. Ngaloo ndlela, ityuwa yokomfuziselo yenza ukuba oko ubani akuthethayo kwamkeleke ngokulula. Ukuba netyuwa enjalo kuya kunceda ekulondolozeni uxolo.
Kodwa ngenxa yokungafezeki kwabantu, maxa wambi kuya kuvela iimpikiswano ezinzulu. UYesu ukwanikela ulwalathiso lokuzisingatha. Uthi, “Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye [yityhile impazamo yakhe] inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.” Ukuba akaphulaphuli, uYesu ucebisa esithi, “buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.”
Kukwilinge lokugqibela kuphela apho uYesu athi, umcimbi wuthabathe uwuse ‘ebandleni,’ oko kukuthi, kubaveleli abanembopheleleko bebandla abanokunikela isigqibo sogwebo. Ukuba umoni akayi kuvumelana nesigqibo sabo, uYesu uqukumbela ngokuthi, “kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.”
Ekwenzeni isigqibo esinjalo, abaveleli bamele banamathele ngokupheleleyo kwimiyalelo eseLizwini likaYehova. Ngaloo ndlela, xa befumanisa ukuba ubani unetyala yaye ufanele kukohlwaywa, eso sigwebo ‘siya kuba sele sibotshiwe emazulwini.’ Yaye xa bathe ‘basikhulula emhlabeni,’ oko kukuthi, bamfumanisa ubani engenatyala, siya kuba sele ‘sikhululwe emazulwini.’ Kwiingxoxo ezinjalo zokugweba, uYesu uthi, “kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.” Mateyu 18:6-20; Marko 9:38-50; Luka 9:49, 50.
◆ Kungani kwakungeyomfuneko ngomhla kaYesu ukuba ubani ampheleke?
◆ Unzulu kangakanani umbandela wokukhubekisa omncinane, yaye uYesu wakuzekelisa njani ukubaluleka kwabo bancinane?
◆ Yintoni esenokuba ngokunokwenzeka yashukumisa uYesu ukuba akhuthaze abapostile ukuba babe netyuwa phakathi kwabo?
◆ Yiyiphi intsingiselo ekhoyo ‘ekubopheni’ ‘nasekukhululeni’?