Kholosa NgoYehova
“Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo; . . . ziyolise ngoYehova.”—INDUMISO 37:3, 4.
1, 2. (a) Kwenzeka ntoni kwabo babengakholosanga ngoYehova kwinkulungwane yokuqala, nakwabo babekholose ngaye? (b) Kunokubuzwa yiphi imibuzo ngonqulo kwixesha lethu?
NGENKULUNGWANE yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, iinkokeli zonqulo zamaYuda zazizibanga zinqula uThixo. Kodwa zazingakholosanga ngaye. Zaphula imithetho yakhe yaye zatshutshisa abameli bakhe. (Mateyu 15:3; Yohane 15:20) Ngenxa yoko, ‘indlu yazo yashiywa ize’ nguYehova. (Mateyu 23:38) Ngowama-70 C.E., imikhosi yamaRoma yayitshabalalisa iYerusalem netempile yayo, kwafa inkungu nelanga yezo nkokeli zonqulo nabalandeli bazo. Kodwa abo babekholose ngoYehova bakhuseleka, kuba bazithobela izilumkiso zabantu ababengabathetheli bakhe baza basaba ukuze basinde.—Mateyu 24:15-22; Luka 21:20-24.
2 Kule mihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, ngaba iinkonzo zeli hlabathi zikholose ngoThixo oyinyaniso, uYehova? Ngaba ziyayithobela imithetho yakhe yaye zisenza ukuthanda kwakhe, okanye ngaba zixelisa iinkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala ezashiywa nguThixo? Kwiinkonzo zanamhlanje ziziphi ezinokulindela ukukhuselwa nguYehova kuba ‘zikholose ngoYehova yaye zisenza okulungileyo’?—INdumiso 37:3.
Ngaba Lukho Uthando Lobuzalwana?
3. Kutheni le nto imigudu yonqulo yokuzisa uxolo isilele?
3 Kutshanje, uPopu John Paul II walumkisa ngelokuba “bonke abantu bajongene nezinto ezoyikekayo ezisongela ukuqhubeka kwabo bephila.” Wabethelela ukuba “ezo zisongelo zazinokoyiswa kakuhle ukuba amaqela eenkonzo ezahlukahlukeneyo ayenokuthi amanyane.” Wathi, kukuthanda kukaThixo ukuba iinkokeli zonqulo “zisebenze kunye” ukuze zidale “uxolo nemvisiswano.” Noko ke, ukuba oko kukukuthanda kukaThixo, kutheni le nto uThixo engayisikelelanga nje imigudu ebisenziwa kangangeenkulungwane ngokubhekisele kule nkalo? Akakwenzanga oku ngenxa yokuba ezi nkonzo azikholosanga ngendlela kaThixo yokuzisa uxolo ngoBukumkani bakhe basezulwini. (Mateyu 6:9, 10) Kunoko, ziye zaxhasa ezobupolitika neemfazwe zeentlanga. Ngenxa yoko, ngexesha lemfazwe, abantu bonqulo abangabohlanga olunye baye babulala abantu bonqulo bolunye uhlanga, de babulala nabanye bonqulo lwabo. UmKatolika uye wabulala umKatolika, umProtestanti ebulala umProtestanti, nezinye iinkonzo ziye zenza okufanayo. Kodwa ngaba abazalwana bokwenyaniso nabangokomoya bayabulalana ngoxa besithi bakhonza uThixo?
4. UYesu wathi uyintoni umlinganiselo wonqulo lokwenyaniso, yaye kutheni le nto oku ‘kwakungumthetho omtsha’?
4 UYesu wandlala umlinganiselo wonqulo lokwenyaniso xa wathi kubalandeli bakhe: “Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:34, 35) Ngoko abo baqhelisela unqulo lokwenyaniso bamele bathandane. Lo ‘yayingumthetho omtsha’ kuba uYesu wathi: “Njengoko ndinithandileyo nina, . . . nani nithandane.” Wayekulungele ukuncama ubomi bakhe ngenxa yabalandeli bakhe. Bamele bakulungele ukwenza okufanayo—ewe, kungekhona ukubulala amakholwa angoowawo, kodwa amele ancame ubomi bawo ukuba kuyimfuneko. Lowo yayingumthetho omtsha, kuba oko akuzange kufuneke kuMthetho kaMoses.
5. ILizwi likaThixo liyibethelela njani ngamandla imfuneko yothando nomanyano phakathi kwabanquli bakhe bokwenyaniso?
5 ILizwi likaThixo lithi: “Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga? Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.” (1 Yohane 4:20, 21) Ngolu thando, abo bakholosa ngoYehova balondoloza umanyano lokwenyaniso lwezizwe ngezizwe. Umpostile uPawulos uthi kweyoku-1 yabaseKorinte 1:10: “Ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.”—Bona neyoku-1 kaYohane 3:10-12.
6. Kutheni le nto amaNgqina kaYehova enokuthi ‘amsulwa egazini labo bonke abantu’?
6 IThe World Book Encyclopedia ithi abantu abangama-55 ezigidi babulawa ngeMfazwe Yehlabathi II. Babulawa ngabantu bazo zonke iinkonzo eziphambili ngaphandle kwamaNgqina kaYehova. Akukho namnye kwabo bafayo owabulawa liNgqina likaYehova, kuba awuthobela umthetho wokuthandana aze akuchasa ukuzibandakanya kwiimfazwe zeentlanga. Ngoxa amangqina amaninzi afela ukholo lwawo ngenxa yobundilele bawo, anokuthi njengoko umpostile uPawulos watshoyo: “Ndimsulwa egazini labo bonke.”—IZenzo 20:26.
7, 8. Abanye abantu beecawa bakuvuma njani ukuba banetyala legazi?
7 Umfundisi womKatolika owayethandazela umkhosi womoya owaphosa iibhombu zeathom eJapan ngowe-1945 kutshanje wathi: “Kangangeminyaka eli-1 700 edlulileyo iicawa bezibangela imfazwe. Bezilukuhla abantu ukuba bakholelwe ukuba ngumsebenzi ozukileyo umKristu amele awenze. Oku akuyonyaniso. Siye saphenjelelwa. . . . Ivangeli yeMfazwe yoBulungisa yivangeli uYesu angazange wayifundisa. . . . Ayikho into kubomi okanye kwimfundiso kaYesu ebiya kubonisa ukuba ngoxa kungekho mthethweni ukutshisa abantu ngenyukliya esetyenziswa emfazweni, kusemthethweni ukutshisa abantu ngebhombu yepetroli okanye ngesiqhushumbisi.”
8 ICatholic Herald yaseLondon yathi: “AmaKristu okuqala . . . alamkela njengokuba linjalo ilizwi likaYesu aza akugatya ukugayelwa kumkhosi wamaRoma nakuba isohlwayo sasithetha ukufa. Ngaba yonke le mbali ibiya kwahluka ukuba icawa yayinamathele kumthetho wayo wantlandlolo? . . . Ukuba iicawa zanamhla zinokuthi ngokumanyeneyo ziyigxeke imfazwe . . . , nto leyo ebiya kuthetha ukuba lungu ngalinye linyanzelekile ukuba lithi ngenxa yesazela lingavumi ukukhonza emkhosini, njengokuba kwakunjalo kumaKristu, ngenene uxolo beluya kuba yinto ekho ngokuqinisekileyo. Kodwa siyazi ukuba akunakuze kwenzeke oku.”
9. Kutheni le nto sigqiba ngelithi uYehova uzishiyile iinkonzo zeli hlabathi?
9 Ngaloo ndlela, iinkonzo zeli hlabathi ziye zalalanisa kwimithetho kaThixo kangangokuba zimele zife. Azikhange zikholose ngaye kanye njengabaFarisi. “Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.” (Tito 1:16) Ngenxa yoko, uThixo uye wazishiya iinkonzo zeli hlabathi kanye njengokuba walushiyayo unqulo lwamaYuda angabahanahanisi kwinkulungwane yokuqala.—Mateyu 15:9, 14.
Ukusinda Ngokukholosa NgoYehova
10, 11. Wenza ntoni uKumkani uHezekiya xa iAsiriya yayikufuna ngegunya ukuxhoma kweYerusalem, ibe igosa likaSaneribhe lalingcikiva bani?
10 Musa ukukholosa ngezicombululo zabantu kwiingxaki zeli hlabathi. Kunoko, kholosa ngaLowo unokuzizalisekisa izithembiso zakhe. (Yoshuwa 23:14) Ngokomzekelo, khawuphawule okwenzeka kwinkulungwane yesibhozo ngaphambi kukaKristu, ngemihla kaKumkani uHezekiya wakwaYuda. IBhayibhile ithi ngaye: “Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.” (2 Kumkani 18:3) Ngexesha lokulawula kwakhe, igunya lehlabathi elinamandla laseAsiriya lahlasela iYerusalem. Igosa likaKumkani uSaneribhe waseAsiriya lakufuna ngegunya ukuxhoma kweYerusalem, lisithi: “Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula esandleni sam. Makanganikholosisi ngoYehova.”—2 Kumkani 18:29, 30.
11 Wenza ntoni uHezekiya? IBhayibhile ithi: “Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othume ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo. . . . Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.”—2 Kumkani 19:15-19.
12. UYehova wawuphendula njani umthandazo kaHezekiya?
12 UYehova wawuva lo mthandazo waza wathuma umprofeti uIsaya ukuba amxelele oku uHezekiya: “Utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi; akayi kutola notolo kuwo; akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lwakungqinga.” Ngaba uHezekiya wayeza kulwa ngomkhosi neAsiriya? Hayi, wayeza kukholosa ngoYehova, nto leyo awayenzayo. Waba yintoni umphumo? “Kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka.” NoSaneribhe wafumana umvuzo ngokungcikiva uYehova nabakhonzi bakaYehova, kuba kamva wabulawa ngoonyana bakhe. Kwenzeka njengoko uYehova wayethethile, akuzange kubekho sixhobo esathi sabulala mntu eYerusalem.—2 Kumkani 19:32-37.
13, 14. Kungokwasiphi isizinzi abaya kuthi abantu bazo zonke iintlanga basinde kwisiphelo sale nkqubo yezinto ikhoyo?
13 Kumhla wethu kuza kwenzeka into efanayo. Abo bakholosa ngoYehova baya kusinda ekungcikiveni okwenziwa leli hlabathi nakwisiphelo seli hlabathi. “Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.” (INdumiso 9:10) Kodwa ngaphambi kokuba uYehova agwebe eli hlabathi linetyala legazi, umema abo baneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba beze kuye ukuze bafumane unqabiseko. Abo babumba “isihlwele esikhulu” esiphuma kuzo zonke iintlanga, ‘esiphuma kwimbandezelo enkulu.’ Siyasinda kwisiphelo seli hlabathi kuba sikholose ngoYehova ibe simkhonza “imini nobusuku.”—ISityhilelo 7:9-15.
14 Aba basabela kubizo ngoku oluvakaliswa ngamandla kwihlabathi lonke, njengoko kwaxelwa kwangaphambili kuIsaya 2:2, 3: “Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova [unqulo lwakhe lokwenyaniso] ivelele ezincotsheni zazo iintaba, . . . Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, . . . asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.” Eyesi-4 indinyana ithi: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”
15. Ngoobani abazalisekisa isiprofeto sikaIsaya 2:2-4, yaye njani?
15 Kwixesha lethu, ngoobani ‘abenza amakrele abo abe ngamakhuba’? Ngoobani ‘abangasakufundiyo ukulwa’? Ngoobani abanothando olungatshitshiyo ngabazalwana nangoodade babo bokomoya abakumhlaba wonke nabamanyeneyo nabo? Ngoobani ngenene abakholose ngoYehova baze bameme abanye ukuba benze okufanayo? Izibakala zexesha lethu zibonisa ukuba ekuphela kwempendulo yile: NgamaNgqina kaYehova. Wona, njengoHezekiya, akholosa ngoYehova ngentliziyo yawo yonke aze oko akubonakalise ngokugcina imithetho yakhe.
Ikamva Eliqaqambileyo
16, 17. Liliphi ikamva eliqaqambileyo uYehova alinikela kwabo bakholosa ngaye?
16 Kwabo bakholose ngaye, uYehova unikela ikamva elinokuthelekelelwa ilelona liqaqambileyo xa etshabalalisa eli butho lehlabathi elidala aze abeke elakhe elitsha. Kweli hlabathi litsha apha emhlabeni, akuyi kubakho loyiko okanye ukungathembani, akuyi kubakho buhlwempu, okungekho sikweni, okanye ulwaphulo-mthetho. Abantu abasayi kubulawa kwiimfazwe okanye ngokuqhomfwa. ISityhilelo 21:4 side sithembise ukuba ‘uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.’
17 Ekuhambeni kwexesha, lo mhlaba uya kuba yiparadisi eyathenjiswa nguYesu. (Luka 23:43, NW) Ibe ekubeni ngelo xesha nokufa kuya kube kushenxisiwe, abo bakholose ngoYehova baya kukwazi ukuhlala ngonaphakade kwiParadisi. UMika 4:4 uya kuzalisekiswa ngokupheleleyo: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.” Khawuthelekelele uhlala kwibutho labantu apho wonk’ ubani odibana naye eya kuba ngumntu onokukholosa ngaye! Kutheni oko kuya kwenzeka nje? Kungenxa yokuba, uIsaya 54:13 uthi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.”
18. Ziziphi iingenelo ezivunwa ngabo bakholosa ngoYehova kwanangoku?
18 Phofu ke, nangoku izigidi zamaNgqina kaYehova zwenibanzi zivuna iingenelo ngokukholosa ngoYehova. Ngokomzekelo, ngenxa yokuthobela imithetho nemigaqo kaYehova, abakhonzi bakaYehova abanawo umhlaza wemiphunga obangelwa kukutshaya icuba. Ngenxa yokuphila kwimekobume yokuziphatha okuhle okucocekileyo, uninzi lwabo aluyifumani ingozi yobhubhani okhoyo ehlabathini wezifo ezidluliselwa ngesini, kuquka iAIDS. Ukungasebenzisi kwabo iziyobisi kubakhusela gqitha kwizifo ezenzakalisa ingqondo nezibulalayo ezifunyanwa ngabantu abaninzi abasebenzisa iziyobisi. Ibe ekubeni bengalitofeli igazi, abazifumani izifo ezibulalayo ezidluliselwa ngegazi, eziquka isifo sesibindi, esibulala okanye senzakalise ngokupheleleyo abantu abafumana igazi abamalunga neshumi lamawaka nyaka ngamnye kwelaseUnited States kuphela.
19. UYehova uya kubahlangula njani abo bamkhonzayo nokuba bayafa ngoku?
19 Nokuba abo bakholosa ngoYehova ngoku banokufa ngenxa yokwaluphala, ukugula, okanye ingozi, uYehova uya kubahlangula. Uya kubabuyisa ngokubavusa kwabafileyo. Ngaloo ndlela, umpostile uPawulos wasikhuthaza ukuba “singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo.”—2 Korinte 1:9.
UYehova Uyabaxhasa Abakhonzi Bakhe
20, 21. (a) Sinokulindela yiphi inkcaso, njengoko kunokubonwa koko kwenzeka kuYesu? (b) UYehova ubalwela njani abantu bakhe, njengoko wenzayo kuYesu?
20 Khumbula ukuba “ihlabathi liphela lilele kongendawo,” uSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Ngoko ukuba ukholose ngoThixo, uya kuchaswa nguSathana naleli hlabathi lakhe. Baya kuzama ukuphelisa ukukholosa kwakho ngokukungcikiva okanye ngokukutshutshisa, njengoko kwakunjalo kuYesu. Emva kokubethelelwa kumthi wentuthumbo, “bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besitsho ukuthi, . . . Ukuba unguNyana kaThixo, yihla [kumthi wentuthumbo, NW]. Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. . . . Ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda.”—Mateyu 27:39-43.
21 Kwiintsuku ezintathu kamva, ngokwenene uThixo wamhlangula uYesu ngokumvusa kwabafileyo. Noko ke, eso sizukulwana sabanyelisi sabulawa okanye senziwa amakhoboka yimikhosi yamaRoma. Ekubeni uKristu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, eya kongamela ukuvuswa kwabantu, ukuba abo banyelisi banokuvuswa, kuya kufuneka bazithobe kuLowo kanye babemnyelisa kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo! Ewe, uYehova uyabalwela abakhonzi bakhe, abathi: “Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; unokundenza ntoni na umntu?”—INdumiso 56:11.
22. UYehova uthini ngabo bakholosa ngaye, nangabo bangakholosi ngaye?
22 Ethetha ngabakhonzi bakhe, uYehova uvakalisa oku: “Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova; kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.” Kodwa uYehova ukwavakalisa esithi: “Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova; ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo.”—Yeremiya 17:5-8.
23. Simele senze ntoni ukuba sifuna ubomi obungunaphakade?
23 Ngaloo ndlela, kula maxesha oyikekayo, “kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo; lime ilizwe, ulandelane nokuthembeka. Ziyolise ngoYehova; wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.” (INdumiso 37:3, 4) Ngamana izicelo zakho ophendulwayo kuzo zingaquka isipho sobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha lobulungisa, elithenjiswe nguThixo esikholose ngaye.
Imibuzo Yempinda
◻ Nguwuphi umlinganiselo omele ugcinwe ngabo bakholosa ngoYehova?
◻ Ngaba iinkonzo zeli hlabathi zifundisa ukukholosa ngoYehova?
◻ Ukukholosa kukaKumkani uHezekiya ngoYehova kwalwelwa njani?
◻ Kumhla wethu, isiprofeto sikaIsaya 2:2-4 sizalisekiswa njani?
◻ Liliphi ikamva eliya kufunyanwa ngabo bakholosa ngoYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Amagosa kakumkani waseAsiriya amngcikiva uYehova aza akufuna ngegunya ukuxhoma kweYerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kwihlabathi elitsha, abo bakholosa ngoYehova baya kunandipha uxolo nonqabiseko olupheleleyo